Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubalekela KuYehova?

Ngaba Ubalekela KuYehova?

“UYehova uyawukhulula umphefumlo wabakhonzi bakhe; yaye akukho namnye kwabo basabela kuye oya kugqalwa enetyala.”—INDU. 34:22.

IINGOMA: 49, 65

1. Abanye abakhonzi bakaThixo abathembekileyo baye baziva njani ngenxa yesono?

“HAYI usizana endilulo!” (Roma 7:24) Baninzi abakhonzi bakaThixo abaye baziva ngale ndlela kampostile uPawulos. Sonke sizalwe sinesono, ngoko xa simona uYehova loo nto inokusenza siphelelwe lithemba. Amanye amaKristu aye enza isono esinzulu aziva engenakuxolelwa nguThixo.

2. (a) INdumiso 34:22 ibonisa njani ukuba abakhonzi bakaThixo abamele bazive benetyala kakhulu? (b) Siza kufunda ngantoni kweli nqaku? (Bona ibhokisi ethi “ Zingumfuziselo Okanye Zisifundisa Into?”)

2 Kodwa ke, iZibhalo zithi abo babalekela kuYehova abamele bazive benetyala kakhulu. (Funda iNdumiso 34:22.) Kuthetha ukuthini ukubalekela kuYehova? Zintoni ekufuneka sizenze ukuze uYehova asenzele inceba kwaye asixolele? Iimpendulo siza kuzifumana ngokufunda ngezixeko zokusabela ezazikho kwaSirayeli kudala. Ewe kona zazisetyenziswa phantsi komnqophiso woMthetho, owathathelw’ indawo ngomnye ngePentekoste ka-33 C.E. Kodwa ke, masikhumbule ukuba uMthetho KaMoses wawusuka kuYehova. Ezi zixeko zokusabela zisenza sibone indlela uYehova asijonga ngayo isono, umoni nokuguquka. Kuqala, makhe sifunde ngokuba zazenzelwe ntoni ibe zisetyenziswa njani ezi zixeko.

“ZIMISELENI IZIXEKO ZOKUSABELA”

3. AmaSirayeli ayesenza ntoni xa umntu ebulele ngabom?

3 KuYehova yayinto enkulu ukubulawa komntu kwaSirayeli. Umntu obulele ngabom naye wayebulawa sisalamane somfi esasibizwa “umphindezeli wegazi.” (Num. 35:19) Ngale ndlela wayefela igazi elimsulwa alichithileyo. Ukubulawa kwakhe ngokukhawuleza kwakunceda ukuba iLizwe Lesithembiso lingangcoliseki, kuba uYehova wayethe: “Nize ningalingcolisi ilizwe enikulo; kuba ligazi [lomntu] elingcolisa ilizwe.”—Num. 35:33, 34.

4. AmaSirayeli ayesenza ntoni xa umntu ebulele ngempazamo?

4 AmaSirayeli ayesenza ntoni xa umntu ebulele ngempazamo? Nangona ebulele ngempazamo, wayesenetyala lokuchitha igazi elimsulwa. (Gen. 9:5) Kodwa ke, wayevumelekile ukuba ambaleke umphindezeli wegazi aye kwesinye sezixeko zokusabela ezintandathu. Wayekhuseleka xa elapho. Kwakufuneka ahlale kweso sixeko sokusabela de kufe umbingeleli omkhulu.—Num. 35:15, 28.

5. Izixeko zokusabela zisinceda njani simqonde ngakumbi uYehova?

5 Ayingomntu oweza necebo lokuba kubekho izixeko zokusabela. NguYehova owayethe kuYoshuwa: “Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, ‘Zimiseleni izixeko zokusabela.’” Ezi zixeko zanikwa “iwonga elingcwele.” (Yosh. 20:1, 2, 7, 8) Ekubeni yayinguYehova owayethe makubekho ezi zixeko, zisinceda njani siyibone kakuhle inceba kaYehova? Zisifundisa ntoni ngendlela esinokubalekela ngayo kuYehova kweli xesha lethu?

