Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Qhubekani Nikhuthazana Mihla Le”

“Qhubekani Nikhuthazana Mihla Le”

“Ukuba kukho naliphi na ilizwi eninalo lokukhuthaza abantu, lixeleni.”​IZE. 13:15.

IINGOMA: 121, 45

1, 2. Kutheni kubalulekile ukukhuthazwa?

UCRISTINA, [1] oneminyaka eyi-18 uthi: “Abazali bam abafane bandincome kodwa basoloko bendigxeka. Amazwi abo ayahlaba. Bathi andibhadlanga soze ndibhadle kwaye ndisisidudla. Ndingumntu lo osoloko elila yaye ndizixelele ukuba kungcono ndingathethi nabo. Ndiziva ndingento yanto.” Ubomi buba nzima xa umntu engakhuthazwa!

2 Kwelinye icala, kuyanceda ukukhuthazwa. URubén uthi: “Yiminyaka ndisilwa nokuziva ndingento yanto. Ngenye imini ndandisentsimini kunye nomnye umdala, waqaphela ukuba ndandingonwabanga. Wandimamela ngovelwano njengoko ndandimxelela indlela endiziva ngayo. Wandikhumbuza ngezinto ezintle endizenzayo. Wandikhumbuza nangamazwi kaYesu abonisa ukuba umntu ngamnye uxabiseke ngaphezu koongqatyana abaninzi. Ndihlala ndicinga ngeso sibhalo yaye sisandikhuthaza nangoku. Amazwi alo mdala enza kwathi ham.”​—Mat. 10:31.

3. (a) Wathini umpostile uPawulos ngokukhuthazana? (b) Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula kweli nqaku?

3 Kulindelekile ukuba iBhayibhile igxininise ukuba simele sibakhuthaze abanye ngalo lonke ixesha. Umpostile uPawulos wabhalela amaKristu angamaHebhere wathi: “Lumkani, bazalwana, kungaveli nakuwuphi na kuni onentliziyo engendawo eswele ukholo ngokuthi imke kuThixo ophilayo; kodwa hlalani nibongozana umhla ngamnye, . . . ukuze kungabikho nabani na kuni owenziwa lukhuni ngamandla akhohlisayo esono.” (Heb. 3:12, 13) Uya kuyazi ukuba sibaluleke kangakanani esi siluleko sokukhuthazana xa ukhumbula indlela owaziva usemandleni ngayo emva kokuba ukhuthaziwe. Makhe siphendule le mibuzo: Kutheni kubalulekile ukukhuthazana? Sinokufunda ntoni kwindlela uYehova, uYesu noPawulos ababakhuthaza ngayo abantu? Sinokubakhuthaza njani abantu?

ABANTU BAYAFUNA UKUKHUTHAZWA

4. Ngoobani abafuna ukukhuthazwa, kodwa kutheni kunqabile ukuba yenzeke lo nto?

4 Sonke siyafuna ukukhuthazwa, ingakumbi xa sisakhula. UTimothy Evans ongutitshala uthi: “Abantwana bafuna ukukhuthazwa njengokuba nesityalo sifuna ukunkcenkceshelwa. Xa umntwana ekhuthazwa uziva engumntu yaye exabisekile.” Kodwa siphila kumaxesha anzima. Abantu bacingela iziqu zabo kuphela, abanaluthando yaye kunqabile ukuba bakhuthazane. (2 Tim. 3:1-5) Abanye abazali ababancomi abantwana babo kuba ingazange yenziwe ngababo abazali loo nto. Abaqeshwa abanconywa, bayakhalaza besithi akukho kwamntu ubakhuthazayo emsebenzini.

5. Kuquka ntoni ukukhuthaza?

5 Ukuze umkhuthaze umntu umele umncome ngento entle ayenzileyo. Sinokubakhuthaza abanye ngokubaqinisekisa ukuba baneempawu ezintle ‘nangokuthuthuzela imiphefumlo edandathekileyo.’ (1 Tes. 5:14) Igama lesiGrike eliguqulelwa ngokuthi “ukukhuthaza” lithetha “ukuba secaleni likabani.” Njengoko sikhonza nabazalwana noodadewethu, ayavela amathuba okubakhuthaza. (Funda iNtshumayeli 4:9, 10.) Ngaba siyawasebenzisa loo mathuba ukuze sibaxelele ukuba kutheni sibathanda kwaye sibaxabisa? Ngaphambi kokuba uphendule nceda ucinge ngalo mzekeliso: “Hayi indlela elilunge ngayo ilizwi elithethwa ngexesha elifanelekileyo!”​—IMize. 15:23.

