Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uyayixabisa IBhayibhile?

Ngaba Uyayixabisa IBhayibhile?

“Xa nalamkelayo ilizwi likaThixo, . . . nalamkela,  . . . kanye njengokuba kunjalo enyanisweni, njengelizwi likaThixo.”​—1 TES. 2:13.

IINGOMA: 114, 113

1-3. Inoba yaqala njani ingxaki kaWodiya noSintike, ibe yintoni esinokuyenza ukuze ingxaki efanayo ingabikho kwaukubakho? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

ABAKHONZI bakaYehova bayixabise kakhulu iBhayibhile. Kuba singafezekanga, ngamanye amaxesha siye silulekwe ngeZibhalo. Siza kuthini ke xa silulekwa? Khawucinge ngamaKristu enkulungwane yokuqala, uWodiya noSintike. Ayenengxaki enkulu la mabhinqa athanjisiweyo. Yayiyintoni? IBhayibhile ayisixeleli. Kodwa kuba sifuna ukuzekelisa ngawo, masithi kwenzeka oku kulandelayo.

2 Kusenokwenzeka ukuba uWodiya wamema abazalwana noodade ukuze bafumane okusiwa phantsi kwempumlo nokuze bancokole nje. Wayengamenywanga yena uSintike kodwa weva ukuba bekumnandi. Inoba wayesithi uSintike: ‘Kutheni engandimemanga uWodiya? Bendicinga ukuba ndingoyena mhlobo wakhe.’ Eziva ephoxekile, uSintike waqalisa ukungamqondi nokumkrokrela uWodiya. USintike wenza elakhe itheko waza wamema bonke abazalwana noodade ababemenywe nguWodiya kodwa akammema yena. Le ngxaki kaSintike noWodiya yayinokugxobha uxolo lwebandla lonke. IBhayibhile ayitsho ukuba yintoni eyenzekayo ekugqibeleni, kodwa aba dade kusenokwenzeka ukuba basimamela isiluleko sothando sikampostile uPawulos.​—Fil. 4:2, 3.

3 Imeko efana nale ibangela iingxaki emabandleni abantu bakaYehova nanamhlanje. Kodwa, ezo ngxaki zinokuconjululwa okanye zingabikho kwaukubakho xa kusetyenziswa isiluleko seLizwi likaThixo, iBhayibhile. Ukuba siyayixabisa iBhayibhile siya kusoloko sisenza oko ithi masikwenze.​—INdu. 27:11.

IBHAYIBHILE NEEMVAKALELO ZETHU

4, 5. Leliphi icebiso eliseBhayibhileni elingokubamba umoya wethu?

4 Akukho lula ukuzibamba xa umntu ethetha kakubi okanye esiphatha ngendlela engafanelekanga. Kunokuba buhlungu kakhulu xa siphathwa kakubi ngenxa yohlanga, ibala okanye nayiphi na indlela esiyiyo. Sinokuxheleka nangakumbi ukuba ngumKristu osiphatha ngaloo ndlela. Ngaba iLizwi likaThixo linamacebiso anokusinceda xa sidibana nezi meko zimbi zibangelwa kukungafezeki kwethu?

5 UYehova ebeyibona indlela abantu abaphathana ngayo ukususela kubantu bokuqala. Uye ayibone indlela esiziva nesenza ngayo. Izinto esizicingayo xa sinomsindo zinokusenza sithethe okanye senze into esiya kuzisola ngayo kamva. Kuya kusinceda ukusebenzisa icebiso eliseBhayibhileni lokuba siwubambe umoya wethu size singakhawulezi ukucaphuka! (Funda iMizekeliso 16:32; neNtshumayeli 7:9.) Ngokuqinisekileyo sonke kufuneka sizame ukuba singabi nochuku kwaye sixolele. Umba wokuxolela ubaluleke kakhulu kuYehova nakuYesu. (Mat. 6:14, 15) Yeyiphi wena ekufuneka usebenzele kuyo, kukuxolela okanye kukubamba umoya wakho?

6. Kutheni sifanele sikulumkele ukusoloko siqumbile?

6 Abantu abangakwaziyo ukubamba umoya wabo badla ngokusoloko bequmbile. Ngenxa yoko, badla ngokubalekwa ngabantu. Umntu ohlala equmbile unokufaka umoya ombi ebandleni. Angazama yena ukuyifihla ingqumbo nenzondo yakhe, kodwa iingcinga ezimbi ezisentliziyweni yakhe ‘ziya kutyhilwa ebandleni.’ (IMize. 26:24-26) Abadala bamele babancede abantu abanjalo babone ukuba ingqumbo, inzondo nokubamba isixhiba azifuneki kwintlangano kaThixo. IBhayibhile iyibeka icace loo nto. (Lev. 19:17, 18; Roma 3:11-18) Ngaba uyavumelana nayo?