‘UMELE AWATHETHE EZINDLEBENI ZAMADODA AMAKHULU AMAZWI AKHE’

6, 7. (a) Amadoda amakhulu ayenayiphi indima ekugwebeni umntu obulele ngempazamo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.) (b) Kutheni sinokuthi wayelumkile umntu obaleka umphindezeli wegazi xa esiya kumadoda amakhulu?

6 Umntu obulele ngempazamo, kwakufuneka kuqala ‘awathethe ezindlebeni zamadoda amakhulu amazwi akhe’ kumasango esixeko abalekele kuso. Kwakufuneka amamkele ngobubele. (Yosh. 20:4) Wayethunyelwa kumadoda amakhulu esixeko awayebulele kuso, ize ibe ngawo agweba elo tyala. (Funda iNumeri 35:24, 25.) Uya kubuyiselwa kwisixeko sokusabela xa amadoda amakhulu ebone ukuba ubulele ngempazamo nyhani.

7 Kutheni kwakufuneka amadoda amakhulu? Ukuze kugcinwe ibandla lamaSirayeli licocekile nokuze umntu obulele ngempazamo enzelwe inceba nguYehova. Omnye umphengululi weBhayibhile wabhala wathi umntu obaleka umphindezeli wegazi waza akaya kumadoda amakhulu, “wayezibeka engozini.” Ude athi: “Uya kube uzibulalise ngokwakhe, kuba engayisebenzisanga indlela uThixo abeza kumkhusela ngayo.” Umntu obulele ngempazamo wayenokuncedwa, kodwa kwakufuneka aye kulucela uncedo aze avume ukuncedwa. Ukuba wayengabalekeli kwesinye sezi zixeko, isalamane somntu ambuleleyo sasivumelekile ukuba simbulale.

8, 9. Kutheni umKristu owenze isono esinzulu kufuneka acele uncedo kubadala?

8 Kule mihla, umKristu owenze isono esinzulu kufuneka acele uncedo kubadala ukuze alungise izinto. Kutheni ibaluleke kangaka le nto? Okokuqala, njengoko iLizwi LikaThixo libonisa, uYehova ufuna ibe ngabadala abaxoxa amatyala ezono ezinzulu. (Yak. 5:14-16) Okwesibini, le nto inceda ukuba umntu oguqukileyo akhuselwe nguThixo aze angasiqheli isono. (Gal. 6:1; Heb. 12:11) Okwesithathu, ngabadala abathunywe nabaqeqeshelwe ukukhuthaza umoni oguqukayo, bamncede ayeke ukuba nomvandedwa. UYehova uthi la madoda ‘ayindawo yokuzifihla esiphangweni.’ (Isa. 32:1, 2) Le yindlela uThixo asibonisa ngayo ukuba unenceba.

9 Abakhonzi bakaThixo abaninzi baye bafumana isiqabu emva kokuba becele uncedo kubadala baza balufumana. Ngokomzekelo, uDaniel wenza isono esinzulu, kodwa kwaqengqeleka iinyanga engayi kubadala. Uthi, “Ekubeni kwakusele kudlule ixesha elide kangako, ndandicinga ukuba abadala abanakuba sandinceda. Sekunjalo, ndandinexhala lokuba izinto zam zaziza kuvela ndize ndiphenduliswe ngazo. Qho ndithandaza ndandiqale ndicele uxolo kuYehova ngento endiyenzileyo.” Ekugqibeleni, uDaniel wacela uncedo kubadala. Xa ebalisa ngale nto, uthi: “Ndandisoyika nyhani ukuya kubo. Kodwa emva kokuba ndiyile, kwakungathi kukho umntu owothule umthwalo omkhulu emagxeni am. Ndiyazi ngoku ukuba ndingathandaza kuYehova kungekho nto ixabileyo.” Ngoku uDaniel unesazela esikhululekileyo, ibe usandul’ ukuba sisicaka solungiselelo.

