Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 40

“Yikhusele Into Oyiphathisiweyo”

“Yikhusele Into Oyiphathisiweyo”

“Timoti, yikhusele into oyiphathisiweyo.”​—1 Tim. 6:20.

INGOMA 29 Siphila Ngokwegama Lethu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. Ngokutsho kuka-1 Timoti 6:20, yintoni ekwakufuneka ayenze uTimoti?

IZINTO zethu ezibalulekileyo sidla ngokuzigcinisa abantu. Ngokomzekelo, ukuba sifuna ukuyigcina kakuhle imali yethu, siyifaka ebhankini, apho ingasoze ilahleke okanye ibiwe khona. Ngoko siyiqonda kakuhle into ethethwa kukuphathisa okanye ukugcinisa omnye umntu into ebalulekileyo.

2 Funda u-1 Timoti 6:20. Umpostile uPawulos wakhumbuza uTimoti ukuba ufumene into ebalulekileyo. Loo nto kukuzazi kakuhle izinto uThixo aza kuzenzela abantu kwixesha elizayo. UYehova wanika uTimoti nenyhweba ‘yokuqhubeka eshumayela iindaba ezilungileyo.’ (2 Tim. 4:2, 5) UPawulos wacebisa uTimoti ukuba ayikhusele into ayiphathisiweyo. NjengoTimoti, nathi siphathiswe izinto ezibalulekileyo. Ziintoni ezo ibe kutheni kufuneka sibugcine okanye sibukhusele ubutyebi esibuphathiswe nguYehova?

SIPHATHISWE INYANISO EBALULEKILEYO

3-4. Zeziphi ezinye izizathu ezenza inyaniso eseBhayibhileni ibaluleke?

3 UYehova usenze sayazi kakuhle inyaniso efumaneka kwiLizwi lakhe iBhayibhile. Le nyaniso ibalulekile kuba ifundisa abantu indlela abanokuba ngabahlobo ngayo noYehova ize ibaxelele ukuba yintoni enokubenza bonwabe nyhani ebomini. Xa siyamkela siyakhululeka kwiimfundiso zobuxoki size siziphathe kakuhle.​—1 Kor. 6:9-11.

4 Esinye isizathu sokuba inyaniso efumaneka kwiLizwi likaThixo ibaluleke, kukuba uYehova uyityhile kubantu abathobekileyo, ‘abazimisele ukufumana ubomi obungunaphakade.’ (IZe. 13:48) Aba bantu, bayavuma ukuba namhlanje uYehova usifundisa iBhayibhile esebenzisa ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi. (Mat. 11:25; 24:45) Asinakuyiqonda kakuhle iBhayibhile xa sizifundela ngokwethu, sidinga uncedo. Kaloku ayikho into ebaluleke njengokuyiqonda kakuhle iBhayibhile.​—IMize. 3:13, 15.

5. Yeyiphi enye into uYehova asiphathise yona?

5 UYehova usiphathise nomsebenzi wokufundisa abantu inyaniso ngaye nangezinto aza kusenzela zona kwixesha elizayo. (Mat. 24:14) Lo myalezo ubalulekile kuba unceda abantu babe yintsapho kaYehova uze ubavulele ithuba lokufumana ubomi obungunaphakade. (1 Tim. 4:16) Nokuba sishumayela kakhulu okanye asishumayeli kangako, sincedisa kowona msebenzi ubalulekileyo namhlanje. (1 Tim. 2:3, 4) Kumnandi nyhani ukusebenza noThixo.​—1 Kor. 3:9.

UNGAZE UYILAHLE INTO OYIPHATHISIWEYO

Xa abanye bayekayo ukukhonza uYehova, yena uTimoti zange ayeke (Jonga isiqendu 6)

6. Yintoni eyenzeka kwabanye abangazange bayigcine into abayiphathisiweyo?

6 Kwabanye abahlobo bakaTimoti, ayizange ibaluleke into yokusebenza noThixo. UDemas wancama inyhweba yokukhonza noPawulos kuba wathanda ihlabathi. (2 Tim. 4:10) Kubonakala ngathi uFigelo noHermogen bayeka ukushumayela kuba babesoyika ukutshutshiswa ngendlela uPawulos awatshutshiswa ngayo. (2 Tim. 1:15) UHimenayo, uAleksandire noFileto bamshiya uYehova baba ngabawexuki. (1 Tim. 1:19, 20; 2 Tim. 2:16-18) Kuyabonakala ukuba, bonke aba bantu babekhe bamthanda kakhulu uYehova, kodwa bayeka ukucinga ngezinto ezibalulekileyo abaphathise zona.