6. Kutheni uMtyholi efuna ukusidimaza? Zekelisa.

6 USathana uMtyholi ufuna ukusidimaza kuba uyayazi ukuba oko kuya kulwenza buthathaka ukholo lwethu size sityhafe. IMizekeliso 24:10 ithi: “Ngaba uzibonakalise udimazekile ngomhla wokubandezeleka? Uya kuphelelwa ngamandla.” USathana wasebenzisa iintlekele nezityholo ukuze adimaze ilungisa elinguYobhi, kodwa zange aphumelele loo macebo akhe enkohlakalo. (Yobhi 2:3; 22:3; 27:5) Sinokulwa namacebo kaMtyholi ngokukhuthaza amalungu eentsapho zethu nawebandla. Oku kuya kusonwabisa size sizive sikhuselekile emakhayeni ethu naseHolweni yoBukumkani.

IMIZEKELO YOKUKHUTHAZA ESEBHAYIBHILENI

7, 8. (a) Yeyiphi imizekelo eseBhayibhileni ebonisa ukuba uYehova uyakuthanda ukukhuthaza? (b) Yintoni anokuyenza umzali ukuze axelise umzekelo kaYehova? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

7 UYehova. Umdumisi wacula le ngoma: “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.” (INdu. 34:18) Xa uYeremiya wayesoyika kwaye edimazekile, uYehova wamnceda wazithemba lo mprofeti uthembekileyo. (Yer. 1:6-10) Umprofeti uDaniyeli owayeluphele kumele ukuba wakhuthazeka nyhani xa uThixo wathumela ingelosi ukuba imomeleze. Loo ngelosi yathi uDaniyeli ‘yindoda enqweneleka kakhulu’! (Dan. 10:8, 11, 18, 19) Ngaba nawe unokubakhuthaza abavakalisi, oovulindlela, abazalwana noodade abalupheleyo abaphelelwa ngamandla?

8 Ngoxa uYesu wayelapha emhlabeni, uThixo akazange acinge ukuba akukho mfuneko yokumncoma nokumkhuthaza uNyana wakhe amthanda kunene kuba babesebenze kunye kangangeminyaka. Kunoko, kwade kwakabini uYesu esiva uYise ethetha esezulwini esithi: “Lo nguNyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye.” (Mat. 3:17; 17:5) UThixo wamncoma uYesu waza wamqinisekisa ukuba uqhuba kakuhle. UYesu ufanele ukuba wakhuthazeka ngeyona ndlela xa weva loo mazwi kabini, ekuqaleni kobulungiseleli bakhe nasebudeni bonyaka wokugqibela wobomi bakhe emhlabeni. UYehova wathumela nengelosi ukuba yomeleze uYesu xa wayekwintlungu engathethekiyo ngobusuku bangaphambi kokufa kwakhe. (Luka 22:43) Ukuba ungumzali, xelisa umzekelo kaYehova ngokubakhuthaza qho abantwana bakho nangokubancoma xa benze kakuhle. Kufuneka ubaxhase ngakumbi xa ukholo lwabo luvavanywa esikolweni imihla ngemihla.

9. Sinokufunda ntoni kwindlela uYesu awabaphatha ngayo abapostile bakhe?

9 UYesu. Ngobusuku uYesu awaqala ngabo iSikhumbuzo, wabona ukuba abafundi bakhe banekratshi. UYesu owayethobekile wahlamba iinyawo zabo, kodwa babesaxambulisana ngokuba ngowuphi oyena mkhulu kubo; uPetros yena wayezithembe ngokugqithiseleyo. (Luka 22:24, 33, 34) Nakuba kunjalo, uYesu wabancoma ngokuqhubeka bekunye naye kwizilingo zakhe. Wathi babeza kwenza imisebenzi emikhulu kuneyakhe, ibe wabaqinisekisa ukuba uThixo uyabathanda. (Luka 22:28; Yoh. 14:12; 16:27) Sisenokuzibuza, ‘Ngaba asimele sixelise uYesu ngokuncoma abantwana bethu nabanye ngezinto abazenza kakuhle kunokuba sisoloko sijonge ezi bangazenzi kakuhle?’

10, 11. Yintoni ebonisa ukuba kwakubalulekile kuPawulos ukukhuthaza abantu?

