Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | IZIFO—INDLELA YOKUNCIPHISA AMATHUBA OKUBA NAZO

Zikhusele Kwizifo

Zikhusele Kwizifo

KUDALA izixeko ezininzi zazikhuselwe ngeendonga ezinde. Ukuba utshaba luvule ikroba elincinane lokungena, sonke eso sixeko sasiba sengozini. Unjalo ke umzimba wakho, ufana nesixeko esikhuselwe ludonga. Impilo yakho ixhomekeke kwindlela ozikhusela ngayo. Nazi iindlela ezintlanu ezinokukubeka engozini yokungenwa zizifo. Unokuzikhusela njani?

1 AMANZI

INGOZI: Izityalo nezilwanyana ezingabonakaliyo neziyingozi “zinokungena” emzimbeni wakho xa usela amanzi anazo.

INDLELA YOKUZIKHUSELA: Eyona ndlela unokuzikhusela ngayo kukusebenzisa izinto zokwenza amanzi akho angabi nazintsholongwane. Xa usazi ukuba amanzi akho aneentsholongwane okanye uyawacingela, unokuwacoca ekhaya ukuze ungosuleleki. * Gcina amanzi okusela kwinto evaliweyo, uwakhe ngento ecocekileyo okanye etephini. Ungaze nanini na ufake izandla kwinto enamanzi acocekileyo. Ukuba kunokwenzeka, hlala kwindawo enezindlu zangasese ezifanelekileyo ukuze ukungcola kungosuleli amanzi asetyenziswayo.

2 UKUTYA

INGOZI: Ukutya kwakho kunokuba nezityalo okanye izilwanyana ezingabonakaliyo ezineentsholongwane eziyingozi.

INDLELA YOKUZIKHUSELA: Ukutya okuneentsholongwane kunokubonakala kungekho kudala kwaye kusempilweni. Ngoko, qhela ukuzihlambisisa iziqhamo nemifuno. Xa upheka okanye uza kuphaka, qiniseka ukuba izinto ozisebenzisayo, ikhitshi nezandla zakho zicocekile. Okunye ukutya kufuna ukuphekwa ngeqondo lobushushu elithile ukuze kufe iintsholongwane eziyingozi. Kulumkele ukutya okutshintshe umbala okanye okunevumba nencasa engathandekiyo, zinto ezo ezibonisa ukuba kusenokwenzeka kuneentsholongwane. Ukutya ongazukusebenzisa kufake efrijini ngokukhawuleza. Kulumkele ukuphekela abantu xa ugula. *

3 IZINAMBUZANE

INGOZI: Ezinye izinambuzane zinokukosulela ngeentsholongwane zazo eziyingozi.

INDLELA YOKUZIKHUSELA: Zama ukungadibani nezinambuzane ezinezifo ngokuhlala endlwini ngamaxesha ezikhoyo ngawo okanye ngokunxiba iimpahla ezikhuselekileyo ezinemikhono emide neebhulukhwe ezinde. Lala phantsi komnatha futhi uthambise izinto ezigxotha izinambuzane. Lahla izinto ezinamanzi amadala kuba iingcongconi zinokuzalela kuwo. *

4 IZILWANYANA

INGOZI: Iintsholongwane ezihlala kwizilwanyana nezingeyongozi kuzo zinokukugulisa. Ukuba isilwanyana sasekhaya okanye esinye isilwanyana sikulumile, sikukrwempile okanye unyathele ilindle laso, unokuba sengozini.

INDLELA YOKUZIKHUSELA: Abanye abantu abazivumeli izilwanyana zabo zingene endlwini ukuze bangasoloko bekunye nazo. Hlamba izandla emva kokuba uye waphatha isilwanyana sasekhaya, futhi kuphephe ukuphatha isilwanyana sasendle. Ukuba sikulumile okanye sikukrwempile, lihlambisise elo nxeba, uye kwagqirha. *

5 ABANTU

INGOZI: Ezinye iintsholongwane zinokungena emzimbeni wakho xa omnye umntu ekhohlela okanye ethimla. Zinokungena nangokwanga omnye umntu okanye umbulise ngezandla. Iintsholongwane ezikwabanye abantu unokuzifumana xa uvula umnyango, ubambelela kwiindawo ezibambelela uwonke-wonke, kwifowuni, kwiremote control, kwikhompyutha okanye kumaqhosha ayo.

INDLELA YOKUZIKHUSELA: Sukusebenzisa izinto ezinjengebhleyidi, ibhrashi yamazinyo okanye itawuli, ezisetyenziswe ngomnye umntu. Kulumkele ukuchatshazelwa zizinto ezifana namathe, ukubila, iinyembezi okanye umchamo womnye umntu okanye wesilwanyana. Nkqu negazi okanye izinto ezenziwe ngalo. Ungaze ungakukhathaleli ukusoloko uhlambisisa izandla. Kubonakala ngathi le yeyona ndlela iluncedo yokuphepha ukusasazeka kwezifo.

Ukuba kunokwenzeka, hlala ekhaya xa ugula. I-U.S. Centers for Disease Control and Prevention ikhuthaza ukuba xa ukhohlela okanye uthimla, beka itshefu okanye ugqume umlomo ngomkhono wento oyinxibileyo. Musa ukukhohlelela esandleni.

Umzekeliso wakudala uthi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle.” (IMizekeliso 22:3) Akanakuphikiswa mntu loo mazwi kweli hlabathi lizaliswe zizifo eziyingozi! Ngoko yiya kwiziko lezempilo elikufuphi ukuze ufumane ulwazi olungakumbi. Ngokwenjenjalo uya kukwazi ukuzifihla engozini ngokuhlala ucocekile. Ncedisa iindlela zomzimba zokuzikhusela uze unciphise amathuba okuba nezifo!

^ isiqe. 6 I-World Health Organization ikhuthaza iindlela ezininzi zokuba namanzi acocekileyo ekhaya. Ezinye zazo kukuwafaka umchiza obizwa ngokuba yichlorine, uwahluze okanye uwabilise.

^ isiqe. 9 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokukhusela ukutya, funda uVukani! kaJuni 2012 iphepha 3-9.

^ isiqe. 12 Ukuze ufumane ezinye iindlela zokuzikhusela kwisifo seengcongconi, funda uVukani! kaJulayi 2015 iphepha 14-15.

^ isiqe. 15 Xa ulunywe sisilwanyana esinobuhlungu, kufuneka uye kwagqirha ngoko nangoko.