‘UMELE ASABELE KWESINYE SEZI ZIXEKO’

10. Umntu obulele ngempazamo kwakufuneka enze ntoni ukuze enzelwe inceba?

10 Umntu obulele ngempazamo kukho into ekwakufuneka ayenze ukuze enzelwe inceba. Kwakufuneka abalekele kwisixeko sokusabela esikufutshane. (Funda uYoshuwa 20:4.) Umele ukuba wayengalibazisi ukuyenza loo nto, kuba ubomi bakhe babuxhomekeke ekufikeni kweso sixeko ngokukhawuleza aze angaphumi kuso! Kwakuza kubakho izinto azincamayo. Kwakufuneka ashiye umsebenzi nekhaya lakhe, wayengazukwazi ukuya naphi apho afuna ukuya khona de kufe umbingeleli omkhulu. * (Num. 35:25) Kodwa yayinceda yena yonke le nto. Ukuba wayenokuphuma kweso sixeko loo nto yayiza kubonisa ukuba akayikhathelelanga into yokuba ebulele umntu, ibe naye wayenokubulawa.

11. Yintoni ekufuneka ayenze umKristu oguqukileyo ukuze abonise ukuba akayithathi lula inceba kaYehova?

11 Nakweli xesha lethu, umoni oguqukileyo kukho into ekufuneka ayenze ukuze enzelwe inceba nguThixo. Kufuneka siyeke ukwenza izono, hayi ezinzulu kuphela kodwa nezincinci ezinokusibangela sone kakhulu. Eqhutywa ngumoya kaThixo, umpostile uPawulos wacacisa izinto ezenziwa ngamaKristu aguqukileyo aseKorinte. Wathi: “Indlela enkulu ngayo inyameko okuyivelisileyo ukuba buhlungu kwenu ngendlela yobuthixo, kuba nitsho nazihlambulula, nacaphuka, nanoloyiko, nanolangazelelo, nanenzondelelo, nabulungisa ububi!” (2 Kor. 7:10, 11) Xa sisenza konke okusemandleni ethu ukuze siyeke ukwenza isono, loo nto ibonisa ukuba asiyithathi lula inceba kaYehova.

12. Yintoni ekusenokufuneka ayincame umKristu ukuze aqhubeke esenzelwa inceba nguYehova?

12 Yintoni ekusenokufuneka ayincame umKristu ukuze aqhubeke esenzelwa inceba nguYehova? Kufuneka akulungele ukuncama izinto azithanda nyhani ukuba ziza kumbeka engozini yokwenza isono. (Mat. 18:8, 9) Ukuba abahlobo bakho bakuqhubela ukuba wenze izinto uYehova angazithandiyo, ngaba uza kohlukana nabo? Ukuba unengxaki yokusela kakhulu, ngaba ukulungele ukuzibaleka iimeko ezinokukwenza usele kakhulu? Ukuba unomnqweno ongafanelekanga wesondo, ngaba uza kuyeka ukubukela iimuvi, ukungena kwiwebhsayithi okanye ukwenza nantoni enokubangela ucinge ngesondo? Khumbula ukuba nantoni na esiyincamayo ukuze sihlale sinamathele kuYehova ayonto. Akhonto ibuhlungu njengokuziva ulahliwe nguYehova. Kwelinye icala, akumnandi nje ukuziva uthandwa nguYehova.—Isa. 54:7, 8.

“ZIMELE ZIBE YINDAWO YOKUZIKHUSELA”

13. Cacisa ukuba kutheni umntu obalekele kwisixeko sokusabela wayekhuseleka kwaye onwabe.

13 Umntu obalekele kwisixeko sokusabela wayekhuseleka. UYehova wathi ezo zixeko “zimele zibe yindawo yokuzikhusela.” (Yosh. 20:2, 3) UYehova wayengafuni ukuba umntu obalekele apho aphinde agwetywe ngetyala elinye; nomphindezeli wegazi wayengavumelekanga ukuba angene esixekweni aze ambulale. Ngoko wayengoyiki ukuba kukho umntu oza kuphindezela. Xa engaphakathi kweso sixeko wayekhuselwa nguYehova. Yayingeyontolongo le. Kweso sixeko wayekwazi ukusebenza, ancede abanye abantu, aze akhonze uYehova engenaxhala. Wayephila kamnandi anelisekile!

