Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Yiba Nesibindi . . . Uze Uthabathe Inyathelo”

“Yiba Nesibindi . . . Uze Uthabathe Inyathelo”

“Yiba nesibindi yomelela, uze uthabathe inyathelo. Musa ukoyika, ungankwantyi, kuba uYehova . . . unawe.”—1 KRON. 28:20.

IINGOMA: 60, 29

1, 2. (a) Sisiphi isabelo esibalulekileyo esafunyanwa nguSolomon? (b) Yintoni uDavide awayeyixhalabele ngoSolomon?

USOLOMON wayalelwa ukuba akhokele komnye weyona misebenzi ibalulekileyo eyakha yenziwa—ukwakha itempile eYerusalem. Le tempile yayimele “ibe nobungangamela ngokugqwesileyo yaye imele ibe nomahluko, ibe ntle kakhulu kuwo onke amazwe.” Okubaluleke nangakumbi kukuba yayiza kuba “yindlu kaYehova uThixo oyinyaniso.” UYehova wayalela ukuba ibe nguSolomon okhokelayo kulo msebenzi.—1 Kron. 22:1, 5, 9-11.

2 UKumkani uDavide wayeqinisekile ngenkxaso kaThixo, ntonje uSolomon wayesemncinci, engekabi nawo namava. Wayeza kusithatha phi isibindi sokwakha itempile? Ngaba into yokuba emncinci yaye engenamava yayiza kuba ngumqobo? Ukuze uSolomon aphumelele kwakuza kufuneka abe nesibindi aze athathe inyathelo.

3. Yintoni esenokuba yafundwa nguSolomon kuyise ngokuba nesibindi?

3 Kusenokwenzeka ukuba uSolomon wafunda kuyise ukuba nesibindi. Xa wayesengumfana, uDavide walwa nezilwanyana eziyingozi ezathatha izimvu zikayise. (1 Sam. 17:34, 35) Waba nesibindi esingathethekiyo xa wayesilwa nengxilimbela eyayiqhele imfazwe. UDavide wamchana ngelitye uGoliyati, wafa, encedwa nguThixo.—1 Sam. 17:45, 49, 50.

4. Kwakutheni ukuze kufuneke uSolomon abe nesibindi?

4 Wayefanele ke uDavide ukukhuthaza uSolomon ukuba abe nesibindi aze ayakhe itempile! (Funda eyoku-1 yeziKronike 28:20.) Ukuba uSolomon wayengenasibindi, wayeza kungenwa bubugwala, ibe kubhetele ukungawenzi kakuhle umsebenzi kunokuba ungaqalisi kwaukuwenza.

5. Kutheni kufuneka sibe nesibindi?

5 NjengoSolomon, kufuneka sincedwe nguYehova sibe nesibindi size sithathe amanyathelo. Ukuze senze loo nto, makhe sithethe ngabantu esinokufunda lukhulu kubo ngokuba nesibindi. Siza kujonga nendlela nathi esinokuba nesibindi ngayo size sithathe amanyathelo.

ABANTU ABABA NESIBINDI

6. Yintoni oyithandayo kwisibindi sikaYosefu?

6 Masenze umzekelo ngesibindi awaba naso uYosefu xa umkaPotifare wayefuna ukulala naye. Umel’ ukuba wayesazi ukuba ukwala kwakhe kwakuza kumfaka enkathazweni. Sekunjalo, kunokuba anikezele, waba nesibindi waza wathatha inyathelo.—Gen. 39:10, 12.

7. Chaza indlela uRahabhi awaba nesibindi ngayo. (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

7 Sinokufunda nakuRahabhi. Xa iintlola zamaSirayeli zangena kwikhaya lakhe eYeriko, ngewayezigxothile ngenxa yokoyika. Kodwa wamthemba uYehova, waba nesibindi, wawafihla loo madoda mabini, emva koko wawanceda ukuba abaleke. (Yosh. 2:4, 5, 9, 12-16) URahabhi wayamkela into yokuba uYehova nguThixo wenene, waza wayikholelwa into yokuba wayeza kulinika amaSirayeli elo lizwe. Akazange oyike abantu, nkqu nokumkani waseYeriko namadoda akhe. Kunoko, wathatha inyathelo elakhusela yena nabantu bakowabo.—Yosh. 6:22, 23.

