Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYehova Uyasithuthuzela Kuzo Zonke Iimbandezelo Zethu

UYehova Uyasithuthuzela Kuzo Zonke Iimbandezelo Zethu

‘UThixo wentuthuzelo yonke, usithuthuzela kuyo yonke imbandezelo yethu.’​—2 KOR. 1:3, 4.

IINGOMA: 38, 56

1, 2. UYehova usithuthuzela njani xa sivavanywa, ibe iLizwi lakhe lisiqinisekisa njani?

OMNYE umzalwana oselula ongatshatanga, esiza kumbiza ngokuba nguEduardo, wabalisela uStephen, umdala otshatileyo osele ekhulile, ngento eyayimxhalabisa. UEduardo wayecinga ngamazwi akweyoku-1 kwabaseKorinte 7:28 athi: “Abo [batshatayo] baya kuba nembandezelo enyameni yabo.” Wabuza, “Yintoni le ‘mbandezelo’ kuthethwa ngayo, ibe ndiza kuyithini xa ndinokutshata?” Ngaphambi kokuba uStephen aphendule, wacela uEduardo ukuba acinge ngenye into eyabhalwa ngumpostile uPawulos, eyokuba uYehova ‘nguThixo wentuthuzelo yonke, osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu.’—2 Kor. 1:3, 4.

2 Ngokwenene uYehova nguBawo onothando, ibe uyasithuthuzela xa kunzima. Mhlawumbi nawe ungabalisa ngendlela aye wakuxhasa waza wakukhokela ngayo, ubukhulu becala esebenzisa iLizwi lakhe. Siqinisekile ukuba ufuna izinto zisihambele kakuhle, njengokuba wayenjalo nakubakhonzi bakhe bamandulo.—Funda uYeremiya 29:11, 12.

3. Yiyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?

3 Kuba lulana noko ukunyamezela iingxaki okanye izinto ezibuhlungu xa sisazi ukuba zibangelwa yintoni. Kunjalo naxa iziingxaki zomtshato okanye zentsapho. Ziziphi ezinye zezinto ezikhoyo ezinokusibizela ‘imbandezelo enyameni’ awathetha ngayo uPawulos? Ngoobani esingafunda kubo eBhayibhileni, nakubantu abaphila kule mihla, ukuze sithuthuzeleke? Ukubazi kuya kusinceda sinyamezele.

IIMVAVANYO ‘ZIYIMBANDEZELO ENYAMENI’

4, 5. Ziziphi ezinye zezinto ezibangela ‘imbandezelo enyameni’?

4 Makhe sifunde into eyathethwa nguThixo xa wayesandul’ ukudala umntu: “Indoda iya kumshiya uyise nonina, inamathele emfazini wayo baze babe nyama-nye.” (Gen. 2:24) UYehova wathetha la mazwi xa wayetshatisa abantu bokuqala. Kodwa kobu bugxwayiba bobomi sibuphila ngoku, ukutshata nokuqalisa intsapho kunokuyiqhekeza phakathi intsapho. (Roma 3:23) Ngokuqhelekileyo, igunya labazali lithathelw’ indawo ligunya lomyeni. NguThixo ogunyazise ukuba abe yintloko yenkosikazi yakhe. (1 Kor. 11:3) Abanye abayeni namakhosikazi xa esandul’ ukutshata ayanzinyelwa yile nto. ILizwi LikaThixo lithi inkosikazi mayiyamkele into yokuba iza kwalathiswa ngumyeni wayo, kungekhona abazali bayo. Abantu basemzini nabasebukhweni banokubaxabanisa baze babafakele iliva enyameni abantu abasandul’ ukutshata.

5 Amaxhala adla ngokwanda emva kokuba inkosikazi ithe kumyeni wayo, “Siza kuba nosana.” Ngokuqhelekileyo baye bathi besavuya njalo ngenxa yosana oluzayo, kube kukho ixhala ngeengxaki zempilo ezinokuvela ngexesha inkosikazi isakhulelwe okanye naxa sele ibelekile. Kuphinde ke kubekho nombandela wemali eza kufuneka ngoko nangoko, kube kungekabiphi, iseza kufuneka. Izinto kufuneka zitshintshile lwakufika usana. Ngoku kusenokufuneka lo mdlezana ahoye usana lwakhe ngalo lonke ixesha. Abayeni abaninzi baye bazive ngathi abasahoywanga kuba inkosikazi ixakeke lusana. Kwelinye icala, notata uneembopheleleko ezintsha ekufuneka ezithwele. Umsebenzi wakhe uyanda kuba ngoku andile amalungu entsapho ekufuneka awanyamekele kwaye awondle.

