Eyona Nto Inokunceda
Iimiliyoni zabantu ziye zawasebenzisa amacebiso abhalwe kule magazini, ibe la macebiso aye azinceda zakwazi ukuyeka ukuba nomkhethe. Kodwa ke, xa sithetha inyani, singabantu asinakukwazi ukuwuphelisa wonke umkhethe okanye ucalucalulo. Ngaba le nto ithetha ukuba soze ude uphele wonke emhlabeni?
Oyena Rhulumente Udingwa Ngabantu
Oorhulumente babantu abakhange bakwazi ukuphelisa ucalucalulo. Kodwa ngaba le nto ithetha ukuba akukho kwarhulumente unokukwazi ukuluphelisa?
Urhulumente onokuphelisa ucalucalulo okanye umkhethe kufuneka akwazi ukwenza ezi zinto:
-
1. Akwazi ukunceda abantu batshintshe indlela abacinga ngayo.
-
2. Akwazi ukunceda abantu ababekhe baphathwa kakubi baxole, ukuze kube lula ngabo ukubaphatha kakuhle abanye.
-
3. Umlawuli waloo rhulumente akwazi ukubathanda ngendlela efanayo bonke abantu.
-
4. Akwazi ukwenza bonke abantu bamanyane ngokuthandana.
IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba uThixo usenzele urhulumente onjalo. Loo rhulumente ubizwa ngokuba “buBukumkani BukaThixo.”—Luka 4:43.
Khawujonge izinto lo rhulumente oza kuzenzela abantu.
1 Uza Kufundisa Indlela Yokuziphatha
“Abemi bawo [baza kutsho] bafunde ngobulungisa.”—ISAYA 26:9.
“Ubulungisa bokwenene buza kubonakala ngokubakho koxolo, nesiqhamo sobulungisa bokwenene sibe kukuzola nokukhuseleka.”—ISAYA 32:17.
Ithetha ukuthini le nto? UBukumkani bukaThixo buza kufundisa abantu izinto ezilungileyo. Xa abantu bekwazi ukwahlula izinto ezilungileyo kwezimbi, indlela abacingelana ngayo iyatshintsha. Bonke bazokwazi ukuba eyona nto ilungileyo, kukuthanda wonke umntu.
2 Uza kuphelisa Ukuphathwa Kakubi Kwabantu
UThixo “uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu. Izinto zangaphambili azisekho.”—ISITYHILELO 21:4.
Ithetha ukuthini le nto? UBukumkani bukaThixo buza kuphelisa zonke iintlungu ezenziwa kukuphathwa kakubi kwabantu. Abantu ababekhe baphathwa kakubi baza kuyeka ukuba nomsindo nenzondo.
3 Uza Kuba Nabalawuli Abafanelekayo
“Akazukugweba ngenxa nje yento ayibonayo, engazukohlwaya ngenxa nje yento ayive ngeendlebe. Uza kumgweba ngobulungisa ongenanto, abohlwaye ngobulungisa abalulamileyo bomhlaba.” —ISAYA 11:3, 4.
Ithetha ukuthini le nto? UMlawuli woBukumkani bukaThixo, uYesu Kristu, uza kulawula kakuhle ibe akazi kukhetha mntu emhlabeni. UYesu Kristu akathandi uhlanga oluthile phezu koluthile kodwa uzithanda zonke, ibe uza kuqiniseka ukuba abantu emhlabeni wonke baza kuthobela imithetho yakhe.
4 Uza Kumanyanisa Abantu
UBukumkani bukaThixo bufundisa abantu ukuba bacinge “ngendlela efanayo bathandane ngendlela efanayo, bamanyane ngokupheleleyo, bacinge into enye.”—FILIPI 2:2.
Ithetha ukuthini le nto? Abantu abalawulwa buBukumkani bukaThixo abazi kubonakala ngathi ‘bamanyene njee’ kube kungekho njalo. Baza kumanyana “ngokupheleleyo” kuba baza kuthandana nyhani.