Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ungavumeli Nantoni Na Ikwenze Ungawufumani Umvuzo

Ungavumeli Nantoni Na Ikwenze Ungawufumani Umvuzo

“Makungabikho mntu uniphulukanisa nomvuzo.”—KOL. 2:18.

IINGOMA: 32, 134

1, 2. (a) Ngowuphi umvuzo esinethemba lokuwufumana? (b) Yintoni esinceda singawasusi amehlo ethu emvuzweni? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

AMAKRISTU athanjisiweyo ale mihla, njengompostile uPawulos, anethemba lokufumana “umvuzo wobizo lwaphezulu lukaThixo.” (Fil. 3:14) Akhangele phambili ekulawuleni noYesu Kristu nasekumncediseni xa esenza abantu bafezeke. (ISityhi. 20:6) Ngokwenene uThixo uwanike ithemba elimangalisayo! Ezinye izimvu zona zinelinye ithemba. Zijonge ukufumana umvuzo wokuphila emhlabeni ngonaphakade—liyazivuyisa eli themba!—2 Pet. 3:13.

2 Ukuze ancede amaKristu athanjisiweyo ahlale ethembekile aze afumane umvuzo, uPawulos wathi kuwo: “Gcinani iingqondo zenu zimiliselwe kwizinto zaphezulu.” (Kol. 3:2) Ayemele ahlale ecinga ngethemba lokuphila ezulwini. (Kol. 1:4, 5) Nyhani ke, enoba sinethemba lokuphila ezulwini okanye emhlabeni, ukucinga ngeentsikelelo uYehova asithembise zona kuya kusinceda sihlale sijonge emvuzweni.—1 Kor. 9:24.

3. UPawulos wawalumkisa ngantoni amaKristu?

3 UPawulos wawalumkisa amaKristu nangeengozi ezazinokuwenza angawufumani umvuzo. Ngokomzekelo, wabhalela ibandla laseKolose elilumkisa ngamaKristu obuxoki awayezama ukukholisa uThixo ngokuthobela uMthetho KaMoses kunokuba abe nokholo kuKristu. (Kol. 2:16-18) UPawulos wathetha nangeengozi ezisekhoyo nangoku ezinokusenza singawufumani umvuzo. Ngokomzekelo, wabonisa indlela anokwenza ngayo ukuze angabi neeminqweno engafanelekanga, akwazi ukulungisa izinto xa exabene namanye amaKristu nokulungisa iingxaki zentsapho. Amacebiso akhe abalulekile nakuthi. Ngoko, makhe sijonge ezinye zezilumkiso zikaPawulos ezikwincwadi yabaseKolose.

BHUBHISANI IMINQWENO ENGAFANELEKANGA

4. Kutheni iminqweno engafanelekanga inokusenza siphoswe ngumvuzo?

4 Emva kokuba uPawulos ekhumbuze abazalwana bakhe ngethemba abanalo, wathi: “Bhubhisani, ke ngoko, amalungu enu omzimba asemhlabeni, uhenyuzo, ukungahlambuluki, inkanuko yesini, umnqweno owenzakalisayo, nokubawa.” (Kol. 3:5) Iminqweno engafanelekanga inamandla kwaye ingasenza siphoswe ngumvuzo esiwubekelwe nguThixo. Omnye umzalwana owoyiswa yiminqweno engafanelekanga, wathi emva kokuba ebuyele ebandleni, “Ndatsalwa ngumnqweno onamandla, ndathi ndiqabuka kwabe sele konakele.”

5. Sinokuzikhusela njani kwiimeko eziyingozi?

5 Kufuneka silumke, ngokukodwa xa sikwiimeko ezinokusenza sophule imithetho kaYehova yokuziphatha. Ngokomzekelo, kububulumko ukuba kwasekuqaleni abantu abathandanayo babeke imida ecacileyo kumba wokubambana, wokuphuzana nokuba nempelesi. (IMize. 22:3) Ezinye iimeko ezinokuba yingozi kuxa umKristu ephume nomsebenzi okanye umsebenzi wakhe umenza asoloko ekunye nomntu wesini esahlukileyo. (IMize. 2:10-12, 16) Ukuba ukule meko, zichaze ukuba uliNgqina LikaYehova, ziphathe ngendlela enesidima kwaye ukhumbule ukuba ukuzenza ngathi uyamfuna loo mntu kunokuba nemiphumo emibi. Enye into engasenza sibe sengozini ngakumbi kuxa sibuhlungu okanye siziva siphantsi. Ngelo xesha sisenokufuna umntu oza kusenza sizive sithandwa. Sisenokufuna ukuhoywa kangangokuba side siziphose nakubani na. Ukuba inokwenzeka le nto kuwe, cela uncedo kuYehova nakubantu bakhe ukuze ungazivumeli uphoswe ngumvuzo.—Funda iNdumiso 34:18 neMizekeliso 13:20.

