Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 38

Lisebenzise Kakuhle Eli Xesha Lenkululeko

Lisebenzise Kakuhle Eli Xesha Lenkululeko

“Ilizwe lalingaphazanyiswa yaye kungekho mfazwe ayilwayo ngaloo minyaka, kuba uYehova wayemphumzile.”​—2 KRON. 14:6.

INGOMA 60 Masibancede Abantu Basinde

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Kusenokuba nzima xa kutheni ukukhonza uYehova?

UCINGA ukuba kunini apho kuba nzima khona ukukhonza uYehova? Ngaba kuba nzima xa uneengxaki okanye xa ungenazo? Xa kunzima ebomini, kuba lula ukuthembela ngoYehova. Kodwa xa singenazingxaki siye senze ntoni? Ngaba ngamanye amaxesha sikhe siyilibale indlela ekubaluleke ngayo ukukhonza uThixo? UYehova waxelela amaSirayeli ukuba le nto yayisenokwenzeka kuwo.​—Dut. 6:10-12.

UKumkani uAsa wayengafuni nokulubona unqulo lobuxoki (Jonga isiqendu 2) *

2. Yintoni esinokuyifunda kuKumkani uAsa?

2 Sinokufunda kuKumkani uAsa owalisebenzisa kakuhle ixesha lakhe ngokuthembela ngokupheleleyo kuYehova. Wamkhonza xa kwakukubi naxa wayekhululekile. ‘Intliziyo yakhe yayiphelele kuYehova ubomi bakhe bonke.’ (1 Kum. 15:14) Enye indlela uAsa awabonisa ngayo ukuba uzinikele ngokupheleleyo kuYehova kukususa unqulo lobuxoki kwaYuda. IBhayibhile ithi “wazisusa izibingelelo zasemzini neendawo eziphakamileyo, waziqhekeza iintsika ezingcwele, wazigawula neepali ezingcwele.” (2 Kron. 14:3, 5) Wayekisa nomakhulu wakhe uMahaka ukuba ngukumkanikazi. Kwakutheni? Wayekhuthaza abantu ukuba bakhonze isithixo.​—1 Kum. 15:11-13.

3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

3 UAsa akazange aphelele nje ekususeni izithixo, wanceda abantu bakwaYuda baphinda bamkhonza uYehova. UAsa namaSirayeli baba seluxolweni kuba uYehova wabasikelela. * Kwiminyaka elishumi yokulawula kuka-Asa, “ilizwe lalingaphazanyiswa.” (2 Kron. 14:1, 4, 6) Kweli nqaku, siza kuthetha ngendlela uAsa awalisebenzisa ngayo elo xesha. Siza kufunda nangamaKristu exesha labapostile awalisebenzisa kakuhle ixesha loxolo njengoAsa. Ekugqibeleni siza kuphendula lo mbuzo: Ukuba kwilizwe ohlala kulo urhulumente uyawavumela amaNgqina KaYehova akhonze ngokukhululekileyo, unokulisebenzisa njani elo xesha?

INDLELA UASA AWALISEBENZISA NGAYO IXESHA LENKULULEKO

4. Izi-2 Kronike 14:2, 6, 7 zithi uAsa walisebenzisa njani ixesha lenkululeko?

4 Funda izi-2 Kronike 14:2, 6, 7UAsa waxelela abantu ukuba nguYehova ‘obaphumze macala onke.’ Akazange acinge ukuba elo yayilixesha nje lokonwaba, kodwa wasebenza esakha izixeko, iindonga, iinqaba, neegeyithi. Wathi kubantu bakwaYuda: “Ilizwe liselelethu.” Wayethetha ukuthini? Wayethetha ukuba abantu babenokuya naphi na kwilizwe uThixo abanike lona, baze bakhe kungekho ntshaba zibaphazamisayo. Wathi abantu mabalisebenzise kakuhle eli xesha loxolo.

5. Kwakutheni ukuze uAsa aqinise umkhosi wakhe?

5 Kwangeli xesha lenkululeko, uAsa waqinisa umkhosi wakhe. (2 Kron. 14:8) Inoba bethu wayengamthembi uYehova? Wayemthemba, kodwa wayesazi ukuba ngumsebenzi wakhe ukwenza abantu balungele iingxaki ezisenokuvela. Wayesazi nokuba amaYuda ayesenokungahlali eseluxolweni. Kwaba njalo nyhani.

