Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Unokwenza Njani Ukuze Ukwazi Ukuzibamba?

Unokwenza Njani Ukuze Ukwazi Ukuzibamba?

‘Isiqhamo somoya kukuzeyisa.’—GAL. 5:22, 23.

IINGOMA: 83, 52

1, 2. (a) Ukungakwazi ukuzibamba kunokubangela ntoni? (b) Kutheni kubalulekile ukuthetha ngokuzibamba kule mihla?

UKUZEYISA okanye ukuzibamba luphawu aluthanda kakhulu uThixo. (Gal. 5:22, 23) UYehova ukwazi ukuzibamba ngendlela egqibeleleyo. Thina bantu siwa nganeno, ibe ngenxa yoko siyanzinyelwa kukuzibamba. Iingxaki ezininzi ezikhoyo namhlanje zibangelwa kukungakwazi ukuzibamba. Kunokusenza silibale kukujikeleza xa kufuneka senze umsebenzi wesikolo nowempangelo, kwaye singawenzi kakuhle. Kunokubangela abantu bathuke, banxile, babethe abanye, baqhawule imitshato, bazifake ematyaleni, babe ngamakhoboka ezinto, bavalelwe entolongweni, baxhwaleke emphefumlweni, babe nezifo ezosulela ngesondo, kwaye bakhulelwe bengacebanga.—INdu. 34:11-14.

2 Kucacile ukuba abantu abangakwaziyo ukuzibamba bayingxaki kwiziqu zabo nakwabanye abantu. Ukungakwazi ukuzibamba kuya kusanda. Ukukwazi ukuziqeqesha kwaqalisa ukuphandwa ngeminyaka yoo-1940, kodwa kutshanje kufunyaniswe ukuba abantu baye banochatha ekungakwazini ukuziqeqesha. Loo nto ayibothusi abantu abaqheleneyo neBhayibhile eyaprofeta yathi “ngemihla yokugqibela” kuza kubakho abantu “abangenakuzeyisa,” ngamany’ amazwi abangakwazi kuzibamba.—2 Tim. 3:1-3.

3. Kutheni amaKristu kufuneka azibambe?

3 Kutheni kufuneka sizibambe? Makhe sithethe ngezizathu ezibini ezibalulekileyo. Okokuqala, kuye kwafunyaniswa ukuba abantu abakwaziyo ukuzibamba badla ngokuba neengxaki ezimbalwa. Bayakwazi ukucinga kakuhle, ukuzenzela abahlobo, abasoloko benomsindo, bexhalabile ibe abaguliswa kukukhathazeka njengabantu abangakwaziyo ukuzibamba. Okwesibini, kubaluleke kakhulu ukuba sikwazi ukulwa nezilingo nokulawula iminqweno engafanelekanga ukuze sihlale samkelekile kuThixo. Le nto siyibona kuAdam noEva. (Gen. 3:6) Cinga nangemiphumo emibi eye yakho kubantu abangazange bazibambe.

4. Yintoni enokukhuthaza abantu abangakwaziyo ukuzibamba?

4 Akakho umntu onokuzibamba ngendlela egqibeleleyo. UYehova uyazi ukuba abakhonzi bakhe abayenzi kakuhle le nto, ibe ufuna ukubanceda bakwazi ukuzibamba bangoni. (1 Kum. 8:46-50) Ekubeni esithanda, uyabakhuthaza abantu abafuna ukumkhonza kube kukho into abangakwaziyo ukuzibamba kuyo. Makhe sifunde kumzekelo ogqibeleleyo kaYehova. Emva koko siza kufunda ngabantu ekuthethwe ngabo eBhayibhileni abakwaziyo ukuzibamba naboyisakalayo. Ibe siza kufunda nangezinye iindlela ezinokusinceda sikwazi ukuzibamba.

SIMELE SIFUNDE KUYEHOVA

5, 6. UYehova ube ngumzekelo njani wokuzibamba?

5 UYehova uzibamba ngendlela egqibeleleyo, kuba akakhe aphazame xa esenza izinto. (Dut. 32:4) Kodwa ke thina siyazenza iimpazamo. Sekunjalo, ukuze siyiqonde kakuhle le nto kuthiwa kukuzibamba, kufuneka sijonge indlela azibamba ngayo uYehova size simxelise. Zeziphi ezinye izihlandlo apho uYehova aye wazibamba khona?

