UVUKANI! No. 4 2016 | Ukwenza Imikhwa Yakho Ibe Mihle
Enoba uyayibona loo nto okanye awuyiboni, imikhwa iyabuchaphazela ubomi bakho, kakuhle okanye kakubi.
INQAKU ELINGUMXHOLO
Ukwenza Imikhwa Yakho Ibe Mihle
Yenza imikhwa yakho ive ngawe kunokuba wena uve ngayo.
INQAKU ELINGUMXHOLO
1. Sebenzisa Ingqondo
Ukuba nemikhwa emihle nokuyeka emibi akwenzeki ngokukhawuleza. Indlela yokukwazi izinto ezibalulekileyo.
INQAKU ELINGUMXHOLO
2. Zilawule Izinto Nabantu Obasondeza Kuwe
Hlala uzisondeza kubantu nakwizinto eziza kukunceda wenze izigqibo ezifanelekileyo.
INQAKU ELINGUMXHOLO
3. Sukuncama
Nokuba kunzima kuwe ukohlukana nemikhwa emibi uze ube nemihle, Sukuncama!
Ithini IBhayibhile Ngobufanasini?
Ngaba ayivumelani nezenzo zobufanasini? Ngaba ikhuthaza ukuba amafanasini acalucalulwe?
UKUNCEDA INTSAPHO
Uza Kuthini Xa Izinto Zitshintsha
Asinakulubaleka utshintsho. Khawubone ukuba abanye benze ntoni xa bekuvela utshintsho.
AMAZWE NABANTU
Ukutyelela EKyrgyzstan
Abantu baseKyrgyzstan bathand’ iindwendwe yaye banembeko. Zeziphi izithethe zabo ezibonisa indlela abaphila ngayo?
IMBONO YEBHAYIBHILE
Ubuhle
Amajelo ezonxibelelwano nezefashoni zenza abantu bangabujongi ngendlela efanelekileyo ubuhle.
NGABA YADALWA?
Ubomi Benyenzane Ephila Ngamaxesha Athile
Ezi zinambuzane ziphila ubomi obungaqhelekanga. Zibakho iiveki nje ezimbalwa kwiminyaka eyi-13 okanye eyi-17.
Izinto Ezingakumbi Ezifumaneka Kwi-intanethi
Indlela Yokuyeka Ukuxambulisana
Ngaba wena neqabane lakho nisoloko nixambulisana? Funda ngendlela imigaqo yeBhayibhile enokuwunceda ngayo umtshato wenu.
Ulutsha Luthetha Ngokukholelwa KuThixo
Kule vidiyo yemizuzu emithathu, ulutsha olukwishumi elivisayo luchaza into elwenza luqiniseke ukuba ukho uMdali.