Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Funani Ubutyebi Benene

Funani Ubutyebi Benene

“Zenzeleni abahlobo ngobutyebi obungebobabulungisa.”​—LUKA 16:9.

IINGOMA: 32, 154

1, 2. Kutheni kuya kuhlala kukho amahlwempu kule nkqubo yezinto?

KWINKQUBO yoqoqosho yanamhlanje kuyaxhwithwana kwaye akulinganwa. Ulutsha lubhuqa imisebenzi lude luyincame. Oluninzi lude lubeke ubomi balo engozini lubalekela kumazwe afumileyo. Amahlwempu akho kuyo yonke indawo, nkqu nakumazwe atyebileyo. Izityebi ziya zityeba ngoxa amahlwempu esiya ehlwempuzeka. Kutshanje, kuqikelelwa ukuba abantu abayiphesenti enye abazizityebi banobutyebi obulingana nobabantu bonke emhlabeni. Nangona kunzima ukuyingqina loo nto, izicacele kodwa eyokuba kukho abantu ababalwa kwiibhiliyoni abangamahlwempu, ngoxa abanye bebolile yimali. UYesu wayibeka ngolu hlobo lento: “Amahlwempu nisoloko nikunye nawo.” (Marko 14:7) Kutheni abantu bengalingani nje?

2 UYesu wayeqonda ukuba le nkqubo yoqoqosho ikhoyo yayingayi kutshintsha de bufike uBukumkani BukaThixo. Kaloku le nkqubo inyolukileyo yoqoqosho, emelwa ‘ngabarhwebi’ kwiSityhilelo 18:3, xa idibene neyepolitiki neyonqulo, zakha ihlabathi likaSathana. Abanye abantu bakaThixo abanandlela yokuzahlula ngokupheleleyo kuqoqosho lwehlabathi likaSathana njengokuba besenza kwipolitiki nakunqulo lobuxoki.

3. Yiyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?

3 Kungakuhle thina maKristu ukuba sihlole indlela esiyijonga ngayo le nkqubo yoqoqosho ngokuzibuza le mibuzo: ‘Izinto endinazo ndingazisebenzisa njani ukuze ndibonise ukuba ndithembekile kuThixo? Ndingenza njani ukuze ndingade nditshone ndiphelele kuqoqosho? Ngawaphi amava abonisa ukuba abantu bakaThixo bamthemba ngokupheleleyo kule meko inzima?’

UMZEKELISO WEGOSA ELINGENABULUNGISA

4, 5. (a) Yiyiphi imeko elazibhaqa likuyo igosa lomzekeliso kaYesu? (b) UYesu wababongoza ukuba benze ntoni abalandeli bakhe?

4 Funda uLuka 16:1-9. Umzekeliso kaYesu wegosa elalingenabulungisa usenza sicinge. Emva kokumangalelwa ngokuba nenkcitho, eli gosa lenza “ngobulumko bobuqili,” okanye lasebenzisa ingqondo, ngokuthi ‘lenze abahlobo’ abaza kulinceda xa liyekisiwe ukuba ligosa. * Apha uYesu wayengakhuthazi abafundi bakhe ukuba benze izinto ezingalunganga ukuze baziphilise kweli hlabathi. Kaloku wathi abantu abenza loo nto ‘ngoonyana bale nkqubo,’ kodwa lo mzekeliso wawusebenzisa ukuze asifundise okuthile.

5 UYesu wayesazi ukuba njengeli gosa elazifumana lisenkathazweni, abalandeli bakhe abaninzi kwakuza kufuneka baziphilise kweli hlabathi lizele ziingcuka. Ngoko ubabongoza esithi: “Zenzeleni abahlobo ngobutyebi obungebobabulungisa, khon’ ukuze, xa obo busilela, [uYehova noYesu] banamkelele kwiindawo zokuhlala ezingunaphakade.” Yintoni esiyifundayo kweli cebiso likaYesu?

