Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Unokwenza Ntoni Ukuze Uqhele Kwibandla Osandul’ Ukufika Kulo?

Unokwenza Ntoni Ukuze Uqhele Kwibandla Osandul’ Ukufika Kulo?

UALLEN * uthi: “Bendisoyika ukuza kweli bandla. Bendingazi nokuba ndiza kubafumana abahlobo okanye ndiza kwamkeleka na.” UAllen usazama ukuqhela ibandla asandul’ ukufika kulo elikwiikhilomitha ezingaphezu kwe-1 400 ukusuka kowabo.

Ukuba usandul’ ukutshintsha ibandla, kungenzeka ukuba nawe uyoyika. Ungancedwa yintoni ukuze uqhele? Ungenza ntoni ukuba kunzima? Kwelinye icala, thina abanye, singabanceda njani baqhele abantu abafudukela kwibandla esikulo?

UNOKWENZA NTONI UKUZE UPHUMELELE?

Masenze umzekelo: Xa umthi ususwa kwenye indawo uze utyalwe kwenye, kubakho iingxaki. Xa ukhutshwa emhlabeni, iingcambu zawo ezininzi zidla ngokunqunyulwa ukuze uhanjiswe lula. Emva kokuba utyaliwe, kufuneka ukhawuleze umile ezinye iingcambu. Kuba njalo ke naxa ufika ebandleni, kusenokubakho iingxaki. Kwibandla obukulo, “ubuneengcambu,” unabahlobo obathandayo kwaye unezinto oqhele ukuzenza ukuze uqinise ukholo lwakho. Ngoku kufuneka umile ezinye iingcambu ukuze uchume kweli bandla litsha. Yintoni eza kukunceda? Kukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile. Makhe sijonge eminye yayo.

Umntu ofunda umthetho wakhe ngesandi esiphantsi imini nobusuku uya kuba “njengomthi otyalwe ngakwimisinga yamanzi, onika isiqhamo sawo ngexesha lawo nonamahlamvu angabuniyo, yaye konke akwenzayo kuya kuphumelela.”—INdu. 1:1-3.

Kanye njengokuba umthi kufuneka ufunxe amanzi ukuze uchume, nomKristu kufuneka afunde iLizwi LikaThixo qho ukuze ahlale esondele kuThixo. Ngoko, qhubeka ufunda iBhayibhile yonke imihla, uze uye qho ezintlanganisweni. Ungaluyeki unqulo lwentsapho nokuzifundela wedwa. Zonke izinto obuzidinga kwibandla obukulo ukuze uhlale womelele, uza kuzidinga nakwibandla oya kulo.

“Oseza abanye ngesisa naye uya kusezwa ngesisa.”IMize. 11:25.

Ukukhuthalela intsimi kuza kukunika amandla kwaye uza kuqhela msinya kwibandla elitsha. UKevin, ongumdala ebandleni, uthi: “Into eyasincedayo nonkosikazi kukuba ngoovulindlela abangabancedani emva nje kokuba sifikile. Sakhawuleza sabazi abazalwana, oovulindlela, nentsimi yebandla.” URoger, owafudukela kwindawo engaphezu kweekhilomitha eziyi-1 600, uthi: “Eyona ndlela yokuqhela kwibandla elitsha kukukhuthalela intsimi. Kanti, unokubabonisa abadala ukuba ungathanda ukunceda, mhlawumbi ngokucoca iHolo YoBukumkani, ngokuvolontiya intetho, okanye ngokulanda umzalwana umse ezintlanganisweni. Xa abazalwana noodade bekubona ukhuthele, baza kuzisondeza kuwe.”

“Phangalalani.”2 Kor. 6:13.

Bathande bonke abazalwana. Emva kokuba uMelissa nentsapho yakhe befudukele kwelinye ibandla, bazama ukuzenzela abahlobo. Uthi: “Sasincokola nabazalwana noodade ngaphambi nasemva kweentlanganiso. Sasisiba nexesha lokuncokola nabo, singapheleli nje ekubuzeni impilo.” Loo nto yabanceda bawazi msinya amagama abazalwana. Ukongezelela koko, ukuze babazi, babebamema, ibe loo nto yaqinisa ubuhlobo babo. UMelissa uthi: “Sabanika iinombolo zethu zefowuni ukuze singalityalwa xa kusenziwa izinto zebandla nezinye izinto.”

Ukuba kunzima ukuqhelana nabantu ongabaziyo, qala kancinci. Ngokomzekelo, ncuma—nokuba awuthandi. Uncumo luza kubasondeza abantu kuwe. Kaloku, “amehlo aqaqambileyo avuyisa intliziyo.” (IMize. 15:30) URachel, owafudukela kwenye indawo, uthi: “Ndineentloni indalo. Ngamany’ amaxesha kufuneka ndizinyanzele ukuze ndithethe nabazalwana noodade kwibandla endifudukele kulo. Ndiye ndikhangele umntu ohleli yedwa eHolweni. Kungenzeka ukuba siyazifanela nje mna naye.” Zimisele ukuncokola nomntu ongamqhelanga ngaphambi okanye ngemva kwentlanganiso.

Kwelinye icala, kunokuba mnandi ekuqaleni ukudibana nabantu ongabaziyo. Kodwa ethubeni usenokudikwa yiloo nto. Xa kunjalo, kuza kufuneka ube ngathi uyaqinisa ekwenzeni abahlobo.

