Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IHLABATHI ELIGCWELE UBUBI

3 | Khusela Ubuhlobo Onabo Nabantu Obathandayo

3 | Khusela Ubuhlobo Onabo Nabantu Obathandayo

KUTHENI KUBALULEKILE?

Njengoko izinto ezikhathaza abantu zisanda kwihlabathi eligcwele ububi, abantu abaninzi ababuhoyanga ubuhlobo babo.

  • Abantu bayazikhetha kubahlobo babo.

  • Abantu abatshate kunye baye baxabane.

  • Abazali baye bangazihoyi ncam okanye bangazihoyi kwaphela izinto ezikhathaza abantwana babo.

Into Omele Uyazi

  • Abahlobo babalulekile ingakumbi ngamaxesha anzima kuba basinceda sihlale sisempilweni ngokweemvakalelo.

  • Istres esibangelwa lihlabathi eligcwele ububi sinokubangela iingxaki engazilindelanga intsapho yakho.

  • Xa abantwana bakho besiva iindaba ezimbi basenokoyika ngaphezu kokuba usazi.

Into Onokuyenza Ngoku

IBhayibhile ithi: “Umhlobo wokwenene uthanda ngamaxesha onke, ibe ungumzalwana onokuthembela kuye ngamaxesha anzima.”​—IMizekeliso 17:17.

Abahlobo banokusinceda baze basinike amacebiso aluncedo. Ukwazi ukuba kukho umntu okukhathaleleyo kunokukunceda ukwazi ukumelana neengxaki zosuku.