Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Cula Uvakale!

Cula Uvakale!

“Kulungile ukuculela uThixo wethu uncuthu lwengoma.”—INDU. 147:1.

IINGOMA: 9, 138

1. Ukucula kusinceda senze ntoni?

OMNYE umbhali odumileyo wathi: “Amazwi akwenza ucinge. Izixhobo zomculo zikwenza uvakalelwe. Kodwa ingoma ikwenza uzenze zombini.” Ngeengoma zethu sidumisa kwaye sibonisa ukuba siyamthanda uBawo wethu osezulwini, uYehova. Zisenza sizive sisondele kuye. Akusothusi ke ngoko ukuba ukucula kubaluleke kangaka kunqulo lwenene, enoba umntu uyaziculela okanye ucula nebandla.

2, 3. (a) Abanye abantu baziva njani ngokucula bavakale ebandleni? (b) Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?

2 Kodwa uziva njani xa kufuneka ucule uvakale ebandleni? Ngaba uba neentloni? Kwezinye iintlanga, amadoda awathandi kucula phambi kwabantu. Le nto isenokulichana ibandla, ingakumbi xa abadala beculela phantsi okanye besenza ezinye izinto ngoxa kuculwa.—INdu. 30:12.

3 Ukucula yenye indlela esimkhonza ngayo uYehova. Ngoko asifuni kuphuma okanye singabikho xa kuculwa. Zibuze: ‘Ndicinga ntoni ngokucula ezintlanganisweni? Ndingenza ntoni ukuze ndiyeke ukoyika ukucula ndivakale ebandleni? Xa ndicula, ndinokubonisa njani ukuba ndiyayiva ingoma?’

UKUCULA KUBALULEKILE EKUKHONZENI UYEHOVA

4, 5. Ayemakhulu kangakanani amalungiselelo enziwayo ukuze kuculwe ngamaSirayeli xa enqula?

4 Abakhonzi bakaYehova kwakudala babesebenzisa umculo xa bemdumisa. Okubangela umdla kukuba, kudala, xa amaSirayeli ayesenza ukuthanda kukaThixo ethembekile kuye, kwakubalulekile ukucula xa emnqula. Ngokomzekelo, xa uKumkani uDavide wayelungiselela ukuba kunqulwe etempileni, wadibanisa abaLevi abayi-4 000 ukuze bacule, badumise uYehova. Abayi-288 kubo ‘babeqeqeshelwe ukuvuma iingoma kuYehova, bonke beziingcali.’—1 Kron. 23:5; 25:7.

5 Xa kwakunikezelwa itempile, umculo nokucula kwakubaluleke kakhulu. IBhayibhile ithi: “Kwathi kamsinya nje bakuba abavutheli-maxilongo neemvumi bevakalise njengamntu mnye ngesandi esinye bedumisa bebulela uYehova, yaye bathi bakuphakamisa isandi ngamaxilongo nangamacangci nangezixhobo zengoma nangokudumisa uYehova . . . ubuqaqawuli bukaYehova bazalisa indlu kaThixo oyinyaniso.” Loo nto imele ukuba yaluqinisa ukholo lwamaSirayeli!—2 Kron. 5:13, 14; 7:6.

6. Kwalungiselelwa ukuba kuculwe njani ngexesha uNehemiya awayeyirhuluneli ngalo eYerusalem?

6 Xa uNehemiya wayekhokela amaSirayeli ukuba akhe iindonga zaseYerusalem, naye waqokelela abaLevi ukuze bacule benezixhobo zomculo. Xa zagqitywayo ukwakhiwa iindonga zaza zanikezelwa, bacula kwaba mnandi apho. Kwakukho “iikwayari zokubulela ezinkulu ezimbini.” Enye yayingapha enye ingaphaya, zahamba zaza zadibana kudonga olwalukufutshane nendawo eyayinetempile. Zazivakala nakude. (Neh. 12:27, 28, 31, 38, 40, 43) Asithandabuzi ukuba uYehova wavuya xa abakhonzi bakhe bamculela ngokuvakalayo bemdumisa.

7. UYesu wakubonisa njani ukubaluleka kokucula xa amaKristu enqula?

7 Xa kwabakho ibandla lamaKristu lokuqala, umculo wabaluleka kunqulo lwenene. Ngobona busuku bubalulekileyo embalini, emva kweSidlo SeNkosi Sangokuhlwa, uYesu nabafundi bakhe bacula.—Funda uMateyu 26:30.

8. AmaKristu okuqala asibonisa njani ukuba kubalulekile ukucula?

8 AmaKristu okuqala nawo asibonisa ukuba kubalulekile ukucula, sidumise uThixo. Nangona ayedla ngokunqulela emizini yabazalwana, loo nto ayizange iwenze ayeke ukuzimisela xa eculela uYehova. Umpostile uPawulos wabhalela amanye amaKristu wathi: “Qhubekani nifundisana kwaye nilulekana ngeendumiso, ngemibongo kuThixo, ngeengoma zokomoya ninombulelo, nimvumela ezintliziyweni zenu uYehova.” (Kol. 3:16) Iingoma ezikwiculo lethu simele sizicule ‘sinombulelo.’ Nazo zezinye zezinto ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ ezisinika zona ukuze siqinise ukholo lwethu.—Mat. 24:45.