8. Abapostile bakaYesu bosulelwa njani sisibindi sakhe?

8 Ininzi into esinokuyifunda kubapostile bakaYesu ngokuba nesibindi. Babezibonele ngawabo amehlo indlela uYesu anesibindi ngayo. (Mat. 8:28-32; Yoh. 2:13-17; 18:3-5) Loo nto yabanceda nabo banesibindi. Xa babechaswa ngabaSadusi, abazange bayeke ukufundisa ngegama likaYesu.—IZe. 5:17, 18, 27-29.

9. Eyesi-2 kuTimoti 1:7 isinceda njani sibone ukuba sivela phi kanye kanye isibindi?

9 UYosefu, uRahabhi, uYesu nabapostile baba namandla abaqhubela ekwenzeni izinto ezintle. Isibindi sabo sasingathethi kuthi bazithembe ngokugqithiseleyo. Sasibangelwa kukuthembela ngoYehova. Nathi kukhe kufuneke sibe nesibindi. Simele sithembele ngoYehova kunokuba sizithembe. (Funda eyesi-2 kuTimoti 1:7.) Makhe sithethe ngeendawo apho kudingeka khona ukuba sibe nesibindi: entsatsheni nasebandleni.

IIMEKO EZIFUNA SIBE NESIBINDI

10. Kutheni ulutsha olungamaKristu kufuneka lube nesibindi?

10 Ulutsha olungamaKristu kufuneka lube nesibindi ukuze lukhonze uYehova. Lunokufunda luze luxelise uSolomon owaba nesibindi waza wenza izigqibo zobulumko xa wayesakha itempile. Nangona ulutsha olungamaKristu lufanele lukhokelwe ngabazali balo, zikho izigqibo ezibalulekileyo ekufuneka luzenze. (IMize. 27:11) Kufuneka lube nesibindi xa lugqiba ngabahlobo abafanelekileyo, ngeendlela zokuzonwabisa ezizizo, ngokuziphatha ngendlela ecocekileyo nangokubhaptizwa. Kaloku sukube lusenza into angayifuniyo uSathana, lowo ungcikiva uThixo.

11, 12. (a) UMoses waba naso njani isibindi? (b) Ulutsha lunokuba naso njani isibindi njengoMoses?

11 Esinye isigqibo esibalulekileyo ulutsha olumele lusenze kukugqiba ngezinto olufuna ukuzenza ebomini. Kwamanye amazwe, ulutsha luyanyanzelwa ukuba lufune imfundo nomsebenzi obhatalayo. Kanti kwamanye, imeko yoqoqosho iye ilwenze luzive lunyanzelekile ukuba luncede iintsapho zalo ngemali. Ukuba nawe ukule meko, khawucinge ngomzekelo kaMoses. Ekubeni wayekhuliswe yintombi kaFaro, ngewayefune ukuzenzela igama nokuba nemali. Imele ukuba intsapho, ootitshala nabacebisi bakhe abangamaYiputa babemcenga bemcengile ukuba aleqeke emva kwezi zinto! Endaweni yokuba uMoses anikezele, walumela unqulo olunyulu. Wathi akubushiya ngasemva ubutyebi baseYiputa, wanesibindi sokuthembela ngoYehova. (Heb. 11:24-26) Loo nto yamenza wasikelelwa nguYehova, ibe akukabi phi, useza kusikelelwa ngakumbi kwixesha elizayo.

12 Ngokufanayo, uYehova uza kulusikelela nolutsha oluzimisele ukuba lulutho entlanganweni yakhe nolubeka umsebenzi woBukumkani kwindawo yokuqala. Uza kulunceda lukwazi ukuhoya iimfuno zeentsapho zalo. Ngenkulungwane yokuqala, umfana onguTimoti wayenza le nto, nawe unokukwazi. *Funda eyabaseFilipi 2:19-22.

Ngaba uzimisele ukuba nesibindi kuzo zonke iinkalo zobomi bakho? (Jonga isiqendu 13-17)

13. Ukuba nesibindi kwamnceda njani omnye udade wakwazi ukwenza into awayezimisele ukuyenza?

13 Omnye udade waseAlabama, eMerika, kwafuneka abe nesibindi ukuze agqibe ngento afuna ukuyenza ngobomi bakhe. Ubhala athi: “Ndisemncinci, ndandineentloni kakhulu. Ndandingakwazi nokuthetha nabantu kwiHolo YoBukumkani, andisathethi ke ngokuyonkqonkqozela abantu endingabaziyo ezindlwini zabo.” Lo dade wancedwa ngabazali bakhe nangabanye ebandleni, wakwazi ukwenza into awayezimisele ukuyenza, wanguvulindlela othe ngxi. Uthi: “Ihlabathi likaSathana lifuna ube nemfundo enomsila, udumo, imali, nezinto zeli hlabathi. Kunqabile ke nokuba ude uzifumane ezi zinto kwaye umntu uphela sele ekhathazekile kwaye enentliziyo ebuhlungu. Ukukhonza uYehova kundonwabisa kakhulu kwaye kundenza ndizive ndilulutho.”

