Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yiba Novelwano NjengoYehova

Yiba Novelwano NjengoYehova

“UYehova, uYehova, uThixo onenceba nobabalo.”—EKS. 34:6.

IINGOMA: 142, 12

1. UYehova wazichaza njani kuMoses, ibe kutheni ibalulekile loo nto?

NGENYE imini, uThixo wachazela uMoses igama lakhe nokuba unguThixo onjani. Into yokuqala awayichazayo kukuba unenceba nobabalo okanye uvelwano. (Funda iEksodus 34:5-7.) UYehova ngewayeqale ngamandla okanye ngobulumko bakhe. Kodwa ekubeni uMoses wayefuna ukwazi ukuba uThixo uyamxhasa na, uYehova wamchazela iimpawu zakhe ezibonisa ukuba ukulungele ukubanceda abakhonzi bakhe. (Eks. 33:13) Ngaba ayikuvuyisi into yokuba uThixo aqale ngezi mpawu? Eli nqaku liza kusikhuthaza ukuba sithi xa sibona umntu esentlungwini okanye esebunzimeni, sifune ukumnceda.

2, 3. (a) Yintoni ebonisa ukuba thina bantu sidalwe sakwazi ukuba novelwano? (b) Kutheni umele ube nomdla nje koko kuthethwa yiBhayibhile ngovelwano?

2 Abantu badalwe ngokomfanekiso kaThixo. Yiyo loo nto kwanabantu abangamkhonziyo uThixo bebakhathalele abanye abantu. (Gen. 1:27) EBhayibhileni kukho amabali amaninzi abantu ababa novelwano. Usalikhumbula ibali lamabhinqa amabini awayebanga usana, kwaza kwafuneka uSolomon alamle? Xa uSolomon wawavavanyayo ngokuyalela ukuba lwahlulwe kubini olo sana, inimba yenza kwacaca ukuba lolukabani. Oyena mama wolo sana wafuna ukulunceda, kwanokuba loo nto yayithetha ukuba uza kuluncamela elinye ibhinqa. (1 Kum. 3:23-27) Omnye umzekelo ngowentombi kaFaro eyasindisa ubomi bukaMoses esemncinci. Nasemva kokuba ibonile ukuba uMoses lusana lomHebhere ibe kufuneka ebulewe, “kwatsho kwasika kuyo” yaza yagqiba ekubeni izikhulisele yena.—Eks. 2:5, 6, IBhayibhile yesiXhosa ka-1996.

3 Kutheni umele ube nomdla nje xa kuthethwa ngovelwano? Kungokuba iBhayibhile ithi ufanele wenze izinto ngendlela uThixo azenza ngayo. (Efe. 5:1) Kodwa nangona sidalwe sakwazi ukuba novelwano, ngenxa yokuba siyinzala ka-Adam engafezekanga siye sicingele iziqu zethu kuphela. Ngamany’ amaxesha siye sidideke, singazi nokuba sincede okanye sihoye iziqu zethu kuphela. Abanye bethu kufuneka besenzile esi sigqibo imihla ngemihla. Yintoni enokukunceda uhlale unomdla ebantwini? Okokuqala, khawukhe ujonge indlela uYehova, nabanye abantu, abaye banovelwano ngayo. Okwesibini, cinga ngendlela onokumxelisa ngayo uThixo, nendlela loo nto enokukunceda ngayo.

NGUYEHOVA ESIFANELE SIFUNDE KUYE

4. (a) Kwakutheni ukuze uYehova athumele iingelosi eSodom? (b) Ibali likaLote neentombi zakhe lisifundisa ntoni?

4 Zininzi iindawo eBhayibhileni apho sibonayo ukuba uYehova waba novelwano. Khawucinge ngento awayenzela uLote. Le ndoda elilungisa yayikhathazekile ngenxa yabantu baseSodom naseGomora ababengawukhathalelanga umthetho. UThixo wagqiba ekubeni abo bantu baziphethe kakubi babefanelwe kukufa. (2 Pet. 2:7, 8) Wathumela iingelosi ukuba ziye kuhlangula uLote. Zamcenga yena nentsapho yakhe ukuba abaleke kweso sixeko. “Wathi akuqhubeka ezilazila, ngoko ngemfesane kaYehova kuye, la madoda [aziingelosi] abamba isandla sakhe nesandla somfazi wakhe nezandla zeentombi zakhe aza amkhupha, amsa ngaphandle kwesixeko.” (Gen. 19:16) Ngaba le nto ayibonisi ukuba uYehova uzazi ukusuka nokuhlala iingxaki ezehlela abantu bakhe abathembekileyo?—Isa. 63:7-9; Yak. 5:11; 2 Pet. 2:9.

