Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 37

“Ungasiphumzi Isandla Sakho”

“Ungasiphumzi Isandla Sakho”

“Tyala imbewu yakho kwakusasa, ungasiphumzi isandla sakho de kube ngokuhlwa.”​—INTSHU. 11:6.

INGOMA 68 Hlwayela Imbewu YoBukumkani

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. INtshumayeli 11:6 idibana njani nomsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani?

KWAMANYE amazwe, abantu baye babe nomdla xa besiva iindaba ezilungileyo kuba besiva into ekudala beyifuna. Kanti kwamanye, abantu abanamdla ungako wokuva ngoThixo okanye iBhayibhile. Banjani abantu kwindawo ohlala kuyo? Nokuba banjani, uYehova ulindele ukuba siqhubeke sishumayela de athi umsebenzi ugqityiwe.

2 Ngexesha likaYehova, umsebenzi wokushumayela uza kugqitywa, emva koko, ‘kufike isiphelo.’ (Mat. 24:14, 36) Okwangoku, sinokuwathobela njani amazwi athi “ungasiphumzi isandla sakho”? *​—Funda iNtshumayeli 11:6.

3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

3 Kwinqaku elidlulileyo sifunde ngezinto ezine ekufuneka sizenze ukuze sikwazi kakuhle ‘ukuloba abantu.’ (Mat. 4:19) Kweli, siza kuthetha ngezinto ezintathu ezinokusenza sihlale sizimisele ukushumayela nokuba iimeko zinzima kangakanani. Siza kufunda ngokuba kutheni kubalulekile ukuba (1) ukushumayela kuhlale kuyeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu, (2) sibe nomonde, (3) sihlale sinokholo oluqinileyo.

UKUSHUMAYELA MAKUHLALE KUBALULEKILE EBOMINI BETHU

4. Kutheni kufuneka umsebenzi esiwunikwe nguYehova uhlale uyeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu?

4 UYesu waprofeta ngezinto ezaziza kubonisa ukuba sikwimihla yokugqibela nokuba ezo zinto zaziza kubaphazamisa abalandeli bakhe kumsebenzi wokushumayela. Wabaxelela ukuba ‘mabahlale bethe qwa.’ (Mat. 24:42) Nanamhlanje, abantu baphazanyiswa zizinto ezifanayo nezo zaphazamisa abantu bexesha likaNowa baza abammamela. (Mat. 24:37-39; 2 Pet. 2:5) Yiloo nto sifuna umsebenzi esiwunikwe nguYehova uhlale uyeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu.

5. IZenzo 1:6-8 zithi umsebenzi wokushumayela wawuza kwenziwa kangakanani?

5 Namhlanje, kufuneka sizinikele kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. UYesu waprofeta wathi lo msebenzi wawuza kuqhubeka nasemva kokuba efile, kuze kushunyayelwe kwiindawo ezininzi ngaphezu kwezo yena washumayela kuzo. (Yoh. 14:12) Ukufa kwakhe, abanye abafundi bakhe babuyela ekulobeni iintlanzi. Ukuvuka kwakhe, wenza ummangaliso owanceda abanye abafundi bakhe baloba iintlanzi ezininzi. Emva kwaloo mmangaliso, wenza abafundi bakhe babona ukuba umsebenzi wokushumayela nokwenza abafundi ngowona ubaluleke ngaphezu kwawo nawuphi na omnye umsebenzi. Kanye ngaphambi kokuba anyukele ezulwini, waxelela abalandeli bakhe ukuba umsebenzi wokushumayela awayesele ewuqalile wawungazi kuphelela kwaSirayeli. (Funda iZenzo 1: 6-8.) Kwiminyaka emva koko, wabonisa umpostile uYohane izinto ezaziza kwenzeka “ngemini yeNkosi.” * UYohane wabona nento eyammangalisa kakhulu: Wabona ingelosi ‘eyayineendaba ezilungileyo’ ezaziza kushunyayelwa kuzo “zonke iintlanga, izizwe, iilwimi nezizwana.” (ISityhi. 1:10; 14:6) Kucacile ukuba uYehova ufuna sonke siwenze de ugqitywe lo msebenzi wenziwa ehlabathini lonke.

