Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yintoni Eza Kuthi Shwaka Xa Kufika UBukumkani BukaThixo?

Yintoni Eza Kuthi Shwaka Xa Kufika UBukumkani BukaThixo?

“Ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”—1 YOH. 2:17.

IINGOMA: 134, 24

1, 2. (a) Le nkqubo yezinto ifana njani nebanjwa eligwetyiweyo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.) (b) Izidalwa ezikrelekrele ziya kuthini xa itshatyalaliswa le nkqubo ingendawo?

“ISIDUMBU ESIHAMBAYO!” Kukhwazwa kutshiwo njengoko kukhutshwa ibanjwa eliyingozi kwisisele salo kuze kuvakale isandi sokumbakrazwa kweengcango zentsimbi emva kwalo. Oonogada bayithethiswa yintoni into enjalo? Eli banjwa libonakala lingumqabaqaba kungekho sigulo siza kulibulala. Kodwa ke, oonogada balisa kwindawo eliza kuxhonywa kuyo. Eli banjwa ligwetyiweyo liyafana nelifileyo. *

2 Le nkqubo yezinto singayifanisa neliya banjwa liza kuxhonywa. Eli hlabathi lingendawo lagwetywa kudala, ibe sele kumbovu ukuba litshatyalaliswe. IBhayibhile ithi: “Ihlabathi liyadlula.” (1 Yoh. 2:17) Le nkqubo iza kutshabalala nyhani. Kodwa ke, kukho umahluko omkhulu phakathi kwesiphelo seli hlabathi kunye nesebanjwa. Xa liza kuxhonywa eli banjwa, abanye abantu basenokuqhankqalaza besithi eso sigwebo ayisiso esobulungisa okanye babe nethemba lokuba ngomzuzu wokugqibela inkundla okanye ijaji ingasirhoxisa eso sigwebo. Akunjalo ke ngeli hlabathi, isigwebo salo siwiswe nguMongami wendalo iphela olilungisa ngokugqibeleleyo. (Dut. 32:4) Asiyi kurhoxiswa isigwebo okanye kubekho abashiyeka bethandabuza ukuba sisigwebo sobulungisa na. Xa sele siphunyenziwe, zonke izidalwa ezikrelekrele ziya kutsho zivuya zithi kwenziwe ubulungisa. Kuya kuthi qabu unoQolomba efile nje!

3. Ziintoni izinto ezine esiza kuthetha ngazo eziya kuthi shwaka xa kufika uBukumkani BukaThixo?

3 Liquka ntoni eli ‘hlabathi lidlulayo’? Liquka izinto abantu abacinga ukuba ziya kuhlala zikho. Ngaba ziindaba ezimbi ezo? Ayizizo tu! Kaloku ukutshatyalaliswa kwezo zinto kuyinxalenye ‘yeendaba ezilungileyo zobukumkani.’ (Mat. 24:14) Makhe sithethe ngezinto eziya kuthi shwaka xa kufika uBukumkani BukaThixo. Siza kuthetha ngezine zazo: abantu abangendawo, imibutho eyonakeleyo, izenzo eziphosakeleyo, neemeko ezingaginyisi mathe. Kwinto nganye siza kujonga ukuba (1) ibenza bube njani ubomi bethu ngoku, (2) uza kwenza ntoni uYehova ngayo, nokuba (3) yintoni entle aya kuyifaka endaweni yayo.

ABANTU ABANGENDAWO

4. Abantu abangendawo babenza bube njani ubomi bethu ngoku?

4 Abantu abangendawo babenza bube njani ubomi bethu ngoku? Emva kokuba eprofete ngexesha esiphila kulo esithi kuya kubakho “amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo,” umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba abhale athi: “Abantu abangendawo namabhedengu [okanye abafihl’ iintloko] baya kuhambela phambili ebubini.” (2 Tim. 3:1-5, 13) Ngaba usibonile esi siprofeto sizaliseka? Abaninzi bethu baye baba ngamaxhoba abantu abangendawo njengokuhlaselwa ngumntu ondlongondlongo, oontamo-lukhuni abanenzondo nezaphuli-mthetho ezineengcwangu. Abanye benza izinto ezingendawo ngokuphandle kanti abanye bafihl’ iintloko bezenza ngathi bangamalungisa. Nokuba asikaze sibe ngamaxhoba, abantu abangendawo basivisa kabuhlungu. Siba namasikizi xa sisiva ngezinto ezimbi abazenzayo. Siye soyike xa sisiva ngokuxhatshazwa kwabantwana, abantu abalupheleyo nabangenakuzenzela nto. Abangendawo abangobantu, banobulwanyana kwaye baqhutywa ziidemon. (Yak. 3:15) Okuvuyisayo kukuba iLizwi LikaThixo lithi ezi ndaba zimbi ziza kuthathelw’ indawo zezimnandi.

