Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuze umntu aphile kufuneka kufunyanwe oyena nobangela wesigulo, angenziwa nje azive bhetele

UKUNGABIKHO KWESISOMBULULO

Ukufumana Oyena Nobangela Weengxaki Zethu

Ukufumana Oyena Nobangela Weengxaki Zethu

Ucinga ukuba abantu bangakwazi ukulungisa iingxaki ezisenza singabinalo uxolo, singakhuseleki nezinokusenza singabi nakamva? Ukuze sikwazi nyhani ukulungisa iingxaki zethu kufuneka sifumane oyena nobangela wazo.

Ngokomzekelo, uTom wagula waza wasweleka. Wabulawa yintoni? Ugqirha owayephangela kwisibhedlele awasiwa kuso ngaphambi kokuba asweleke, wathi: “Xa wayeqala ukugula, akukho mntu owazihluphayo ngokuzama ukukhangela eyona nto yayimgulisa.” Kubonakala ngathi oogqirha awaya kubo ekuqaleni bamnika nje amayeza okuthomalalisa iintlungu.

Ngaba nabantu benza into efanayo ngeengxaki esinazo? Ngokomzekelo, xa oorhulumente besilwa ulwaphulo-mthetho baye babeke eminye imithetho, bafake iikhamera baze bongeze amapolisa. Le mizamo yabo nangona inceda ukusa kumkhamo othile, ayiwuphelisi oyena nobangela wolwaphulo-mthetho. Kakade ke, izinto abantu abazenzayo zibonisa eyona nto bayicingayo nabayifunayo.

UDaniel, ohlala kwilizwe eliphelelwa yimali laseMzantsi Merika, uthi: “Sasiziphilela nje kamnandi. Sasingoyiki ukuphangwa. Kodwa ngoku alukho tu uxolo apha. Ngenxa yokungabikho kwemali, abantu balapha babonakala kakuhle ukuba banjani. Bathanda imali ibe ababakhathalelanga abanye bantu nezinto zabo.”

Enye indoda esiza kuyibiza ngokuba nguElias yabaleka elizweni layo kuba kusiliwa yaza emva kwexesha yafundelwa iBhayibhile. Ithi: “Abafana abaninzi kwindawo endandihlala kuyo babekhuthazwa ziintsapho zabo, yimibutho yepolitiki neecawa ukuba baye emfazweni baze bajongwe njengamaqhawe. Nabantu ekwakusiliwa nabo babebaxelela into efanayo ababo abafana. Yonke le nto yandenza ndayibona intlungu yokuthembela ngabalawuli abangabantu.”

IBhayibhile ithi:

  • “Intliziyo yomntu ityekele ebubini kwasebutsheni bakhe.”​—Genesis 8:21.

  • “Intliziyo inenkohliso kunayo nantoni na yaye iyatyhudisa. Ngubani na onokuyazi?”​—Yeremiya 17:9.

  • “Entliziyweni kuphuma iingcinga ezingendawo, ukubulala, . . . uhenyuzo, ubusela, ubungqina bobuxoki.”​—Mateyu 15:19.

Abantu abakwazi ukufumana isisombululo sokuphelisa ububi ezintliziyweni zabantu obubenza bafune ukwenzakalisa abanye abantu. Endaweni yoko, obu bubi buye busanda njengokuba bekubonisiwe kwinqaku elidlulileyo. (2 Timoti 3:1-5) Nangona abantu benolwazi oluninzi, neendlela ezininzi zokuthetha, ayilungi le meko. Kutheni ke singenakwazi ukwenza kubekho uxolo nokhuseleko emhlabeni? Ngaba sizama into esingenakwazi ukuyenza? Ngaba lingaze libekho ihlabathi elinoxolo nelikhuselekileyo?

LINGAZE LIBEKHO IHLABATHI ELINOXOLO NELIKHUSELEKILEYO?

Enoba ngandlela ithile sinokuphelisa ububi obusezintliziyweni zabantu, sekunjalo, soze sikwazi ukwenza kubekho uxolo nokhuseleko emhlabeni. Ngoba? Abantu abakwazi ukwenza yonke into.

Inyaniso kukuba “asikokomntu . . . ukwalathisa inyathelo lakhe.” (Yeremiya 10:23) Sasingadalelwanga ukuba sizilawule okanye silawule abanye abantu njengokuba sasingadalelwanga ukuba siphile phantsi kwamanzi.

Sasingadalelwanga ukuba silawule abanye abantu njengokuba sasingadalelwanga ukuba siphile phantsi kwamanzi

Khawucinge ngale nto: Abantu abathandi ukuxelelwa ngabanye indlela amabaphile okanye baziphathe ngayo. Abathandi nokuxelelwa ukuba bafanele bacinge ntoni ngezinto ezifana nokukhupha isisu okanye ukukhulisa abantwana. Ezi zezinye zezinto ezibenza bangavani abantu. Nangona kusenokuba nzima ukuyamkela into ethethwa yiBhayibhile, kodwa yinyani. Abantu abanalo ilungelo lokulawula abanye abantu. Singalufumana phi uncedo?

Sinokuncedwa nguMdali wethu. Ngokwahlukileyo kwinto ecingwa ngabanye abantu, akasilahlanga. IBhayibhile iyayichaza indlela asikhathalele ngayo. Xa siyazi kakuhle iBhayibhile sitsho nathi sizazi kakuhle. Sitsho siqonde nokuba kutheni bonke ubomi babantu buye baneengxaki kangaka. Nomnye umntu ofundileyo waseJamani wakhe wabhala wathi: “Abantu noorhulumente abafundanga nto kwizinto ezimbi ezakha zenzeka ibe ngenxa yaloo nto ayitshintshanga indlela abazenza ngayo izinto.”

UBULUMKO OBUSUKA EBHAYIBHILENI BUYASIKHUSELA!

UYesu wakha wathi: “Ubulumko bungqineka bububulungisa ngabantwana babo bonke,” okanye ngemiphumo yabo. (Luka 7:35) Umzekelo wobo bulumko ufumaneka kwiNdumiso 146:3, ithi: “Musani ukukholosa ngezidwangube, nangonyana womntu wasemhlabeni, lowo ungenalo usindiso.” Elo cebiso lingasinceda singabi nethemba le nto engenakwenzeka. UKenneth ohlala kwidolophu enobundlobongela kakhulu yaseMntla Merika uthi: “Iinkokheli zepolitiki zithembisa ukuba ziza kwenza izinto zibe bhetele, kodwa azikwazi. Azizenzi izinto ezizithembisayo ibe loo nto ibonisa ukuba oko kuthethwa yiBhayibhile yinyani.”

UDaniel, ebekuthethwe ngaye, uthi: “Suku ngalunye ndiye ndiqiniseke ukuba abantu abakwazi ukulawula. . . . Ukuba nemali eninzi akusosiqinisekiso sokuba uza kuba nekamva elikhuselekileyo. Ibachanile abantu abaninzi le nto.”

IBhayibhile ayipheleli nje ekusincedeni singalindeli izinto ezingenakwenzeka. Ikwasinika nethemba njengokuba siza kubona.