SUKOYIKA UKUCULA

9. (a) Yintoni enokwenza abanye abantu bazibambe xa becula ebandleni okanye endibanweni? (b) Sifanele simculele njani uYehova, ibe ngoobani esifanele sibone kubo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

9 Unokwenza ntoni ukuba kwintsapho yakho okanye ekuhlaleni aniqhelanga kucula? Okanye mhlawumbi uqhele ukumamela abantu abawufundeleyo umculo kwiTV nakwireyido. Kuba uthelekisa ilizwi lakho nelabo usenokuba neentloni okanye uzeye. Kodwa loo nto ayimele ikuyekise ukuculela uYehova kuba umele umdumise. Kunoko, libambele phezulu iculo lakho, uphakamise intloko, ucule uqinisekile uzimisele! (Ezra 3:11; funda iNdumiso 147:1.) Ngoku, kwiiHolo ZoBukumkani ezininzi, amazwi eengoma aboniswa ezikrinini, loo nto isinceda sikhuphe ilizwi. Enye into ebangela umdla kukuba abadala bayacula kwiSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani. Le nto ibonisa ukuba abadala kufuneka kubonwe kubo xa kuculwa ebandleni.

10. Sifanele sikhumbule ntoni xa sisoyika ukukhupha ilizwi xa sicula?

10 Enye into eyenza abantu abaninzi balibambe ilizwi bangalikhuphi kukoyika. Basenokuba abafuni kuphuma bodwa okanye bacinga ukuba amazwi abo mabi. Kodwa ke, sifanele sikhumbule ukuba xa sithetha, ‘sonke siyakhubekisana izihlandlo ezininzi.’ (Yak. 3:2) Kodwa loo nto ayisenzi singathethi. Ngoko kutheni siyeka ukuculela uYehova ngenxa yelizwi elingavakali kamnandi?

11, 12. Ngawaphi amacebiso esinokuwasebenzisa ukuze siphucule indlela esicula ngayo?

11 Mhlawumbi siyoyika ukucula kuba singazi ukuba kuculwa njani. Akhona amacebiso esinokuwasebenzisa ukuze siphucule indlela esicula ngayo. *

12 Unokucula ngelizwi elivakalayo nelikhulu ngokufunda ukuphefumla kakuhle. Njengokuba nesibane silayitwa ngamandla ombane, xa uthetha okanye ucula, ilizwi linikwa amandla ngumoya owuphefumlayo. Ngoko xa ucula umele uvakale njengaxa uthetha okanye ngaphezu koko. (Jonga amacebiso akwincwadi ethi Zuza Kwimfundo YeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, kwiphepha 181 ukuya ku-184, kumxholo othi “Yilawule Ngendlela Efanelekileyo Indlela Ophefumla Ngayo.”) Ngamanye amaxesha neZibhalo zisixelela ukuba sikhwaze ngovuyo.—INdu. 33:1-3.

13. Cacisa ukuba sinokwenza ntoni ukuze sizithembe xa sicula.

13 Kunqulo lwentsapho okanye uwedwa, khawuzame le nto: Khetha enye yeengoma ozithandayo kwiculo. Funda amazwi ayo ngokuvakalayo, ngelizwi elithe qabavu. Ngelizwi elifanayo, funda umgca omnye uphefumle kwakanye. Wucule ke loo mgca, ngelizwi elivakalayo. (Isa. 24:14) Ilizwi lakho liza kuya lisiba namandla, ibe intle loo nto. Malingakothusi okanye likwenze iintloni!

14. (a) Kusinceda ngantoni ukuwuvula ngokupheleleyo umlomo xa sicula? (Bona ibhokisi ethi “ Indlela Yokucula Bhetele.”) (b) Ngawaphi amacebiso aye akunceda wakwazi ukucula?

14 Soze likwazi ukuphuma kakuhle ilizwi lakho ngaphandle kokuba uwuvule ngokupheleleyo umlomo. Ngoko enye into onokuyenza kukuwuvula kakhulu umlomo kunaxa uthetha. Yintoni onokuyenza ukuba ilizwi lakho liphantsi okanye liyakrasa? Unokusebenzisa amacebiso akwincwadi ethi Zuza Kwimfundo YeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, kwiphepha 184, kwibhokisi ethi “Ukoyisa Iingxaki Ezikhethekileyo.”

CULA NGENTLIZIYO YAKHO YONKE

15. (a) Sesiphi isaziso esenziwa kwintlanganiso yonyaka ka-2016? (b) Kwakutheni ukuze kwenziwe iculo elitsha?

