Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Onobubele Uya Kusikelelwa’

‘Onobubele Uya Kusikelelwa’

IMIBINGELELO ibisoloko ibalulekile kunqulo lwenene. AmaSirayeli ayebingelela ngezilwanyana, namaKristu ebesoloko esaziwa ‘ngombingelelo wendumiso.’ Kodwa ke, ikho neminye imibingelelo uThixo akholiswa yiyo. (Heb. 13:15, 16) Njengoko le mizekelo elandelayo ibonisa, le mibingelelo isenza sivuye size sisikelelwe.

UHana, umkhonzi othembekileyo wamandulo, wayefuna ukuba nonyana kodwa engabafumani abantwana. Wafunga kuYehova esithi ukuba anganonyana, wayeza ‘kumnikela kuye yonke imihla yobomi bakhe.’ (1 Sam. 1:10, 11) Ethubeni, uHana waye wakhulelwa, waza waba nonyana, wamthiya igama lokuba nguSamuweli. Emva kokuba uSamuweli elunyulwe, uHana wamsa emnqubeni kanye njengokuba wayefungile. UYehova wamsikelela uHana ngalo moya wakhe wokuzincama. Wafumana nabanye abantwana abahlanu, yena uSamuweli waba ngumprofeti nombhali weBhayibhile.—1 Sam. 2:21.

NjengoHana noSamuweli, amaKristu namhlanje anikela ngobomi bawo, ekhonza uMdali. UYesu wathembisa ukuba nayiphi into esiyincamayo ukuze sikhonze uYehova siza kuvuzwa ngayo.—Marko 10:28-30.

Ngenkulungwane yokuqala, ibhinqa elingumKristu, uDorkas, lalisaziwa ‘ngezenzo ezilungileyo nezipho zenceba’—enceda abantu. Okubuhlungu kukuba, waye ‘wagula waza wafa,’ nto leyo eyalikhathaza kakhulu ibandla. Xa abafundi bevayo ukuba uPetros ukufutshane, bamcela ukuba eze ngokukhawuleza. Khawuthelekelele indlela abavuya ngayo xa uPetros wezayo waza wamvusa uDorkas, ibe siqala ngaye ukuva ngomntu owavuswa ngumpostile! (IZe. 9:36-41) UThixo wayengakulibelanga ukuzincama kukaDorkas. (Heb. 6:10) Ingxelo yakhe yokuba nezinwe ibhalwe kwiLizwi LikaThixo ukuze nathi simxelise.

Nompostile uPawulos ungumzekelo omhle womntu owanikela ngexesha lakhe. Wabhalela amaKristu aseKorinte, esithi: “Mna ke ndiya kuchulumanca kakhulu ukuba ndinokudleka ndize ndisetyenziswe ngokupheleleyo ngenxa yemiphefumlo yenu.” (2 Kor. 12:15) UPawulos wayibona kuye into yokuba ukuzincama ngenxa yabantu akukwenzi waneliseke nje kuphela, kodwa okubaluleke nangakumbi kukuba, kukwenza usikelelwe kwaye uYehova akholiswe nguwe.—IZe. 20:24, 35.

Izicacele into yokuba uYehova uyavuya xa sisebenzisa ixesha namandla ethu ukuze sixhase intlangano kumsebenzi wayo kwaye sincede nabazalwana noodadewethu. Kodwa ngaba zikho ezinye iindlela esingawuxhasa ngazo umsebenzi wokushumayela? Ewe zikho! Ukongezelela kwimisebenzi esiyenza siqhutywa luthando, sinokumzukisa uThixo nangeminikelo yethu yokuzithandela. Isetyenziswa kumsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini, oquka ukuxhasa abathunywa bevangeli nabanye abakwinkonzo ekhethekileyo yexesha elizeleyo. Ukongezelela, iminikelo yethu yokuzithandela ixhasa umsebenzi wokubhala nowokuguqulela iincwadi neevidiyo, ukunceda xa kuhle iintlekele nokwakha iiHolo ZoBukumkani. Siqinisekile ukuba ‘onobubele uya kusikelelwa.’ Enye into kukuba, xa sinikela ngezinto zethu zexabiso kuYehova, siyamzukisa.—IMize. 3:9; 22:9.