Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Makubongwe Nokuba Nengqiqo Kwakho”

“Makubongwe Nokuba Nengqiqo Kwakho”

LA MAZWI athethwa nguDavide wakwaSirayeli wakudala ebonga ibhinqa awadibana nalo. Igama lalo lalinguAbhigali. Yintoni eyenza uDavide alincome kangaka, yaye yintoni esinokuyifunda kumzekelo walo?

UDavide wayebaleka uKumkani uSawule xa wadibana nale nkosikazi. UAbhigali wayetshate noNabhali, indoda esisityebi neyayinomhlambi omkhulu owawusitya kwingingqi eneentaba kumazantsi akwaYuda. UDavide namadoda akhe baba ‘njengodonga olujikeleze’ abalusi nemihlambi kaNabhali. Kamva uDavide wathumela kuNabhali, ecela ‘nakuphi na oko sisenokukufumana isandla sakhe,’ ethetha ngokutya. (1 Sam. 25:8, 15, 16) UDavide wayengafuni nto inkulu, xa sesicinga ngendlela yena namadoda akhe abazikhusela ngayo izinto zikaNabhali.

Kodwa uNabhali, onegama elithetha “Ukungabi nangqiqo” okanye “Isidenge,” walilandela igama lakhe. Waphendula krwada ethukisa, engafuni kuva kwanto. Ngoko uDavide walungiselela ukumohlwaya ngenxa yalo nto. UNabhali nendlu yakhe babeza kuthi shuu ngenxa yobudenge bakhe.—1 Sam. 25:2-13, 21, 22.

Ecinga ngemiphumo emibi enokubakho yeso sigqibo sithathwe ngokukhawuleza, uAbhigali onesibindi wangenelela. Enentlonelo, wacenga uDavide angayenzi loo nto ngenxa yobuhlobo bakhe noYehova. Kwaye wamnika ukutya okuninzi uDavide, owayeza kuba ngukumkani olandelayo, namadoda awayehamba nawo. UDavide wavuma ukuba usetyenziswe nguYehova ukuze amnqande angenzi isono phambi kukaThixo. UDavide wathi kuAbhigali: “Makubongwe nokuba nengqiqo kwakho, kubongwe nawe ondithinteleyo ngale mini ndingangeni etyaleni legazi.”—1 Sam. 25:18, 19, 23-35.

Asifuni kufana noNabhali, singabi nambulelo ngezinto ezintle esenzelwa zona. Ukongezelela, ukuba siyabona ukuba kuza kwenzeka into embi, siya kube senza kakuhle ukuba senza konke okusemandleni ethu ukuze siyinqande. Sinokutsho amazwi afanayo nawomdumisi owathi kuThixo: “Ndifundise ukulunga, ingqiqo nokwazi.”—INdu. 119:66.

Abanye abantu basenokubona ukuba sinobulumko kwindlela esenza ngayo izinto. Nokuba bayatsho okanye abatsho, basenokuziva njengoDavide, owathi: “Makubongwe nokuba nengqiqo kwakho.”