6 Cinga ngendlela uYehova awazibamba ngayo xa uSathana wayemvukela. Yayiyingxaki le. Ibe asithandabuzi ukuba le nto yazicaphukisa izidalwa ezisemazulwini ezithembekileyo. Inoba nawe uyacaphuka xa ucinga ngeentlungu ezibangelwa nguSathana. Kodwa uYehova akazange akhawuleze enze. Wayicinga le nto waza wenza isigqibo esifanelekileyo. Akazange akhawuleze ukuba nomsindo kunoko wazibamba. (Eks. 34:6; Yobhi 2:2-6) Ngoba? UYehova uvule eli thuba kuba akafuni kutshabalale nabani na kodwa “unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.”—2 Pet. 3:9.

7. Sifunda ntoni kuYehova?

7 Ukuzibamba kukaYehova kusifundisa ukuba nathi simele siwaqaphele amazwi nezenzo zethu size singangxami. Xa uza kwenza isigqibo esibalulekileyo, ziphe ixesha elaneleyo lokucinga ukuze wenze izinto ngobulumko. Cela ubulumko kuThixo. (INdu. 141:3) Xa sinomsindo kulula ukuba senze nantoni na. Abaninzi kuthi baye bazisola ngenxa yezinto abazithethileyo okanye abazenzileyo benomsindo!—IMize. 14:29; 15:28; 19:2.

ABAKHONZI BAKATHIXO ABAKWAZIYO UKUZIBAMBA NABOYISAKALAYO

8. (a) Singafunda phi ngemizekelo yabantu abakwaziyo ukuzibamba? (b) Yintoni eyanceda uYosefu xa umfazi kaPotifare wayefuna ukulala naye? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

8 Yiyiphi imizekelo yabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni ebonisa ukubaluleka kokuzibamba? Baninzi esibaziyo abakwaziyo ukuzibamba xa babevavanywa. Omnye wabo nguYosefu unyana kaYakobi. Wakwazi ukuzibamba xa wayesebenza kwindlu kaPotifare, umphathi wabalindi bakaFaro. Umfazi kaPotifare wamncwasa uYosefu kuba “wayemhle ngesiqu, emhle nangembonakalo,” waza wazama ukulala naye. Yintoni eyanceda uYosefu wakwazi ukuzibamba nakubeni lo mfazi wayequq’ ebuyelela? Siqinisekile ukuba waye wacinga ngemiphumo. Xa imeko yaqalisa ukuba nzima, wabaleka. Wathi: “Ndingathini ukwenza obu bubi bukhulu kangaka ndize eneneni ndone kuThixo?”—Gen. 39:6, 9; funda iMizekeliso 1:10.

9. Yintoni onokuyenza ukuze ukwazi ukuphepha isilingo singekenzeki?

9 Sifunda ntoni kwinto eyenziwa nguYosefu? Sifunda ukuba, nathi kusenokufuneka sibaleke xa silingelwa ukuba sophule umthetho kaThixo. Ngaphambi kokuba babe ngamaNgqina, abanye babe nengxaki yokuzingxala ngokutya, ukunxila, ukutshaya, ukusebenzisa kakubi iziyobisi, ukuziphatha kakubi nezinye. Nasemva kokuba bebhaptiziwe, basenokulingelwa ukuba babuyele kwezi zinto. Sekunjalo, xa ulingelwa ukuba wophule umthetho kaThixo, cinga ngemiphumo enokwehlela xa usoyisakala kukuzibamba. Usenokucinga ngeemeko osenokulingwa kuzo uze uzame ukuziphepha. (INdu. 26:4, 5; IMize. 22:3) Xa ulingwa, cela uYehova akuncede ukwazi ukuzibamba aze akuphe nobulumko.

10, 11. (a) Ziintoni oludibana nazo ulutsha esikolweni? (b) Yintoni enokunceda ulutsha olungamaKristu xa lulingelwa ukuba lwenze into embi?

