Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“ILizwi LikaThixo . . . Linamandla”

“ILizwi LikaThixo . . . Linamandla”

“Ilizwi likaThixo liphilile, linamandla.”—HEB. 4:12.

IINGOMA: 114, 113

1. Yintoni esenza siqiniseke ukuba iLizwi likaThixo linamandla? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

NJENGABANTU bakaYehova siqinisekile ukuba iLizwi lakhe “liphilile, linamandla.” (Heb. 4:12) Uninzi lwethu siyazi apha kuthi into yokuba iBhayibhile inamandla okutshintsha ubomi bomntu. Abanye bethu babengamasela, besebenzisa iziyobisi okanye beziphethe kakubi. Kanti abanye izinto zazibahambela kakuhle kodwa kukho into engathi gingci ebomini babo. (INtshu. 2:3-11) Amandla eBhayibhile aye atshintsha abantu abaninzi abebencanyiwe baza balungisa ubomi babo. Mhlawumbi nawe ukhe wawafunda amava abo akumanqaku eMboniselo athi “IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu.” Kwaye uye wabona ukuba iZibhalo ziyawanceda amaKristu enze inkqubela nasemva kokuba ebhaptiziwe.

2. ILizwi LikaThixo laba namandla njani kumaKristu okuqala?

2 Ngaba ifanele isothuse into yokuba abantu abaninzi bencedwa kukufunda iBhayibhile ukuze batshintshe ubomi babo? Hayi. Amava anje asikhumbuza amaKristu okuqala awayenethemba lokuphila ezulwini. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 6:9-11.) Emva kokudwelisa iintlobo zabantu abangayi kubufumana uBukumkani BukaThixo, umpostile uPawulos wathi: “Abanye kuni babenjalo kanye.” Kodwa iZibhalo nomoya oyingcwele zabanceda batshintsha. Nasemva kokuba bebe ngamaKristu, abanye babesenza izono. IBhayibhile ibalisa ngomKristu othanjisiweyo owaye wasuswa kubudlelane waza waphinda wabuyiselwa kamva. (1 Kor. 5:1-5; 2 Kor. 2:5-8) Ngaba akusikhuthazi ukubona indlela iLizwi LikaThixo elincede ngayo abazalwana abebeneengxaki ezahlukeneyo?

3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

3 Ekubeni sinalo eli Lizwi LikaThixo linamandla, masilisebenzise kakuhle. (2 Tim. 2:15) Kweli nqaku siza kujonga indlela yokusebenzisa amandla eLizwi LikaThixo (1) ebomini bethu, (2) entsimini, naxa (3) sinikela iintetho. Ezi zikhumbuzo ziza kusinceda sibonise indlela esimthanda nesimbulela ngayo uBawo wethu wasezulwini, osifundisa izinto ezisincedayo.—Isa. 48:17.

KUBOMI BETHU

4. (a) Yintoni esimele siyenze ukuze iLizwi LikaThixo libe nefuthe kuthi? (b) Uyifunda nini wena iBhayibhile?

4 Ukuze iLizwi LikaThixo libe nefuthe kuthi, kufuneka silifunde rhoqo—ukuba kunokwenzeka yonke imihla. (Yosh. 1:8) Ewe kona, abanye bethu baxakeke kakhulu. Sekunjalo, asifanele sivumele nantoni na—nokuba inesihlahla kangakanani—iphazamisane nocwangciso lwethu lokufunda iBhayibhile. (Funda eyabase-Efese 5:15, 16.) Abazalwana abaninzi baye bafumana amacebo okufunda iBhayibhile suku ngalunye, ngokuyifunda ekuseni, emini okanye ngokuhlwa. Nabo njengomdumisi bathi: “Hayi indlela endiwuthanda ngayo umthetho wakho! Imini le yonke ndiwuxhalabele.”—INdu. 119:97.

5, 6. (a) Kutheni kubalulekile ukuzicinga izinto esizifundileyo? (b) Yintoni enokusinceda sizuze kwizinto esizifundileyo? (c) Ukufunda iLizwi LikaThixo nokucinga ngoko ukufundileyo, kukuncede njani wena?

5 Kubalulekile ukuba singaneli nje ukuyifunda iBhayibhile, kodwa sizetyise izinto esizifundileyo. (INdu. 1:1-3) Yiloo nto kuphela eya kusinceda sibusebenzise kakuhle ubulumko bayo obungaphelelwayo. Enoba sifunda iBhayibhile eprintiweyo okanye ekwisixhobo se-elektroniki, injongo yethu ifanele ibe kukuyifaka entliziyweni loo nto siyifundayo.