AMAKRISTU EXESHA LABAPOSTILE ALISEBENZISA NJANI IXESHA LENKULULEKO?

6. AmaKristu exesha labapostile, alisebenzisa njani ixesha lenkululeko?

6 AmaKristu exesha labapostile ayesoloko etshutshiswa, kodwa ayekhe akhululeke. Ayesenza ntoni ngexesha akhululeke ngalo? Loo madoda nabafazi abathembekileyo babeqhubeka beshumayela iindaba ezilungileyo. Incwadi yeZenzo ithi ‘babesoyika uYehova.’ Zange bayeke ukushumayela, loo nto yenza ukuba ‘baqhubeke besanda.’ Le nto ibonisa ukuba uYehova wawusikelela umsebenzi wabo wokushumayela ngexesha lenkululeko.​—IZe. 9:26-31.

7-8. UPawulos nabanye benza ntoni xa kwakuvela ithuba lokushumayela? Cacisa.

7 AmaKristu exesha labapostile, ayeshumayela qho kuvela ithuba. Ngokomzekelo, xa umpostile uPawulos wabona ukuba angashumayela kubantu abaninzi e-Efese, wahlala kweso sixeko, washumayela.​—1 Kor. 16:8, 9.

8 UPawulos namanye amaKristu baphinda bakwazi ukushumayela ngo-49 C.E. emva kokuba kulungiswe ingxaki yolwaluko. (IZe. 15:23-29) Emva kokuba sichaziwe isigqibo emabandleni, bonke abafundi basebenza nzima ‘beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi likaYehova.’ (IZe. 15:30-35) Kwenzeka ntoni? IBhayibhile ithi “amabandla aqhubeka esiba nokholo olomeleleyo yaye esanda yonke imihla.”​—IZe. 16:4, 5.

LISEBENZISE KAKUHLE IXESHA LENKULULEKO

9. Injani imeko kumazwe amaninzi namhlanje, ibe ngowuphi umbuzo esinokuzibuza wona?

9 Kumazwe amaninzi namhlanje sishumayela ngokukhululekileyo. Ngaba kwelakho nishumayela ngokukhululekileyo? Ukuba kunjalo, khawuzibuze, ‘Ndiyisebenzisa kanjani le nkululeko?’ Kule mihla yokugqibela intlangano kaYehova ixakeke ngumsebenzi wokushumayela nokufundisa ngendlela engazange yenzeka ngaphambili. (Marko 13:10) Zininzi izinto esingazenza kulo msebenzi.

Abaninzi bavuyiswa kukushumayela kwamanye amazwe okanye kubantu abathetha olunye ulwimi (Jonga isiqendu 10-12) *

10. U-2 Timoti 4:2 usikhuthaza ukuba senze ntoni?

10 Singalisebenzisa kakuhle njani eli xesha loxolo? (Funda u-2 Timoti 4:2.) Xa ujonga iimeko zakho, yintoni onokuyenza ukuze wena okanye omnye kwintsapho yakho nikwazi ukwandisa ixesha enilichitha entsimini, mhlawumbi nide nibe ngoovulindlela? Eli ayiloxesha lokuba sileqane nobutyebi okanye nokuba nezinto ezininzi kuba ezi zinto azizukusinda ngexesha lentlungu engathethekiyo.​—IMize. 11:4; Mat. 6:31-33; 1 Yoh. 2:15-17.

11. Yintoni eyenziwe ngabavakalisi abaninzi ukuze bakwazi ukunceda abantu abaninzi beve iindaba ezilungileyo?

11 Abavakalisi abaninzi baye bafunda ulwimi olutsha ukuze bancede abantu bafunde ngoYehova. Intlangano kaThixo iyabancedisa ngokwenza iincwadi ezithetha ngeBhayibhile ezifumaneka ngeelwimi ezininzi. Ngokomzekelo, iincwadi zethu bezifumaneka ngeelwimi ezimalunga neziyi-500 ngonyaka ka-2010, kodwa ngoku, sezifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwe-1 000.