6. Sazi njani ukuba yayingeyonjongo kaThixo ukuba kubekho uqoqosho?

6 Nangona uYesu engasichazeli ukuba kutheni esithi ubutyebi ‘ayibobabulungisa,’ iBhayibhile iyibeka icace into yokuba yayingeyonjongo kaThixo ukuba kubekho uqoqosho. UYehova wanika uAdam noEva intabalala yezinto e-Eden. (Gen. 2:15, 16) Kamva, xa umoya oyingcwele wasebenza kwibandla labathanjiswa lenkulungwane yokuqala, “kwakungekho namnye owayengathi yeyakhe nayiphi na kwizinto awayenazo; kodwa babenazo zonke izinto ngokufanayo.” (IZe. 4:32) Umprofeti uIsaya wathi kuza ixesha apho abantu beya kuzifumana simahla izinto eziveliswa ngumhlaba. (Isa. 25:6-9; 65:21, 22) Kodwa okwangoku, abalandeli bakaYesu kuza kufuneka basebenzise ‘ubulumko bobuqili’ ukuze baziphilise “ngobutyebi obungebobabulungisa” beli hlabathi ngoxa besebenzela ekukholiseni uThixo.

BUSEBENZISE KAKUHLE UBUTYEBI OBUNGEBOBABULUNGISA

7. Liliphi icebiso elifumaneka kuLuka 16:10-13?

7 Funda uLuka 16:10-13. Igosa elikumzekeliso kaYesu lazenzela abahlobo ukuze kulungelwe lona. Kodwa ke uYesu wabongoza abalandeli bakhe ukuba bazenzele abahlobo ezulwini ngenjongo yokuba kungalungelwa bona bodwa. Iivesi ezilandela lo mzekeliso zinxibelelanisa ‘ubutyebi obungebobabulungisa’ nokuthembeka kuThixo. Ingongoma kaYesu yayikukuba sinako ‘ukuzingqina sithembekile’ ngobo butyebi, okanye sibulawule, sakuba sibufumene. Njani?

8, 9. Zekelisa ngendlela abanye abazalwana ababusebenzisa ngokuthembeka ngayo ubutyebi obungebobabulungisa.

8 Indlela ezicaceleyo yokuzingqina sithembekile ngezinto esinazo kukunikela ngemali kumsebenzi wokushumayela awaprofeta ngawo uYesu. (Mat. 24:14) Enye intwazana yaseIndiya yayinebhokisi encinane yemali eyayiman’ ukugalela kuyo, yayide incame nezinto zokudlala ngenxa yaloo nto. Yathi yakuzala loo bhokisi, yanikisa ngaloo mali ukuze isetyenziswe kumsebenzi wokushumayela. Omnye umzalwana waseIndiya onefama yeekokonati unikela ngazo kwiofisi yokuguqulela kwisiMalayalam, esithi ekubeni le ofisi idla ngokuzithenga iikokonati, xa enikela ngazo kuyo, loo nto iya kunceda ngakumbi kunaxa enikela ngemali. Bubulumko bobuqili ke obo. Nabazalwana baseGrisi banikela ngamafutha omnquma, ngetshizi nangokunye ukutya kwintsapho yaseBheteli.

9 Omnye umzalwana waseSri Lanka, ngoku ohlala kwelinye ilizwe, unikele ngendawo yakhe kwilizwe asuka kulo ukuze kuqhutywe iintlanganiso neendibano kwaye kuhlale nabazalwana abakwinkonzo yexesha elizeleyo. Lo mzalwana uncama imali eninzi ngokwenza le nto, kodwa abavakalisi basekuhlaleni abangathathi ntweni ubanceda kakhulu. Kumazwe apho umsebenzi ubekelwe imiqathango, abazalwana bavula amakhaya abo ukuze abe ziiHolo ZoBukumkani, ibe loo nto yenza ukuba oovulindlela abaninzi nabanye abavakalisi abangathathi ntweni babe nendawo yokuhlanganisana bengenaxhala lamali.

