Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 41

Yintoni Onokuyenza Ukuze Uncede Umntu Omfundelayo Ade Abhaptizwe?​—Inqaku Lokuqala

Yintoni Onokuyenza Ukuze Uncede Umntu Omfundelayo Ade Abhaptizwe?​—Inqaku Lokuqala

“Kuyacaca ukuba niyileta kaKristu ebhalwe sithi bakhonzi bakaThixo.”​—2 KOR. 3:3.

INGOMA 78 “Sifundisa ILizwi LikaThixo”

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

Livuya kakhulu lonke ibandla xa libona umntu elimthandayo obeqhutyelwa isifundo ebhaptizwa (Jonga isiqendu 1)

1. Ama-2 Korinte 3:1-3 asinceda njani sibone ukuba, ukufundela umntu ade abhaptizwe, sisipho esithandekayo esivela kuYehova? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

UZIVA njani xa ubona umntu okwintsimi yenu, obeqhutyelwa isifundo ngumzalwana okanye ngudade osebandleni lakho ebhaptizwa? Siqinisekile iyakuvuyisa loo nto. (Mat. 28:19) Uvuya nakakhulu ukuba loo mntu ebefundelwa nguwe. (1 Tes. 2:19, 20) Abantu abasand’ ukubhaptizwa ziileta ezincoma abantu abebebafundela kunye nebandla.​—Funda ama-2 Korinte 3:1-3.

2. (a) Ngowuphi umbuzo obalulekileyo esiza kuthetha ngawo, kwaye kutheni siza kuthetha ngawo? (b) Yintoni isifundo seBhayibhile? (Jonga umbhalo osemazantsi.)

2 Kwiminyaka emine edlulileyo, qho ngenyanga, bekuqhutywa izifundo zeBhayibhile * ezimalunga ne-10 000 000 emhlabeni wonke. Kule minyaka mine, bekubhaptizwa abantu abangaphezu kwe-280 000 qho ngonyaka. Singenza njani ukuze nabanye kule 10 000 000 babhaptizwe? UYehova usavulele abantu ithuba lokuba babe ngamaNgqina akhe. Yiloo nto sizama ngamandla ethu onke ukubanceda bakhawuleze babhaptizwe. Ixesha eliseleyo lincinci kakhulu.​—1 Kor. 7:29a; 1 Pet. 4:7.

3. Eli nqaku liza kusixelela ntoni ngendlela yokuqhuba izifundo zeBhayibhile?

3 Ngoku, umsebenzi wokwenza abafundi ungxamiseke kakhulu. Yiloo nto iQumrhu Elilawulayo liye labuza amasebe ukuba yintoni enokwenziwa ukuze kuncedwe abantu abaninzi esibafundelayo bade babhaptizwe. Kweli nqaku nakwelilandelayo, siza kubona ukuba yintoni esinokuyifunda koovulindlela ekudala bekule nkonzo, kubavangeli basemazweni nakubaveleli beziphaluka. * (IMize. 11:14; 15:22) Bachaza izinto esinokuzenza nezinokwenziwa ngabantu esibafundelayo ukuze xa siqhuba isifundo bancedakale. Kweli nqaku siza kuthetha ngezinto ezintlanu ekufuneka umfundi azenze ukuze ade alungele ukubhaptizwa.

FUNDANI QHO NGEVEKI

Buza isifundo ukuba aninakufumana indawo yokuhlala nize nifundele kuyo na (Jonga isiqendu 4-6)

4. Yintoni angenakuze ayenze umntu esimqhubela isifundo simi emnyango?

4 Abazalwana noodade abaninzi baqhuba izifundo bemi emnyango okanye ngaphandle. Le yindlela entle yokwenza umntu abe nomdla wokufundelwa iBhayibhile, kodwa kudla ngokufundwa ixesha elincinci kakhulu okanye kungafundwa qho ngeveki. Ukuze umntu ahlale enomdla, abanye abazalwana noodade baye bacele inombolo yakhe yefowuni ukuze bambhalele umyalezo omfutshane weBhayibhile ngefowuni. Loo nto inokwenzeka kangangeenyanga, kodwa isifundo singade siqalwe. Loo mntu akanakuze azahlulele kuThixo aze abhaptizwe ukuba akenzi konke okusemandleni akhe aze azinike ixesha elaneleyo lokufunda iLizwi likaThixo.