6. Yintoni esinokuyenza ukuze umsebenzi wokushumayela uhlale uyeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu?

6 Umsebenzi wokushumayela unokuhlala uyeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu, ukuba sicinga ngazo zonke iindlela uYehova asincede ngazo. Ngokomzekelo, ulungiselele ukuba sifumane iincwadi eziprintiweyo nezifumaneka nge-elektroniki, izinto ezirekhodiweyo, iividiyo kunye neBroadcasting, ukuze siqinise ukholo lwethu. Kwakhona, sinewebhsayithi efumaneka ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-1 000. (Mat. 24:45-47) Kweli hlabathi linabantu abahluleleneyo ngenxa yeepolitiki neenkonzo ezahlukahlukeneyo, nangenxa yokuba abantu bengamahlwempu abanye bezizityebi, bona abantu bakaYehova abangaphezu kwe-8 miliyoni ehlabathini lonke, bamanyene. Ngokomzekelo, ngoLwesihlanu, ngoAprili 19, 2019, onke amaNgqina asehlabathini lonke ayebukele ividiyo yetekisi yosuku. Ngaloo ngokuhlwa, abantu abangaphezu kwe-20 919 041 babesenza iSikhumbuzo sokufa kukaYesu. Xa sicinga ngenyhweba esinayo yokubona nokufak’ isandla kuzo zonke ezi zinto, sitsho sifune ukuhlala sixakekile ngumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani.

UYesu zange avumele nantoni na imphazamise ekushumayeleni inyaniso (Jonga isiqendu 7)

7. Ukulinganisa uYesu kunokusinceda njani ukuze umsebenzi wokushumayela uhlale ubalulekile ebomini bethu?

7 Enye into enokwenza umsebenzi wokushumayela ube yeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu, kukulinganisa uYesu. Akazange avumele nantoni na imphazamise kumsebenzi wokushumayela. (Yoh. 18:37) Akazange alingeke xa uSathana wayefuna ukumnika “onke amazwe ehlabathi nobutyebi bawo”; naxa abantu babefuna ukumenza ukumkani. (Mat. 4:8, 9; Yoh. 6:15) Akazange arhalele nezinto ezaziza kumenza abe sisityebi, okanye oyikiswe ngabantu ababemchasa. (Luka 9:58; Yoh. 8:59) Xa ukholo lwethu luvavanywa, ukushumayela kunokuhlala kuyeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu, ukuba sicinga ngesiluleko sikampostile uPawulos. Wakhuthaza amaKristu ukuba alinganise uYesu, ukuze ‘angadinwa aze anikezele.’​—Heb. 12:3.

YIBA NOMONDE

8. Kuthetha ukuthini ukuba nomonde, ibe kutheni ufuneka ngokukhethekileyo ngoku?

8 Ukuba nomonde, kukukwazi ukulinda uzolile, de imeko itshintshe. Nokuba silinde ukuba kude kuphele into embi, okanye kudala silindele ukuba kude kwenzeke into entle, kufuneka sibe nomonde. Umprofeti uHabhakuki kwakukudala efuna ukuba ubundlobongela buphele kwaYuda. (Hab. 1:2) Abafundi bakaYesu babenethemba lokuba uBukumkani babuza kufika “ngoko nangoko” buze bubasindise kwingcinezelo yamaRoma. (Luka 19:11) Nathi silindele ukuba uBukumkani BukaThixo buphelise zonke izinto ezimbi, buze buzise ihlabathi elitsha elinabantu abangamalungisa. (2 Pet. 3:13) Kodwa ke, kufuneka sibe nomonde, ukuze sikwazi ukulinda imini ekhethwe nguYehova. Makhe sibone iindlela uYehova asifundisa ngazo ukuba nomonde.

9. Zeziphi izinto ezibonisa ukuba uYehova unomonde?

9 UYehova ngoyena Mntu ukwaziyo ukuba nomonde. Wanika uNowa ixesha elaneleyo lokwakha umkhombe nokuba ‘ngumshumayeli wobulungisa.’ (2 Pet. 2:5; 1 Pet. 3:20) Wammamela noAbraham xa wayemhlalele ngokumbuza ngesigqibo sakhe sokutshabalalisa abantu baseSodom naseGomora. (Gen. 18:20-33) Ixesha elide, waba nomonde kuhlanga lwakwaSirayeli olwalungathembekanga. (Neh. 9:30, 31) Nanamhlanje, siyayibona indlela uYehova anomonde ngayo, kuba uye wanika abantu abatsalela kuye ixesha lokuba ‘baguquke.’ (2 Pet. 3:9; Yoh. 6:44; 1 Tim. 2:3, 4) Ukuba nomonde kukaYehova, kwenza nathi sikwazi ukuba nomonde xa sishumayela naxa sifundisa. Usifundisa ukuba nomonde nangomzekeliso okwiLizwi lakhe.

Njengomlimi osebenza nzima kodwa enomonde, nathi silinda imiphumo yokusebenza nzima kwethu (Jonga isiqendu 10-11)

10. Umzekeliso womlimi ekuthethwa ngaye kuYakobi 5:7, 8 usifundisa ntoni?

10 Funda uYakobi 5:7, 8Umzekeliso womlimi otyala izityalo usifundisa ukuba nomonde. Siyazi ukuba ezinye izityalo ziyakhawuleza ukukhula, kodwa zona ezivelisa iziqhamo zithatha ixesha elide. KwaSirayeli kwakulindwa iinyanga ezintandathu ngaphambi kokuba ezo zityalo zivunwe. Umlimi wayetyala emva kweemvula zokuqala zokwindla, aze avune xa kuphela iimvula zentwasahlobo. (Marko 4:28) Ukuba sinomonde njengalo mlimi, siya kuba silumkile. Kodwa le nto isenokungabi lula.