10. Sisikelelwa njani xa sizivula izandla zethu?

10 Le mizekelo ibonisa indlela abantu bakaThixo ‘abathembeke ngayo kokuncinane,’ ngamany’ amazwi, ekusebenziseni ubutyebi babo, obungaphantsi kobukaThixo ngexabiso. (Luka 16:10) Aba bahlobo bakaYehova baziva njani ngokuzincama ngolo hlobo? Bayaqonda ukuba xa bezivula izandla zabo baya kufumana ubutyebi ‘obuyinyaniso,’ okanye benene. (Luka 16:11) Omnye udade osoloko enikela kumsebenzi woBukumkani uthi xa echaza iintsikelelo aye wazifumana: “Ukuvula kwam isandla kuvele kwanento nje okuyenzayo apha kum kule minyaka idluleyo. Ndifumanise ukuba okukhona ndisipha, kokukhona ndisiba nezinwe nakwezinye izinto. Ngoku ndixolela lula, ndinomonde kwaye ndiyayamkela imeko xa ndiphoxekile ibe ndiyamamela naxa ndilulekwa.” Baninzi abaye bafumanisa ukuba ukuvula isandla kukusondeza ngakumbi kuYehova.​—INdu. 112:5; IMize. 22:9.

11. (a) Sibonisa njani ukuba ‘sinobulumko bobuqili’ xa sivula izandla zethu? (b) Imali yenziwa ilingane njani kubantu bakaThixo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

11 Ukusebenzisa izinto esinazo ukuze kwenziwe umsebenzi woBukumkani kubonisa ukuba ‘sinobulumko bobuqili’ nangenye indlela. Kaloku sisebenzisa iimeko zethu ukuze sincede abanye abantu. Abazalwana abanezinto kweli hlabathi kodwa bengakwazi ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo okanye ukufudukela kwelinye ilizwe baye bavuye nabo xa besazi ukuba imali abanikela ngayo ixhasa umsebenzi owenziwa ngabanye abazalwana. (IMize. 19:17) Iminikelo yokuzithandela inceda ekuveliseni iincwadi neemagazini, nakumsebenzi wokushumayela owenziwa kwiindawo ekungathathwa ntweni kuzo kodwa ezinolwando olwaphul’ izikeyi. Kumazwe anjengeCongo, iMadagascar neRwanda, kangangeminyaka abazalwana bekudla ngokufuneka bakhethe ukuba imali abanayo baza kuyisebenzisa ukuthenga ukutya kwentsapho okanye ukuthenga iBhayibhile, ngamany’ amaxesha ebiza imali elingana nomvuzo weveki okanye wenyanga. Ngoku, ngenxa yeminikelo yabaninzi nangenxa ‘yokulinganiswa’ kwemali, intlangano kaYehova iye yaxhasa ngemali umsebenzi wokuguqulela nowokuba iBhayibhile ifunyanwe lilungu lentsapho ngalinye nangabantu abanxanelwe ukwazi iBhayibhile. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 8:13-15.) Ngenxa yoko, abo baphayo kunye nabo baphiwayo basondela nangakumbi kuYehova.

UNGANGENI ZWABHA “KUMASHISHINI EZORHWEBO”

12. UAbraham wabonisa njani ukuba uthembele ngoThixo?

12 Enye indlela yokuba sisondele kuYehova kukuba singangeni zwabha kwezorhwebo zeli hlabathi kwaye sisebenzise iimeko zethu ukufuna ubutyebi benene. UAbraham, indoda eyayinokholo yamandulo, wathobela waza washiya iUre eyayichumile wayokuhlala ezintenteni ukuze asondele ngakumbi kuYehova. (Heb. 11:8-10) Wayesoloko ejonge kuThixo ukuba amnike obona butyebi benene, engazange afune ukuba nezinto, nto leyo eyayinokumntama ukuba akamthembanga ncam uYehova. (Gen. 14:22, 23) UYesu wakhuthaza olu hlobo lokholo, exelela omnye umfana osisityebi oku: “Ukuba ufuna ukugqibelela, hamba uye kuthengisa impahla yakho uze unike amahlwempu yaye uya kuba nobuncwane ezulwini, uze ube ngumlandeli wam.” (Mat. 19:21) Lo mfana wayengenakholo njengoAbraham, kodwa bakho abantu abaye bamthemba ngokupheleleyo uThixo.