6-8. Ukufuna ukuba nabantwana, kodwa ungabafumani, kunokuyidala njani intlungu?

6 Abanye abantu abatshatileyo baba nengxaki eyahlukileyo. Bafuna nyhani ukuba nabantwana, kodwa ababafumani. Xa inkosikazi ingade ifumane abantwana, inokukhathazeka kakhulu. Ewe kona, ukutshata nokuba nabantwana akwenzi umntu angabi nazingxaki, kodwa ke xa unqwenela ukuba nabantwana kodwa ungabafumani uba “nembandezelo enyameni.” (IMize. 13:12) Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, ukungafumani bantwana kwakujongwa njengesiphako nento elihlazo. Inkosikazi kaYakobi, uRakeli, yachaza intlungu eyayikuyo xa ibona udade wayo esiba nabantwana. (Gen. 30:1, 2) Abathunywa bevangeli abakhonza kumazwe apho kuyinto eqhelekileyo ukuba nabantwana abaninzi, badla ngokubuzwa ukuba kutheni bengenabantwana. Kwanasemva kokuba beye basicacisa ngobuchule isizathu, abantu basenokuthi, “Hayi wethu, siza kunithandazela!”

7 Khawucinge nangale nto yenzeka kudade waseNgilani owayefuna nyhani ukuba nomntwana kodwa akakwazi. Yaya ihamba iminyaka. Uyavuma ukuba wayekhathazeke kakhulu, kuba wabona ukuba wayengayi kuba nabantwana kule nkqubo yezinto. Yena nomyeni wakhe bagqiba kwelokuba bakhulise umntwana ongengowabo. Kodwa ke wathi: “Sekunjalo, ndandisebuhlungu. Ndandisazi ukuba ukukhulisa umntwana ongengowam kwakungayi kufana nokubeleka owam umntwana.”

8 IBhayibhile iyatsho kona ukuba udade uya “kugcinwa ekhuselekile ngokuzala abantwana.” (1 Tim. 2:15) Kodwa le nto ayithethi kuthi ukubeleka usana okanye ukuba nabantwana kwenza umntu afumane ubomi obungunaphakade. Kunoko, ibhekisela kwinto yokuba, ukuba nabantwana kunye nezinye iimbopheleleko zokunyamekela intsapho, kunokumnceda udade aphephe umkhwa wokuhleba nokugxuphuleka kwiindaba zabantu. (1 Tim. 5:13) Usenokuqhubeka esiba nembandezelo enyameni emtshatweni nasentsatsheni yakhe.

Umntu unokwenza njani ukuze anyamezele ukuswelekelwa ngumyeni okanye yinkosikazi? (Jonga isiqendu 9, 12)

9. Ukuswelekelwa liqabane kuyintlungu eyahlukileyo njani?

9 Xa kufikwa kwizinto ezibuhlungu ezinxibelelene nomtshato, ikho esenokungathi qatha msinya engqondweni. Ukuswelekelwa ngumyeni okanye yinkosikazi. Le yintlungu eyahlukileyo nengathethekiyo abaninzi ekuye kwafuneka bayinyamezele. Luvavanyo ekusenokwenzeka ukuba iqabane eliseleyo alizange laluphupha kwaukuluphupha ukuba lungenzeka kule nkqubo yezinto. AmaKristu aqinisekile ngesithembiso sikaYesu sovuko oluzayo. (Yoh. 5:28, 29) Lenza ntoni elo themba kwiqabane eliseleyo? Lilithuthuzela kakhulu. Liyenye indlela uBawo wethu osithandayo asixhasa nasithuthuzela ngayo esebenzisa iLizwi lakhe. Ngoku makhe sithethe ngendlela abanye abakhonzi bakaThixo abavakalelwa ngayo—nabazuza ngayo—ngokuthuthuzelwa nguye.