14. Ziziphi ezinye zeemeko abazali abangamaKristu ekufuneka babe nesibindi kuzo?

14 Nabazali abangamaKristu kufuneka babe nesibindi. Ngokomzekelo, umqeshi wakho unokuyenza isiqhelo into yokukucela ukuba usebenze ngokuhlwa nangeempelaveki—uphoswe lunqulo lwentsapho, yintsimi neentlanganiso. Kufuneka ube nesibindi ukuze uzikhabe ezo zicelo xa zisisiqhelo, ukuze nabantwana bakho bafunde kuwe ukuba nomqolo. Okanye masithi abanye abazali ebandleni bavumela abantwana babo benze izinto ongafuniyo ukuba owakho umntwana azenze. Abo bazali banokukubuza ukuba kutheni umntwana wakho engazenzi ezo zinto. Ngaba uza kuba nesibindi uze ubacacisele ngomoya omhle isizathu sokuba ungamvumeli?

15. INdumiso 37:25 neyamaHebhere 13:5 zinokubanceda njani abazali?

15 Kufuneka isibindi ukuze sincede abantwana bethu bacinge ngezinto abaza kumenzela zona uYehova, nokubanceda bazenze. Ngokomzekelo, abanye abazali basenokungayiginyi ncam into yokukhuthaza abantwana babo ukuba babe ngoovulindlela, baye kukhonza kwintsimi edinga abavakalisi, baye kukhonza eBheteli, okanye bancede kumsebenzi wokwakha wentlangano. Basenokoyika ukuba abayi kuba namntu ubahoyayo xa sele bekhulile. Kodwa ke abazali abalumkileyo baba nesibindi baze bamthembe uYehova ukuba uza kubenzela izinto abathembisa zona. (Funda iNdumiso 37:25; neyamaHebhere 13:5.) Ngoko enye indlela yokubonisa ukuba unesibindi kwaye umthembile uYehova kukuba uncede nomntwana wakho naye abe nesibindi kwaye amthembe uYehova.—1 Sam. 1:27, 28; 2 Tim. 3:14, 15.

16. Abanye abazali babancede njani abantwana babo ukuba bacinge ngezinto abafuna ukuzenza enkonzweni kaYehova, ibe incede njani loo nto?

16 Enye indoda yaseMerika nenkosikazi yayo banceda abantwana babo ukuba bafikelele izinto ababezimisele ukuzenza enkonzweni kaYehova. Le ndoda ithi: “Saqala bengekakwazi ukuhamba nokuthetha ukubaxelela ngendlela ekumnandi ngayo ukuba nguvulindlela nokukhonza ibandla. Ngoku bazimisele ukuzenza ezi zinto. Xa abantwana bethu becinga baze benze izinto entlanganweni batsho bakwazi ukulwa nempembelelo kaSathana kwaye bajolise amehlo abo kuYehova.” Omnye umzalwana onabantwana ababini wabhala wathi: “Abazali abaninzi benza imizamo baze bachithe imali benceda abantwana babo ukuba babe zizinto abafuna ukuba zizo kwezemidlalo, kwezolonwabo nakwimfundo. Nathi ke kufanelekile ukuba senze imizamo size sichithe imali ukuze sincede abantwana bethu benze izinto eziya kubagcina bamkelekile emehlweni kaYehova. Into esivuyisayo ayikokubona abantwana bethu besenza izinto abebezimisele ukumenzela zona uYehova kuphela, kodwa sivuyiswa nakukuba besiyinxalenye yayo yonke loo nto.” Siqinisekile ukuba uThixo uza kubasikelela abazali abanceda abantwana babo bacinge baze benze izinto abazimisele ukuzenza enkonzweni yakhe.