13. (a) UPawulos wambongoza wathini uTimoti? (b) Sinokulisebenzisa njani namhlanje icebiso likaPawulos?

13 UTimoti wayenokholo. Emva kokuba uPawulos echaze uTimoti “njengejoni elihle likaKristu,” wathi: “Akukho joni lizibandakanya kumashishini ezorhwebo, ukuze likholise umphathi walo.” (2 Tim. 2:3, 4) Namhlanje abalandeli bakaYesu, abaquka umkhosi wamajoni angaphezu kwesigidi akwinkonzo yexesha elizeleyo, alisebenzisa kangangoko anako eli cebiso likaPawulos. Awaphoswa ngapha nangapha zizibhengezo zentengiso nalihlabathi eliwangqongileyo, kuba akhumbula amazwi athi: “Obolekayo ngumkhonzi kumntu obolekisayo.” (IMize. 22:7) Ayikho into enqwenelwa nguSathana njengokusibona sichitha lonke ixesha namandla ethu sikhotyhokiswa ngabarhwebi. Ezinye izigqibo esizenzayo zinokusenza amakhoboka abarhwebi kangangeminyaka. Ukuboleka imali eninzi yokuthenga umzi, eyokubhatalela imfundo, eyokuthenga imoto ebizayo, nkqu nemitshato emikhulu, zinokukwenza utshone ematyaleni. Sisebenzisa ubulumko bobuqili xa sizama ukuphila ngezinto ezimbalwa naxa sinciphisa amatyala neendleko esizenzayo, ukuze sikwazi ukuba ngamakhoboka kaThixo kunawale nkqubo yoqoqosho.​—1 Tim. 6:10.

14. Yintoni ekufuneka sizimisele ukuyenza? Zekelisa.

14 Ukuze siphile ngezinto ezimbalwa kufuneka sizazi izinto eziza kuqala. Enye indoda nenkosikazi yayo babeneshishini elaliqhuba kakuhle kwezemveliso. Kodwa ngenxa yokuba babenqwenela ukubuyela kwinkonzo yexesha elizeleyo, balithengisa, bathengisa iphenyana labo, nezinye izinto ababenazo. Emva koko baba ngamatshantliziyo, bencedisa ekwakheni ikomkhulu eliseWarwick, eNew York. Enye into abasikelelwa ngayo ekhethekileyo yayikukukhonza eBheteli nentombi yabo kunye nomkhwenyana wabo, ibe kangangeeveki ezimbalwa, babekhonza kunye nabakhozi babo, nabo ababencedisa kumsebenzi waseWarwick. Omnye udade onguvulindlela eColorado, eMerika, yena wafumana isingxungxo kwibhanki ethile. Abasebenzi bawuthanda kakhulu umsebenzi wakhe kangangokuba bafuna ukuba aqeshwe ixesha elizeleyo ibe umvuzo wakhe wawuza kuphindaphindwa kathathu. Kodwa ngenxa yokuba lo msebenzi unemali wawuza kumphazamisa entsimini, akazange awamkele. Baninzi nabanye abakhonzi bakaYehova abaye bancama izinto. Ukuzimisela ngolo hlobo ukuba uBukumkani bube yinto yokuqala kubonisa ukuba sijonga uThixo nobutyebi bakhe njengobaluleke ngaphezulu lee kunezinto esinokuzinikwa luqoqosho lwale mihla.

XA UBUTYEBI BUSILELA

15. Bubuphi ubutyebi obanelisa ngakumbi?

15 Ukuba nezinto akuthethi kuthi usikelelwe nguThixo. UYehova usikelela abantu ‘abatyebe emisebenzini emihle.’ (Funda eyoku-1 kuTimoti 6:17-19.) Ngokomzekelo, xa uLucia * wafumanisa ukuba kufuneka abantu bokuncedisa ekushumayeleni eAlbania, ngo-1993 wafuduka eItali esiya apho, engenandlela yokuzixhasa, ethembele ngoYehova kuphela. Walwazi ulwimi lwaseAlbania ibe uncede abantu abangaphezu kwe-60 bada bazahlulela. Ngoxa abaninzi kubantu bakaThixo benganayo intsimi enemveliso ngolo hlobo, nantoni na esiyenzayo ukuze sincede abantu bafumane baze baqhubeke bekwindlela esa ebomini ixabisekile kuthi nakubo, ibe iya kuhlala injalo loo nto ngonaphakade.​—Mat. 6:20.

