Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUFUMANA ULONWABO

Ithemba

Ithemba

‘Ndineengcamango zoxolo, kungekhona ezentlekele, ukuba ndininike ikamva nethemba.’​Yeremiya 29:11.

Enye incwadi ithi: “ITHEMBA . . . YENYE YEZINTO EZISISONDEZA KUTHIXO. Lelona lisinceda singaziva singento yanto, singafuni bantu futhi sisoyika.”

IBhayibhile ichaza isizathu sokuba kufuneka sibe nethemba, kodwa iphinda ithi masilumkele ukuthembela kwizinto ezingasoze zenzeke. INdumiso 146:3 ithi: “Musani ukukholosa ngezidwangube, nangonyana womntu wasemhlabeni, lowo ungenalo usindiso.” Kunokuba sithembe abantu, masithembele kuMdali wethu onamandla okuzenza izinto asithembisa zona. Ziintoni asithembise zona? Nazi ezinye zazo:

UZA KUPHELISA UBUBI; EMVA KOKO AMALUNGISA AHLALE NGOXOLO: INdumiso 37:10, 11 ithi: “Kusele ithutyana, angabikho ongendawo . . . Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.” Ivesi 29 yona ithi: ‘Amalungisa aza kuhlala emhlabeni ngonaphakade.’

UZA KUPHELISA IIMFAZWE: UYehova “uphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba. Waphula isaphetha nomkhonto; iinqwelo uzitshisa emlilweni.”—INdumiso 46:8, 9.

UKUGULA, IINTLUNGU NOKUFA SOZE ZIPHINDE ZIBEKHO: “Intente kaThixo iphakathi koluntu . . . Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”—ISityhilelo 21:3, 4.

ABANTU BONKE BAZA KUBA NOKUTYA OKUNINZI: “Kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni; encotsheni yeentaba kuya kubakho ukuphuphuma.”—INdumiso 72:16.

UMHLABA WONKE UYA KULAWULWA NGURHULUMENTE OMNYE—UKRISTU ENGUMLAWULI: “[UYesu Kristu] wanikwa ulawulo nesidima nobukumkani, ukuze zonke izizwana neentlanga neelwimi zimkhonze. Ulawulo lwakhe lulawulo oluhlala ngokungenammiselo olungayi kudlula, nobukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.”—Daniyeli 7:14.

Sinokuqiniseka njani ukuba ezi zinto ziza kwenzeka? Xa wayesemhlabeni, uYesu wenza izinto aza kuzenza xa enguKumkani. Waphilisa abagulayo, wondla abalambileyo, wavusa nabafileyo. Ezona zinto zazibalulekile ziimfundiso zakhe, kuba zazichaza imigaqo eza kunceda abantu baphile ngonaphakade beseluxolweni yaye bemanyene. Wachaza nezinto eziseza kwenzeka, ekukho kuzo izinto ezaziza kubonisa ukuba eli hlabathi liyaphela.

KUQALA KUBE MNYAMA XA KUZA KUKHANYA

UYesu zange athi imihla yokugqibela sasiza kuyibona ngokuba kubekho uxolo nokhuseleko. Ezinye zezinto ezaziza kubonisa ukuba ‘sisesiphelweni sale nkqubo yezinto’ ziimfazwe, ukunqaba kokutya, indlala neenyikima ezinkulu. (Mateyu 24:3, 7; Luka 21:10, 11; ISityhilelo 6:3-8) UYesu waphinda wathi: “Ngenxa yokwanda kokuchas’ umthetho luya kuphola uthando lwabaninzi.”—Mateyu 24:12.

Oko kuphola kubonakala ngeendlela ezininzi, ezachazwa ngomnye umbhali weBhayibhile. Kweyesi-2 kuTimoti 3:1-5 sifunda ukuba “ngemihla yokugqibela” abantu baza kuba ngabazithandayo, bathande imali neziyolo. Baza kuba nekratshi nomsindo. Luza kuphela uthando kwiintsapho baze abantwana bangabathobeli abazali. Abantu bonqulo baza kwenza ngathi bathanda uThixo kodwa bengakwenzi ukuthanda kwakhe.

Ezi meko zifana nobumnyama zibonisa ukuba eli hlabathi liya esiphelweni. Zikwabonisa ukuba sekuza kufika ukukhanya okululawulo loBukumkani. Xa wayeprofeta ngemihla yokugqibela, uYesu wasiqinisekisa ngokuthi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.”—Mateyu 24:14.

Ezi ndaba zilungileyo zisisilumkiso kubantu ababi ukanti zibanika ithemba abangamalungisa, zibaqinisekisa ukuba izinto abazithenjisiweyo ziza kwenzeka kungekudala. Uyafuna ukufunda ngezinye izinto ezivuyisayo aza kuzenza uThixo? Ukuba uyafuna, funda iphepha lokugqibela lale magazini.