6 Yintoni enokusinceda sizuze kwizinto esizifundileyo? Abantu abaninzi bafumanise ukuba kuyabanceda ukuthi xa begqiba kufunda iivesi ezithile bakhe bathi xha baze bazibuze imibuzo enjengothi: ‘Indifundisa ntoni le nto ngoYehova? Ngaba ndiyayisebenzisa imigaqo ekwezi vesi ebomini bam? Ndinokuphucula phi?’ Xa sizicinga kakuhle izinto esizifundileyo kwiLizwi LikaThixo, siza kutsho sifune ukuzenza. Ngokwenene sakuwasebenzisa ngakumbi amandla alo ebomini bethu.—2 Kor. 10:4, 5.

ENTSIMINI

7. Sinokwenza njani ukuze silisebenzise kakuhle iLizwi LikaThixo entsimini?

7 Yintoni enokusinceda silisebenzise kakuhle iLizwi LikaThixo entsimini? Okokuqala, sifanele silisebenzise kakhulu xa sishumayela naxa sifundisa. Omnye umzalwana wayibeka ngolu hlobo le nto, “Ukuba ubushumayela noYehova ngaba bekuza kuthetha wena oko okanye ubuza kumyeka athethe?” Eyona nto wayeyithetha yile: Xa silifunda iLizwi LikaThixo entsimini, iba nguYehova othetha nabantu. Ivesi ekhethwe kakuhle inokuba namandla ngaphezu kwayo nantoni esinokuyithetha. (1 Tes. 2:13) Khawuzibuze, ‘Ngaba ndikhangela naliphi na ithuba elivelayo lokufundela abantu endidibana nabo entsimini iLizwi LikaThixo?’

8. Kutheni kufuneka singapheleli nje ekufundeni iLizwi LikaThixo?

8 Kakade ke, akwanelanga ukufunda nje ivesi zeBhayibhile kubantu esincokola nabo. Ngoba? Kungokuba abantu abaninzi abayazi kakuhle iBhayibhile. Kwakunjalo ngexesha labapostile, kusenjalo ke nanamhlanje. (Roma 10:2) Ngoko asinakugqiba ukuba umntu uyivile ivesi kuba nje siye samfundela yona. Kufuneka sigxininise amabinzana athile kuloo vesi, mhlawumbi siphinde siwafunde, size siwacacise. Xa sisenjenjalo, iLizwi LikaThixo liya kungena ezingqondweni nasezintliziyweni zabantu.—Funda uLuka 24:32.

9. Sinokuyitshayelela njani iBhayibhile ngendlela eza kwenza abantu bayihloniphe? Zekelisa.

9 Sakube senza kakuhle naxa sitshayelela izibhalo ngendlela eza kwenza abantu bazihloniphe. Ngokomzekelo, sinokuthi, “Makhe sive ukuba uthini uMdali wethu ngale nto.” Xa sincokola nomntu ongenamvelaphi yobuKristu sinokuthi, “Khawuve ukuba zithini iZibhalo Ezingcwele.” Okanye ukuba sincokola nomntu ongahambi cawa sinokumbuza, “Wakha waweva la mazwi obulumko amandulo?” Kufuneka sithethe nomntu ngamnye ngendlela emfaneleyo.—1 Kor. 9:22, 23.

10. (a) Khawusibalisele amava omnye umzalwana. (b) Balisa awakho amava endlela elinamandla ngayo iLizwi LikaThixo entsimini.

10 Abazalwana abaninzi bafumanise ukuba iLizwi LikaThixo linamandla kakhulu entsimini. Nanku umzekelo. Omnye umzalwana wayesenza ibuyelo kutata othile owayesele eneminyaka efunda iimagazini zethu. Endaweni yokumnika iMboniselo entsha, waye wakhetha ukumfundela isibhalo esasikuyo. Wamfundela eyesi-2 kwabaseKorinte 1:3, 4, ethi: ‘[UBawo] onenceba noThixo wentuthuzelo yonke usithuthuzela kuyo yonke imbandezelo yethu.’ Lo tata wawathanda la mazwi kangangokuba wacela ukuba lo mzalwana aphinde asifunde esi sibhalo. Wamchazela lo mzalwana ukuba yena nomkakhe babekudinga ukuthuthuzelwa, ibe waba nomdla eBhayibhileni. Ngoko izicacele into yokuba iLizwi LikaThixo linamandla entsimini.—IZe. 19:20.

