Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intliziyo Yakho Mayibe Kubuncwane Obufumene KuThixo

Intliziyo Yakho Mayibe Kubuncwane Obufumene KuThixo

“Apho bukhoyo ubuncwane benu, ziya kuba lapho neentliziyo zenu.”​—LUKA 12:34.

IINGOMA: 153, 104

1, 2. (a) Ziziphi izinto ezintathu ezixabisekileyo esiziphiwe nguYehova? (b) Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

UYEHOVA ungoyena Mntu usisityebi kwindalo yonke. (1 Kron. 29:11, 12) Ekubeni enguBawo onezinwe, akabavimbi abantu ababonayo ukuba zibalulekile izinto eziqinisa ukholo. Simbulela kakhulu uYehova kuba esivave ngobuncwane, obuquka (1) uBukumkani bakhe, (2) umsebenzi wokushumayela osindisa abantu, kunye (3) neemfundiso ezixabisekileyo esizifumana kwiLizwi lakhe! Kodwa ke, ukuba asilumkanga, singazibona sele singabuxabisanga obu buncwane, size sibulahle. Ukuze siqiniseke ukuba siyabugcina, simele sibusebenzise kakuhle kwaye siye sibuthanda nangakumbi. UYesu wathi: “Apho bukhoyo ubuncwane benu, ziya kuba lapho neentliziyo zenu.”—Luka 12:34.

2 Makhe sithethe ngezinto esinokuzenza ukuze sithande yaye sixabise uBukumkani, intsimi, nemfundiso yeBhayibhile, kwaye singayeki. Xa sixubusha ezi zinto, camngca ngento onokuyenza wena ukuze ubuthande nangakumbi obu buncwane ubufumene kuThixo.

UBUKUMKANI BUKATHIXO BUFANA NEPERILE YEXABISO

3. Yintoni awayekulungele ukuyenza umrhwebi okumzekeliso kaYesu ukuze afumane iperile yexabiso? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

3 Funda uMateyu 13:45, 46. UYesu wenza umzekeliso womrhwebi owayekhangela iiperile. Akuthandabuzeki ukuba lo mrhwebi wayesele eneminyaka ethenga yaye ethengisa iiperile. Kodwa ngoku wayefumene iperile awayesithi akuyijonga, ancume yedwa. Kodwa ke kwakuza kufuneka athengise kwanto anayo ukuze ayithenge. Ngaba uyayibona indlela eyayixabiseke ngayo le perile kuye?

4. Yintoni esiya kuyenza ukuba uBukumkani BukaThixo sibuthanda ngendlela umrhwebi awayeyithanda ngayo iperile?

4 Sifunda ntoni thina? Imfundiso engoBukumkani BukaThixo ifana twatse naloo perile yexabiso. Ukuba siyithanda ngendlela umrhwebi awayeyithanda ngayo loo perile, siya kukwazi ukuncama zonke izinto ukuze sibe phantsi koBukumkani. (Funda uMarko 10:28-30.) Masenze umzekelo ngabantu ababini abayenzayo loo nto.

5. UZakeyu wabonisa njani ukuba wayezimisele ukufumana uBukumkani BukaThixo?

5 UZakeyu wayengumphathi wabaqokeleli berhafu, esisityebi ngenxa yemali ayifumene ngondlela-mnyama. (Luka 19:1-9) Kodwa xa eli sela leva uYesu eshumayela ngoBukumkani, laqonda ukuba le laliyiva yayizigqwesa zonke izinto laza lathatha amanyathelo ngoko nangoko. Lathi: “Khangela! Isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinikela kumahlwempu, yaye nakuphi na endikuphange kuye nabani na ngesimangalo sobuxoki ndikubuyisela ngokuphindwe kane.” Lakuvuyela ukuncama bonke obo butyebi lalibufumene ngondlela-mnyama laza layeka ukuleqeka emva kobutyebi.

