Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Igama likaThixo elibhalwe ngoonobumba bakudala besiHebhere livela kaninzi kwimibhalo yeBhayibhile yakudala

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Igama LikaThixo

Igama LikaThixo

Abantu abaninzi bathetha noThixo besebenzisa amagama athi Nkosi, Sonini-nanini, Allah okanye bavele nje bathi Thixo ngelithi bayamhlonipha. Kodwa uThixo unalo igama. Singalisebenzisa?

Ngubani igama likaThixo?

OKUTHETHWA NGABANYE ABANTU

 

Abantu abaninzi abathi bangamaKristu bakholelwa ukuba igama likaThixo nguYesu. Abanye bathi kuba emnye uThixo uSomandla, akunyanzelekanga ukuba sisebenzise igama lakhe. Abanye bathi akufanelekanga ukusebenzisa igama likaThixo.

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

 

Igama likaThixo uSomandla ayingoYesu kuba uYesu akangoThixo uSomandla. UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandaze kuThixo bathi: “Bawo, malingcwaliswe igama lakho.(Luka 11:2) Naye wathandaza kuThixo wathi: “Bawo, lizukise igama lakho.”​Yohane 12:28.

EBhayibhileni uThixo uthi: “NdinguYehova. Lilo elo igama lam; andiluniki omnye uzuko lwam.” (Isaya 42:8) “UYehova” ligama likaThixo eliguqulelwe koonobumba abane besiHebhere uYHWH. KwiZibhalo ZesiHebhere, livela kayi-7 000. * Livela kakhulu kunamagama athi “Thixo,” “Somandla,” “Nkosi,” Abraham, Moses, nelithi Davide.

Ayikho indawo eBhayibhileni ethi uYehova akafuni sisebenzise igama lakhe. IZibhalo zibonisa ukuba abakhonzi bakaThixo babelisebenzisa ngokukhululekileyo. Babecinga ngalo xa bethiya abantwana babo, njengoEliya othetha ukuba “UThixo Wam NguYehova,” noZekariya othetha ukuba “UYehova Ukhumbule.” Babelisebenzisa naxa bencokola.​—Rute 2:4.

UThixo ufuna silisebenzise igama lakhe. Sikhuthazwa ukuba ‘sibulele kuYehova, sibize egameni lakhe.’ (INdumiso 105:1) Akabalibali abo “bacinga ngegama lakhe.”​—Malaki 3:16.

“Ukuze abantu bazi ukuba wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.”​—INdumiso 83:18.

Lithetha ukuthini igama likaThixo?

Abanye abaphengululi bakholelwa ukuba ngesiHebhere igama elithi Yehova lithetha ukuba “Ubangela Kubekho.” Loo nto ithetha ukuba uThixo angasebenzisa yena okanye indalo yakhe ukuba ibe yiyo nantoni na ayifunayo ukuze kwenzeke intando yakhe. NguMdali ongusomandla kuphela onokukwazi ukwenza loo nto.

OKUTHETHWA KOKU

 

Ukwazi igama likaThixo kuza kutshintsha indlela obucinga ngayo ngaye. Kuza kuba lula ukusondela kuye. Ubuza kusondela njani kumntu ongamaziyo negama lakhe? Yiloo nto ekuxelela igama lakhe, ufuna usondele kuye.​—Yakobi 4:8.

Ungaqiniseka ukuba uYehova uya kusoloko ezenza izinto azithembisileyo, njengoko igama lakhe lithetha oko. Yiloo nto iBhayibhile isithi: “Abo balaziyo igama lakho baya kukholosa ngawe.” (INdumiso 9:10) Uza kuya umthemba njengoko ufunda ukuba igama lakhe lihambisana kakuhle neempawu zakhe ezifana nothando olungagungqiyo, inceba, uvelwano nobulungisa. (Eksodus 34:5-7) Kuyavuyisa ukwazi ukuba uYehova uya kusoloko ezenza izinto azithembisileyo, esebenzisa ezi mpawu anazo.

Kuyacaca ukuba kulilungelo elikhulu ukwazi igama likaThixo uSomandla. Kungakunceda ufumane iintsikelelo ngoku nakwixesha elizayo. UThixo uthi: “Ndiya kumkhusela ngenxa yokuba elazi igama lam.”​—INdumiso 91:14.

‘Wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.’—Yoweli 2:32.

Igama likaThixo liguqulelwe ngeelwimi ezahlukeneyo

^ isiqe. 9 Iinguqulelo ezininzi zeBhayibhile ziye zalikhupha igama likaThixo zaza endaweni yalo zafaka elithi “NKOSI” ngoonobumba abakhulu. Ezinye ziye zalifaka kwiivesi ezithile okanye kwimibhalo esemazantsi. INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ilisebenzisa kakhulu kuzo zonke izibhalo zayo.