SIYATHUTHUZELWA XA SIVAVANYWA

10. UHana wasifumana njani isiqabu kwintlungu awayekuyo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

10 UHana, inkosikazi kaElikana awayeyithanda kunene, wayenento emphethe kakubi emphefumlweni. Wayengafumani bantwana, yabe enye inkosikazi kaElikana, uPenina, isalekelisa yalekelisile. (Funda eyoku-1 kaSamuweli 1:4-7.) UPenina wahlekisa ngoHana, eyenza loo nto “iminyaka ngeminyaka.” UHana yamshiya exhelekile emphefumlweni le nto. Wazama ukufumana isiqabu ngokuthandaza kuYehova aze amchazele ngale ngxaki. “Wayesolula ukuthandaza kwakhe phambi koYehova.” Ngaba wayelindele ukuba uYehova uza kusiphendula isicelo sakhe? Mhlawumbi wayelindele ukuba asiphendule. Enoba wayelindele ntoni na, ‘ubuso bakhe abuzange bube saba bobuxhalabileyo.’ (1 Sam. 1:12, 17, 18) Wayemthemba uYehova ukuba uza kumenza afumane abantwana okanye ke ayanelise le ntswelo yakhe nokuba kungenye indlela.

11. Ukuthandaza kunokusithuthuzela njani?

11 Iimvavanyo nezinto ezibuhlungu ziya kuqhubeka zikho logama nje singekafezeki kwaye le nkqubo isalawulwa nguSathana. (1 Yoh. 5:19) Kodwa kusivuyisa nyhani ukwazi ukuba uYehova ‘nguThixo wentuthuzelo yonke’! Enye into enokusinceda sinyamezele iimvavanyo okanye iingxaki esinazo, kukuthandaza. UHana waphalaza imbilini yakhe kuYehova. Nathi, xa sijongene nento ebuhlungu, kufuneka singaneli ukuyithetha nje sidlula kuYehova indlela esivakalelwa ngayo. Kufuneka simbongoze, simchazele indlela esiziva ngayo, siphalaza imbilini yethu.—Fil. 4:6, 7.

12. Yintoni eyanceda uAna owayengumhlolokazi ukuba avuye?

12 Kwanokuba sivakalelwa ngathi kukho into eshotayo ebomini bethu—mhlawumbi ngenxa yokungabi nabantwana, okanye yokuswelekelwa ngumyeni okanye yinkosikazi—sinako ukuthuthuzeleka. Ngomhla kaYesu, umprofetikazi uAna waswelekelwa ngumyeni emva kweminyaka nje esixhenxe betshatile. Le ngxelo yeBhayibhile ayisichazeli ukuba babenabantwana na. Kodwa yintoni awayesaxakeke yiyo uAna xa wayeneminyaka eyi-84? ULuka 2:37 uthi: “Wayengazange aphoswe kukuba setempileni, enikela inkonzo engcwele ubusuku nemini ngokuzila ukutya nezikhungo.” UAna wathuthuzelwa waza wavuyiswa kukunqula uYehova.

13. Khawubalise ngomzekelo obonisa indlela abahlobo benene abanokukuthuthuzela ngayo kwanaxa izalamane zakho zingakuthuthuzeli.

13 Xa sinxulumana nabazalwana noodadewethu, sifumana abahlobo benene nabasenyongweni. (IMize. 18:24) UPaula ukhumbula indlela awayebuhlungu ngayo xa unina washiya inyaniso yena eseneminyaka emihlanu ubudala. Kwakungelula ukoyisa olu vavanyo. Kodwa wakhuthazeka kakhulu xa uAnn, owayenguvulindlela ebandleni akulo, waba nomdla wokumnceda asondele ngakumbi kuYehova. UPaula ucacisa athi: “Nangona mna noAnn sasingazalani, ukubona indlela awayendixhalabele ngayo kwandinceda kakhulu. Kwandinceda ukuze ndiqhubeke ndikhonza uYehova.” UPaula usaqhubeka ekhonza ngokuthembeka. Enye into emvuyisa kakhulu kukuba unina ubuyile, ibe ngoku bakunye ebandleni. NoAnn wonwabile kuba uPaula unjengomntwana wakhe amkhulisileyo ebandleni.