6. Yintoni esifanele siyikhumbule xa sikhetha iindlela zokuzonwabisa?

6 Ukuze singabi neminqweno ephosakeleyo, kufuneka sichase iindlela zokuzonwabisa ezingafanelekanga. Iindlela zokuzonwabisa zangoku ezininzi zifana nezaseSodom naseGomora. (Yude 7) Abantu abaphambili kwezolonwabo benza ukulala kwabantu abangatshatanga kubonakale kuyinto nje eqhelekileyo nengenamiphumo ibuhlungu. Sifanele silumke, singamkeli kwandlela yokuzonwabisa ebekwa phambi kwethu. Sifanele sikhethe iindlela zokuzonwabisa ezingayi kusenza sisuse amehlo ethu kumvuzo wobomi.—IMize. 4:23.

“YAMBATHANI” UTHANDO NOBUBELE

7. Zeziphi iingxaki ezinokubakho ebandleni?

7 Sonke siyavuma ukuba kumnandi ukuba kwibandla lamaKristu. Ezintlanganisweni sifunda iLizwi LikaThixo, siyakhuthazana, ibe loo nto isenza singawasusi amehlo ethu emvuzweni. Kodwa ke, ngamanye amaxesha ukungavani kunokubangela iingxaki ebandleni. Ukuba asizilungisi ezo ngxaki, singade sibe nenzondo.—Funda eyoku-1 kaPetros 3:8, 9.

8, 9. (a) Zeziphi iimpawu eziza kusinceda siwufumane umvuzo? (b) Yintoni eya kusinceda sigcine uxolo xa omnye umKristu eye wasicaphukisa?

8 Singenza ntoni ukuze inzondo ingasenzi siphoswe ngumvuzo? UPawulos wathi kwabaseKolose: “Yambathani umsa wemfesane, ububele, ukuthobeka kwengqondo, ubulali, nokuzeka kade umsindo. Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela omnye. Kanye njengoko uYehova wanixolela ngesisa, yenzani njalo nani. Ke, phezu kwazo zonke ezi zinto, yambathani uthando, kuba lungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.”—Kol. 3:12-14.

9 Ukuba sinothando nobubele singakwazi ukuxolelana. Ngokomzekelo, xa sisiva kabuhlungu ngenxa yento ethethwe okanye eyenziwe ngomnye umKristu, masikhumbule ukuba nathi sikhe sithethe okanye senze izinto ezivisa abanye kabuhlungu. Siyixabisa nyhani into yokuba abazalwana noodade abanothando nobubele bengazange basixhibe ngenxa yezo mpazamo. (Funda iNtshumayeli 7:21, 22.) Eyona nto siyibulela ngakumbi bububele bukaKristu obumanyanisa abanquli benene. (Kol. 3:15) Sithanda uThixo omnye, sishumayela into enye, neengxaki zethu ezininzi ziyafana. Xa sixolelana, sincedisa ekubeni ibandla lihlale limanyene size singasusi amehlo ethu kumvuzo wobomi.

10, 11. (a) Kutheni umona uyingozi? (b) Singenza ntoni ukuze umona ungasenzi siphoswe ngumvuzo?

10 Abanye abantu ekuthethwe ngabo eBhayibhile basibonisa ukuba, umona unokusenza singawufumani umvuzo. Ngokomzekelo, uKayin wammonela umntakwabo uAbheli waza wambulala. UKora, uDatan, noAbhiram bammonela uMoses baza baphikisana naye. NoKumkani uSawule wammonela uDavide waza wazama ukumbulala. Yiloo nto iLizwi LikaThixo lisithi: “Apho kukho [umona] nokusukuzana, kubakho isidubedube nabo bonke ububi.”—Yak. 3:16.

11 Ukuba sinothando nobubele, asinakufane sibe nomona. ILizwi LikaThixo lithi: “Uthando luzeka kade umsindo yaye lunobubele. Uthando [alunamona].” (1 Kor. 13:4) Ukuze singabi namona, kufuneka sizame ukubona izinto ngendlela uThixo azijonga ngayo, sijonge abazalwana noodade njengamalungu omzimba omnye. Loo nto iza kusinceda senze ngokwesi sibhalo: “Ukuba ilungu liyazukiswa, onke amanye amalungu avuyisana nalo.” (1 Kor. 12:16-18, 26) Ngoko xa kusenzeka izinto ezintle kwabanye abazalwana, endaweni yokuba sibe nomona siya kubavuyela. Cinga ngonyana kaKumkani uSawule, uYonatan. Zange abe nomona xa uDavide wakhethwa ukuba abe ngukumkani. Kunoko, wamkhuthaza. (1 Sam. 23:16-18) Nathi masibe nobubele nothando njengoYonatan.

MASIWUFUMANE UMVUZO NJENGENTSAPHO

12. Leliphi icebiso eliseZibhalweni eliza kunceda iintsapho ziwufumane umvuzo?

12 Xa iintsapho zisebenzisa imigaqo yeBhayibhile, zinokuba noxolo kwaye zonwabe, zize ziwufumane umvuzo. UPawulos wazicebisa wathini iintsapho zamaKristu zaseKolose? Wathi: “Nina bafazi, wathobeleni amadoda enu, njengoko kufanelekile eNkosini. Nina madoda, hlalani nibathanda abafazi benu, ningavuthi ngumsindo ngakubo. Nina bantwana, bathobeleni abazali benu ezintweni zonke, kuba oko kukholekile eNkosini. Nina boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, ukuze bangadakumbi.” (Kol. 3:18-21) Inoba uyabona ukuba eli cebiso likaPawulos, lisabanceda nangoku abayeni, abafazi nabantwana.