7. Ziintoni azenzayo uSathana ukuze senze izinto azifunayo?

7 USathana ufuna silahle ubutyebi esibuphathiswe nguYehova. Uyenza njani loo nto? Nazi ezinye izinto azenzayo: Usebenzisa iTV, iimuvi, i-intanethi, amaphephancwadi, iincwadi iimagazini ukuze sicinge size siziphathe njengeli hlabathi. Yonke le nto uyenzela ukuba siyeke ukumthanda okanye ukumthobela uYehova. Ufuna siyeke ukushumayela kuba sisoyika izinto abantu abazithethayo okanye abazicingayo ngathi okanye sisoyika ukutshutshiswa. Uzama ukusilingela ekubeni simamele izinto ezithethwa ngabawexuki ‘abacinga ukuba bayazi,’ ukuze siyishiye inyaniso.​—1 Tim. 6:20, 21.

8. Yintoni oyifundileyo kuDaniel?

8 Ukuba asilumkanga, sinokuzibona sesiyishiya kancinci kancinci inyaniso. Khawuve into eyenzeka kuDaniel, * owayekuthanda ukudlala imidlalo yevidiyo. Uthi: “Ekuqaleni ndandidlala imidlalo engenakundenzakalisa. Kodwa, ndazibona sendidlala imidlalo eyayinobundlobongela, iidemon nemilingo.” Wazibona sele edlala iiyure eziyi-15 ngosuku. Uthi: “Ndandisenza ngathi andiyiboni into yokuba ndiya ndibhekela kuYehova ngenxa yale midlalo nexesha endilimosha kuyo. Ndandizixelele ukuba andinyanzelekanga ukuba ndenze into ethethwa yiBhayibhile.” Ukuba asilumkanga, indlela esizonwabisa ngayo inokusenza siyekelele enyanisweni. Ngoko sinokuzibona sesilahlekelwa zizinto ezibalulekileyo esiziphathiswe nguYehova.

SINOKWENZA NTONI UKUZE SINGAYILAHLI INYANISO?

9. Ngokutsho kuka-1 Timoti 1:18, 19, uPawulos wamfanisa nantoni uTimoti?

9 Funda u-1 Timoti 1:18, 19. UPawulos wafanisa uTimoti nejoni, waza wamcebisa ukuba ‘aqhubeke esilwa imfazwe yobulungisa.’ Wayengathethi ngemfazwe eqhelekileyo eliwa ngamajoni. AmaKristu afana njani namajoni asemfazweni? Ekubeni singamajoni kaKristu, kufuneka sibe ngabantu abanjani? Makhe sibone izinto ezintlanu esinokuzifunda kumzekeliso kaPawulos. Ezi zinto, ziza kusinceda singaze siyilahle inyaniso.

10. Kuthetha ukuthini ukuzinikela ngokupheleleyo kuThixo, ibe kutheni kufuneka sizinikele kuye?

10 Zinikele ngokupheleleyo kuThixo. Ijoni eliwuthandayo umsebenzi walo liyazinikela. Lilwa nzima ukuze likhusele umntu elimthandayo okanye into ebalulekileyo kulo. UPawulos wakhuthaza uTimoti ukuba azinikele ngokupheleleyo kuThixo. Loo nto ithetha ukuba anyaniseke kuThixo. (1 Tim. 4:7) Xa simthanda kakhulu uThixo kwaye sizinikele kuye, asizukufuna ukuyilahla inyaniso.​—1 Tim. 4:8-10; 6:6.