CINGA NGENDLELA ESIKHOKELWA NGAYO

7, 8. (a) UYehova uyikhokela njani inxalenye esemhlabeni yentlangano yakhe? (b) ILizwi likaThixo lithi masenze ntoni, ibe kutheni simele silithobele?

7 UYehova ukhokela aze ondle abo bakwinxalenye esemhlabeni yentlangano yakhe esebenzisa “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” elalathiswa nguKristu, “intloko yebandla.” (Mat. 24:45-47; Efe. 5:23) Njengequmrhu elilawulayo lenkulungwane yokuqala, eli khoboka liyalamkela ilizwi okanye umyalezo ophefumlelweyo kaThixo, ibe liyawuxabisa. (Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 2:13.) Ziintoni ethi iBhayibhile masizenze ezinokusinceda?

8 IBhayibhile ithi masiye rhoqo ezintlanganisweni. (Heb. 10:24, 25) Ithi masimanyane kwimfundiso enye. (1 Kor. 1:10) ILizwi likaThixo lithi uBukumkani mabube yeyona nto ibalulekileyo kubomi bethu. (Mat. 6:33) IZibhalo zigxininisa ukuba kuyimbopheleleko nelungelo lethu ukushumayela emakhayeni abantu, kwiindawo zikawonkewonke nangokungacwangciswanga. (Mat. 28:19, 20; IZe. 5:42; 17:17; 20:20) IBhayibhile ithi abadala bafanele bayigcine icocekile intlangano. (1 Kor. 5:1-5, 13; 1 Tim. 5:19-21) UYehova uyalele ukuba bonke abo bakwintlangano yakhe bacoceke emzimbeni nangendlela abamkhonza ngayo.​—2 Kor. 7:1.

9. Ngubani ekuphela kwejelo elinokusinceda siliqonde iLizwi likaThixo?

9 Abanye basenokucinga ukuba banokuyicacisa ngokwabo iBhayibhile. Kodwa ke, uYesu umisele “ikhoboka elithembekileyo” lodwa ukuba lisasaze izinto ezithethwa yiBhayibhile. Ukususela ngo-1919, uYesu Kristu ozukisiweyo ebesebenzisa elo khoboka ukuze lincede abalandeli bakhe bayiqonde iBhayibhile, kwaye bayithobele. Xa sithobela imiyalelo eseBhayibhileni, sinceda ibandla ukuba licoceke, libe noxolo yaye limanyane. Ngamnye kuthi umele azibuze, ‘Ngaba ndisoloko ndilithobela eli khoboka uYesu alisebenzisayo namhlanje?’

INQWELO KAYEHOVA AYIMANGA NDAWONYE!

10. Ichazwe njani inxalenye esezulwini yentlangano kaYehova kwincwadi kaHezekile?

10 ILizwi likaThixo lisixelela ngenxalenye esezulwini yentlangano yakhe. Ngokomzekelo, umprofeti uHezekile wabona umbono apho inxalenye esezulwini yentlangano kaThixo imelwa yinqwelo yasezulwini. (Hez. 1:4-28) NguYehova oqhuba le nqwelo ibe iya apho umoya wakhe uyiqhubela khona. Le nxalenye esezulwini yentlangano yakhe inefuthe kwinxalenye esemhlabeni. Ngokwenene le nqwelo iyahamba! Khawucinge ngezinto eziye zatshintshwa entlanganweni kule minyaka ilishumi idlulileyo, uze ukhumbule ukuba nguYehova obefuna kutshintshwe. Njengoko uKristu neengelosi ezingcwele sele beza kutshabalalisa eli hlabathi lingendawo, inqwelo kaYehova ingxamele ukuba kuthethelelwe ilungelo lakhe lokulawula kuze kungcwaliswe igama lakhe elingcwele!

Siyabulela kuba kukho amatsha-ntliziyo awenza umsebenzi wokwakha! (Jonga isiqendu 11)

11, 12. Zeziphi ezinye zezinto eziye zenziwa yintlangano kaYehova?

11 Khawucinge ngezinto eziye zenziwa yinxalenye esemhlabeni yentlangano kaThixo kule mihla yokugqibela. Ukwakha. Abantu abaninzi bebesebenza nzima besakha isebe elilikomkhulu lamaNgqina kaYehova eWarwick, eNew York, eMerika. Isalathiswa liSebe Lokwakha Nelenza Iiplani Ehlabathini Lonke, inyambalala yamatsha-ntliziyo isebenza nzima isakha iiHolo zoBukumkani yaye isandisa namasebe. Siwabulela kakhulu la matsha-ntliziyo azimiseleyo ekwenzeni lo msebenzi! UYehova uyabasikelela abavakalisi boBukumkani abasehlabathini lonke abathi ngenxa yokuthobeka nokunyaniseka banikele ukuze bancedise ngemali kulo msebenzi.​—Luka 21:1-4.