XA UNIKELA INTETHO

11. Yintoni elindelekileyo kubazalwana abanikela iintetho?

11 Sonke siyakuthanda ukuya kwiintlanganiso nasezindibanweni. Eyona nto siyiyelayo kukunqula uYehova. Kodwa siyazuza nakwizinto esizifundayo apho. Abazalwana ababelwa iintetho ngezi zihlandlo banenyhweba enkulu. Kodwa bafanele bayiqonde into yokuba lo ngumsebenzi obalulekileyo. (Yak. 3:1) Bafanele baqiniseke ngalo lonke ixesha ukuba izinto abazifundisayo zisekelwe kwiLizwi LikaThixo. Ukuba unikwe intetho, sebenzisa amandla eBhayibhile entethweni yakho.

12. Umzalwana unokuqiniseka njani ukuba intetho yakhe uyisekela eZibhalweni?

12 Qiniseka ukuba intetho yakho uyisekela kwiZibhalo. (Yoh. 7:16) Ithetha ntoni loo nto? Phakathi kwezinye izinto, qiniseka ukuba amava, imizekeliso nendlela oyinikela ngayo intetho ayizigqumeleli iivesi ozisebenzisayo. Ukhumbule ke ukuba, ukufunda uthotho lwezibhalo nako akuthethi ukuba ufundisa ngokusuka eBhayibhileni. Kaloku xa usebenzisa izibhalo ezininzi abaphulaphuli banokuphela bengakhumbuli nesinye. Ngoko zikhethe kakuhle izibhalo eziphambili oza kuzifunda, uziphe ixesha lokuzifunda, uzicacise, uzekelise, uze uchaze kakuhle indlela ezisebenza ngayo. (Neh. 8:8) Xa unikwe ulwandlalo olulungiselelwe yintlangano, lujonge uze ufunde nezibhalo ezikulo. Zama ukuqonda indlela ulwandlalo oludibana ngayo nezibhalo ezibonisiweyo. Emva koko, khetha izibhalo oza kuzisebenzisa ukuze uveze iingongoma ezikolo lwandlalo. (Amanye amacebiso asebenzayo unokuwafumana kwincwadi ethi Zuza Kwimfundo YeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kwisifundo 21 ukuya ku-23.) Eyona nto ibalulekileyo kukuba uthandaze kuYehova, umcele akuncede uzichaze kakuhle izinto ezibhalwe kwiLizwi lakhe.—Funda uEzra 7:10; neMizekeliso 3:13, 14.

13. (a) Ukusetyenziswa kwezibhalo ezintlanganisweni kwamnceda njani omnye udade? (b) Zikuncede njani wena iimfundiso zeZibhalo ozive ezintlanganisweni?

13 Omnye udade waseOstreliya wakhuthazwa kakhulu zizibhalo ezazisetyenziswe kwiintlanganiso. Nakubeni wayekhule kabuhlungu, wavuma ukufundelwa iBhayibhile waza wabhaptizwa. Kodwa ke, wayengekayamkeli into yokuba uYehova wayemthanda. Ekuhambeni kwexesha, wade wayamkela loo nto. Wancedwa yintoni? Izinto zatshintsha xa waye wacinga ngesibhalo awayesive ezintlanganisweni waza wasidibanisa nezinye iivesi zeBhayibhile. * Ngaba nawe ukhe wancedwa sisibhalo osive ezintlanganisweni okanye endibanweni?—Neh. 8:12.

14. Sinokubonisa njani ukuba siyambulela uYehova ngeLizwi lakhe?

14 Ngokwenene siyambulela uYehova ngeLizwi lakhe asibhalele lona, iBhayibhile. Akanelanga nje ukusinika lona, kodwa uye wasifeza isithembiso sakhe sokuba liza kuhlala likho. (1 Pet. 1:24, 25) Ngokuqinisekileyo, sakube senza kakuhle xa sifunda iLizwi LikaThixo rhoqo, silisebenzise ebomini bethu, kwaye silisebenzise naxa sinceda abantu. Xa sisenjenjalo, sibonisa ukuba siyamthanda uMbhali walo, uYehova uThixo, kwaye siyabuxabisa obu buncwane buvela kuye.

^ isiqe. 13 Jonga ibhokisi ethi “ Izinto Zatshintsha.”