6. Ziintoni awazitshintshayo uRose ukuze abe phantsi koBukumkani BukaThixo, yaye ngoba?

6 Kwiminyaka ethile eyadlulayo, xa usisi esiza kumbiza ngokuba nguRose washunyayezwayo, wayethandana nelinye ibhinqa. Wayengumongameli wombutho olwela amalungelo amafanasini. Kodwa wathi akuqhubeka efunda iBhayibhile, wabona ukuba imfundiso yoBukumkani ixabiseke ngaphezu kwayo yonke into. Kodwa waqonda ukuba kuza kufuneka abutshintshe kakhulu ubomi bakhe. (1 Kor. 6:9, 10) Intliziyo yakhe yamenza warhoxa kwisikhundla sakhe waza wohlukana nebhinqa awayethandana nalo. URose wabhaptizwa ngo-2009, ibe kunyaka olandelayo waqalisa ukuba nguvulindlela othe ngxi. Wayethanda uYehova noBukumkani bakhe ngaphezu kwayo nayiphi na inkanuko yenyama awayenayo.—Marko 12:29, 30.

7. Sinokwenza njani ukuze sihlale sibuthanda ngeentliziyo ezipheleleyo uBukumkani BukaThixo?

7 Ewe kona, abaninzi kuthi baye batshintsha ubomi babo ukuze bafaneleke ukuba phantsi koBukumkani BukaThixo. (Roma 12:2) Kodwa ke asikaphumi ehlathini. Kusafuneka sizilumkele izinto ezifuna ukusithimba iingqondo, ezinjengokufuna ukuba nezinto nazo naziphi na iinkanuko ezingafanelekanga zesondo. (IMize. 4:23; Mat. 5:27-29) Ukuze asincede sibuthande ngeentliziyo ezipheleleyo uBukumkani BukaThixo, uYehova usinike obunye ubuncwane obuxabisekileyo.

UMSEBENZI WOKUSHUMAYELA OSINDISA ABANTU

8. (a) Kwakutheni ukuze umpostile uPawulos athi intsimi ‘bubuncwane esibuphethe ngezitya zodongwe’? (b) UPawulos wabonisa njani ukuba wayeyixabisa intsimi?

8 Khumbula ukuba uYesu usinike isabelo sokushumayela nokufundisa abantu ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani BukaThixo. (Mat. 28:19, 20) Umpostile uPawulos wabona ukuba intsimi yinto exabisekileyo. Wathi ubulungiseleli bomnqophiso omtsha ‘bubuncwane obukwizitya zodongwe.’ (2 Kor. 4:7; 1 Tim. 1:12) Nangona sizizitya zodongwe ezineziphako, umyalezo esiwushumayelayo uza kwenza ukuba, thina kunye nabantu abasimamelayo, sifumane ubomi obungenasiphelo. Wayeqonda loo nto uPawulos ukuze athi: “Ndenza zonke izinto ngenxa yeendaba ezilungileyo, ukuze ndabelane nabanye ngazo.” (1 Kor. 9:23) Ngenxa yokuba eyithanda intsimi, wakukhuthalela ukwenza abafundi. (Funda eyabaseRoma 1:14, 15; neyesi-2 kuTimoti 4:2.) Loo nto yamnceda wanyamezela inkcaso. (1 Tes. 2:2) Thina, singenza njani ukuze siyithande ngolu hlobo intsimi?

9. Ziziphi ezinye iindlela esinokubonisa ngazo ukuba siyayixabisa intsimi?

9 Enye indlela uPawulos awabonisa ngayo ukuba uyayixabisa intsimi yayikukuwatsibela amathuba avelayo okushumayela ebantwini. Nathi sishumayela ngokungacwangciswanga, kwiindawo zikawonke-wonke nakwindlu ngendlu, njengabapostile namanye amaKristu okuqala. (IZe. 5:42; 20:20) Sikhangela iindlela zokuyandisa inkonzo yethu xa iimeko zisivumela, mhlawumbi sibe ngoovulindlela abangabancedani okanye abathe ngxi. Sinokufunda olunye ulwimi, sifudukele kwenye indawo elizweni lethu okanye kwelinye ilizwe.—IZe. 16:9, 10.