5. (a) Abantu abangendawo basenaliphi ithuba? (b) Kuza kwenzeka ntoni ekugqibeleni kubantu abangendawo abangafuni kutshintsha?

5 Uza kwenza ntoni uYehova? Okwangoku uYehova unika abantu abangendawo ithuba lokutshintsha. (Isa. 55:7) Abakagwetywa. Yile nkqubo esele igwetyiwe. Kuza kwenzeka ntoni kwabo bangafuniyo ukuguquka, abaqhubeka bexhasa le nkqubo de kufike imbandezelo enkulu? UYehova uthembisa ukuba uza kubatshabalalisa abantu abangendawo bangaphinde babekho. (Funda iNdumiso 37:10.) Abangendawo basenokucinga ukuba baza kusinda. Kweli hlabathi, abantu abaninzi sele befunde amaqhinga okufihla izinto abazenzayo baze bangaphenduliswa okanye bavune oko bakuhlwayeleyo. (Yobhi 21:7, 9) Kodwa masikhumbule ukuba iBhayibhile ithi: “Amehlo akhe [uThixo] asezindleleni zomntu, yaye onke amanyathelo akhe uyawabona. Akukho bumnyama nathunzi limnyama kwabo baqhelisela okwenzakalisayo ukuba bazifihle khona.” (Yobhi 34:21, 22) Akukho nto sinokuyifihla kuYehova uThixo. Abo bafihl’ iintloko abasoze bamqhathe; akukho thunzi limnyama linokwenza uThixo obona yonke into angakwazi ukubabona. Emva kweArmagedon sisenokubakhangela abangendawo kodwa asisoze sibafumane. Abayi kuphinda babekho!—INdu. 37:12-15.

6. Ngoobani abaza kushiyeka endaweni yabangendawo, ibe kutheni iziindaba ezimnandi ezo?

6 Ngoobani abaza kushiyeka endaweni yabangendawo? UYehova usinika eli themba livuyisayo: “Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.” Le ndumiso iphinda ithi: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.” (INdu. 37:11, 29) Ngoobani “abalulamileyo,” ibe ngoobani wona “amalungisa”? Abalulamileyo ngabo bathobekileyo abamkela ukufundiswa nokukhokelwa nguYehova; aze wona amalungisa ibe ngabo bathanda ukwenza okulungileyo emehlweni kaYehova uThixo. Namhlanje abantu abalungileyo bambalwa kakhulu kunabantu abangendawo. Kodwa kwihlabathi elitsha amalungisa awayi kuba ligcuntswana okanye isininzi, kodwa iya kube ingawo odwa akhoyo. Xa umhlaba uzaliswe ngabantu abanjalo uya kutsho ube yiparadesi!

IMIBUTHO EYONAKELEYO

7. Imibutho eyonakeleyo ibenza bube njani ubomi bethu ngoku?

7 Imibutho eyonakeleyo ibenza bube njani ubomi bethu ngoku? Ububi obuninzi ehlabathini abenziwa ngabantu kodwa benziwa yimibutho. Ngokomzekelo, iicawa ziye zalahlekisa inyambalala yabantu ngokubaxelela ubuxoki ngoThixo, ngokuthi iBhayibhile ayinakuthenjwa, ngokubaxelela ubuxoki ngekamva labo nelomhlaba nangezinye izinto ezininzi. Kuthekani ngoorhulumente abaxhasa iimfazwe nemilo yobuhlanga, abaye bacinezela abasweleyo nabo bangenakuzenzela nto, nabasebenza ngokunyotywa nekhethe? Wona amashishini arhwaphilizayo angcolisa umhlaba nomoya, amfimfitha ubuncwane bendalo de buphele, ibe aqhatha abathengi abangazi nto ukuze atyebise abantu abambalwa ngoxa izigidi zabantu zihlupheka. Akuthandabuzeki ke ngoko ukuba imibutho eyonakeleyo inegalelo elikhulu kubunzima beli hlabathi.