16. (a) Yintoni eza kwenzeka kuqoqosho lwale mihla? (b) Ekubeni sisazi ukuba kuza kwenzeka ntoni, sifanele sibujonge njani ke ubutyebi?

16 UYesu wathi: “Xa obo [butyebi bungebobabulungisa] busilela,” akazange athi ‘ukuba bunokusilela.’ (Luka 16:9) Ukuwa kweebhanki noqoqosho okuye kwenzeka kule mihla yokugqibela kuya kufana nethontsi emlanjeni xa kuthelekiswa noko kuza kwenzeka ehlabathini kungekudala. Yonke inkqubo kaSathana​—ipolitiki, unqulo nabarhwebi​—iza kuwa bhu phantsi. Umprofeti uHezekile nomprofeti uZefaniya baprofeta bathi igolide nesilivere, oondoqo kuqoqosho lwehlabathi kangangamakhulu eminyaka, ziza kuphelelwa lixabiso. (Hez. 7:19; Zef. 1:18) Besinokuziva njani ukuba xa sele sisondele esiphelweni sobomi bethu kweli hlabathi besinokufumanisa ukuba sincame ubutyebi benene kuba sifuna ukuzifumbela oovimba abakhulu ‘bobutyebi obungebobabulungisa’ beli hlabathi? Kaloku besiya kufana nomntu osebenze ubomi bakhe bonke egalela kwingxowa yemali, suke afumanise ukuba yeyomgunyathi loo mali. (IMize. 18:11) Kunjalo bazalwana, obu butyebi buza kusilela okanye buphelelwe ekugqibeleni, ngoko sukuliyeka ithuba lokubusebenzisa ukuze ‘uzenzele abahlobo’ ezulwini. Nantoni na esiyenzayo ukuze sixhase uBukumkani BukaThixo isenza sibe zizityebi emehlweni akhe.

17, 18. Yintoni abaza kuyifumana abantu abasondele kuThixo?

17 Xa uBukumkani BukaThixo bufika, akukho mntu uza kurenta noza kubhatala indlu, asiyi kukhupha nesent’ emdaka ukuze sifumane ukutya kwaye kuza kuba kuninzi, akuyi kufuneka ubhatalele oogqirha namayeza. Intsapho esemhlabeni kaYehova iza kuxhamla kwimveliso yomhlaba. Igolide, isilivere namanye amatye anqabileyo aya kuba zizinto zokuhomba, kungekhona ezokutyala imali okanye ukufunjwa. Amaplanga namatye okwakha odidi kunye neentsimbi ziya kufunyanwa simahla ngumntu wonke ukuze azakhele ikhaya lakhe elihle. Abahlobo baya kuncedana bengagxeleshanga mali, kodwa kuba befuna ukwaneliseka. Inkqubo entsha yokwabelana ngemveliso yomhlaba iza kube iyindlela yokuphila.

18 Le iseyintwana nje yelifa elikhulu eliza kufunyanwa ngabantu abazenzela abahlobo ezulwini. Uvuyo lwabanquli bakaYehova abasemhlabeni aluyi kuphela xa besiva amazwi kaYesu athi: “Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, budleni ilifa ubukumkani obalungiselelwa nina ukususela ekusekweni kwehlabathi.”​—Mat. 25:34.

^ isiqe. 4 UYesu akatsho nokuba sasiyinyaniso na eso sityholo. Ekubeni kuLuka 16:1 kusetyenziswe igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “lamangalelwa,” kusenokwenzeka kukho umntu owayethethe ubuxoki ngalo. Kodwa ke uYesu ubalisa ngento elayenzayo lakumangalelwa kunokuba ahlale kwizizathu zokuba ligxothwe.

^ isiqe. 15 Ibali lobomi bukaLucia Moussanett likuVukani! kaJulayi 8, 2003, iphe. 28-32.