Xa umthi ususwa kwenye indawo uze utyalwe kwenye, kubakho iingxaki, kodwa emva kokuba utyaliwe, umila ezinye iingcambu

SUKUNGXAMA, UZA KUQHELA WENA

Eminye imithi ithatha ixesha ngaphambi kokuba imile kumhlaba efuduselwe kuwo. Kunjalo nakubazalwana abafudukela kwelinye ibandla, abanye basenokuthatha ixesha. Ukuba sele unexesha ebandleni kodwa awukaqheli, nantsi imigaqo yeBhayibhile enokukunceda:

“Masingayeki ukwenza okuhle, kuba sovuna ngexesha elililo ukuba asidinwa.”Gal. 6:9.

Ukuqhela kwibandla ofudukele kulo kusenokufuna ixesha elingaphaya kolilindeleyo. Ngokomzekelo, abathunywa bevangeli abaninzi bahlala iminyaka eliqela kwizabelo zabo ezikwamanye amazwe ngaphambi kokuba batyelele emakowabo. Loo nto ibanceda baqhele abazalwana nezithethe zalapho.

UAlejandro, ofuduke kaliqela, uyazi ukuba ukuqhela kwelinye ibandla akufuni kungxanyelwa. Uthi: “Ukufika kwethu kweli bandla sikulo, inkosikazi yathi, ‘Bonke abahlobo bam bakweliya bandla sisuka kulo!’” Wayikhumbuza ukuba yayitshilo naxa babefika kweliya bandla kwiminyaka emibini ngaphambi. Kodwa kuloo minyaka mibini, yazisondeza ebantwini de baba ngabahlobo.

“Musa ukuthi: ‘Kutheni le nto imihla yangaphambili ibilunge ngakumbi kunale?’ kuba asibobulumko ukukubuza oku.”INtshu. 7:10.

Sukuthelekisa ibandla ofika kulo nelo usuka kulo. Ngokomzekelo, kusenokwenzeka abazalwana bebandla ofika kulo bangabantu abathuleyo okanye bangamancoko kunabebandla osuka kulo. Jonga izinto ezintle kubo njengokuba nawe ufuna benze loo nto kuwe. Abanye abazalwana bafumanise ukuba ukufuduka kwabo kubenze bazibuza ukuba, ‘Ngaba ndiluthanda “[lonke umanyano] lwabazalwana”?’—1 Pet. 2:17.

“Qhubekani nicela, niya kunikwa.”Luka 11:9.

Qhubeka uthandaza, ucele uncedo. UDavid, ongumdala, uthi: “Sukuzama ukuziqinisa. Izinto ezininzi sikwazi ukuzenza kuphela xa sincedwa nguYehova. Yithandazele le nto!” NoRachel esithethe ngaye ngaphambili, uyamngqinela. Uthi: “Xa mna nomyeni wam siziva singeyonxalenye yebandla, siye sithandaze kuYehova, simngqale sisithi, ‘Sicela usibonise ukuba kukho into kuthi eyenza kube nzima kubazalwana ukuba babe ngabahlobo bethu.’ Emva koko siye sizame ukubuthelana nabazalwana noodade.”

Bazali, ukuba abantwana benu abade baqhele kwibandla elitsha, thandazani nabo ngale nto. Bancediseni ekufuneni abahlobo ngokumema abanye abantwana abaqhuba kakuhle ebandleni.

NCEDA ABANTU ABAFIKAYO BAZIVE BAMKELEKILE

Yintoni onokuyenza ukuze uncede abantu abafikayo kwibandla okulo? Zama ukuba ngumhlobo wabo zisuka nje. Ukuze wenze loo nto, khawucinge ukuba ziintoni obungathanda ukuzenzelwa ukuba ibinguwe ofikayo ebandleni, uze uzenze. (Mat. 7:12) Bameme kunqulo lwentsapho yakho okanye ubukele nabo inkqubo yeJelo Losasazo LamaNgqina KaYehova. Ungabacela bahambe nawe entsimini. Abayi kubulibala ububele bakho kwanokuba ubenzele isidlo esiqhelekileyo. Ziziphi ezinye izinto onokubanceda ngazo abantu abafikayo ebandleni?

UCarlos uthi: “Ukufika kwethu ebandleni, omnye udade wasinika uludwe lweevenkile ezinamaxabiso afikelelekayo. Yasinceda loo nto.” Abantu abasuka kwiindawo ezinemozulu eyahlukileyo baya kuvuya xa ubacebisa ngendlela yokunxiba. Unokubanceda nangentsimi ngokuthi ubabalisele ngemvelaphi yabantu okanye ubachazele ngeenkolelo abanazo abantu balapho.

SOZE UZISOLE NGOKUZAMA UKUQHELA IBANDLA ELITSHA

UAllen, esithethe ngaye ekuqaleni, sele egqibe unyaka kweli bandla akulo. Uthi: “Ekuqaleni kwafuneka ndizame ukubazi abazalwana nangona ndandibonqena. Kodwa ngoku ingathi sizalwa kunye, ibe iyandonwabisa loo nto.” UAllen uyabona ukuba ukufuduka kwakhe akuzange kumenze alahlekelwe ngabahlobo. Kunoko, wafumana abanye, ekusenokwenzeka ukuba baza kuba ngabahlobo bakhe ngonaphakade.

^ isiqe. 2 Amanye amagama atshintshiwe.