12. Abantu bancedakala njani xa besiva umyalezo woBukumkani ngolwimi lwabo? Yenza umzekelo.

12 Kuba njani ebantwini xa besiva kuthethwa ngoYehova ngolwimi lwabo? Khawuve into eyathethwa ngudade owayeye kwindibano yengingqi eMemphis, eseTennessee, eMerika. Le ndibano yayiqhutywa ngesiKinyarwanda, ulwimi oluthethwa kakhulu eRwanda, eKinshasa eseCongo naseUganda. Emva kwendibano lo dade othetha isiKinyarwanda wathi: “Ndiyaqala ukuziva kakuhle iintetho zendibano oko ndafika eMerika kwiminyaka eyi-17 edlulileyo.” Lo dade wakuvuyela kakhulu ukuva iintetho zendibano ngolwimi lwakhe. Ungakwazi ukufunda olunye ulwimi ukuze uncede abantu abakwintsimi yakho? Ucinga ukuba abantu abakwintsimi yakho abathetha olunye ulwimi banganomdla wokukumamela xa uthetha nabo ngolwimi lwabo? Uza kuvuya kakhulu xa ubona iziphumo zokusebenza nzima kwakho ufunda olunye ulwimi.

13. Balisebenzisa njani ixesha lenkululeko abazalwana baseRashiya?

13 Ayingabo bonke abazalwana bethu abashumayela ngokukhululekileyo. Kwamanye amazwe abazalwana bethu abakwazi ukushumayela ngokukhululekileyo kuba urhulumente waloo mazwe uwuvalile umsebenzi wokushumayela. Ngokomzekelo, cinga ngabazalwana baseRashiya ababetshutshiswa kangangeminyaka. Kodwa ngoMatshi 1991, urhulumente wabavumela ukuba bashumayele. Ngelo xesha kwakukho abavakalisi abamalunga nabayi-16 000 kwelo lizwe. Emva kweminyaka eyi-20 kwakusele kukho abavakalisi abangaphezu kwe-160 000 eRashiya. Kuyacaca ukuba abazalwana balisebenzisa kakuhle ixesha labo lenkululeko. Zange bahlale bekhululekile. Izinto zitshintshile ngoku kwelo lizwe, kodwa basakhuthele ekukhonzeni uYehova. Benza yonke into abanokukwazi ukuyenza ukuze bamkhonze.

ASIZUKUHLALA SIKHULULEKILE

UKumkani uAsa wathandaza kuYehova waza emva koko uYuda woyisa umkhosi omkhulu (Jonga isiqendu 14-15)

14-15. UYehova wawasebenzisa njani amandla akhe ukuze ancede uAsa?

14 Ngexesha lika-Asa, amaYuda awazange ahlale ekhululekile. Kwafika umkhosi omkhulu wamajoni angaphezu kwemiliyon usuka eTiyopiya. Umphathi waloo mkhosi, uZera, wayeqinisekile ukuba uza kuwoyisa amaYuda. Yena uKumkani uAsa wayengathembelanga kwinani lamajoni asemkhosini wakhe, kodwa wayethembele kuThixo wakhe, uYehova. Wathandaza wathi: “Sincede, Yehova Thixo wethu, kuba sithembele ngawe, ibe sizokulwa nale nginginya egameni lakho.”​—2 Kron. 14:11.

15 Umkhosi wamaTiyopiya wawumkhulu kakhulu kunowamaYuda. Kodwa uAsa wayesazi ukuba uYehova unamandla okubanceda abantu bakhe. UYehova akazange amphoxe uAsa kuba loo mkhosi mkhulu wamaTiyopiya woyiswa.​—2 Kron. 14:8-13.

16. Sazi njani ukuba ixesha lenkululeko liza kuphela?

16 Asazi ukuba kuza kwenzeka ntoni ebomini bethu kwixesha elizayo, kodwa into esiyaziyo kukuba inkululeko esiyivuyelayo ngoku iza kuphela. NoYesu watsho ukuba, kule mihla yokugqibela siza ‘kucatshukelwa zizo zonke iintlanga.’ (Mat. 24:9) Nompostile uPawulos wathi “wonke umntu ofuna ukukhonza uThixo engumlandeli kaKristu Yesu, naye uza kutshutshiswa.” (2 Tim. 3:12) USathana ‘unomsindo omkhulu,’ ibe asinakukwazi ukuwubaleka umsindo wakhe.​—ISityhi. 12:12.