5. Yintoni enokufundwa sisifundo kwinto eyathethwa nguYesu kuLuka 14:27-33?

5 UYesu wenza umzekelo ngento umntu amele ayenze ukuze abe ngumlandeli wakhe. Wathetha ngomntu ofuna ukwakha inqaba nangokumkani ofuna ukuya emfazweni. Wathi umntu ofuna ukwakha inqaba umele aqale “ahlale phantsi abale iindleko” ukuze akwazi ukuyigqiba. Nokumkani kufuneka aqale “ahlale phantsi acele amacebiso” ukuze abone ukuba amajoni akhe angoyisa na. (Funda uLuka 14:27-33.) Wayesazi ukuba umntu ofuna ukuba ngumlandeli wakhe kufuneka aqale azi kakuhle ukuba yintoni ekufuneka ayenze. Loo nto ithetha ukuba kufuneka sikhuthaze abantu esibafundelayo ukuba bafunde nathi qho ngeveki. Singayenza njani loo nto?

6. Ziintoni onokuzenza ukuze umntu omfundelayo akhawuleze ayazi iBhayibhile?

6 Qala ngokwandisa ixesha enifunda ngalo nimi emnyango. Mhlawumbi ungayenza loo nto ngokufunda iZibhalo ezibini kunokuba ufunde nje esinye. Xa loo mntu sele eqhelile ukufunda ixesha elidana, mcele ukuba nifumane indawo yokuhlala eniza kufundela kuyo. Indlela aphendula ngayo iza kukubonisa ukuba uzimisele kangakanani ukufunda. Ukuze akhawuleze ayazi iBhayibhile, usenokumcela ukuba nifunde kabini ngeveki. Kodwa ikhona enye into efunekayo kunokufunda kanye okanye kabini ngeveki.

LUNGISELELA QHO XA UZA KUYA KUQHUBA ISIFUNDO

Lungiselela xa uza kuya kuqhuba isifundo uze ubonise umfundi indlela yokulungiselela (Jonga isiqendu 7-9)

7. Xa uza kuya kufundisa, ziintoni omele uzenze xa ulungiselela?

7 Xa uza kufundisa, lungiselela kakuhle. Qala ngokufunda indawo eniza kuyifunda uze ujonge nezibhalo. Zazi ezona zinto ofuna umntu omfundelayo azifunde. Cinga ngomxholo, imixholwana, imibuzo, izibhalo ezibhalwe funda, imifanekiso, kunye neevidiyo ezinokukunceda uyicacise kakuhle into ekuthethwa ngayo. Njengokuba ulungiselela, cinga ngalo mntu uza kumfundela nendlela oza kuyicacisa ngayo loo nto niza kufunda ngayo ukuze ayiqonde aze akwazi ukuyisebenzisa ebomini bakhe.​—Neh. 8:8; IMize. 15:28a.

8. Sifunda ntoni kumazwi kaPawulos akumaKolose 1:9, 10 ngokuthandazela abantu esibafundelayo?

8 Xa ulungiselela, thandaza ucele uYehova ancede loo mntu uza kumfundela ngezinto azidingayo. Mcele akuncede ufundise into eseBhayibhileni ngendlela eza kufikelela intliziyo yaloo mntu. (Funda amaKolose 1:9, 10.) Zama ukucinga nangezinto ekusenokuba nzima ukuba aziqonde aze azamkele. Ungaze ulibale ukuba eyona nto ufuna ukuyenza, kukumnceda abhaptizwe.

9. Unokumfundisa njani umntu omfundelayo indlela yokulungiselela? Cacisa.

9 Sinethemba lokuba xa isifundo siqhutywa qho, umfundi uza kuyithanda into ayenzelwe nguYehova noYesu aze afune ukufunda nezinye izinto ngabo. (Mat. 5:3, 6) Ukuze akwazi ukuyenza into ayifundayo, kufuneka intliziyo yakhe yonke ibe kule nto ayifundayo. Ukuze umncede akwazi ukuyenza loo nto, mchazele ukuba kubalulekile ukuba alungiselele qho xa niza kufunda. Xa elungiselela, makacinge ngendlela aza kuyenza ngayo le nto ayifundayo ebomini bakhe. Ungamnceda njani akwazi ukulungiselela? Lungiselelani kunye, umbonise ukuba kulungiselelwa njani. * Mbonise indlela yokufumana impendulo echanileyo yombuzo nendlela yokukrwelela amagama aza kumnceda akhumbule impendulo. Mkhuthaze ukuba aphendule ngamazwi akhe. Le nto iza kukunceda ubone ukuba uyayiqonda na into eniyifundayo. Ikhona nenye into onomkhuthaza ukuba ayenze.