8. IBhayibhile ithi kuza kwenzeka ntoni kwimibutho ekhangeleka ngathi ayisoze iwe ebantwini abaninzi?

8 Uza kwenza ntoni uYehova? Imbandezelo enkulu iza kuqala xa iinkokeli zepolitiki zijikela zonke iicawa ezimelwa lihenyukazi elibizwa ngokuba yiBhabhiloni Enkulu. (ISityhi. 17:1, 2, 16; 18:1-4) Ezo cawa ziya kutshatyalaliswa zithi tu. Kuza kwenzeka ntoni kweminye imibutho eyonakeleyo? IBhayibhile ifanisa imibutho emininzi engathi ayisoze iwe xa abantu beyijongile neentaba neziqithi. (Funda iSityhilelo 6:14.) ILizwi LikaThixo laprofeta lathi oorhulumente nemibutho ethembele ngabo baya kugungqiswa kwiziseko zabo. Imbandezelo enkulu iya kufikelela kwincopho yayo xa kutshatyalaliswa oorhulumente beli hlabathi lidala nabo bonke abaxhasi babo abachasa uBukumkani BukaThixo. (Yer. 25:31-33) Emva koko, akusayi kubakho mibutho yonakeleyo!

9. Kutheni sinokuqiniseka ukuba umhlaba omtsha uya kube unocwangco?

9 Kuya kubakho ntoni endaweni yemibutho eyonakeleyo? Emva kweArmagedon, ngaba kuya kubakho umbutho apha emhlabeni? IBhayibhile ithi: “Silindele amazulu amatsha nomhlaba omtsha, ngokwesithembiso sakhe, apho kumi ubulungisa.” (2 Pet. 3:13) Amazulu nomhlaba omdala, okanye oorhulumente abonakeleyo nabalawulwa babo, baya kube bengekho. Yintoni eza kuthatha indawo yabo? Ibinzana elithi “amazulu amatsha nomhlaba omtsha” lithetha ukuba kuza kubakho urhulumente omtsha oya kulawula abantu abatsha. UBukumkani obuphantsi kukaYesu Kristu buza kusibonisa ukuba uYehova nguThixo wocwangco. (1 Kor. 14:33) Ngoko ‘umhlaba omtsha’ uya kube unocwangco. Kuya kubakho amadoda alungileyo ajonge imicimbi. (INdu. 45:16) Aza kwalathiswa nguKristu nabayi-144 000 abalawula kunye naye. Khawucinge ngokuba kuya kube kunjani xa endaweni yemibutho eyonakeleyo kukho intlangano enye, emanyeneyo nengenakonakaliswa!

IZENZO EZIPHOSAKELEYO

10. Zeziphi izenzo eziphosakeleyo ezigqugqisileyo apho uhlala khona, ibe zinefuthe elinjani kuwe nakwintsapho yakho?

10 Izenzo eziphosakeleyo zibenza bube njani ubomi bethu ngoku? Baninzi abantu abenza izinto eziphosakeleyo. Le nkqubo izaliswe kukuziphatha okubi, ukunganyaniseki nezenzo zobundlobongela ezimanyumnyezi. Abazali bawa bevuka bezama ukukhusela abantwana babo kobo bubi. Ezolonwabo ziya zizihombisa izinto ezimbi zize zihlekise ngemithetho kaYehova engokulungileyo nokubi. (Isa. 5:20) AmaKristu enene ayayilwa le nto. Awagungqiswa bobu bubi benza abantu bangayihloneli imithetho kaYehova.

11. Sifunda ntoni ekutshatyalalisweni kweSodom neGomora nguYehova?

11 Uza kwenza ntoni uYehova ngezenzo eziphosakeleyo? Cinga ngoko wakwenzayo ngobubi obabugqugqise eSodom naseGomora. (Funda eyesi-2 kaPetros 2:6-8.) Indoda elilungisa uLote yayithuthunjiswa bububi obabungqonge yona nentsapho yayo. Xa uYehova wawutshabalalisa wonke loo mmandla, wayengaphelisi ububi nje bodwa. ‘Wayemisela abantu abangenabuthixo umzekelo wezinto eziza kuza.’ UYehova waziphelisa izenzo zokuziphatha okubi, ibe useza kwenza into efanayo xa egweba le nkqubo yezinto.

12. Yeyiphi imisebenzi ofuna ukuyenza xa le nkqubo yezinto indala ingekho?

12 Kuza kubakho ntoni endaweni yezenzo eziphosakeleyo? Kuza kube kukho umsebenzi omninzi osivuyisayo eParadesi. Khawucinge nje ngendlela esiya kuvuya ngayo xa sisenza lo mhlaba ube yiParadesi yaye sisakha izindlu zethu nezezihlobo zethu. Yiba nombono usamkela abantu abavusiweyo uze ubafundise ngeendlela zikaYehova nangendlela abeqhubana ngayo nabantu bakhe. (Isa. 65:21, 22; IZe. 24:15) Siya kube sixakeke ngumsebenzi osivuyisayo nowenza uYehova azukiswe!