10 Umpostile uPawulos. Kwiileta zakhe, uPawulos wayethetha kakuhle ngamanye amaKristu. Wayehambe namanye awo iminyaka, ngoko umele ukuba wayezazi iimpazamo zawo, sekunjalo wathetha kakuhle ngawo. Ngokomzekelo, uPawulos wathi uTimoti ‘ngumntwana wakhe oyintanda nothembekileyo eNkosini,’ oya kuwanyamekela kakuhle amanye amaKristu. (1 Kor. 4:17; Fil. 2:19, 20) Lo mpostile wancoma uTito kwibandla laseKorinte esithi “ungumsebénzi olidlelane ngenxa yezilangazelelo zenu.” (2 Kor. 8:23) Kumele ukuba uTimoti noTito bakhuthazeka bakuva izinto uPawulos awayezicinga ngabo!

11 UPawulos noBharnabhas babeka ubomi babo esichengeni ngokubuyela kwiindawo ababehlaselwe kuzo ngokungenalusini. Ngokomzekelo, nangona babechaswe sisihlwele esingalawulekiyo eListra, babuyela khona ukuze bakhuthaze abafundi abatsha ukuba bahlale benokholo. (IZe. 14:19-22) E-Efese uPawulos wadibana negquba elineengcwangu. IZenzo 20:1, 2 zithi: “Ke kaloku emva kokudamba kwesaqunge eso, uPawulos wathumela ukuba beze abafundi, yaye akuba ebakhuthazile wacela indlela, wanduluka waya eMakedoni. Emva kokutyhutyha ezo nxalenye nokukhuthaza abo babelapho ngamazwi amaninzi, weza eGrisi.” Kwakubalulekile kuPawulos ukukhuthaza abantu.

SISAKHUTHAZANA NANAMHLANJE

12. Sikhuthazana njani ezintlanganisweni?

12 Esinye sezizathu zokuba uBawo wethu osezulwini onobubele enze ilungiselelo leentlanganiso kukuze sikhuthazane. (Funda amaHebhere 10:24, 25.) Njengabalandeli bakaYesu bokuqala, sihlanganisana ukuze sifundiswe size sikhuthazwe. (1 Kor. 14:31) UCristina ebekukhe kwathethwa ngaye ngaphambilana uthi: “Ndiyazithanda iintlanganiso kuba kuzo ndiye ndikhuthazwe yaye ndiziva ndithandwa. Ngamanye amaxesha ndiya eHolweni yoBukumkani ndikhathazeke kakhulu. Kodwa oodade baye beze kum, bandange baze bathi ndimhle. Baye bathi bayandithanda yaye bayavuya ukubona ndisenza inkqubela ekukhonzeni uYehova. Bayandikhuthaza ibe ndiye ndizive ndingcono!” Kuba mnandi ngokwenene xa sonke ‘sikhuthazana elukholweni’!​—Roma 1:11, 12.

13. Kutheni abakhonzi bakaThixo abanamava befuna ukukhuthazwa?

13 Nabakhonzi bakaThixo abanamava bayafuna ukukhuthazwa. Khawucinge ngoYoshuwa. Wayesekhonze uThixo ngokuthembeka iminyaka emininzi. Sekunjalo, uYehova waxelela uMoses ukuba amkhuthaze, wathi: “Misela uYoshuwa uze umkhuthaze yaye umomeleze, kuba nguye oya kuwela phambi kwesi sizwana kwaye nguye oya kusidlisa ilifa lelo lizwe uya kulibona.” (Dut. 3:27, 28) UYoshuwa wayeza kwenza umsebenzi omkhulu wokukhokela amaSirayeli ukuze oyise aze angene kwiLizwe Lesithembiso. Kwakuza kubakho imiqobo yaye wayeza koyiswa kwelinye lamadabi awayeza kuwalwa. (Yosh. 7:1-9) Yiloo nto kwafuneka akhuthazwe aze omelezwe! Ngoko, nathi masibakhuthaze abadala kuquka nabaveleli besiphaluka kuba basebenza nzima ukuze banyamekele umhlambi kaThixo. (Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:12, 13.) Omnye umveleli wesiphaluka wathi: “Ngamanye amaxesha abazalwana basibhalela iileta besibulela yaye besixelela indlela abakuvuyele ngayo ukuba kunye nathi. Siye sizigcine ezi leta, siphinde sizifunde xa sibutyhafa. Zisikhuthaza ngokwenene.”