Emva kosuku obelubonakala lulude, kusenokufuneka sizinyanzele ukuya ezintlanganisweni. UYehova uyasisikelela ngokwenza loo nto! (Jonga isiqendu 11)

11. Kutheni kufuneka siziqeqeshe?

11 Ziqeqeshe. Ukuze ijoni lihlale lilungele imfazwe, kufuneka liziqeqeshe. UTimoti wahlala enokholo olomeleleyo kuba wenza into awayeyicetyiswa nguPawulos yokuba anganqweneli izinto ezimbi, abe neempawu ezithandwa nguThixo aze aziphe ixesha lokuncokola nabazalwana noodadewabo. (2 Tim. 2:22) Loo nto ifuna umntu aziqeqeshe. Kufuneka siziqeqeshe ukuze siphumelele imfazwe yezinto ezinqwenelwa yinyama yethu enesono. (Roma 7:21-25) Enye into, kufuneka siziqeqeshe ukuze sikwazi ukulahla ubuntu obudala size sinxibe obutsha. (Efe. 4:22, 24) Naxa sidiniwe emva kwemini ebibonakala inde, kusenokufuneka sizinyanzele ukuya ezintlanganisweni.​—Heb. 10:24, 25.

12. Zeziphi izinto esinokuzenza ukuze sikwazi ukubafundisa kakuhle abantu iBhayibhile?

12 Ijoni kufuneka liziqhelise ukusebenzisa izixhobo zalo. Ukuze likwazi ukuzisebenzisa kakuhle, kufuneka liziqhelise qho. Nathi kufuneka silisebenzise kakuhle iLizwi likaThixo. (2 Tim. 2:15) Ezinye iindlela zokulisebenzisa sinokuzifunda kwiintlanganiso. Kodwa ukuba sifuna ukunceda abantu bakholelwe ukuba inyaniso eseBhayibhileni inokubanceda, kufuneka siyifunde qho. Kufuneka sifunde iLizwi likaThixo ukuze someleze ukholo lwethu. Le nto ithetha ukuba akufuneki siyifunde nje iBhayibhile. Kufuneka sicingisise kakuhle ngento esiyifundayo, siphande ngayo kwiimpapasho zethu ukuze siyiqonde kakuhle into ethethwa yiBhayibhile size siyisebenzise ebomini bethu. (1 Tim. 4:13-15) Xa senze loo nto, siza kukwazi ukufundisa abantu iLizwi likaThixo. Le nto ayithethi nje ukubafundela iivesi eziseBhayibhileni. Sifuna ukubanceda baziqonde baze bazisebenzise ebomini babo. Xa siyifunda qho iBhayibhile, sinokukwazi ukubafundisa kakuhle kakhulu abantu.​—2 Tim. 3:16, 17.

13. AmaHebhere 5:14 athi simele senze ntoni ukuze sikwazi ukwahlula into elungileyo kwembi?

13 Yahlula into elungileyo kwembi. Ijoni limele liyibone ingozi ingekenzeki lize liyiphephe. Nathi kufuneka siyibone into enokusifaka engozini size siyibaleke. (IMize. 22:3; funda amaHebhere 5:14.) Ngokomzekelo, kufuneka silumke xa sikhetha indlela esizonwabisa ngayo. Izinto ezidlala kwiTV kunye neemuvi zihlala zibonisa abantu abaziphethe kakubi. Ukuziphatha okunjalo kuyamcaphukisa uThixo kwaye kumenzakalisa kancinci kancinci umntu. Ngoko siyakuphepha ukuzonwabisa ngezinto ezinjalo kuba kuza kusenza siyeke ukumthanda uYehova.​—Efe. 5:5, 6.

14. Ukwahlula into elungileyo kwembi kwamnceda njani uDaniel?

14 UDaniel ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo waqonda ukuba ukudlala imidlalo yevidiyo enobundlobongela, iidemon nemilingo akulunganga. Waphanda ngeencwadi eziza kumnceda kwiWatchtower Library. Yintoni eyenzekayo? Wayeka ukudlala imidlalo yevidiyo engalunganga nokuyibhatalela. Uthi: “Kunokuba ndisoloko ndihleli endlini ndidlala le midlalo, ndandiphuma ndiye kwenza ezinye izinto ngaphandle okanye ndibe kunye nabahlobo bam basebandleni.” Ngoku uDaniel ngumdala onguvulindlela.

