IMBONISELO—EFUNDWAYO Novemba 2017

Le magazini inamanqaku aza kufundwa ngoDisemba 25, 2017 ukuya kuJanuwari 28, 2018.

Cula Uvakale!

Ukuba uneentloni zokucula ebandleni, unokuziphelisa njani uze udumise uYehova?

Ngaba Ubalekela KuYehova?

Izixeko zokusabela zisifundisa ukuba uThixo usixolela ngokupheleleyo.

Gweba Kakuhle Kwaye Ube Nenceba NjengoYehova

Izixeko zokusabela zisinceda njani sibone inceba kaYehova? Zisifundisa ntoni ngendlela abujonga ngayo ubomi? Ziyibonisa njani indlela agweba ngayo?

‘Onobubele Uya Kusikelelwa’

Sinokusebenzisa ixesha, amandla nezinye izinto esinazo ukuze sixhase umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani.

Musa Ukucinga Ngendlela Yehlabathi

Sonke kufuneka sizikhusele ukuze singatyhefeki ingqondi zizinto ezidla ngokuthethwa ngabantu. Khawucinge ngezi ndlela zintlanu zokucinga njengehlabathi.

Ungavumeli Nantoni Na Ikwenze Ungawufumani Umvuzo

Emva kokuba umpostile uPawulos ekhumbuze amanye amaKristu ngethemba lawo, wawalumkisa.

Unokwenza Ntoni Ukuze Uqhele Kwibandla Osandul’ Ukufika Kulo?

Ukuba ufudukele kwelinye ibandla, kungenzeka ukuba ungakhululeki. Yintoni enokukunceda uqhele?