IMBONISELO—EFUNDWAYO Juni 2017

Le magazini inamanqaku aza kufundwa ngoJulayi 31 ukuya kuAgasti 27, 2017.

Ngaba Usakhumbula?

Ngaba uye wazifunda kakuhle iiMboniselo zakutshanje? Khawubone ukuba ungaphendula imibuzo emingaphi.

UYehova Uyasithuthuzela Kuzo Zonke Iimbandezelo Zethu

Ziziphi ezinye iingxaki amaKristu anokuba nazo emtshatweni nasentsatsheni? Yaye ukuba unezi ngxaki, unokuthuthuzelwa njani nguThixo?

Intliziyo Yakho Mayibe Kubuncwane Obufumene KuThixo

Bubuphi ubuncwane esifanele sibuxabise, ibe sinokubuxabisa njani?

Sukubajonga Ezibhatyini Abantu

Kwenzeka ntoni xa elinye iNgqina LikaYehova lashumayela kumntu omdaka nonezothe owayehlala esitratweni?

Ngaba Uza Kulungisa Ingxabano Uze Ufune Uxolo?

Abantu balufuna ngeyona ndlela uxolo. Kodwa ke, kwabaninzi iphela yonke loo nto xa bevakalelwa kukuba isikhundla sabo siyadelelwa okanye ababonakali. Wena, ungenza njani ukuze ungafani nabo?

“Makubongwe Nokuba Nengqiqo Kwakho”

La mazwi athethwa nguDavide encoma uAbhigali. Yintoni eyamenza wamncoma, kwaye yintoni esinokuyifunda kuye?

Ungayilibali Eyona Mbambano Ibalulekileyo

Yintoni le mbambano enkulu ekufuneka bakhethe icala kuyo bonke abantu? Kutheni kubalulekile ukuba uyazi?

Xhasa Indlela KaYehova Yokulawula!

Kwenza wuphi umahluko ebomini bakho ukwamkela into yokuba nguYehova onelungelo lokulawula indalo yonke?

Ngaba Ubusazi?

Kwakutheni ukuze uYesu athi abantu ababethengisa izilwanyana etempileni ‘ngabaphangi’?