Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Abazali bafundisa abantwana babo ukuba nothando ngokuthi nabo babe nothando

INDLELA YOKUFUMANA ISISOMBULULO

Ukufunda Indlela Yokuziphatha

Ukufunda Indlela Yokuziphatha

Ngoxa babehambe nesikolo, abanye abafana baphatha kakubi ngokwesini omnye umfana abafunda naye. Esi sikolo babefunda kuso sisikolo esihlonipheke kakhulu eKhanada. Emva nje kokuba kwenzeke le nto, uLeonard Stern wabhala kwiphephandaba iOttawa Citizen wathi: “Ukuba krelekrele, imfundo nemali akulwenzi ulutsha lungazenzi izinto ezimbi.”

UStern uqhubeka athi: “Eyona nto ubunokuyilindela kumzali kukuba afundise abantwana bakhe eyona ndlela ifanelekileyo yokuziphatha. Endaweni yoko, isuke yangathi eyona nto banomdla wayo abazali kukuba abantwana babo bapase esikolweni baze bafumane imisebenzi eza kubenza babe nemali.”

Yinyani into yokuba ukuya esikolweni kubalulekile. Nokuba umntu angafunda kangakanani loo nto ayisoze imncede ukuba alwe neminqweno kunye neengcinga ezimbi. Singayifumana phi ke imfundo enokusinceda sikwazi ukuziphatha kakuhle?

IMFUNDO ESUKA EBHAYIBHILENI NGENDLELA YOKUZIPHATHA

IBhayibhile inje ngesipili. Xa siyifunda iBhayibhile siye sibone apho kufuneka sincedwe khona. (Yakobi 1:23-25) Isinceda kakhulu, isinceda ukuba sitshintshe ubomi bethu, sibe neempawu ezisinceda ukuba sidale uxolo size sikwazi nokusebenzisana nabantu. Ezo mpawu ziquka ukulunga, ububele, umonde, ukuzibamba nothando. Uthando kude kuthiwe “lungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.” (Kolose 3:14) Kutheni uthando lubalulekile? Yiva oko ikutshoyo iBhayibhile xa ithetha ngothando.

  • “Uthando luzeka kade umsindo yaye lunobubele. Uthando alunakhwele, alugwagwisi, alukhukhumali, aluziphathi ngokungandilisekanga, alufuni ezalo izilangazelelo, alucaphuki. Alunanzondo. Alubi nemihlali ngentswela-bulungisa [ububi], kodwa luvuyisana nenyaniso. Luthwala izinto zonke, . . . lunyamezela izinto zonke. Uthando aluze lutshitshe.”​—1 Korinte 13:4-8.

  • “Uthando alusebenzi bubi kummelwane kabani.”​—Roma 13:10.

  • “Ngaphezu kwezinto zonke, yibani nothando olunzulu omnye ngomnye, kuba uthando lugubungela inkitha yezono.”​—1 Petros 4:8.

Uziva njani xa ukunye nabantu abakuthandayo? Ukhuselekile ibe ukhululekile, andithi? Uyazi ukuba bakunqwenelela impumelelo ibe abasoze bakuvise ubuhlungu ngabom.

Uthando lunokwenza abantu bafune ukuncama ezinye izinto, bade batshintshe nendlela abaphila ngayo, ngenxa yabanye abantu. Xa enye indoda esiza kuyibiza ngokuba nguGeorge yaba nomzukulwana, yayifuna nyhani ukuchitha ixesha kunye naye. Kodwa kwakukho ingxaki. UGeorge wayetshaya kakhulu ibe umkhwenyana wakhe wayengafuni atshaye ekunye nomntwana. Wathini uGeorge? Nangona wayeneminyaka eyi-50 etshaya, wayeka ukuze akwazi ukuchitha ixesha nomzukulwana wakhe. Luthando ke olo!

IBhayibhile inokusinceda sibe neempawu ezintle ezifana nokulunga, ububele nothando

Umntu uyakufunda ukuba nothando. Abazali banomsebenzi omkhulu wokufundisa abantwana babo ukuba nothando. Bayabondla baze babakhusele abantwana babo, baze babancede naxa bonzakele okanye begula. Abazali abakhulisa abantwana kakuhle bayathetha nabo baze babafundise. Bayabaqeqesha abantwana babo, bebafundisa ukubona izinto ezilungileyo nezimbi. Ngaphezu koko, abazali baba yimizekelo emihle kubantwana babo.

Into ebuhlungu kukuba abanye abazali abayenzi yonke le nto. Ngaba loo nto ithetha ukuba abantwana babo abasoze babe ngabantu abalungileyo? Tu kanti! Bakhona abantu abadala, abanye babo abazange bakhuliswe kakuhle, kodwa baye babutshintsha ubomi babo baza baba ngabantu abanothando nabanokuthenjwa. Njengokuba siza kubona kwinqaku elilandelayo, abanye babo kwakucingwa ukuba soze batshintshe!