MFUNDISE UKUBA ATHETHE QHO NOYEHOVA

Mfundise indlela yokuthetha noYehova (Jonga isiqendu 10-11)

10. Kutheni kubalulekile ukufunda iBhayibhile yonke imihla, ibe loo nto ingamnceda njani umntu omfundelayo?

10 Ngaphandle kokufunda iBhayibhile qho ngeveki kunye nawe, enye into enokumnceda kukuba akwazi ukwenza ezinye izinto naxa ungekho. Kufuneka athethe noYehova. Njani? Ngokummamela aze athandaze. Ummamela ngokufunda iBhayibhile yonke imihla. (Yosh. 1:8; INdu. 1:1-3) Mbonise “Ucwangciso Lokufunda IBhayibhile” oluku-jw.org. * Kodwa ke, ukuze iBhayibhile imncede, mkhuthaze ukuba acingisise ngento emfundisa yona ngoYehova nokuba angayisebenzisa njani ebomini bakhe.​—IZe. 17:11; Yak. 1:25.

11. Yintoni enokunceda umfundi akwazi ukuthandaza kakuhle, ibe kutheni kubalulekile ukuba athandaze kuYehova yonke imihla?

11 Khuthaza umfundi ukuba athethe noYehova ngokuthandaza yonke imihla. Thandaza ngokusuk’entliziyweni ngaphambi kokuba nifunde naxa senigqibile. Ungalibali ukuthetha ngaye emthandazweni. Xa emamela imithandazo yakho esuk’ entliziyweni, uza kufunda ukuthandaza kuYehova uThixo egameni likaYesu Kristu. (Mat. 6:9; Yoh. 15:16) Ukufunda iBhayibhile yonke imihla (ukumamela uYehova) nokuthandaza (nokuthetha noYehova) kuza kumnceda asondele kuThixo. (Yak. 4:8) Xa ezenza yonke imihla ezi zinto, ziza kumnceda azahlulele kuYehova aze abhaptizwe. Yintoni enye eza kumnceda?

MNCEDE ABE NGUMHLOBO KAYEHOVA

12. Ungamnceda njani umntu omfundelayo abe ngumhlobo kaYehova?

12 Into efundwa ngumntu omfundelayo kufuneka ingahlali engqondweni qha, kufuneka ingene nasentliziyweni. Ngoba? Xa isentliziyweni, uza kufuna ukuyenza. UYesu wayefundisa abantu izinto ezininzi, ibe babekuthanda ukufundiswa nguye. Kodwa babemlandela kuba wayekwazi ukufikelela iintliziyo zabo. (Luka 24:15, 27, 32) Umntu omfundelayo kufuneka abone ukuba uYehova nguMntu wokwenene onokukwazi ukuba ngumhlobo wakhe, uTata wakhe noThixo wakhe. (INdu. 25:4, 5) Xa nifunda, thetha kakhulu ngeempawu zikaThixo. (Eks. 34:5, 6; 1 Pet. 5:6, 7) Nokuba nifunda ngantoni, mbonise uhlobo lomntu alulo uYehova. Mncede abone ukuba uYehova uyamthanda, unobubele novelwano. UYesu wathi ‘umyalelo wokuqala nowona ubalulekileyo’ kukuba “umthande uYehova uThixo wakho.” (Mat. 22:37, 38) Mncede amthande kakhulu uYehova.

13. Yenza umzekelo wendlela onokumnceda ngayo umfundi amthande uYehova.

13 Xa nincokola, mxelele ukuba kutheni umthanda kangaka uYehova. Loo nto inokumnceda naye amthande aze abe ngumhlobo wakhe. (INdu. 73:28) Ngokomzekelo, ngaba kwincwadi eniyifundayo ikhona indawo okanye isibhalo esithetha ngothando, ubulumko, ubulungisa namandla kaThixo, zinto ezo ezikwenza umthande kakhulu uYehova? Mxelele ukuba le yenye yezinto ezikwenza umthande kakhulu uTata wethu osezulwini. Ikhona nenye into ekufuneka izifundo zeBhayibhile ziyenze ukuze zibhaptizwe.

MKHUTHAZE UKUBA AYE KWIINTLANGANISO

Mkhuthaze ukuba akhawuleze aye kwiintlanganiso (Jonga isiqendu 14-15)

14. Yintoni ethethwa ngamaHebhere 10:24, 25 ngokuya kwiintlanganiso enokunceda umfundi abone ukuba iintlanganiso zibalulekile?