10. UIrene usikelelwe njani ngenxa yokuzimisela entsimini?

10 Masenze umzekelo ngoIrene, udade ongatshatanga oseMerika. Wayefuna nyhani ukushumayela kubantu abathetha isiRashiya abafudukele eMerika. Ekuqaleni kwakhe ngo-1993, kwakukho abavakalisi abamalunga ne-20 kuphela kwiqela lesiRashiya elalikwiSixeko SaseNew York. Kangangeminyaka emalunga ne-20, uIrene ebezijula nofele kwintsimi yolu lwimi. Uthi: “Andikakwazi nangoku ukusithetha kakuhle isiRashiya.” Kodwa uYehova uwusikelele umzamo wakhe nowabanye abanjengaye. Namhlanje kukho amabandla esiRashiya amathandathu kwiSixeko SaseNew York. Abantu abayi-15 kwabo babefundelwa nguIrene baye babhaptizwa. Abanye babo bakhonza eBheteli, ngoovulindlela abanye ngabadala. UIrene uthi, “Xa ndicinga ngezinye izinto engendizileqile, andiqondi ukuba ikho ebiya kundivuyisa njengale.” Uyijonga njengento exabisekileyo intsimi!

Ngaba ujonga intsimi njengobuncwane, kwaye loo nto ibonakala kucwangciso lwakho lweveki? (Jonga isiqendu 11, 12)

11. Ukuqhubeka kwethu sishumayela naxa sitshutshiswa kuba nayiphi imiphumo emihle?

11 Ukuba nathi siyayixabisa intsimi, siya kufana nompostile uPawulos, siqhubeke sishumayela naxa sitshutshiswa. (IZe. 14:19-22) Ngeminyaka yoo-1930 nasebutsheni beyoo-1940, abazalwana bethu eMerika babechaswa kakhulu. Kodwa njengoPawulos, abazange boyike ngokoyikiswa ibe baqhubeka nomsebenzi wokushumayela. Ukuze balwele ilungelo lethu lokushumayela, abazalwana baya ezinkundleni. Ngo-1943, xa uMzalwan’ uNathan H. Knorr wayethetha ngetyala ababeliphumelele kwiNkundla Ephakamileyo YaseMerika, wathi: “Siphumelele nje kungenxa yomlo wenu. Ukuba abavakalisi bebengaqhubekanga beshumayela, ebengayi kubakho amatyala kwiNkundla Ephakamileyo; kodwa ngenxa yenu, bavakalisi, abazalwana ehlabathini jikelele bayaqhubeka ibe abayi kunikezela de yoyiswe le ntshutshiso. Luloyiso lwabantu beNkosi abangagungqiyo olwenza ukuba ekugqibeleni kufikelelwe kwesi sigqibo.” Nabazalwana abakwamanye amazwe benza okufanayo baza nabo baphumelela. Xa siyithanda intsimi, intshutshiso sinokuyilalisa ngophothe.

12. Uzimisele ukwenza ntoni ngentsimi?

12 Xa sijonga intsimi njengobuncwane obuxabisekileyo obuvela kuYehova, asiyi “kubala iiyure” nje kuphela. Kunoko, siya kwenza konke okusemandleni ethu “ukunikela ubungqina obucokisekileyo kwiindaba ezilungileyo.” (IZe. 20:24; 2 Tim. 4:5) Kodwa ke siza kubafundisa ntoni abantu? Nabu obunye ubuncwane esibuphiwe nguThixo.

UVIMBA WOBUNCWANE OZALISWE YIMFUNDISO YEBHAYIBHILE

13, 14. Yintoni “ingqwebo yobuncwane” uYesu awathetha ngayo kuMateyu 13:52, kwaye siyizalisa njani?