Abantwana bethu baya kwenza inkqubela xa sibakhuthaza ngobubele (Jonga isiqendu 14)

14. Yintoni ebonisa ukuba ukuncoma nokukhuthaza kuyanceda xa siluleka?

14 Abadala nabazali bafumanise ukuba kulula ukudlulisela nokubethelela isiluleko esiseBhayibhileni xa bekhuthaza. Xa uPawulos wancoma amaKorinte ngokusebenzisa isiluleko sakhe, kumele ukuba akhuthazeka ukuba aqhubeke esenza okulungileyo. (2 Kor. 7:8-11) UAndreas onabantwana ababini uthi: “Ukubakhuthaza abantwana kubanceda benze inkqubela ekukhonzeni uYehova nasekuziqondeni izinto. Xa ubakhuthaza uyakwazi ukubethelela isiluleko. Ewe kona abantwana bayakwazi okulungileyo, kodwa ukwenza okulungileyo ubomi babo bonke kuxhomekeke ekubeni siqhubeke sibakhuthaza.”

INDLELA YOKUKHUTHAZA

15. Sinokwenza ntoni ukuze sibakhuthaze abazalwana?

15 Bonisa ukuba uyayixabisa imigudu neempawu ezintle zabo ukhonza nabo. (2 Kron. 16:9; Yobhi 1:8) Nangona kusenokuba kuncinci oko sinokukwenza ngenxa yeemeko zethu, uYehova noYesu bayazixabisa izinto esizenzayo ukuze sixhase uBukumkani. (Funda uLuka 21:1-4; neyesi-2 kwabaseKorinte 8:12.) Ngokomzekelo, abanye babazalwana noodade abalupheleyo benza umgudu ukuze babekhona entsimini nasezintlanganisweni rhoqo. Ngaba asimele sibancome size sibakhuthaze?

16. Kutheni simele sisoloko sibakhuthaza abanye?

16 Bancome abazalwana xa ithuba livela. Xa sibona into efuna ukunconywa, kutheni singayincomi? Khawucinge ngoko kwenzekayo xa uPawulos noBharnabhas babekwa-Antiyokwe, ePisidiya. Igosa elongamele indlu yesikhungu lathi kubo: “Madoda, bazalwana, ukuba kukho naliphi na ilizwi eninalo lokukhuthaza abantu, lixeleni.” UPawulos wanikela intetho esemagqabini. (IZe. 13:13-16, 42-44) Ukuba sinokwazi ukuncoma, kutheni singakwenzi oko? Xa sisoloko sibakhuthaza abanye, siya kufumanisa ukuba nabo baya kusikhuthaza.​—Luka 6:38.

17. Yintoni esinceda sinyaniseke xa sincoma?

17 Ncoma nyhani ngokusuka entliziyweni uze ungqale. Ukukhuthaza nokuncoma kuyanceda, kodwa njengoko sibona kumyalezo kaYesu oya kumaKristu aseTiyatira ukungqala kunceda ngakumbi. (Funda iSityhilelo 2:18, 19.) Ngokomzekelo, ukuba singabazali, sinokuxelela abantwana bethu ukuba yintoni le siyixabisayo ngokwenza kwabo inkqubela ekukhonzeni uYehova. Sinokuxelela nomama okhulisa abantwana yedwa ukuba sithanda ntoni kwindlela akhulisa ngayo abantwana bakhe nangona kunzima. Ukubancoma nokubakhuthaza ngolu hlobo kunokubanceda kakhulu!

18, 19. Sinokubanceda njani abo bafuna ukukhuthazwa?

18 UYehova waxelela uMoses ukuba akhuthaze aze omeleze uYoshuwa, kodwa akazokuza kuthi asixelele ukuba masikhuthaze bani. Sekunjalo, uThixo uyavuya xa sibakhuthaza abo sikhonza kunye nabo kuquka nabanye abantu. (IMize. 19:17; Heb. 12:12) Ngokomzekelo, sinokuxelela umzalwana obenikela intetho ukuba siye safumana icebiso ebesilifuna kwintetho yakhe okanye simxelele ngendlela eye yasinceda ngayo saqonda isibhalo esithile. Omnye udade wabhalela isithethi esasityelele wathi: “Nangona sithethe ixesha elifutshane, uye wabona ukuba andimnandanga waza wandithuthuzela ndatsho ndanamandla. Ndifuna ukukwazisa ukuba indlela othethe ngobubele ngayo xa ubuseqongeni naxa ubuthetha nam, ibingathi sisipho esivela kuYehova.”

19 Sinokubakhuthaza ngeendlela ezininzi abo bafuna ukuncedwa benze inkqubela ekukhonzeni uYehova ukuba sizimisele ukusebenzisa isiluleko sikaPawulos esithi: “Hlalani [nikhuthazana] yaye nisakhana, kanye njengokuba enyanisweni nisenza.” (1 Tes. 5:11) Ngokuqinisekileyo uYehova uya kuvuya xa siqhubeka sikhuthazana mihla le.

^ [1] (isiqendu 1) Amanye amagama atshintshiwe.