14 Sonke sifuna abantu esibafundelayo babhaptizwe. Enye indlela esinokubanceda ngayo kukubakhuthaza ukuba baye kwiintlanganiso. AmaNgqina afunndisa ngobuchule athi abona bantu bakhawuleza babhaptizwe ngabakhawuleza baye kwiintlanganiso. (INdu. 111:1) Abanye badla ngokuxelela abantu ababafundelayo ukuba ukuze bafunde nezinye izinto ezininzi, kufuneka baye kwiintlanganiso. Fundani amaHebhere 10:24, 25 uze umcacisele indlela ekubaluleke ngayo ukuya kwiintlanganiso. Mdlalele ividiyo ethi Yintoni Eyenzekayo EHolweni YoBukumkani? * Mncede azimisele ukungaphoswa ziintlanganiso.

15. Sinokwenza ntoni ukuze sincede umfundi aye qho kwiintlanganiso?

15 Yintoni omele uyenze ukuba umntu omfundelayo akakayi kwiintlanganiso okanye akayi qho. Ncokola naye ngento enika umdla oyifunde kwiintlanganiso osand’ ukuya kuzo. Naleyo into ikhuthaza kakhulu. Mnike IMboniselo okanye Incwadi Yentlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela efundwa kuloo veki. Mbonise into ekuza kuthethwa ngayo kuloo veki uze umbuze ukuba yeyiphi indawo emenza abe nomdla. Xa eqala ukuya kwiintlanganiso, uza kubona aze eve into angazange wayibona okanye wayiva nakweyiphi na inkonzo. (1 Kor. 14:24, 25) Uza kudibana nabantu abaziphethe kakuhle anokubalinganisa nabaza kumnceda ade abhaptizwe.

16. Singenza ntoni ukuze izifundo zethu zide zibhaptizwe? Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?

16 Singenza ntoni ukuze sincede abantu esibafundelayo bade babhaptizwe? Masibancede babone indlela ekubaluleke ngayo ukuba bafunde ngokubakhuthaza ukuba sifunde nabo qho ngeveki, nokuba balungiselele xa siza kufunda. Sifuna nokubakhuthaza ukuba bathethe noYehova yonke imihla baze bazame ukuba ngabahlobo bakhe. Masibancede bakuthande ukuya kwiintlanganiso. (Jonga ibhokisi ekwiphepha 12 ethi “ Izinto Ekufuneka Zenziwe Zizifundo Ukuze Zibhaptizwe.”) Inqaku elilandelayo liza kuthetha ngezinto ezintlanu esinokuzenza ukuze abantu esibafundelayo babhaptizwe.

INGOMA 76 Uziva Njani Na?

^ isiqe. 5 Ukufundisa umntu kuthetha ukumnceda atshintshe indlela acinga ngayo, aziva ngayo nendlela abezenza ngayo izinto. Umxholo wonyaka ka-2020 othathwe kuMateyu 28:19, usikhumbuze indlela ekubaluleke ngayo ukuqhubela abantu izifundo zeBhayibhile ukuze babe ngabafundi bakaYesu Kristu ababhaptiziweyo. Kweli nqaku nakwelilandelayo, siza kubona izinto ezinokusinceda siwenze bhetele kakhulu lo msebenzi ubalulekileyo.

^ isiqe. 2 AMAGAMA ACACISIWEYO: Ukuba uncokola nomntu qho ngeBhayibhile, usebenzisa enye yeencwadi zethu, uqhuba isifundo seBhayibhile. Ukuba sele usiqhube kabini emva kokuba umbonisile indlela eniza kufunda ngayo, kwaye uqinisekile ukuba akazukuyeka ukufunda, loo mntu sisifundo.

^ isiqe. 3 Kula manqaku, kuza kuthethwa nangamacebiso akuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJulayi 2004 ukuya kuMeyi 2005 athi, “Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibile Ezinenkqubela.”

^ isiqe. 9 Bukela ividiyo yemizuzu emine ethi Fundisa Izifundo Indlela Yokulungiselela. Yiya kwiJW Library® kwindawo ethi MEDIA > OUR MEETINGS AND MINISTRY > IMPROVING OUR SKILLS.

^ isiqe. 10 Yiya kujw.org kwindawo ethi ILAYBRARI > IINCWADI NEENCWADANA EZINEMIFANEKISO.

^ isiqe. 14 KuJW Library®, yiya kwindawo ethi MEDIA > OUR MEETINGS AND MINISTRY > TOOLS FOR THE MINISTRY.