13. Udade onomyeni ongakholwayo unokwenza ntoni ukuze amncede afune ukukhonza uYehova?

13 Masithi uyinkosikazi ibe umyeni wakho akakuphethanga kakuhle. Ngaba ukulwa naye ngaloo nto kuza kuyilungisa ingxaki? Nokuba ude ayenze le nto uyifunayo, ngaba angaze afune ukukhonza uYehova? Ayinakufane yenzeke loo nto. Kodwa ukuba uyamhlonela umyeni wakho njengentloko, kuya kubakho uxolo entsatsheni yakho, uzukise uYehova, ibe unokwenza umyeni wakho afune ukukhonza uYehova, nitsho niwufumane kunye umvuzo.—Funda eyoku-1 kaPetros 3:1, 2.

14. Umyeni ongumKristu ufanele enze ntoni xa umfazi wakhe ongakholwayo engamhloneli?

14 Masithi ungumyeni ibe inkosikazi yakho engakholwayo ayikuhloneli? Ukuba uyayingxolisa kuba ufuna ibone ukuba kuphethe bani, ngaba loo nto iya kuyenza ikuhlonele? Soze! UThixo ulindele ukuba ube yintloko enothando njengoYesu. (Efe. 5:23) UYesu, intloko yebandla, unomonde kulo ibandla. (Luka 9:46-48) Xa umyeni exelisa uYesu, unokwenza umkakhe afune ukukhonza uYehova.

15. Umyeni unokubonisa njani ukuba uyamthanda umkakhe?

15 Abayeni baxelelwa ukuba ‘bahlale bebathanda abafazi babo, bangavuthi ngumsindo ngakubo.’ (Kol. 3:19) Umyeni omthandayo umkakhe uyambeka ngokuthi ammamele aze amqinisekise ukuba zibalulekile kuye izinto azithethayo. (1 Pet. 3:7) Nangona engazukwenza yonke into ayithethayo, ngokuthetha naye uyakwazi ukwenza isigqibo esifanelekileyo. (IMize. 15:22) Umyeni omthandayo umkakhe akamnyanzeli ukuba amhlonele, kunoko wenza izinto ezimenza amhlonele. Umyeni omthandayo umkakhe nabantwana, udla ngokuba nentsapho ekhonza uYehova yonwabile neza kuwufumana umvuzo wobomi.

Ungenza ntoni ukuze iingxaki zentsapho zingakwenzi uphoswe ngumvuzo? (Jonga isiqendu 13-15)

LUTSHA—NINGAVUMELI NANTONI NA INENZE NINGAWUFUMANI UMVUZO!

16, 17. Umntu omtsha unokuncedwa yintoni ukuze angadikwa ngabazali bakhe?

16 Mhlawumbi ungumntu omtsha ibe ubona ngathi aniqondani nabazali bakho abangamaKristu kwaye bangqongqo. Le nto isenokukucaphukisa kangangokuba uyithandabuze into yokuba ukukhonza uYehova yeyona nto umele uyenze ngobomi bakho. Kodwa sukuyeka ukukhonza uYehova ngenxa yaloo nto, kuba akukho mntu ukukhathalele njengabazali bakho nabazalwana.

17 Ukuba abazali bakho bebekujonga nje bengakunqandi, ubungayi kucinga ukuba abanaxesha lakho? (Heb. 12:8) Kodwa usenokuba ucatshukiswa yindlela abakuqeqesha ngayo. Endaweni yokuba uqunjiswe yindlela abakuqeqesha ngayo, zama ukuqonda isizathu sokuba benze ngaloo ndlela. Zama kangangoko ukuba ungaqumbi xa unqandwa. ILizwi LikaThixo lithi: “Nabani na owabambayo amazwi akhe unolwazi, nomntu oqondayo unomoya opholileyo.” (IMize. 17:27) Khula, ukwazi ukumamela xa unqandwa, ungazikhathazi ngendlela onqandwe ngayo. (IMize. 1:8) Kuyintsikelelo nyhani ukuba nabazali abamthandayo uYehova. Baza kukunceda ufumane umvuzo wobomi.

18. Kutheni uzimisele ukungawasusi amehlo akho emvuzweni?

18 Sinomvuzo omangalisayo esiwuthenjisiweyo, enoba siza kuphila ubomi bokungafi ezulwini okanye obungunaphakade apha emhlabeni. Liqinisekile elo themba kuba sithenjiswe nguMdali ngokwakhe. UThixo uthi ngeParadesi: “Umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova.” (Isa. 11:9) Wonke umntu oya kube ephila emhlabeni ngelo xesha uya kufundiswa nguYehova. Simele sizimisele ukuwufumana loo mvuzo. Ngoko hlala ucinga ngale nto uYehova akuthembise yona, uze ungavumeli nantoni na ikwenze ungawufumani umvuzo!