IIMEKO EZINGAGINYISI MATHE

13. Ukuvukela kukaSathana, uAdam noEva kuye kwaphumela kweziphi iimeko ezingaginyisi mathe ehlabathini?

13 Iimeko ezingaginyisi mathe zibenza bube njani ubomi bethu ngoku? Abantu abangendawo, imibutho eyonakeleyo nezenzo eziphosakeleyo zenza iimeko zehlabathi zingaginyisi mathe. Ngubani kuthi onokuthi iimfazwe, indlala okanye ubuhlanga abumchaphazeli yena? Ukugula nokufa kona? Zonke ezi zinto ziyasehlela. Yonke le nto ibangelwe kukuvukela uYehova kwabantu abathathu abangendawo—uSathana, uAdam noEva. Akakho kuthi onokububaleka obu bugxwayiba buze nemvukelo.

14. Uza kwenza ntoni uYehova ngeemeko ezingaginyisi mathe? Chaza imizekelo.

14 Uza kwenza ntoni uYehova ngeemeko ezingaginyisi mathe? Makhe sithethe ngeemfazwe. UYehova uthembisa ukuba uza kuziphelisa zingaze ziphinde zibekho. (Funda iNdumiso 46:8, 9.) Ukugula kona? Uza kukutshayela kuthi tu. (Isa. 33:24) Kuthekani ngokufa? UYehova uya kukuginya ngonaphakade! (Isa. 25:8) Uya kubuphelisa ubuhlwempu. (INdu. 72:12-16) Uya kuziphelisa zonke iimeko ezingaginyisi mathe ezenza sitsale nzima namhlanje. Uza kuphelisa ‘nomoya’ ombi weli hlabathi, kuba ekugqibeleni ifuthe elibi likaSathana neleedemon liza kube lingekho.—Efe. 2:2.

Khawube nombono wehlabathi elingenazimfazwe, ukugula nokufa!(Jonga isiqendu 15)

15. Zeziphi ezinye zezinto ezingayi kuphinda zibekho emva kweArmagedon?

15 Ngaba unawo umbono wehlabathi elingenazimfazwe, ukugula nokufa? Khawufane ucinge nje kungekho majoni namkhosi! Akukho zixhobo, akukhunjulwa bantu babulawe yimfazwe. Izibhedlele, oogqirha, iinesi, ii-inshorensi zonyango, iindawo ezigcina izidumbu, abangcwabi namangcwaba zonke azisekho! Ekubeni luza kube lungekho ulwaphulo-mthetho, akuyi kubakho zinkampani zoonogada, iialam namapolisa, mhlawumbi akuyi kubakho nemfuneko yokutshixa nokusebenzisa amaqhaga! Iingqondo neentliziyo zethu ziza kube ziyekile ukujikajikana namaxhala.

16, 17. (a) Baya kufumana siphi isiqabu abo basinde kwiArmagedon? Zekelisa. (b) Yintoni enokukwenza uqiniseke ukuba uya kusinda xa eli hlabathi lidala lidlula?

16 Buya kuba njani ubomi xa zingekho izinto ezisitsalisa nzima? Kunzima ukubuthelekelela. Sesiphile ixesha elide kweli hlabathi ibe ngenxa yeemeko zalo kusenokwenzeka ukuba asisaziqapheli nezinto ezisikhathazayo. Abantu abahlala ngakwisitishi sikaloliwe esiphithizelayo baye bayiqhele ingxolo, nabo bahlala ngakwindawo ekulahlwa kuyo inkunkuma bayaliqhela ivumba elibi. Kodwa ukuba inokungabikho ingxolo nevumba, kungatsho kuthi ham!

17 Kuya kubakho ntoni endaweni yeentlungu nobunzima esibuvayo ngoku? INdumiso 37:11 ithi: “Baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.” Ngaba loo mazwi awayivuyisi intliziyo yakho? Yiloo nto uYehova afuna uyifumane. Ngoko, yenza konke okusemandleni akho ukuze unamathele kuYehova uThixo nakwintlangano yakhe ngale mihla yokugqibela inzima! Lixabise ithemba onalo, hlala ucinga ngalo, lenze lithi thaa engqondweni nasentliziyweni yakho uze uxelele nabanye abantu ngalo! (1 Tim. 4:15, 16; 1 Pet. 3:15) Xa usenza loo nto unokuqiniseka ukuba awuyi kudlula neli hlabathi ligwetyiweyo. Kunoko, uya kuphila ngonaphakade wonwabile!

^ isiqe. 1 Esi siqendu sithetha ngento eyayiqhele ukwenziwa kudala kwiintolongo zaseMerika.