12 Imfundo. Kukho izikolo ezifundisa iBhayibhile. (Isa. 2:2, 3) SineSikolo Senkonzo Yobuvulindlela, iSikolo Sabavangeli BoBukumkani, iSikolo SaseGiliyadi, iSikolo Sabafikayo EBheteli, iSikolo Sabaveleli Abahambahambayo Nabafazi Babo, iSikolo Sabadala Bebandla, iSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani kunye neSikolo Samalungu EKomiti Yesebe Nabafazi Bawo. UYehova uyathanda ukubafundisa abantu bakhe! Imfundo yeBhayibhile iyafumaneka nakwiwebhsayithi yethu u-jw.org, apho kukho iincwadi ngeelwimi ezininzi. Le webhsayithi inecandelo labantwana, eleentsapho neleendaba. Ngaba uyamsebenzisa u-jw.org xa ushumayela naxa usenza unqulo lwentsapho?

QHUBEKA UTHOBELA UYEHOVA NGOKUXHASA INTLANGANO YAKHE

13. Yeyiphi imbopheleleko esinayo thina bakhonzi bakaYehova abanyanisekileyo?

13 Kulilungelo ngokwenene ukuba kwintlangano kaYehova! Ekubeni sikwazi oko uThixo akufunayo nemilinganiselo yakhe, sinembopheleleko yokwenza okulungileyo nokuxhasa ilungelo lakhe lokulawula. Njengoko eli hlabathi lisiya lisiba libi, thina simele ‘sikuthiye okubi’ njengoYehova. (INdu. 97:10) Asisoze sifane nabo bangamoyikiyo uThixo abathi: “Okulungileyo kubi nokubi kulungile.” (Isa. 5:20) Ekubeni sifuna ukukholisa uThixo, sizama ukuhlala sicocekile emzimbeni, ngokuziphatha nakwindlela esimkhonza ngayo. (1 Kor. 6:9-11) Siyamthanda uYehova ibe sithembele ngaye. Sikhetha ukusoloko simthobela ngokuphila ngemilinganiselo yakhe ecaciswe gca eLizwini lakhe. Senza konke esinako ukuze siphile ngemilinganiselo yakhe emakhayeni ethu, ebandleni, emsebenzini, esikolweni​—naphi na. (IMize. 15:3) Khawucinge nangezinye iindlela onokubonisa ngazo ukuba ufuna ukusoloko uthobela uThixo.

14. Abazali abangamaKristu banokubonisa njani ukuba bafuna ukusoloko bethobela uThixo?

14 Ukuqeqesha abantwana. Abazali abangamaKristu babonisa ukuba bafuna ukusoloko bethobela uYehova ngokuqeqesha abantwana babo ngeLizwi lakhe. Abazali aboyika uThixo abalandeli izithethe zasekuhlaleni xa beqeqesha abantwana babo. Kwikhaya lamaKristu, asinakwenza izinto ngendlela ihlabathi elenza ngayo. (Efe. 2:2) Utata obhaptiziweyo akanakuthi, ‘Kule yethu indawo, abantwana bafundiswa ngoonina.’ IBhayibhile ithetha ngqo kulo mba: “Boyise, . . . qhubekani nibakhulisela [abantwana benu] kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efe. 6:4) Abazali aboyika uThixo bafuna abantwana babo bafane noSamuweli, kuba uYehova waba naye ngoxa wayekhula.​—1 Sam. 3:19.

15. Sinokubonisa njani ukuba sifuna ukusoloko sithobela uYehova xa sisenza izigqibo ezibalulekileyo?

15 Ukwenza izigqibo. Sinokubonisa ukuba sifuna ukusoloko sithobela uThixo ngokuthi xa sisenza izigqibo ezibalulekileyo sifune uncedo kwiLizwi lakhe nakwintlangano yakhe. Ukubonisa indlela okubaluleke ngayo oku, makhe sithethe ngombandela ontununtunu abazali abaninzi ekuye kufuneke bagqibe ngawo. Kuqhelekile kwabanye abantu abafudukele kwelinye ilizwe ukuba xa benosana baluthumele ekhaya ukuze luhoywe ngabazali babo, baze bona baqhubeke besebenza, besenza imali kwelo lizwe bakulo. Umntu ngamnye umele azigqibele, kodwa sifanele sikhumbule ukuba uThixo uya kusiphendulisa ngezigqibo esizenzayo. (Funda amaRoma 14:12.) Ngaba ibingenakusichana into yokuba senze izigqibo ezibalulekileyo ngeentsapho zethu nangobomi bethu ngaphandle kokukhangela ukuba ithini iBhayibhile? Besiya kuba sizikhanda ngenyheke etyeni kaloku! Siyakufuna ukuncedwa nguBawo wethu osezulwini kuba asikwazi ukwalathisa amanyathelo ethu.​—Yer. 10:23.