11. Ukuba nomonde kuza kusinceda njani entsimini?

11 Abantu abangafezekanga badla ngokuthanda izinto ezikhawulezayo. Kodwa ukuba sifuna igadi yethu isincumise, kufuneka sisoloko siyihoyile. Sigrumbe ukuze sityale, sihlakule size sinkcenkceshele. Nomsebenzi wokwenza abafundi ufuna sisebenze nzima ngolo hlobo. Kubantu esibaqhubela izifundo, kusithatha ixesha ukuncothula ukhula localucalulo nokungabi namdla kwabo ebantwini. Ukuba nomonde kuza kusinceda singatyhafi xa abantu bengasimameli. Kanti naxa abanye besimamela, kusafuneka sibe nomonde. Asinakumnyanzela umntu esimfundelayo ukuba abe nokholo. Ngamany’ amaxesha nabafundi bakaYesu babengakhawulezi baziqonde izinto abafundisa zona. (Yoh. 14:9) Masingalibali ukuba thina sinokutyala sinkcenkceshele, kodwa nguThixo okhulisayo.​—1 Kor. 3:6.

12. Ngaba sinokukwazi ukuba nomonde xa sishumayela kubantu esizalana nabo?

12 Kunokuba nzima ukuba nomonde xa sishumayela kubantu esizalana nabo. Umgaqo okwiNtshumayeli 3:1, 7 unokusinceda. Uthi: Kukho “ixesha lokuthi cwaka nexesha lokuthetha.” Sisenokuthi cwaka, siyeke indlela esiziphethe ngayo ibe yiyo eshumayelayo. Kodwa kubakho amaxesha ekufuneka sithethile nabo ngoYehova. (1 Pet. 3:1, 2) Njengoko sishumayela size sifundise, kufuneka sihlale sinomonde kubo bonke abantu, nkqu nabo sizalana nabo.

13-14. Khawusixelele ngabantu abanomonde esinokubalinganisa.

13 Sinokufunda ukuba nomonde kumadoda nabafazi ekuthethwa ngabo eBhayibhileni, nakubazalwana noodade abathembekileyo. UHabhakuki kwakudala efuna kuphele izinto ezimbi kwaYuda, kodwa wathi: “Ndiza kuqhubeka ndimi endaweni yam yokulinda.” (Hab. 2:1) Umpostile uPawulos wathi eyona nto ayifunayo ‘kukuwugqiba’ umsebenzi wokushumayela. Kodwa wayenomonde kuba waqhubeka ‘ezishumayela ngokucokisekileyo iindaba ezilungileyo.’​—IZe. 20:24.

14 Makhe sithethe ngendoda nomfazi wayo ababephumelele kwiSikolo SaseGiliyadi, baza basiwa kwilizwe elinamaNgqina ambalwa. Abantu abaninzi kweli lizwe abakholelwa kuKristu. Babembalwa kakhulu abantu abanomdla wokufunda iBhayibhile. Kodwa abahlobo babo ababefunda nabo eGiliyadi, abathunyelwa kwamanye amazwe, babesoloko bebaxelela ngezifundo zabo eziqhuba kakuhle. Ayizange ibatyhafise into yokuba abantu abaninzi kwilizwe ababekulo bengenamdla, baqhubeka beshumayela ngomonde. Emva kweminyaka esibhozo bekuloo ntsimi, esinye sezifundo zabo sabhaptizwa. Yabavuyisa kakhulu loo nto. Yintoni abafana ngayo bonke aba bakhonzi bakaYehova? Bonke abazange batyhafe okanye baziphumze izandla zabo, waza uYehova wabasikelela ngokuba nomonde kwabo. Nathi masizame ukuba “njengaba bantu baye bazifumana izinto abazithenjisiweyo kuba benokholo nomonde.”​—Heb. 6:10-12.

HLALA UNOKHOLO OLUQINILEYO

15. Ukholo lusinceda njani ukuze sihlale sizimisele ukushumayela?

15 Sinokholo kumyalezo esishumayela ngawo. Siqinisekile ngezinto esizithenjiswa liLizwi likaThixo. (INdu. 119:42; Isa. 40:8) Sizibonile iziprofeto eziseBhayibhileni zisenzeka. Siyibonile nendlela abantu ababutshintsha ngayo ubomi babo xa beqala ukwenza izinto abazifunda eBhayibhileni. Zonke ezi zinto zenza siqiniseke ukuba iindaba ezilungileyo zoBukumkani, ngumyalezo ofanele uviwe ngabantu bonke.