5. IZibhalo ezifana neyoku-1 kaYohane 3:17, zisinceda njani sibe novelwano?

5 UYehova akazange anele nje ukuba novelwano, kodwa wafundisa nabantu bakhe ukuba babe nolu phawu. Masenze umzekelo ngomthetho owawunikwe amaSirayeli wokuthimba isambatho somntu size sigcinwe njengesibambiso xa eboleke into. (Funda iEksodus 22:26, 27.) Umntu okhohlakeleyo obolekisayo wayenokusithatha eso sambatho, amshiye engenanto yokwambatha xa elele. Kodwa uYehova wafundisa abantu bakhe ukuba bangayicingi kwaye bangayenzi inkohlakalo enjalo. Abakhe abantu babemele babe novelwano. Ngaba lo mgaqo ukulo mthetho awusenzi nathi sifune ukunceda? Ngaba thina besinokubashiya abazalwana bethu engxakini, sinalo icebo lokubanceda?—Kol. 3:12; Yak. 2:15, 16; funda eyoku-1 kaYohane 3:17.

6. Sifunda ntoni kwindlela uYehova awawanyamezela ngayo amaSirayeli awayemona?

6 UYehova wayebavela abantu bakhe amaSirayeli kwanaxa bemonile. IBhayibhile ithi: “UYehova uThixo wookhokho babo waqhubeka ethumela nxamnye nabo abathunywa bakhe, ebathumela kaninzi-ninzi, ngenxa yokuba waba nemfesane ngabantu bakhe nangendawo yakhe yokuhlala.” (2 Kron. 36:15) Ngaba asifanele nathi sibavele abantu abanokuthi ethubeni baguquke baze bamkelwe nguThixo? UYehova akafuni kutshabalale nomntu omnye lo xa egweba. (2 Pet. 3:9) Ngoko masiqhubeke silumkisa abantu, de atshabalalise abangamthobeliyo.

7, 8. Kutheni enye intsapho icinga ukuba nguYehova owayincedayo?

7 Baninzi abantu abanokubalisa ngendlela uThixo awabanceda ngayo. Masenze umzekelo ngento eyenzeka kwintsapho kaMilan oneminyaka eyi-12. Ekuqaleni kweminyaka yoo-1990 kwakusilwa iintlanga. UMilan, umninawa wakhe, abazali bakhe, namanye amaNgqina babekhwele ibhasi besuka eBosnia besiya eSerbia. Babesiya endibanweni, ibe abazali bakhe babeza kubhaptizwa. Xa befika emdeni, amajoni ayehlisa le ntsapho ebhasini kuba iyeyohlanga angaluthandiyo; abayeka abanye abazalwana baqhubeka nohambo. Emva kokuyigcina iintsuku ezimbini, igosa eliphetheyo labuza umphathi walo ngereyidiyo ukuba lenze ntoni ngabo. Eli gosa lalimi kanye phambi kwale ntsapho, ibe wonke umntu wayiva impendulo eyayisithi, “Bakhuphe phandle uze ubadubule!”

8 Njengoko eli gosa lalisathetha namajoni alo, kwathi gqi amadoda amabini eza kule ntsapho aza ayihlebela ukuba angamaNgqina. Ayeve ngamanye awayekula bhasi ukuba isengxakini le ntsapho. La madoda mabini axelela uMilan nomninawa wakhe ukuba baye kukhwela emotweni yawo kuba amaphepha abantwana ayengahlolwa. Emva koko athi abazali mabajikele ngemva kwezakhiwo, aza kudibana nabo kwelinye icala. UMilan wayengazi nokuba makahleke okanye alile na ngenxa yeli cebo lala madoda. Abazali bakhe babuza: “Nicinga ukuba baza kusiyeka nje sihambe?” Kodwa njengoko babehamba, amajoni ayengathi athe phuhlu nje amehlo, awababoni. Le ntsapho yaphinda yadibana ngaphesheya komda. Bemka baya endibanweni, beqinisekile ukuba uYehova ubevile xa becela uncedo. Siyazi ukuba iBhayibhile ibalisa ngezihlandlo apho uYehova engazange abakhusele abakhonzi bakhe. (IZe. 7:58-60) Kodwa uMilan yena uthi, “Yayingathi iingelosi ziwavale amehlo la majoni waza uYehova wasihlangula.”—INdu. 97:10.