KUFUNEKA ISIBINDI NASEBANDLENI

17. Chaza imizekelo yendlela abazalwana noodade ababa nesibindi ngayo ebandleni.

17 Kufuneka isibindi nasebandleni. Ngokomzekelo, kufuneka abadala babe nesibindi xa bechophele amatyala ebandleni, okanye xa benceda abazalwana noodade abagulela ukufa. Abanye abadala batyelela iintolongo ukuze bancede amabanjwa asondele kuYehova. Kuthekani ngoodade abangatshatanga? Ngoku banamathuba amaninzi okwenza uchatha kwinkonzo yabo ngokuba ngoovulindlela, ukufudukela kwintsimi edinga abavakalisi, ngokuncedisa ekwakheni izakhiwo zentlangano, nangokufaka isicelo sokuya kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani. Abanye bade bakwazi nokuya kwiSikolo SaseGiliyadi.

18. Oodade abakhulileyo banokuba naso njani isibindi?

18 Oodade abakhulileyo bayintsikelelo ebandleni. Siwathanda nyhani la magqala! Abanye abasakwazi ukwenza izinto ababezenza ngaphambili enkonzweni kaThixo, sekunjalo bamele babe nesibindi baze bathathe inyathelo. (Funda uTito 2:3-5.) Ngokomzekelo, udade okhulileyo kufuneka abe nesibindi xa ecelwa ukuba athethe nodade oselula ngokunxiba ngendlela endilisekileyo. Akayi kumngxolisa ngempahla ayikhethayo, kodwa uza kumkhuthaza udade oselula ukuba acinge ukuba impahla akhetha ukuyinxiba inaliphi ifuthe kwabanye abantu. (1 Tim. 2:9, 10) Ukuwubeka kakuhle ngolu hlobo lo mcimbi kuya kunceda kakhulu.

19. (a) Abazalwana ababhaptiziweyo banokuba naso njani isibindi? (b) EyabaseFilipi 2:13 nesahluko 4:13 zinokubanceda njani abazalwana babe nesibindi?

19 Nabazalwana ababhaptiziweyo kufuneka babe nesibindi baze bathathe inyathelo. Amadoda anesibindi, afunayo ukwenza imisebenzi engakumbi, ayintsikelelo ebandleni. (1 Tim. 3:1) Kodwa ke, abanye abazalwana abazami ukufanelekela imisebenzi engakumbi ebandleni. Abanye abazalwana baye bathi ngenxa yeempazamo abazenze ngaphambili, bavakalelwe kukuba abanakufaneleka ukuba zizicaka zolungiselelo okanye abadala. Kanti abanye bayazeya, becinga ukuba abanakukwazi ukwenza isabelo esithile. Ukuba nawe uvakalelwa ngaloo ndlela, uYehova unokukunceda ube nesibindi. (Funda eyabaseFilipi 2:13; 4:13.) Khumbula ukuba noMoses wayekhe waziva engafaneleki. (Eks. 3:11) Kodwa ke uYehova wamnceda, ibe ethubeni, wakwazi ukuwenza umsebenzi awayewunikiwe. UmKristu unokusiqweba isibindi esinjalo ngokuthandaza acele uncedo kuThixo nangokufunda iBhayibhile yonke imihla. Nokucinga ngabantu ababa nesibindi kunokunceda. Unokubacela kakuhle abadala ukuba bamqeqeshe aze akulungele ukunceda naphi na apho afunwa khona. Siyanicela nonke bazalwana ababhaptiziweyo ukuba nibe nesibindi kwaye nikhuthale ebandleni!

“UYEHOVA . . . UNAWE”

20, 21. (a) UDavide wamqinisekisa ngantoni uSolomon? (b) Yintoni esinokuqiniseka ngayo?

20 UKumkani uDavide wakhumbuza uSolomon ukuba uYehova wayeza kuba naye de awugqibe umsebenzi wokwakha itempile. (1 Kron. 28:20) Athi akungena loo mazwi engqondweni nasentliziyweni kaSolomon, akayivumela into yokuba emncinci yaye engenamava yaba ngumqobo kuye. Waqin’ isibindi, watshona emsebenzini, ibe uYehova wamnceda wakha itempile enobungangamsha ngeminyaka esixhenxe enesiqingatha.

21 Nathi uYehova unokusenza sibe nesibindi njengoSolomon, siwenze de siwugqibe umsebenzi asinike wona entsatsheni nasebandleni. (Isa. 41:10, 13) Xa simnqula ngesibindi uYehova, sinokuqiniseka ukuba uza kusisikelela ngoku nakwixesha elizayo. Lilonke ke sithi, “yiba nesibindi . . . uze uthabathe inyathelo.”

^ isiqe. 12 Amanye amanyathelo asebenzayo onokuwathatha achazwe kwinqaku elithi “Zibekele Usukelo Lokomoya Ukuze Uzukise UMdali Wakho,” kwiMboniselo kaJulayi 15, 2004.