10 Into eyenzeka kuYosefu isenzeka nakolunye ulutsha olungamaKristu. Masenze umzekelo ngoKim. Abantwana abaninzi awayefunda nabo babesele beqalisile ukwabelana ngesondo, ibe babeye baqhayise ngaloo nto. UKim wayeye angabi nanto yokubalisa. Uthi ngamanye amaxesha wayeye azive “elilolo” kuba engafani nabanye abantwana ibe kwakuthiwa usisidenge ngenxa yokuba wayengathandani. Sekunjalo, uKim wayelumkile kuba wayesazi ukuba isilingo sokufuna ukwabelana ngesondo sinamandla xa umntu efikisa. (2 Tim. 2:22) Abanye esikolweni babedla ngokumbuza ukuba usenyulu na. Loo nto yayimnika ithuba lokuba abachazele isizathu sokuba engabelani ngesondo. Siyazidla ngolutsha olungamaKristu oluzimisele ukunganikezeli xa lulingelwa ukuba luziphathe kakubi ngokwesondo, ibe noYehova unelunda ngalo!

11 IBhayibhile inemizekelo yabantu aboyisakalayo ukuzibamba xa belingelwa ukuba babelane ngesondo. Isixelela nangemiphumo ebuhlungu ebangelwa kukungakwazi ukuzibamba. Nabani na okwimeko efana nekaKim uya kuba wenza kakuhle xa ecingisisa ngomfana ongenamava ochazwe kwiMizekeliso isahluko 7. Usenokucinga nangento eyenziwa nguAmnon kunye nemiphumo emibi awayifumanayo. (2 Sam. 13:1, 2, 10-15, 28-32) Abazali banokubanceda abantwana babo bakwazi ukuzibamba baze babe nobulumko xa kufikwa kumba wokuthandana, ngokuxubusha nabo ezi Zibhalo zichazwe ngasentla kunqulo lwentsapho.

12. (a) UYosefu wazibamba njani xa kwakufike abantakwabo? (b) Zeziphi imeko ekuya kufuneka nathi silawule indlela esivakalelwa ngayo?

12 Nakwenye imeko, uYosefu waphinda waba ngumzekelo omhle wokuzibamba. Xa abantakwabo babethenga ukutya eYiputa, waye akabaxelela ukuba ungubani ukuze akwazi oko kwakusezintliziyweni zabo. Kwathi xa kusiya kusiba nzima ukuzibamba, wemka wayokukhangela indawo angalilela kuyo. (Gen. 43:30, 31; 45:1) Xa omnye umKristu okanye isalamane sakho sisenza isigqibo esingesiso, ukuzibamba njengoYosefu kungakunceda ungenzi zinto ungakhange ucinge. (IMize. 16:32; 17:27) Ukuba isalamane sakho sisusiwe kubudlelane, kunokufuneka ukwazi ukuzibamba ukuze ungathethi naso xa kungeyomfuneko. Kunzima ukuzibamba kwimeko enje, kodwa kuya kuba lula xa sikhumbula ukuba sixelisa umzekelo kaThixo ibe senza oko akufunayo.

13. Sifunda ntoni kwingxelo kaKumkani uDavide?

13 IBhayibhile isichazela ngomzekelo kaKumkani uDavide. Xa wayecatshukiswa nguSawule noShimeyi, akazange abe nomsindo aze asebenzise igunya analo kubo. (1 Sam. 26:9-11; 2 Sam. 16:5-10) Le nto ayithethi kuthi uDavide wayesoloko ekwazi ukuzibamba, njengoko sisazi ngesono sakhe noBhatshebha nangento awayezimisele ukuyenza kuNabhali. (1 Sam. 25:10-13; 2 Sam. 11:2-4) Sekunjalo, zikho izinto esinokuzifunda kuDavide. Okokuqala, abo bakhokela abantu bakaThixo namhlanje bafanele bakwazi ukuzibamba ukuze bangalisebenzisi kakubi igunya abanalo. Okwesibini, akukho mntu umele azithembe athi yena akasoze alingwe.—1 Kor. 10:12.

IZINTO ONOKUZENZA

14. Wehlelwa yintoni omnye umzalwana, ibe xa sikwiimeko ezinje, kutheni ibalulekile into esiyenzayo?

14 Izinto onokuzenza ukuze ukwazi ukuzibamba. Masenze umzekelo ngento eyenzeka kuLuigi. Omnye umfo watshayisa imoto yakhe. Nakuba yayingulo mfo owayemonile, wamthuka uLuigi efuna nokumbetha. ULuigi wacela uYehova ukuba amncede akwazi ukuzibamba, waza wazama ukuthomalalisa umsindo walo mfo, kodwa watsho phantsi. ULuigi waye wabhala phantsi inombolo yemoto ukuze ayise kwi-inshorensi, waza wamshiya esathukisa. Emva kweveki, uLuigi wathi xa esiya ebuyelweni lakhe wafumanisa ukuba umyeni walo ngula mfo wayemtshayisile! Waye wanentloni waza waxolisa ngendlela awathetha ngayo. Wade wacela ukuyifowunela ngokwakhe i-inshorensi kaLuigi ukuze ikhawuleze iyilungise imoto yakhe. Waye wamamela njengoko kwakufundwa iBhayibhile ibe wazithanda izinto awaziva apho. ULuigi waye wabona indlela ekwamnceda ngayo ukuhlala ezolile emva kwengozi, nendlela ezazinokuba mbi ngayo izinto ukuba wayephendulene naye ngomsindo.—Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 6:3, 4.