13 Into yesithathu ebubuncwane esibufumene kuThixo nguvimba esinaye weemfundiso zeBhayibhile. UYehova nguThixo wenyaniso. (2 Sam. 7:28; INdu. 31:5) NjengoBawo onezinwe, uyabafundisa abantu abamoyikayo. Ukususela ngokuya sasiqala ukuva inyaniso, siye sanethuba lokuqokelela iimfundiso ezivela kwiLizwi LikaThixo, iBhayibhile, kwiincwadi, kwiimagazini, kwiindibano nakwiintlanganiso zebandla. Ngokuhamba kwexesha, side saba nento uYesu awayibiza ngokuba ‘yingqwebo yobuncwane’ yeemfundiso ezindala nezintsha. (Funda uMateyu 13:52.) Ukuba siyazikhangela ezi mfundiso ngokungathi sikhangela ubuncwane obufihliweyo, uYehova uya kusinceda sifumane iimfundiso ezintsha ezixabisekileyo size sizifake “kwingqwebo yobuncwane.” (Funda iMizekeliso 2:4-7.) Singayenza njani loo nto?

14 Simele siziqhelise ukufunda nokuphanda kwiLizwi LikaThixo nakwiincwadi neemagazini zethu. Le nto iya kusinceda sibhaqe iimfundiso ekusenokwenzeka ukuba “zintsha,” ngamany’ amazwi izinto esiqala ukuziva. (Yosh. 1:8, 9; INdu. 1:2, 3) IMboniselo yokuqala ngqa, eyapapashwa ngoJulayi 1879, yathi: “Inyaniso iyafana nentyatyambo encinane ekhula endle, ijikelezwe yaye iminxwe lukhula olushinyeneyo. Ukuze uyifumane, kufuneka uhlale uthe qwa. . . . Ukuze uyikhe kufuneka ugobe. Sukwanela yintyatyambo yenyaniso enye kuphela. . . . Qhubeka uqokelela, ukhangele nezinye.” Masizalise ingqwebo yethu yobuncwane ngeemfundiso ezivela kuThixo.

15. Kutheni sinokuthi ezinye iimfundiso “zindala,” ibe ziziphi ozixabisa ngokukhethekileyo kuzo?

15 Ukungena kwethu enyanisweni safunda iimfundiso ezinexabiso elingenakulinganiswa nanto. Ezo mfundiso sinokuthi “zindala” ngoku, kuba oko saba ngamaKristu besizazi kwaye sizixabisa. Ziziphi ezinye zazo? Kaloku safunda ukuba uYehova nguMdali noMniki-bomi nokuba unenjongo ngabantu. Safunda nokuba uThixo ulungiselele ukuba uNyana wakhe abe yintlawulelo ukuze sikhululwe esonweni nasekufeni. Saphinda safunda nokuba uBukumkani buya kuphelisa zonke izinto ezibuhlungu nokuba sinako ukuphila ngonaphakade sonwabile kwaye siseluxolweni phantsi kolawulo loBukumkani.—Yoh. 3:16; ISityhi. 4:11; 21:3, 4.

16. Yintoni ekufuneka siyenze xa itshintshwa indlela esiyiqonda ngayo imfundiso ethile?

16 Ngokuhamba kwexesha, isenokutshintshwa indlela esiziqonda ngayo iziprofeto zeBhayibhile okanye isicatshulwa esithile esiseBhayibhileni. Xa sichazelwa ngolo tshintsho, simele siziphe ixesha lokuyifunda ngocoselelo loo nkcazelo size sicamngce ngayo. (IZe. 17:11; 1 Tim. 4:15) Asifuni kuphelela nje ekuqondeni loo nto itshintshwayo, kodwa sifuna ukuqonda nomahluko omncinci okhoyo phakathi kwendlela entsha nendala. Xa sisenza loo nto, ngokuqinisekileyo imfundiso entsha iya kungena yonke kuvimba wethu wobuncwane. Kunceda ngantoni ukwenza le mizamo?

