Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UOnésime noGéraldine

UYehova Uyabasikelela Abazalwana Noodade Ababuyela Kwilizwe Lakowabo

UYehova Uyabasikelela Abazalwana Noodade Ababuyela Kwilizwe Lakowabo

ABAZALWANA noodade abaninzi abaye bafudukela kumazwe asemzini baye babuyela kwilizwe labo. Ngenxa yokuba bethanda uYehova nabantu, baye baya kwiindawo ezifuna abavakalisi boBukumkani abaninzi. (Mat. 22:37-39) Ziintoni abaye bazincama, ibe uYehova uye wabasikelela njani? Ukuze siphendule le mibuzo, makhe sithethe ngelizwe laseCameroon.

“‘UKULOBA’ KWINDAWO ENEENTLANZI EZININZI”

Ngo-1998, umzalwana waseCameroon, uOnésime, wabuyela kokwabo eCameroon. Wayeneminyaka eyi-14 ehlala kwilizwe lasemzini. Ngeny’ imini esezintlanganisweni, umzalwana owayenikela intetho wenza umzekeliso ngomsebenzi wokushumayela. Wathi: “Ukuba ootshomi ababini bebeloba kwiindawo ezahlukeneyo, aze omnye afumane iintlanzi ezininzi, lo ufumene ezimbalwa ebengazukuya kule ndawo inezininzi?”

Loo mzekeliso wenza uOnésime wacinga ngokubuyela kwindawo anokuloba kuyo iintlanzi ezininzi, eCameroon, ukuze ancedise abavakalisi belo lizwe. Kodwa wayezibuza ukuba uza kukwazi na ukuphila eCameroon emva kokuba emke iminyaka engaka? Ukuze abone ukuba uza kukwazi na, waya kuhlala khona iinyanga ezintandathu. Ngo-2012 wafudukela khona.

Uthi: “Kwafuneka ndiqhele imozulu yakhona eshushu, nendlela ekuphilwa ngayo. KwiHolo YoBukumkani kwakufuneka ndiqhele ukuhlala kwizitulo ezide ezingenandawo yokuxhasa umqolo.” Encumile uthi, “Kodwa xa ndimamele iintetho, ndandilibala ngezitulo zezinye iiHolo ZoBukumkani ezihlalisa kamnandi.”

Ngo-2013, uOnésime watshata noGéraldine, owabuyela eCameroon emva kweminyaka eyi-9 eseFransi. Eyona nto yayibalulekile kwaba bantu babini yayikukwenza ukuthanda kukaThixo. Wabasikelela njani ke uYehova? UOnésime uthi: “Saya kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani, emva koko saya kukhonza eBheteli. Kulo nyaka uphelileyo kubhaptizwe izifundo eziyi-20 ebandleni lethu. Ndicinga ukuba ngoku, ‘ndiloba’ kwindawo efanelekileyo.” (Marko 1:17, 18) UGéraldine yena uthi: “UYehova undisikelele ngaphezu kokuba bendicinga.”

WAVUYISWA KUKWENZA ABAFUNDI

UJudith noSam-Castel

UJudith wafudukela eUnited States, kodwa wayefuna ukumsebenzela ngaphezu kokuba esenza uYehova. Uthi: “Xa ndigodukile ndandikhala qho xa kufuneka ndibuyile kuba ndiza kushiya abantu ebesendiqalile ukufunda nabo iBhayibhile.” Kodwa uJudith wayengaqinisekanga ukuba uyafuna na ukubuyela eCameroon. Wayephangela kwindawo eyayimbhatala kakuhle, kangangokuba wayekwazi ukubhatala iindleko zonyango lukatata wakhe eCameroon. Kodwa kuba wayemthembile uYehova, wabuyela eCameroon. Uthi: “Ndikhe ndizikhumbule ezinye izinto ezazindonwabisa eUnited States.” Wacela uYehova ukuba amncede aqhele ukuhlala eCameroon, waza wakhuthazwa nangumveleli wesiphaluka nenkoskazi yakhe.

