Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGXAKI

Izinto Ezisenza Singakhuseleki

Izinto Ezisenza Singakhuseleki

“Kweli xesha siphila kulo, iteknoloji, isayensi nezoqoqosho zihambele phambili ngendlela engazange yabonwa . . . Kodwa ke abantu zange basondela kangaka ekulitshabalaliseni ihlabathi.”​—Ingxelo Yango-2018 YeWorld Economic Forum.

KUTHENI ABANTU ABANINZI ABANOLWAZI NGEZINTO EZENZEKAYO BENEXHALA NGEKAMVA LETHU NELOMHLABA? MASIKHE SIJONGE EZINYE IINGXAKI ESINAZO.

  • UKUNGAKHUSELEKI KWI-INTANETHI: Elinye iphephandaba laseOstreliya lithi, “Kuya kusiba yingozi ukusebenzisa i-intanethi. Kugcwele abantu abaxhaphaza abantwana, abaphatha kakubi abanye, ababhala izinto eziqala iingxabano, namasela. Baye besanda abantu ababa iinkcukacha zabantu baze bazisebenzise kakubi. . . . I-intanethi inika abantu ithuba lokubonisa iimpawu ezimbi ezifana nokukhohlakala.”

  • UKUNGABI NEMALI ELINGANAYO: Ngokutsho kwengxelo yakutshanje yomnye umbutho onceda abantu abangathathi-ntweni, abantu abasibhozo abangabona bazizityebi ehlabathini lonke banemali elingana neyabantu abayi-3, 6 bhiliyoni abangathathi-ntweni ehlabathini lonke. Le ngxelo ithi izityebi ziqhubeka zityeba, amahlwempu aqhubeka elamba ibe uninzi lwabantu abangathathi-ntweni ngabantu ababhingqileyo. Abanye abantu banexhala lokuba ukungabi nemali elinganayo kunokwenza abantu bavukele.

  • UKULWA KUNYE NOKUTSHUTSHISWA: Ingxelo yango-2018 yeZizwe Ezimanyeneyo ithi: “Liye lisanda inani labantu abashiya amkhaya abo.” Bangaphezu kwe-68 miliyoni abantu abaye bashiya amakhaya abo kuba kusiliwa okanye betshutshiswa. Le ngxelo yeZizwe Ezimanyeneyo iphinde ithi: “Kwimizuzwana emibini kubakho umntu omnye onyanzelwa ukuba ashiye ikhaya lakhe.”

  • IZINTO EZIBANGELA IINGXAKI KWINDALO: Enye ingxelo yango-2018 ithi: “Inani lezityalo nezilwanyana ezahlukahlukeneyo liye licutheka ibe nokungcoliswa komoya nolwandle kuya kusiba yingxaki kakhulu kwimpilo yabantu.” Nezinambuzane ziphela ngokukhawuleza kwamanye amazwe. Kuba imbewu yezityalo isasazwa zizinambuzane, oososayensi balumkisa ukuba indalo isenokutshabalala.

Ngaba singakwazi ukwenza utshintsho olufunekayo ukuze ihlabathi libe yindawo ekhuselekileyo? Abanye abantu bathi eyona nto inokunceda kukuba nolwazi. Lulwazi lwantoni olufunekayo? Imixholo elandelayo iza kuphendula loo mibuzo.