9. Wenza ntoni uYesu akubona imeko yezihlwele ezazize kuye? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

9 Sinokufunda nakuYesu. Waba nosizi xa ebona izihlwele zabantu, kuba “zazihlinzekile, zilahliwe njengezimvu ezingenamalusi.” Wenza ntoni ngale meko elusizi? “Wasifundisa izinto ezininzi.” (Mat. 9:36; funda uMarko 6:34.) Wayengafani nabaFarisi, ababengenaxesha lakunceda abantu abaphantsi. (Mat. 12:9-14; 23:4; Yoh. 7:49) Awungethandi na wena ukwenza njengoYesu, uncede abantu abalambele ukwazi iBhayibhile?

10, 11. Ngaba sifanele sibe novelwano ngalo lonke ixesha? Cacisa.

10 Loo nto ayithethi kuthi masibe novelwano kuzo zonke iimeko. UThixo wayefanele ukuba novelwano kule mizekelo ichazwe ngentla. UKumkani uSawule wayecinga ukuba unovelwano kanti uyavukela. Akazange ambulale uAgagi, owayelutshaba lwabantu bakaThixo, waza wagcina ezona zilwanyana zilungileyo kwimfuyo. Ngenxa yoko, ethubeni uYehova wamyekisa ukuba ngukumkani wamaSirayeli. (1 Sam. 15:3, 9, 15) Kakade ke, uYehova nguMgwebi olilungisa. Uyakwazi ukubona izinto ezisezintliziyweni zethu, ibe uyazi xa umntu lungamfanelanga uvelwano. (IZili. 2:17; Hez. 5:11) Liyeza ixesha apho eza kubohlwaya bonke abo bangamthobeliyo. (2 Tes. 1:6-10) Ngelo xesha uza kube engenasizi. Uza kube efanele ukubatshabalalisa, kuba uza kube enceda abo bangamalungisa abaza kusinda.

11 Kucacile ukuba, ayikokwethu ukugweba enoba abantu bafanele batshabalale okanye bangatshabalali. Eyethu indima kukwenza konke okusemandleni ethu ukuze sibancede. Sinokwenza njani ke ukuze sibancede ngendlela efanelekileyo abantu? Nanga amanye amacebiso.

UVELWANO OLUFANELEKILEYO

12. Unokuba nalo njani uvelwano kwabanye abantu?

12 Kuthande ukunceda abantu. Asinakukwazi ukuxelisa uYesu ukuba asibaveli abamelwane nabazalwana bethu. (Yoh. 13:34, 35; 1 Pet. 3:8) Ukuze sibe novelwano kufuneka siyive kuthi intlungu yomnye umntu. Umntu onovelwano akasongi izandla nje ambukele umntu, kunoko uzama ukumnceda aphume ebunzimeni. Masiwakhangele amathuba okunceda abantu! Ngokomzekelo, unokunceda umntu ngemisetyenzana yasekhaya okanye umyele ezivenkileni.—Mat. 7:12.

Bonisa ukuba unovelwano ngokunceda (Jonga isiqendu 12)

13. Ziziphi iimpawu zabantu bakaThixo eziye zibonakale ngokukhethekileyo emva kweentlekele?

13 Ncedisa xa kuhle intlekele. Abantu abaninzi baba nosizi baze bancedise xa bebona abantu abathwaxwe yintlekele. Nabantu bakaYehova badume ngokuncedisa xa kukho intlekele. (1 Pet. 2:17) Omnye udade waseJapan wayehlala kwindawo eyayintlithwe yinyikima nayitsunami ka-2011. Uthi ‘wakhuthazwa waza wathuthuzelwa kakhulu’ kukubona abazalwana noodade abaninzi abavela kwezinye iindawo eJapan nakwamanye amazwe, belungisa izakhiwo ezonakeleyo. Wabhala wathi: “Yonke le nto yandenza ndabona ukuba uYehova uyakhathala. Nokuba abazalwana noodadewethu ehlabathini bayakhathalelana. Ibe abaninzi bayasithandazela.”

