Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

2 Ngaba Sithi Esibangela Izinto Ezibuhlungu?

2 Ngaba Sithi Esibangela Izinto Ezibuhlungu?

Kutheni Kubalulekile Ukuba Siyazi Le Nto?

Ukuba sithi esibangela izinto ezibuhlungu, loo nto ingathetha ukuba singakwazi ukuzilawula izinto ezibuhlungu ezenzekayo kuthi, zingabikho ninzi kangako.

Khawucinge Ngoku

Abantu basifake kangakanani isandla kwezi zinto zibangela intlungu zilandelayo?

  • Ukuxhatshazwa

    IWorld Health Organisation iqikelela ukuba ikota yabantu abadala babexhatshazwa ngokubethwa xa babekhula. Umfazi omnye kwabathathu ukhe waxhatshazwa ebomini bakhe ngesondo okanye ngokubethwa.

  • Ukuswelekelwa

    Ingxelo yango-2018 ekhutshwe yiWorld Health Organisation ithi: “Kuqikelelwa ukuba kubulawe abantu abayi-477 000 emhlabeni wonke ngo-2016.” Eli nani longeza kubantu abayi-180 000 ekucingwa ukuba babulewe kwiimfazwe nakwimilo kunyaka nje omnye.

  • Ukugula

    UFran Smith wabhala kwimagazini ekuthiwa yiNational Geographic wathi: “Abantu abangaphezu kwebhiliyoni bayatshaya, ibe icuba lingunobangela wezona zigulo zibulalayo. Isifo sentliziyo, istrowukhu, iingxaki zokuphefumla, ingxaki yemiphunga nomhlaza wayo.”

  • Ukungalingani Kwabantu

    UJay Watts ongugqirha wengqondo uthi: “Indlala, ukujongelwa phantsi, ukukhethwa ngenxa yebala, ukuba yindoda okanye umfazi, ukugxothwa kwindawo ohlala kuyo, kunye nokukhuphisana kweentlanga, zonke ezi zinto zisenokubangela ukuba umntu agule ngengqondo.”

    FUNDA OKUNGAKUMBI

    Bukela ividiyo ethi Kwakutheni Ukuze UThixo Adale Umhlaba? kwi jw.org/xh.

Ithini IBhayibhile?

Abantu bangunobangela wezinto ezininzi ezibuhlungu ezenzekayo

Izinto ezibuhlungu ezenzekayo zibangelwa ngoorhulumente abathi bayabanceda abantu kodwa babe bebacinezela.

“Ngalo lonke ixesha umntu elawulwa ngomnye, uyenzakala.”​INTSHUMAYELI 8:9.

Izinto ezibuhlungu zingakwazi ukungabikho ninzi kangako.

Imigaqo yeBhayibhile inceda abantu babesempilweni ibe bavane.

“Intliziyo ezolileyo ibubomi emzimbeni, kodwa umona ukukubola emathanjeni.”​IMIZEKELISO 14:30

“Susani yonke inkohlakalo, umsindo, ukucaphuka, ukungxolisana, ukuthetha amazwi ahlabayo, nayo nantoni na eyenzakalisayo.”​EFESE 4:31