Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Uncumo Lwakho—Isipho Onokuphisa Ngaso

Uncumo Lwakho—Isipho Onokuphisa Ngaso

XA UMNTU ekuncumela, uye uthini? Ngokuqhelekileyo, nawe uyamncumela. Mhlawumbi iye ikonwabise loo nto. Uncumo lokwenene, enoba lelomhlobo okanye lomntu ongamaziyo, luyosulela kwaye lukwenza uvuye. Ibhinqa elinguMagdalena lathi: “UGeorg, umyeni wam owaswelekayo, wayethanda ukuncuma. Xa sidibana ngamehlo, ndandikhululeka ndize ndizive ndikhuselekile.”

Uncumo lokwenene lubonisa ukuba wonwabile. Inqaku elikwimagazini yeAssociation for Psychological Science ekwi-intanethi, i-Observer, lithi: “Ukuncuma . .  kubonakala ngathi sadalwa nako.” Liphinda lithi neemveku ziyakwazi “ukumfunda ebusweni umntu. Abantu bafumana inkcazelo eninzi kuncumo lomntu, baze loo nkcazelo bayisebenzisele nokubona ukuba bamele benze ntoni.”

Abaphandi beYunivesithi iHarvard eMerika bahlolisisa izigulane ezikhulileyo nento eziyenzayo xa zijonge ubuso babantu bezonyango. Bathi, xa abezonyango “bencumile, bekhathala yaye benovelwano,” izigulane ziyaneliseka ibe ziba ngcono nasempilweni. Kuba nzima kwizigulane xa abezonyango bengancumi, bengakhathali kwaye bengabonisi velwano.

Xa uncuma, nawe uyazinceda. Uhlolisiso lubonisa ukuba uzithemba ngakumbi, uyonwaba kwaye nestres siyancipha. Kanti xa ufinge iintshiya, kusenokwenzeka okwahlukileyo.

UNCUMO “LWANDENZA NDAZITHEMBA”

Xa kwakuqhubeka iMfazwe Yehlabathi II, uMagdalena ekuthethwe ngaye ngasentla wayeliNgqina likaYehova. Yena nabanye kwintsapho yakhe basiwa kwinkampu yoxinaniso eRavensbrück eJamani, ngenxa yokungavumi ukuthobela inkqubo yamaNazi. Uthi: “Ngamanye amaxesha oonogada babengavumi ukuba sithethe namanye amabanjwa. Kodwa babengenakukwazi ukunqanda oko sikwenzayo ngobuso bethu. Ukubona umama nodadewethu bencuma kwakundenza ndizithembe ndize ndingayekeleli.”

Mhlawumbi ucinga ukuba iingxaki zobomi zenza kungabikho nto incumisayo. Khumbula ukuba indlela oziva ngayo ibangelwa yinto oyicingayo. (IMizekeliso 15:15; Filipi 4:8, 9) Nangona kusenokuba nzima, kutheni ungazami ukuhlala ucinga ngezinto ezintle, ezikubangela wonwabe? * Ukufunda iBhayibhile nokuthandaza kuncede abaninzi ukuba benze loo nto. (Mateyu 5:3; Filipi 4:6, 7) Amagama athi “uvuyo” “noyolo” namanye asondele kuwo avela kaninzi eBhayibhileni! Kutheni ungafundi iphepha okanye amabini suku ngalunye? Mhlawumbi nawe ungazibona sowuncuma qho.

Kwakhona, sukulindela ukuba uncunyelwe ngabanye. Ncuma kuqala; nawe khawube nomntu omvuyisayo. Uncumo lwakho malube sisipho esivela kuThixo esinceda wena nabantu abalubonayo.

^ isiqe. 8 Funda inqaku elithi “Ngaba Uba ‘Netheko Rhoqo?’” kuVukani! kaNovemba 2013