16. Ngokutsho kweNdumiso 46:1-3, ukuba nokholo kuYehova noYesu kusinceda njani sihlale sizimisele ukushumayela?

16 Sinokholo nakuYehova, lowo uphuma kuye umyalezo esiwushumayelayo, nakuYesu amnike igunya lokuba nguKumkani woBukumkani bakhe. (Yoh. 14:1) Nokuba yintoni eyenzekayo kuthi, uYehova uza kuhlala eyindawo yokubalekela namandla ethu. (Funda iNdumiso 46:1-3.) Enye into siqinisekile ukuba uYesu walathisa umsebenzi wokushumayela esezulwini, esebenzisa amandla negunya alinikwe nguYehova.​—Mat. 28:18-20.

17. Khawenze umzekelo ngento esenza sihlale sifuna ukushumayela.

17 Ukholo lusenza siqiniseke ukuba uYehova uza kuzisikelela iinzame esizenzayo. Ngamanye amaxesha uza kuzisikelela ngeendlela esingazilindelanga. (INtshu. 11:6) Ngokomzekelo, yonke imihla abantu badlula kwiitroli ezineencwadi zethu. Ngaba le ndlela yokushumayela iyasebenza? Kakhulu. UBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaNovemba 2014, bathetha ngomfundi osemtsha owayeseyunivesithi owayefuna ukubhala ngamaNgqina KaYehova. Akazange ayifumane iHolo YoBukumkani, kodwa wabona itafile eneencwadi zethu eyunivesithi, waza wayifumana into ebefuna ukubhala ngayo. Ekugqibeleni waba liNgqina, ibe ngoku nguvulindlela othe ngxi. Zezi zinto ezisenza sihlale sishumayela kuba zibonisa ukuba basekhona abantu abafuna ukuva umyalezo woBukumkani.

ZIMISELE UKUNGASIPHUMZI ISANDLA SAKHO

18. Yintoni esenza siqiniseke ukuba umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani uza kugqitywa ngexesha uYehova afuna ugqitywe ngalo?

18 Siqinisekile ukuba umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani uza kugqitywa ngexesha elibekiweyo. Cinga ngento eyenzeka ngexesha likaNowa. UYehova wabonisa ukuba ngoyena Mntu uligcinayo ixesha. Walibeka ixesha lokubakho koMkhukula kwiminyaka eyi-120 ngaphambi kokuba wenzeke. Kwiminyaka emininzi emva kokuba elibekile, waxelela uNowa ukuba akhe umkhombe. UNowa wasebenza nzima iminyaka emalunga neyi-40 okanye eyi-50 ngaphambi kokuba ufike uMkhukula. Abantu babengafuni ukummamela, kodwa zange ayeke ukubaxelela ngomyalezo obalumkisayo de uYehova wathi ngoku lixesha lokuba angenise izilwanyana kuMkhombe. Kanye ngexesha alibekileyo, “uYehova waluvala ucango.”​—Gen. 6:3; 7:1, 2, 16.

19. Ukuba izandla zethu asiziphumzi, yintoni esiza kuyibona isenzeka?

19 Sekukufutshane uYehova asixelele ukuba umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani ugqityiwe. Emva koko uza kulitshabalalisa eli hlabathi lilawulwa nguSathana, aze azise ihlabathi elitsha elinabantu abamthobelayo. De kube lelo xesha, masizame ukulinganisa uNowa, uHabhakuki nabanye abangazange baziyeke izandla zabo ziphumle. Umsebenzi wokushumayela mawube yeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu, sibe nomonde size sihlale sinokholo oluqinileyo kuYehova nakwizinto asithembise zona.

INGOMA 75 “Ndikho Thuma Mna!”

^ isiqe. 5 Inqaku elidlulileyo likhuthaze abantu abafundelwayo ukuba bamkele isimemo sikaYesu sokuba ngabalobi babantu. Eli nqaku lona liza kuthetha ngeendlela ezintathu abanokuthi bonke abavakalisi, abasebatsha nekudala besentlanganweni, bahlale bezimisele ukuqhubeka beshumayela ngoBukumkani de uYehova athi kugqityiwe.

^ isiqe. 2 AMAZWI ACACISIWEYO: Kweli nqaku, amazwi athi “ungasiphumzi isandla sakho” athetha ukuba kufuneka sizimisele ukuhlala sishumayela iindaba ezilungileyo de uYehova athi kugqityiwe.

^ isiqe. 5 ‘Imini yeNkosi’ yaqala xa uYesu wabekwa etroneni ngo-1914, iza kuphela xa kuphela iMinyaka Eliwaka yokulawula kwakhe.