UJudith ukhumbula izinto ezenzeka kungekudalanga kakhulu befikile eCameroon. Uthi: “Kwiminyaka emithathu ndakwazi ukunceda abantu abane babhaptizwa.” Waba nguvulindlela okhethekileyo. Ngoku, ukunye nomyeni wakhe uSam-Castel ongumveleli wesiphaluka. Yayiza kuvela phi ngoku imali yokunyanga utata wakhe? UJudith nabantu bakowabo bafumana isibhedle esavumayo ukumtyanda size sibhatale neendleko zolo tyando. Into evuyisayo kukuba, olo tyando lwenziwa kakuhle.

UYEHOVA UYABANCEDA ABANTU BAKHE

UCaroline noVictor

UVictor ngumzalwana owafudukela eKhanada. Emva kokuba efunde inqaku leMboniselo elalithetha ngemfundo ephakamileyo, wacinga ngeyakhe imfundo. Wayeka izifundo zaseYunivesithi wayokufundela umsebenzi wezandla. Uthi: “Loo nto yandenza ndakhawuleza ndafumana umsebenzi ndaza ndakwazi ukwenza into ekwakudala ndiyirhalela, ukuba nguvulindlela.” Ekuhambeni kwexesha, uVictor watshata noCaroline baza bayokubona eCameroon. Xa babeyekubona iofisi yesebe yalapho, abazalwana babakhuthaza ukuba khe bacinge ngokuya kukhonza eCameroon. UVictor uthi, “Zange sibone nto isinqandayo, yaye ekubeni besihleli singenazinto zininzi kakade, kwaba lula ukuya kukhonza eCameroon.” Zange banqandwe nakukuba uCaroline enezinto agula zizo.

UVictor noCaroline baba ngoovulindlela ukuze bancede bonke abantu abadibana nabo abanomdla wokufunda iBhayibhile. Ukuqala kwabo ukuba ngoovulindlela babesebenzisa imali ababezigcinele yona. Xa yayiphela loo mali, baya kusebenza eKhanada iinyanga ezimbalwa, loo nto yabenza bakwazi ukubuyela eCameroon, baqhubeka bengoovulindlela. Wabasikelela ngantoni uYehova? Baya kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani, baba ngoovulindlela abakhethekileyo, ngoku ngamavolontiya okwakha. UVictor uthi: “Ukuyeka kwethu ukuphangela kwafuneka sithembele kuYehova, ibe akazange asiphoxe.”

BAVUYISWA KUKUNCEDA ABANTU BAZAHLULELE KUYEHOVA

UStéphanie and noAlain

Ngo-2002, uAlain owayefunda kwiyunivesithi yaseJamani wafunda iphecana elithi, Lutsha​—Niza Kwenza Ntoni Ngobomi Benu? Into awayifunda kweli phecana yamenza wayitshintsha into awayefuna ukuyenza ngobomi bakhe. Ngo-2006, waya kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli waza wathunyelwa kwilizwe awazalelwa kulo eCameroon.

ECameroon, uAlain wafumana umsebenzi kwindawo awayeza kusebenza kuyo iiyure ezimbalwa ngeveki. Ekuhambeni kwexesha wafumana umsebenzi obhatalayo, kodwa wayekhathazwa kukuba akazukwazi ukuya entsimini ngendlela aqhele ukuya ngayo. Ngoko xa wacelwa ukuba abe nguvulindlela okhethekileyo, zange acinge kaninzi, wavuma. Umqeshi wakhe wamthembisa ukumnyusela imali, kodwa loo nto zange imenze asijike isigqibo sakhe. Ekuhambeni kwexesha, watshata noStéphanie, owayesele eneminyaka emininzi ehlala eFransi. Ziziphi iingxaki awaba nazo akufika eCameroon?