15. Kutheni ubuxoki obusasazwa ngabawexuki buyingozi?

15 NjengoTimoti, nathi simele sikhawuleze siyibone ingozi yobuxoki obusasazwa ngabawexuki. (1 Tim. 4:1, 7; 2 Tim. 2:16) Ngokomzekelo, basenokusasaza ubuxoki ngabazalwana bethu okanye basenze siyithandabuze intlangano kaYehova. Obo buxoki bunokulwenza lungaqini ukholo lwethu. Masingabukholelwa. Ngoba? Kuba busasazwa “ngabantu abaneengqondo ezonakeleyo nabangasayaziyo inyaniso.” Eyona nto bayifunayo “kukuxambulisana nokuphikisana” nezinto eziyinyaniso. (1 Tim. 6:4, 5) Bafuna sikholelwe ubuxoki ababuthethayo size singabathembi abazalwana noodadewethu.

16. Zeziphi izinto ezinokusiphazamisa esimele siziphephe?

16 Zilumkele izinto ezinokukuphazamisa. “Njengejoni lokwenene likaKristu Yesu,” uTimoti kwakufuneka azinikele kumsebenzi wokushumayela, angaphazanyiswa kukufuna ezinye izinto ebomini okanye bubutyebi behlabathi. (2 Tim. 2:3, 4) NjengoTimoti, nathi simele silumke singaphazanyiswa kukufuna ukuba nezinto ezininzi. ‘Ukuqhathwa kukunqwenela ubutyebi’ kunokusenza siyeke ukumthanda uYehova neLizwi lakhe, siyeke nokuxelela abantu ngalo. (Mat. 13:22) Ngoko simele sanele zizinto esinazo, size sisebenzise ixesha namandla ethu ‘ekufuneni uBukumkani bukaThixo’ kuqala.​—Mat. 6:22-25, 33.

17-18. Kufuneka senze ntoni ukuze sihlale singabahlobo bakaYehova?

17 Hlala ukulungele ukukhawuleza uyiphephe ingozi. Ijoni limele lihlale liyazi into eliza kuyenza xa kufuneka lizikhusele. Ukuba sifuna ukugcina izinto esiziphathiswe nguYehova, kufuneka sikhawuleze siyiphephe into eza kusenzakalisa. Yintoni enokusinceda singalibazisi? Kufuneka sihlale siyazi into esiza kuyenza xa sidibana nento eza kusenzakalisa.

18 Ngokomzekelo, xa abantu bedibene kwiholo enkulu, kuye kucelwe ukuba bajonge iindawo zokuphuma ezikufutshane neendawo abahleli kuzo ngaphambi kokuba iqale into abadibene ngayo. Kutheni kusenziwa loo nto? Ukuze bakhawuleze baphume xa kukho ingozi. Nathi kufuneka sihlale siyazi into esiza kuyenza xa sibona ukuziphatha okubi, ubundlobongela okanye izinto zabawexuki kwiTV. Ukuba sihlala siyilungele into esenokwenzeka, siza kukwazi ukukhawuleza siyibaleke into enokusenza siyeke ukuba ngabahlobo bakaYehova okanye singacoceki kuye.​—INdu. 101:3; 1 Tim. 4:12.

19. UYehova uza kusisikelela njani xa sizikhusela izinto ezibalulekileyo asiphathise zona?

19 Simele sizigcine size sizikhusele izinto ezibalulekileyo esiziphathiswe nguYehova. Ezi zinto, kukwazi inyaniso yeBhayibhile nokuyifundisa abantu. Xa sisenza loo nto, siza kuba nesazela esicocekileyo, siyazi into esiyiphilelayo size sivuyele ukunceda abantu bamazi uYehova. Uza kusinceda siyikhusele into asiphathise yona.​—1 Tim. 6:12, 19.

INGOMA 127 Uhlobo Lomntu Endifanele Ndibe Lulo

^ isiqe. 5 UYehova usiphe into ebalulekileyo; ukwazi inyaniso nokuyifundisa abantu. Eli nqaku liza kusinceda singaze sohlukane nesi sipho

^ isiqe. 8 Igama litshintshiwe.