Ukuzola nokuba nomsindo, zinokuba nefuthe kumsebenzi wethu wokushumayela (Jonga isiqendu 14)

15, 16. Ukufundisisa iBhayibhile kungakunceda njani wena nentsapho yakho nikwazi ukuzibamba?

15 Ukufundisisa iBhayibhile kungamnceda umKristu akwazi ukuzibamba. Khumbula ukuba uThixo wathi kuYoshuwa: “Le ncwadi yomthetho ayifanele isuke emlonyeni wakho, yaye umele uyifunde ngesandi esiphantsi imini nobusuku, ukuze wenze ngenyameko ngokuvumelana nako konke oko kubhalwe kuyo; kuba ke ngoko uya kuyenza iphumelele indlela yakho wandule ke wenze ngobulumko.” (Yosh. 1:8) Inokukunceda njani iBhayibhile ukwazi ukuzibamba?

16 Njengokuba sifundile, iBhayibhile inemizekelo esenza sibone indlela esincedakala ngayo xa sizibamba nemiphumo ebakho xa sisoyisakala. UYehova unesizathu sokuzibhala ezi ngxelo. (Roma 15:4) Sakuba senza kakuhle xa sizifunda, sicingisise size siphande nzulu ngazo! Jonga indlela ezinokukunceda ngayo wena nentsapho yakho. Cela uYehova akuncede uzisebenzise izinto ozifunda kwiLizwi lakhe. Ukuba uyazibona ukuba ukhe ungakwazi ukuzibamba, yivume lo nto. Emva koko, yithandazele uze ujonge ukuba unokwenza njani ukuze ukwazi ukuzibamba. (Yak. 1:5) Enye into onokuyenza, kukuphanda kwiimpapasho zamaKristu, apho uza kufumana amanye amacebiso aza kukunceda.

17. Abazali banokubanceda njani abantwana babo bakwazi ukuzibamba?

17 Unokubanceda njani abantwana bakho bakwazi ukuzibamba? Abazali bayayazi ukuba abantwana abazalwa bekwazi ukuzibamba. Njengezinye iimpawu, nolu uphawu kufuneka abantwana balubone kubazali babo. (Efe. 6:4) Ngoko ukuba abantwana bakho abakwazi ukuzibamba, khawuzihlole ukuba ungumzekelo omhle na. Qhubeka usiba ngumzekelo ngokuya rhoqo entsimini, ezintlanganisweni nasekuqhubeni unqulo lwentsapho. Sukoyika ukuthi hayi kubantwana bakho, xa kuyimfuneko! UYehova wababekela imida uAdam noEva, ibe loo nto imele ukuba yabenza baliqonda igunya lakhe. Ngokufanayo, ingqeqesho kunye nokuba ngumzekelo kwabazali kunokunceda abantwana bakwazi ukuzibamba. Enye yezona zinto zibalulekileyo abazali abamele bazifundise abantwana, kukuba bathande uThixo baze bahloniphe nemigaqo yakhe.—Funda iMizekeliso 1:5, 7, 8.

18. Yintoni ekwenza uqiniseke ukuba kuyintsikelelo ukuba nabahlobo abalungileyo?

18 Nokuba ungumzali okanye awunguye, ungaze uyithathe lula into yokukhetha kakuhle abahlobo. Khetha abahlobo abaza kukukhuthaza ukuba wenze izinto ezikusondeza kuThixo uze uphephe iingxaki. (IMize. 13:20) Umzekelo wabo omhle wokuzibamba uza kukunceda nawe ubaxelise. Ibe nawe ukuba uziphatha kakuhle uya kubakhuthaza abahlobo bakho. Ukuzibamba kubalulekile kuba kusinceda simvuyise uThixo, sonwabe ebomini size sizonwabise nabantu esibathandayo.