15 Xa uMzalwan’ uStephen Lett weQumrhu Elilawulayo wazisa kwintlanganiso yonyaka ka-2016 ukuba kukho iculo elitsha elithi Culela UYehova Ngovuyo,” eliza kusetyenziswa kwiintlanganiso, wonke umntu olapho wavuya kakhulu. UMzalwan’ uLett wacacisa ukuba esinye sezizathu zokuba kuhlaziywe iculo kukuba limele lihambisane neNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele yesiNgesi. Le nto ithetha ukuba kuye kwafuneka kususwe okanye kutshintshwe iingoma ezinamagama angasasetyenziswayo kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha, kuba iye yahlaziywa ngo-2013. Kuye kongezwa nezinye iingoma ezithetha ngokushumayela, nangendlela esiyixabisa ngayo intlawulelo. Enye into, kuba ukucula kubalulekile kuthi xa sinqula uYehova, iQumrhu Elilawulayo belifuna ukwenza iculo elineqweqwe elifanayo neleNguqulelo Yehlabathi Elitsha.

16, 17. Ziintoni eziye zatshintshwa kwiculo elitsha?

16 Ukuze kube lula ukusebenzisa iculo elithi “Culela UYehova Ngovuyo,” iingoma zibekwe ngokulandelelana kwazo ngokwezinto ezithetha ngazo. Ngokomzekelo, iingoma zokuqala eziyi-12 zithetha ngoYehova, eziyi-8 ezilandelayo zithetha ngoYesu nangentlawulelo, njalo njalo. Kukho noludwe lwemixholo yeengoma eza kusinceda, ngokomzekelo xa ukhetha ingoma yentetho yesidlangalala.

17 Ukwenzela ukuba wonke umntu acule ngentliziyo yonke, amazwi ezinye iingoma aye atshintshwa ukuze zivakale ngcono izinto ezithetha ngazo nokuze kukhutshwe amagama angasasetyenziswayo. Ngokomzekelo, umxholo wengoma ethi “Ukuzeka Kade Umsindo” uye watshintshwa wathi “Masibe Nomonde,” namazwi aye atshintshwa. Kuba kucingelwa abantu, ingoma ethi “Londoloza Intliziyo Yakho” ngoku ithi “Masilondoloze Iintliziyo Zethu.” Kutheni? Ezintlanganisweni nasezindibanweni, kubakho abantu abasafikayo enyanisweni, abanomdla, ulutsha noodade, abasenokungakhululeki ukuyicula kuba ingathi baxelela abanye abantu ukuba benze ntoni. Ngoko umxholo namazwi aye atshintshwa.

Mane nizicula kunqulo lwentsapho (Jonga isiqendu 18)

18. Kutheni simele sizazi iingoma ezikwiculo elitsha? (Jonga umbhalo osemazantsi.)

18 Iingoma ezininzi kwiculo elithi “Culela UYehova Ngovuyo” zifana nemithandazo. Ngezi ngoma unokuchazela uYehova indlela oziva ngayo. Ezinye iingoma ziza kusikhuthaza ukuba ‘sibe nothando size senze imisebenzi emihle.’ (Heb. 10:24) Ngokuqinisekileyo siyafuna ukuyazi indlela eculwa ngayo ingoma, isingqi namazwi ayo. Sinokuzazi ngokumamela ezirekhodiweyo ku-jw.org/xh. Xa simane sizicula emakhaya, siya kutsho sizicule siqinisekile nangentliziyo yonke. *

19. Sinokumnqula njani uYehova sonke ebandleni?

19 Khumbula ukuba ukucula kubalulekile ekukhonzeni uYehova. Yenye indlela esibonisa ngayo ukuba siyamthanda uYehova kwaye siyazixabisa izinto asenzele zona. (Funda uIsaya 12:5.) Xa ucula uvakale, uyakwenza nabanye abantu bazithembe xa becula. Ngokuqinisekileyo, sonke ebandleni, ulutsha, abantu abadala nabanomdla, sinokukwazi ukumkhonza ngale ndlela uYehova. Ngoko sukoyika ukucula ngentliziyo yakho yonke. Kunoko, thobela lo myalelo womdumisi othi: “Mvumeleni uYehova!” Ngoko, cula uvakale!—INdu. 96:1.

^ isiqe. 11 Ukuze ufumane amacebiso endlela yokuphucula indlela ocula ngayo, bukela iJW Broadcasting kaDisemba 2014 (kwindawo ethi EZIVELA KWIZITUDIYO ZETHU).

^ isiqe. 18 Ukuze sibe nomdla wokucula, kusasa nasemva kwemini kwiindibano zethu kuqaliswa ngokudlalwa umculo imizuzu elishumi. Loo mculo ulungiselelwe ukuba usincede sicinge ngocwangciso oluza kulandela. Ngoko siyacelwa ukuba sibe sesihleli phantsi xa uqala ukuze siwumamele kakuhle.