Qiniseka ukuba uYehova uya kukuxolela (Jonga isiqendu 14-16)

14. Yintoni amele aqiniseke ngayo umKristu oguqukileyo?

14 Abanye abantu bakaThixo abakhe benza izono ezinzulu basaziva benetyala, nokuba uYehova akasoze ayilibale loo nto imbi bayenzayo. Ukuba ungomnye wabo, qiniseka ukuba xa uYehova ekuxolele, ukhuselekile! UDaniel, ebesikhe sathetha ngaye, uyayazi loo nto. Emva kokuba elungisiwe waza wancedwa ngabadala waba nesazela esikhululekileyo, wathi: “Ndatsho ndakhululeka. Emva kokuba le nto ilungiswe ngendlela efanelekileyo, ndayeka ukuziva ndinetyala. Xa ityala liphelile, liphelile. Njengokuba uYehova esitsho, uyazothula izinto ezisisindayo aze azilahle kude. Awusoze uphinde uzibone.” Xa engaphakathi kwisixeko sokusabela, umntu obalekele apho wayengabi naxhala lomphindezeli wegazi. Ngokufanayo, xa uYehova esixolele asifanele soyike ukuba ukhangela izizathu zokuphinda asiphendulise okanye asigwebe ngeso sono.—Funda iNdumiso 103:8-12.

15, 16. Into yokuba uYesu enguMhlawuleli noMbingeleli Omkhulu ikwenza njani uqiniseke ukuba uThixo uza kukwenzela inceba?

15 Phofu thina sinesizathu esivakala ngakumbi kunesamaSirayeli sokuqiniseka ukuba uYehova uza kusenzela inceba. Emva kokuba uPawulos edaniswe kukungakwazi ukumthobela kakuhle uYehova, wathi: “Ndiyambulela uThixo ngaye uYesu Kristu iNkosi yethu!” (Roma 7:25) Nangona uPawulos wayesilwa nesono nomvandedwa wezinto awayeguqukile kuzo, wayeqinisekile ukuba uThixo umxolele ngenxa kaYesu. UYesu, uMhlawuleli wethu uhlambulula izazela zethu sitsho sikhululeke. (Heb. 9:13, 14) Kuba enguMbingeleli Omkhulu, “uyakwazi kwanokubasindisa ngokupheleleyo abo basondela kuThixo ngaye, ngenxa yokuba usoloko ephila ukuze ababongozele.” (Heb. 7:24, 25) Ukuba into eyayisenziwa ngumbingeleli omkhulu ngexesha lamaSirayeli yayiwaqinisekisa ukuba zixolelwe izono zawo, kubekisela phi ngathi ukuqiniseka ukuba uMbingeleli Omkhulu, uYesu, usinceda “sizuze inceba, sifumane ububele obungasifanelanga noncedo ngexesha elifanelekileyo”?—Heb. 4:15, 16.

16 Ngoko ukuze ukwazi ukubalekela kuYehova, kufuneka ube nokholo kwidini likaYesu. Sukucinga ukuba intlawulelo inceda nje wonke umntu. Kunoko, yikholelwe ukuba inceda wena. (Gal. 2:20, 21) Yikholelwe into yokuba yintlawulelo eza kukunceda uxolelwe izono zakho. Yikholelwe into yokuba wena unethemba lobomi obungunaphakade ngenxa yentlawulelo. Idini likaYesu sisipho sakho esivela kuYehova.

17. Kutheni ufuna ukubalekela kuYehova?

17 Izixeko zokusabela zisinceda sibone ukuba uYehova unenceba. Akasibonisi nje ukuba ubomi bungcwele kuye, kodwa ukwasibonisa indlela abadala abasinceda ngayo, isizathu sokuqiniseka ukuba usixolela ngokupheleleyo nokuba kuthetha ntoni ukuguquka nyhani. Ngaba ubalekela kuYehova? Akakho umntu onokusikhusela njengaye! (INdu. 91:1, 2) Kwinqaku elilandelayo, siza kubona ukuba izixeko zokusabela zisinceda njani sixelise umzekelo ogqwesileyo kaYehova wokugweba ngobulungisa nokwenzela abantu inceba.

^ isiqe. 10 Ngokutsho kweencwadi zamaYuda, kubonakala ngathi intsapho yomntu obulele ngempazamo yayihlala naye kwisixeko sokusabela.