1 Ngaba NguThixo Obangela Izinto Ezibuhlungu?
Kutheni Kubalulekile Ukuba Siyazi Le Nto?
Abantu abaninzi abafuni ukukhonza uThixo kuba besithi nguye obangela izinto ezibuhlungu.
Khawucinge Ngoku
Abefundisi abaninzi bafundisa ukuba uThixo nguye obangela izinto ezibuhlungu. Ngokomzekelo, abanye bathi:
-
Iintlekele zemvelo sisohlwayo esivela kuThixo.
-
Abantwana bayasweleka kuba uThixo udinga iingelosi ezininzi ezulwini.
-
UThixo unamaqela awaxhasayo kwiimfazwe ezibangela iintlungu ezininzi.
Kodwa ingenzeka into yokuba abefundisi baxoke ngoThixo? Ingenzeka into yokuba uThixo akasabafuni?
FUNDA OKUNGAKUMBI
Bukela ividiyo ethi Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile? ku-jw.org/xh.
Ithini Ibhayibhile?
UThixo akangonobangela wezinto ezibuhlungu ezisehlelayo.
Ukuba ibinguye, loo nto ibingazi kudibana tu nendlela achazwe ngayo eBhayibhileni. Ngokomzekelo iBhayibhile ithi:
“Kuba zonke indlela [zikaThixo] zezobulungisa. . . . Lilungisa yaye zonke izinto uzenza kakuhle.”—DUTERONOMI 32:4.
“Soze uThixo wokwenene enze izinto ezimbi, soze uSomandla enze into engalunganga!”—YOBHI 34:10.
“USomandla akagwebi ngendlela egqwethekileyo.”—YOBHI 34:12.
UThixo akazifuni iinkonzo ezixoka ngaye.
Le nto iquka iinkonzo ezifundisa ukuba uThixo nguye obangela ukuba sehlelwe zizinto ezimbi neenkonzo ezixhasa iimfazwe nemilo.
“Abaprofeti baprofeta ubuxoki egameni lam. Andikhange ndibathume, ndingakhange ndibayalele okanye ndithethe nabo. Baniprofetela umbono wobuxoki . . . nenkohliso yentliziyo yabo.”—YEREMIYA 14:14.
UYesu akabafuni abantu abafundisa izinto abangazenziyo.
“Ayingabo bonke abathi kum, ‘Nkosi, Nkosi,’ abaza kungena eBukumkanini bamazulu, kodwa kuza kungena kuphela lowo wenza ukuthanda kukaTata osemazulwini. Ngaloo mini, abaninzi baza kuthi kum: ‘Nkosi, Nkosi, asizange siprofete egameni lakho na, sakhupha iidemon egameni lakho, senza nemimangaliso emininzi egameni lakho?’ Kodwa mna ndiza kuthi kubo: ‘Andinazi nokuba ningoobani! Hamban’ apha, nina zaphuli-mthetho!’”—MATEYU 7:21-23.