14. Unokubanceda njani abagulayo nabakhulileyo?

14 Nceda abagulayo nabakhulileyo. Xa sibona abantu bethwaxwa yimiphumo yesono sika-Adam, kufanelekile ukuba sibe nosizi size sifune ukunceda. Ingathi alisafiki ixesha lokuba kuphele ukugula nokwaluphala. Ngoko siyaqhubeka sithandazela uBukumkani BukaThixo ukuba bufike. Okwangoku, sizama ukunceda abantu abagulayo nabakhulileyo kangangoko sinako. Khawuve ukuba wathini omnye umbhali xa wayebhala ngomama wakhe owayekhulile, owayenesifo seAlzheimer. Ngenye imini, wazimoshela waza wangcolisa impahla awayeyinxibile. Wathi esazama ukuzisula, kwankqonkqozwa emnyango. Kwathi kanti ngamaNgqina amabini awayedla ngokuza kuye. Ambuza ukuba ikho into awayengamnceda ngayo. Lo makhulu wathi: “Ikho yona kodwa ndineentloni.” Aba dade bamnceda. Emva koko bamenzela iti baza bancokola naye. Unyana wakhe wayixabisa kakhulu loo nto. Wabhala wathi: “Ndiwothulel’ umnqwazi la maNgqina. Ayayenza into ayifundisayo.” Ngaba xa ubona abagulayo nabakhulileyo awaneli nje ukuba novelwano, kodwa wenza konke onokukwenza ukuze ubancede?—Fil. 2:3, 4.

15. Umsebenzi wokushumayela usivulela awaphi amathuba?

15 Nceda abantu basondele kuYehova. Iingxaki abantu abanazo zisenza sifune ukubanceda basondele kuYehova. Eyona ndlela yokwenza loo nto kukubafundisa ngoThixo nangoko uBukumkani bakhe buza kukwenzela abantu. Enye indlela kukubabonisa ukuba kububulumko ukuphila ngemithetho kaThixo. (Isa. 48:17, 18) Ngaba awunakuthi chatha entsimini, wenze umsebenzi ozukisa uYehova nobonisa ukuba uyabavela abantu?—1 Tim. 2:3, 4.

UVELWANO LUNCEDA KWAWENA!

16. Ukuba novelwano kukunceda njani?

16 Oogqirha bengqondo bathi ukuba novelwano kunokuyiphucula impilo yakho kwaye uvane nabanye abantu. Xa unceda abanye abantu, uye wonwabe, ube nethemba lokuba kuza kulunga, awubi lilolo, kwaye awufane ucinge izinto ezityhafisayo. Ngokwenene ukuba novelwano kuyanceda. (Efe. 4:31, 32) AmaKristu akuthandayo ukunceda abantu aba nezazela ezikhululekileyo, kuba ayazi ukuba ayithobele imigaqo kaThixo. Umntu owenza le nto uye abe ngumzali onenkathalo, ayiphathe kakuhle inkosikazi okanye umyeni wakhe, kwaye athandwe ngabahlobo bakhe. Abantu abakhawulezayo ukunceda abantu, nabo baye bancedwe yaye baxhaswe xa besengxakini.—Funda uMateyu 5:7; noLuka 6:38.

17. Kutheni ufuna ukuba novelwano?

17 Awufanelanga ufune ukunceda kuba ujonge ukuncedwa nawe ngeny’ imini. Eyona nto ifanele ikwenze ufune ukunceda kukuxelisa nokuzukisa uYehova uThixo, onguMthombo wothando novelwano. (IMize. 14:31) Ngoyena mntu sifanele siyifunde kuye le nto. Ngamana singenza konke okusemandleni ethu ukuze sixelise uvelwano lwakhe—sikhuthaze umoya omhle ebandleni kwaye siphathane kakuhle nabamelwane bethu.—Gal. 6:10; 1 Yoh. 4:16.