16. Xa labeleka usana, elinye ibhinqa kwafuneka lenze siphi isigqibo, ibe lancedwa yintoni ukuze lenze isigqibo esifanelekileyo?

16 Elinye ibhinqa elaba nomntwana ngoxa lihlala kwilizwe lasemzini laliza kuthumela olo sana kowalo ukuze lukhuliswe ngumakhulu notatomkhulu. Ngelo xesha kanye laqalisa ukufunda iBhayibhile neNgqina likaYehova. Lenza inkqubela laza lafunda ukuba ukukhulisa umntwana walo ukuze akhonze uYehova yimbopheleleko yalo eliyinikwe nguThixo. (INdu. 127:3; IMize. 22:6) Eli bhinqa lazityand’ igila kuYehova njengokuba iZibhalo zisithi masenjenjalo. (INdu. 62:7, 8) Laphalaza imbilini yalo kumntu elalifunda naye iBhayibhile laza laxelela nabanye ebandleni. Nangona izalamane nezihlobo zalo zazifuna ukulinyanzela ukuba liluse kumakhulu nakutatomkhulu olo sana, lagqiba ekubeni alifanele lenjenjalo. Umyeni walo wayithanda indlela lona nosana lwalo abaxhaswa ngayo libandla kangangokuba wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile waza waqalisa ukuya kwiintlanganiso nomkakhe nomntwana wabo. Ngaba ucinga ukuba eli bhinqa lalivakalelwa kukuba uYehova uyiphendule imithandazo yalo? Ngokuqinisekileyo lavakalelwa ngaloo ndlela.

17. Luluphi ulwalathiso esilunikiweyo lokuqhuba izifundo zeBhayibhile?

17 Ukulandela ulwalathiso. Indlela ebalulekileyo yokubonisa ukuba sifuna ukusoloko sithobela uThixo kukulandela ulwalathiso lwentlangano yakhe. Ngokomzekelo, khawucinge ngamacebiso esiwafumeneyo okuqhuba izifundo zeBhayibhile. Siye sacetyiswa ukuba xa sifunda nomntu incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? ,ekupheleni kwesifundo kufuneka sibe nemizuzu embalwa esifunda ngayo ngentlangano. Sinokwenza oku ngokuthi sibukele ividiyo ethi, Yintoni Eyenzekayo EHolweni YoBukumkani? nangokufunda incwadi ethi, Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje? Kucetyiswa ukuba xa sigqibile ukufunda incwadi ethi, Okufundiswa YiBhayibhile nomntu owenza inkqubela, sifunde naye ethi, Zigcineni Kuthando LukaThixo”, nokuba sele ebhaptiziwe. Intlangano ithi masikwenze oku ukuze umfundi omtsha ‘azinziswe elukholweni.’ (Kol. 2:7) Ngaba uyawasebenzisa amacebiso avela kwintlangano kaYehova afana nala?

18, 19. Zeziphi ezinye izizathu esinazo zokumbulela uYehova?

18 Sinezizathu ezininzi esinokumbulela ngazo uYehova! Siphila nje kungenxa yakhe. (IZe. 17:27, 28) Usiphe isipho esixabisekileyo, iBhayibhile. Siyazi ukuba iBhayibhile inomyalezo kaThixo njengoko namaKristu aseTesalonika ayibona ngaloo ndlela.​—1 Tes. 2:13.

19 Ekubeni sineLizwi likaThixo siye sakwazi ukusondela kuye yaye naye wasondela kuthi. (Yak. 4:8) UBawo wethu wasezulwini usivave ngelungelo lokuba sentlanganweni yakhe. Sizixabisa ngokwenene ezo ntsikelelo! Umdumisi wayibeka kakuhle indlela esinoxabiso ngayo xa wacula wathi: “Bulelani kuYehova, kuba ulungile: Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.” (INdu. 136:1) KwiNdumiso 136, amazwi athi “ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo” afumaneka kangangezihlandlo eziyi-26. Ngokusoloko simthobela uYehova nentlangano yakhe siya kuwangqina eyinyaniso loo mazwi kuba siya kuphila ngonaphakade!