17, 18. Umoya oyingcwele unokusinceda njani?

17 UYesu wafundisa ukuba umoya kaThixo unokusikhumbuza izinto esizifundileyo. (Yoh. 14:25, 26) Iya kusinceda njani loo nto xa sifundisa abantu iindaba ezilungileyo? Masenze umzekelo ngomzalwana ogama linguPeter. Ngo-1970 wayeneminyaka eyi-19, esandul’ ukufika kwiBheteli yaseBritani. Xa wayeshumayela kwindlu ngendlu, wadibana nendoda ethile eyayinentshebe, iliqina. UPeter wabuza le ndoda ukuba ingathanda na ukwazi iBhayibhile. Yothukela ngaphakathi, kodwa ke yamxelela ukuba yindlu yoorabhi bamaYuda leyo. Ngelithi uyamvavanya, lo rabhi wabuza uPeter lo mbuzo, “Ngoku ke, mfowam khawutsho, incwadi kaDaniyeli yabhalwa ngaluphi ulwimi?” UPeter waphendula, “Ezinye iindawo kuyo zabhalwa ngesiAram.” UPeter uthi: “Lo rabhi wothuka akuva ukuba ndiyayazi impendulo—kodwa ke ndandothuke oku kwam! Ndandiyithathe phi le mpendulo? Ukufika kwam ekhaya ndajonga iiMboniselo nooVukani! beenyanga ezingaphambili, ndalifumana inqaku elalicacisa ukuba uDaniyeli wayebhalwe ngesiAram.” (Dan. 2:4) Ngokwenene umoya oyingcwele unokusikhumbuza izinto esiye sazifunda saza sazifaka ngocoselelo kwingqwebo yethu yobuncwane.—Luka 12:11, 12; 21:13-15.

18 Ukuba sibujonga njengento exabisekileyo ubulumko obuvela kuYehova, siya kufuna ukuzalisa ingqwebo yethu ngeemfundiso ezindala nezintsha. Njengoko sisiya sibuthanda yaye sibuxabisa ubulumko bukaYehova, siya kuba ngamachule ekufundiseni abantu.

BUKHUSELE UBUNCWANE BAKHO

19. Kutheni simele sibukhusele ubuncwane esibufumene kuThixo?

19 USathana nehlabathi lakhe usoloko ezama ukusenza singabujongi njengento exabisekileyo ubuncwane esibufumene kuThixo esithethe ngabo kweli nqaku. Anokusebenza nakuthi la maqhinga akhe. Unokusitsala lula ngokusithembisa umsebenzi obhatalayo, asenze sizibone siphila tofotofo, okanye siqhayise ngezinto esinazo. Umpostile uYohane uyasikhumbuza ukuba eli hlabathi liyadlula nenkanuko yalo. (1 Yoh. 2:15-17) Ngoko simele sizame ngandlela zonke ukuba eyona nto siyithandayo nesiyixabisayo ibe bubuncwane esibufumene kuThixo.

20. Yintoni ozimisele ukuyenza ukuze ukhusele ubuncwane obufumene kuThixo?

20 Kulungele ukuncama nantoni na efuna uthande yona kunokuba uthande uBukumkani BukaThixo. Qhubeka uyikhuthalela intsimi, ungaze uwukhe kancinci umyalezo wethu osindisa abantu. Ungayeki ukuphanda iimfundiso ezivela kuThixo. Xa usenjenjalo, uya kuzifumbela “ubuncwane obungasoze busilele emazulwini, apho kungasondeli sela, kungonakalisi nanundu. Kuba apho bukhoyo ubuncwane benu, ziya kuba lapho neentliziyo zenu.”—Luka 12:33, 34.