Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI LOBOMI

“UYehova Zange Andilibale”

“UYehova Zange Andilibale”

NDINGOWASE-OREALLA, ilali yama-Amerindian eseGuyana kuMzantsi Merika. Kuyo kuhlala abantu abamalunga ne-2 000. Imi yodwa phaa qelele, kangangokuba kuyo kuyiwa ngepleyini encinci okanye ngesikhephe.

Ndazalwa ngo-1983. Iminyaka emihlanu yokuqala yobomi bam ndandifana nabanye abantwana. Xa ndandineminyaka elishumi, ndaqaqanjelwa kakhulu ngumzimba wonke. Kwiminyaka emibini emva koko, ndavuka ngenye intsasa ndingakwazi ukushukuma. Nokuba ndizama kangakanani ukushukumisa imilenze, yayingavumi tu. Zange ndiphinde ndikwazi ukuhamba ukuqala ngaloo mini. Isigulo endinaso, sandenza ndayeka nokukhula. Ukuba unokundibona, ingathi ndingumntwana.

Emva kweenyanga ezimbalwa ndigula, ndingakwazi nokuphuma endlini, kwafika amaNgqina amabini. Ndandiqhele ukuzimela xa kufika iindwendwe. Kodwa ngale mini, ndathetha naba sisi bangamaNgqina. Xa babethetha ngeParadesi, ndakhumbula into endayiva ndineminyaka emihlanu. Ngelo xesha kwakukho umvangeli wasemazweni waseSuriname, uJethro, owayefika qho ngenyanga azokufunda iBhayibhile notata. Wayenobubele, ndandimthanda nyhani. Ngamany’ amaxesha ndandidla ngokuhamba notatomkhulu nomakhulu siye kwenye yeentlanganiso zamaNgqina KaYehova ezaziqhele ukubakho elalini. Omnye waba sisi babini babefike ekhaya, uFlorence, wandibuza ukuba ndiyafuna na ukufunda nezinye izinto. Ndavuma.

UFlorence waphinda wabuya ehamba nomyeni wakhe uJustus, bafunda nam iBhayibhile. Babona ukuba andikwazi ukufunda, baza bandifundisa ukufunda. Ekuhambeni kwexesha ndade ndakwazi. Ngenye imini bandixelela ukuba kuthiwa mabaye kushumayela eSuriname. Into eyaba buhlungu kukuba, kwakungazukubakho mntu uza kundifundisa iBhayibhile. Kodwa uYehova zange andilibale.

Emva koko eOrealla kwafika uFloyd onguvulindlela. Wadibana nam xa weyeshumayela kwindlu ngendlu. Wandibuza ukuba ndingathanda na ukufunda iBhayibhile. Ndavele ndancuma. Wabuza ukuba ndincunyiswa yintoni. Ndamxelela ukuba ndayigqiba incwadana ethi, Yintoni uThixo Ayifunayo Kuthi? ngoku sendiqale ethi, Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. * Ndamxelela ukuba kwakutheni ukuze ndiyeke ukufunda. Sagqibezela ukufunda Ulwazi. Naye wacelwa ukuba aye kushumayela kwenye indawo. Kwakhona ndazibona ndingenamntu wokundifundisa iBhayibhile.

Ngo-2004, kwafika oovulindlela ababini abakhethekileyo eOrealla, uGranville noJoshua. Nabo bandifumana xa babeshumayela kwindlu ngendlu. Ndancuma xa bendibuza ukuba ndiyafuna na ukufunda iBhayibhile. Ndabacela ukuba siyiqale ekuqaleni incwadi ethi Ulwazi. Ndandifuna ukubona ukuba bonke baza kundifundisa into efanayo na. UGranville wathi zibakhona iintlanganiso apha elalini. Ndandifuna ukuya kwezo ntlanganiso nakubeni ndandineminyaka ephantse ibe yi-10 ndingasaphumi ekhaya. UGranville weza kundilanda ngesitulo esinamavili, saya kwiHolo YoBukumkani.

Ekuhambeni kwexesha uGranville wathi mandibhalise KwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Wathi: “Nokuba ukhubazekile emzimbeni, umlomo wona uyasebenza. Ngokuqinisekileyo ngenye imini uza kunikela intetho yesidlangalala.” Loo mazwi, andenza ndazithemba.

Ndaqalisa ukushumayela noGranville. Kodwa kwezinye iindlela zomhlaba kwakunzima ukuhamba ngesitulo esinamavili. Ndacela uGranville ukuba andibeke ekiriveni, andiqhube. Eli cebo lasebenza. Ndabhaptizwa ngoAprili 2005. Emva koko, abazalwana bandifundisa indlela yokuhoya iincwadi zebandla nesandisi-lizwi saseholweni.

Ngo-2007 sothuswa kukusweleka kukatata kwingozi yesikhephe. uGranville wathandaza kunye nathi waza wasikhumbuza namathemba aseBhayibhileni. Kwadlula iminyaka emibini, safumana ezinye iindaba ezimbi. UGranville waba kwingozi yesikhephe, wasweleka.

Ngoku ibandla lethu lalishiyeke nesicaka solungiselelo esinye, kungekho mdala. Yayibuhlungu kakhulu into yokuswelekelwa ngumhlobo wam uGranville. Wayengandincedi kwizinto endizidingayo qha, kodwa wayendinceda ndisondele kuYehova. Kwiintlanganiso zokuqala emva kokuba eswelekile, ndandabelwe ukuba ndifunde iziqendu zeMboniselo. Ndafunda iziqendu ezibini, ndalila. Zange ndikwazi ukuzibamba iinyembezi, kwade kwafuneka ndehle eqongeni.

Kwaba bhetele xa kwafika abanye abazalwana abasuka kwelinye ibandla bezokusincedisa eOrealla. Iofisi yesebe yaphinda yathumela uvulindlela okhethekileyo uKojo. Enye into eyandivuyisayo kukuba umama nobhuti wam baqala ukufunda iBhayibhile baza babhaptizwa. NgoMatshi 2015 ndaba sisicaka solungiselelo. Zange kube kudala ndanikela intetho yesidlangalala okokuqala. Le nto yandikhumbuza into eyakhe yathethwa nguGranville kum kwiminyaka emininzi eyadlulayo esithi: “Ngokuqinisekileyo ngenye imini uza kunikela intetho yesidlangalala.”

Iinkqubo zeJW Broadcasting zindibonisile ukuba bakhona nabanye abazalwana noodade abakule meko ndikuyo. Nokuba bayagula, zininzi izinto abakwaziyo ukuzenza, ibe bonwabile. Nam zikhona izinto endikwaziyo ukuzenza. Ndandifuna ukusebenzela uYehova ngamandla am onke. Yiloo nto ndaba nguvulindlela. Ndingalindelanga, ndamiselwa ndaba ngumdala ngoSeptemba 2019 kwibandla elincinci elinabavakalisi abamalunga ne-40.

Ndibabulela kakhulu abazalwana noodade abaye bandinceda ndafunda iBhayibhile ndaza ndakhonza uYehova. Kodwa oyena ndimbulela kakhulu nguYehova, kuba akazange andilibale.

^ isiqe. 8 Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova kodwa ngoku ayisaprintwa.