UStéphanie uthi: “Ndagula zizinto ezininzi, kodwa ndafumana amayeza awayendinceda.” Bobabini uYehova wabasikelela ngenxa yokunyamezela kwabo. UAlain uthi: “Saya kushumayela kwintsimi ekungafane kushunyayelwe kuyo, kwilali yaseKaté. Apho safumana iqela labantu ababefuna ukufunda iBhayibhile. Ekuhambeni kwexesha, safunda nabo iBhayibhile ngefowuni. Ababini kwaba bantu babhaptizwa kwaza kwaqalwa iqela labavakalisi abahlanu.” UStéphanie uthi: “Ayikho into evuyisa njengokunceda abantu bazahlulele kuYehova. Ukukhonza apha, kusenze safumana olo vuyo.” Sithethanje, uAlain noStéphanie bakumsebenzi wesiphaluka.

“SENZA KANYE LE NTO SASIFUNA UKUYENZA”

ULéonce noGisèle

UGisèle wabhaptizwa efundela ukuba ngugqirha eItaly. Wayefundelwa ngumzalwana nodade ababengoovulindlela. Babengenazinto zininzi, ibe wayithanda indlela ababephila ngayo. Wafuna ukusebenza ixesha elininzi entsimini. Wagqibezela isikolo enguvulindlela othe ngxi.

UGisèle wayefuna ukubuyela eCameroon aye kumsebenzela ngaphezu kokuba esenza uYehova, kodwa wayecinga ngezinto ezininzi. Uthi, “Kwakufuneka ndincame iimpepha zam zokuba ngummi waseItaly, ndishiye izihlobo nentsapho yam eyayihlala apho.” Sekunjalo, ngoMeyi 2016, wabuyela eCameroon. Ekuhambeni kwexesha, watshata uLéonce. Iofisi yesebe yaseCameroon yabathumela kwidolophu ekwakufuneka abavakalisi boBukumkani abaninzi kuyo, eAyos.

Babunjani ubomi eAyos? UGisèle uthi: “Zaziqengqeleka iiveki kungekho mbane, singakwazi nokutshaja iifowuni. Ixesha elininzi zazihlala zicimile. Ndafunda ukupheka ngeenkuni. Sasisiya kukha amanzi emlanjeni ebusuku, xa kungekho bantu baninzi, siqhube ikiliva, siphathe neetotshi.” Yintoni eyabanceda banyamezela? UGisèle uthi: “Umoya kaYehova wasinceda sanyamezela. Nathi sasincedana. Sasikhuthazwa nayintsapho yethu nezihlobo, ngamanye amaxesha babede basincede nangemali.”

Ngaba uGisèle uyavuya kuba wabuyela kwilizwe lakowabo? Uthi: “Andizisoli nakancinci. Ekuqaleni kwakunzima, ngamanye amaxesha sityhafa nokutyhafa, kodwa zathi zakuphela ezo ngxaki, mna nomyeni wam sathi, senze kanye le nto sasifuna ukuyenza. Simthembile uYehova kwaye sisondele kakhulu kuye.” ULéonce noGisèle baya kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani, ngoku bangoovulindlela abakhethekileyo bexeshana.

Njengabalobi abanesibindi sokuloba nokuba imozulu imbi kangakanani, abantu ababuyele kumazwe abazalelwe kuwo baye bancama izinto ezininzi benganyanzelwa mntu, ukuze baye kunceda abantu abanomdla womyalezo woBukumkani. Ngokuqinisekileyo uYehova uza kubakhumbula aba bavakalisi basebenza nzima kuba bethanda igama lakhe. (Neh. 5:19; Heb. 6:10) Ukuba uhlala phesheya, ngaba ungabuyela kwilizwe lakowenu xa kufuneka abavakalisi boBukumkani abaninzi? Ukuba uyayenza loo nto, uYehova uza kukusikelela.​—IMize. 10:22.