17. Ziintoni eziza kwenzeka eziza kufuna sibonise ukuba simthembe kangakanani uYehova?

17 Kwixesha elizayo sonke kuza kufuneka sibonise ukuba sithembeke kangakanani kuYehova. Kuza kubakho ‘intlungu engathethekiyo engazange ibonwe ukususela ekuqaleni kwehlabathi de kube ngoku.’ (Mat. 24:21) Ngelo xesha, sisenokujikelwa ngabantu esizalana nabo uze nomsebenzi wethu uyekiswe. (Mat. 10:35, 36) Ngaba uza kufana noAsa, umthembe uYehova ukuba uza kukunceda aze akukhusele?

18. AmaHebhere 10:38, 39 athi siza kuncedwa yintoni ukuze sikulungele ukuphela kwexesha lenkululeko?

18 UYehova usoloko esilungiselela izinto eziza kwenza ukholo lwethu luhlale luqinile. Usebenzisa ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ ukuba ‘lisinike ukutya ngexesha elifanelekileyo,’ ukuze singaze siyeke ukumkhonza. (Mat. 24:45) Kodwa nathi kufuneka sisebenze nzima ukuze sihlale sinokholo kuYehova.​—Funda amaHebhere 10:38, 39.

19-20. Emva kokufunda izi-1 Kronike 28:9, yeyiphi imibuzo esifanele sizibuze yona ibe kutheni kufuneka sizibuze le mibuzo?

19 NjengoKumkani uAsa, kufuneka ‘simfune uYehova.’ (2 Kron. 14:4; 15:1, 2) Simfuna ngokuthi siqale sifunde ngaye size sibhaptizwe. Senza yonke into ekufuneka siyenze ukuze simthande kakhulu uYehova. Ukuze sibone ukuba siyenza kakuhle kangakanani le nto, masizibuze le mibuzo: ‘Ngaba ndiya qho kwiintlanganiso zebandla?’ Kwezi ntlanganiso sifumana amandla okuqhubeka sikhonza uYehova, size sikhuthazane nabazalwana noodade. (Mat. 11:28) Eminye ithi, ‘Ngaba ndiyifunda qho iBhayibhile?’ Ukuba uhlala nentsapho, ngaba qho ngeveki ninosuku enilwenza ngalo unqulo lwentsapho? Ngaba uyayenza le nto nokuba uhlala wedwa? Ngaba uwenza ngentliziyo yakho yonke umsebenzi wokushumayela nowokwenza abafundi?

20 Kutheni kufuneka sizibuze le mibuzo? IBhayibhile ithi uYehova uyaziqonda izinto esizicingayo ibe uhlola zonke iintliziyo, nathi kufuneka senze loo nto. (Funda izi-1 Kronike 28:9.) Ukuba kufuneka sitshintshe izinto esifuna ukuzenza okanye indlela esicinga ngayo, kufuneka simcele uYehova asincede sikwazi ukuzitshintsha. Masililungiselele ngoku ixesha lobunzima elizayo. Ungavumeli nanye into eza kukwenza ungalisebenzisi kakuhle ixesha onalo lenkululeko.

INGOMA 62 Ingoma Entsha

^ isiqe. 5 Ngaba kwilizwe ohlala kulo nikhululekile ukukhonza uYehova? Ukuba kunjalo, uyisebenzisa njani loo nkululeko? Eli nqaku, liza kukunceda ubone indlela onokumlinganisa ngayo uKumkani uAsa wakwaYuda namaKristu exesha labapostile. Balisebenzisa kakuhle ixesha ababemkhonza bekhululekile ngalo uYehova.

^ isiqe. 3 IGAMA ELICACISIWEYO: Igama elithi “uxolo” alithethi ukungabikho kwemfazwe nje qha. NgesiHebhere likwathetha ukuba nempilo entle, ukukhuseleka nentlalo-ntle.

^ isiqe. 57 UMFANEKISO: UKumkani uAsa wayekisa umakhulu wakhe ukuba ngukumkanikazi kuba wayekhuthaza unqulo lobuxoki. Abantu ababekunye noAsa bamncedisa ekutshabalaliseni izithixo.

^ isiqe. 59 UMFANEKISO: Indoda nomfazi wayo abakhutheleyo emsebenzini wenkosi bazama ukuphila ngezinto ezimbalwa ukuze baye kukhonza apho kufuneka abavakalisi abaninzi khona.