Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ungakwazi Ukuba Nobulumko

Ungakwazi Ukuba Nobulumko

“Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo.” (2 Timoti 3:16) Xa le vesi isithi sonke iSibhalo ‘siphefumlelwe’ nguThixo, loo nto ithetha ukuba uThixo onguSomandla wafaka iingcinga zakhe kwiingqondo zabantu ababebhala iBhayibhile.

UThixo Ufuna Ubulumko Bakhe Bukuncede

“Mna, Yehova, . . . ndikufundisa izinto ezikuncedayo, Lowo ukukhokelela endleleni ofanele uhambe ngayo. Ukuba nje ubungayimamela imiyalelo yam! Uxolo lwakho beluya kuba njengomlambo, nobulungisa bakho bube njengamaza olwandle.”​—ISAYA 48:17, 18.

La mazwi wajonge njengesimemo esivela kuThixo ngokwakhe. Ufuna ube noxolo lwengqondo nolonwabo olungapheliyo, ibe angakunceda ukuba ube nazo zombini ezi zinto.

Unako Ukubufumana Ubulumko BukaThixo

“Kumele. . . kushunyayelwe iindaba ezilungileyo kuzo zonke iintlanga.”​—MARKO 13:10.

“Iindaba ezilungileyo” ziquka izithembiso zikaYehova zokuphelisa izinto ezibuhlungu ezenzekayo, zokwenza umhlaba ube yiParadesi nesokuvusa abantu abaswelekileyo. AmaNgqina kaYehova ashumayela ngaloo myalezo usuka eBhayibhileni emhlabeni wonke.