14. Banokusikelelwa njani abazalwana noodade abathuthuzela amanye amakholwa?

14 Okubangel’ umdla kukuba, xa sinomdla ebantwini, sisenokuzilibala ezinye zezinto ezisikhathazayo. Oodade, enoba batshatile okanye abatshatanga, bayazi ukuba kubavuyisa kakhulu ukufak’ isandla ekushumayeleni iindaba ezilungileyo, babe ngabasebenzi abangamadlelane kaThixo. Eyona nto bafuna ukuyifikelela kukuzukisa uThixo ngokwenza ukuthanda kwakhe. Abanye bade bajonge ukuya entsimini njengeyeza elithomalalisa iintlungu zabo. Ngokuqinisekileyo, sonke sinokuba negalelo ekwenzeni ibandla limanyane ukuba siyabaxhalabela abantu, kokubini abakwintsimi yethu nabasebandleni esikulo. (Fil. 2:4) Ininzi into esinokuyifunda kumpostile uPawulos. Waba ‘njengomama oncancisayo’ kubazalwana bebandla laseTesalonika; wayekwafana notata kubo xa kufikwa kwizinto zebandla.—Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 2:7, 11, 12.

SIYATHUTHUZELWA KWIINGXAKI ZENTSAPHO

15. Ngoobani abaneyona mbopheleleko yokufundisa abantwana inyaniso?

15 Enye into efuna siyijonge kukuthuthuzela nokunceda iintsapho. Ngamany’ amaxesha abantu abasebatsha baye bacele abavakalisi abangamagqala ukuba babancede ekufundiseni abantwana babo inyaniso, babacele nokuba bafundele abantwana babo. IZibhalo zithi nini bazali enineyona mbopheleleko inkulu yokufundisa nokuqeqesha abantwana benu. (IMize. 23:22; Efe. 6:1-4) Kwezinye iimeko kuye kufuneke nabanye ebandleni bancede, ibe ixatyiswa kakhulu loo nto. Kodwa ke ayiyisusi kubazali le mbopheleleko. Kubaluleke kakhulu ukuba bancokole rhoqo nabantwana babo ukuze babazi.

16. Yintoni esifanele siyikhumbule xa sinceda abantwana?

16 Xa umzali egqiba kwelokuba acele omnye umntu ukuba afundele abantwana bakhe, loo mntu ubafundelayo ufanele angazami ukuyithathela kuye indima yomzali. Kukhe kwenzeke ukuba iNgqina licelwe ukuba lifundele abantwana abanabazali abangenamdla enyanisweni. Kodwa ke elo Ngqina kufuneka xa libafundela, lingazenzi umzali wabo bantwana. Kwaye kuya kuba bubulumko ukuba eso sifundo siqhutyelwe kwikhaya labo bantwana abazali babo bekho okanye kukho elinye iNgqina eliqolileyo, okanye ke siqhutyelwe kwindawo efanelekileyo kawonke-wonke. Loo nto iya kubangela ukuba kungabikho mntu ukrokrela ukuba kukho into engafanelekanga eyenzekayo. Sinethemba lokuba, ngokuhamba kwexesha, abazali baza kuyifeza imbopheleleko yabo yokunceda abantwana babo baqinise ukholo lwabo.

17. Abantwana banokuzithuthuzela njani iintsapho zabo?

17 Abantwana abafunda ukumthanda uThixo nabalandela amacebiso akhe banokuzithuthuzela iintsapho zabo. Banokuyenza loo nto ngokubahlonela abazali babo nangokubaxhasa ngezinto zokuphila. Banokunceda nasekuqiniseni ukholo lwentsapho. Ngaphambi koNogumbe, uLameki, owayephuma kumnombo kaSete, wayengumnquli kaYehova. Lo solusapho wathi ngonyana wakhe, uNowa: “Uya kusithuthuzela emsebenzini wethu nasekuveni ubuhlungu kwezandla zethu ngenxa yomhlaba awuqalekisileyo uYehova.” Eso siprofeto sazaliseka xa kwasuswa isiqalekiso somhlaba. (Gen. 5:29; 8:21) Abantwana abanamathela kunqulo lwenene banokuzithuthuzela iintsapho zabo, bancede wonke umntu anyamezele iimvavanyo ajongene nazo ngoku aze asinde kwinto engaphaya koNogumbe ngobukhulu.

18. Yintoni enokusinceda sizinyamezele ngesibindi naziphi na iimbandezelo okanye iimvavanyo ezisifikelayo?

18 Sithethanje, izigidi zabantu zithuthuzelwa kuzo zonke iimvavanyo zazo kukuthandaza, kukucamngca ngabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni, nakukunxulumana nabantu bakaYehova. (Funda iNdumiso 145:18, 19.) Ukwazi ukuba uYehova nguMthombo wentuthuzelo ehlala ihleli kuya kusinceda sinyamezele nayiphi na intlungu—enoba siyinyamezele ngoku okanye iza kusifikela kwixesha elizayo.