NGABA UMHLABA UNOKUKWAZI UKUSINDA?
Amanzi Aselwayo
BESINGAZUKWAZI ukuphila emhlabeni ngaphandle kwamanzi, ingakumbi amanzi aselwayo. Inyani kukuba, kwizinto eziphilayo eyona nto ininzi ngamanzi .Amachibi, imilambo imigxobhozo, kunye namanzi angaphantsi komhlaba anceda abantu nezilwanyana zikwazi ukusela size sikwazi nokunkcenkceshela izityalo.
Ubungozi Bokungcoliswa Kwamanzi
Umhlaba wogqunywe ngamanzi kwiindawo ezininzi. Kodwa ke, ngokweWorld Meteorological Organization, “yindawo nje encinci emhlabeni enamanzi asebenzisekayo naselekayo.” Nangona lamanzi mancinci bekumele ukuba ayasonela ukuze siphile, amaninzi kuwo ayangcoliswa okanye kube nzima ukuwafumana ngenxa yokuba edingeka nangakumbi nangenxa yemozulu etshintshayo. Iingcali ziqikelela ukuba kwiminyaka eyi-30 abantu abayi-5 bhiliyoni abazukuba nawo amanzi oneleyo okusela.
Umhlaba Wethu—Wenziwe Wakwazi Ukuzilungisa
Umhlaba wadalwa ngendlela yokuba kusoloko kukho amanzi awoneleyo. Kwakhona, umhlaba, izilwanyana eziphila emanzini, nokukhanya kwelanga ziyasebenzisana ukuze zicoce amanzi. Nabu obunye ubungqina obubonisa ukuba umhlaba wethu wenziwa ukuze ukwazi ukuzilungisa.
-
Kuboniswa ukuba umhlaba unokuzisusa izinto ezimdaka ezininzi ezisemanzini. Kwiindawo ezisoloko zinamanzi amileyo, kukho izityalo ezithile ezaziwa ngokususa initrogen, iphosphorus, kunye neekhemikhali ezibulala izinambhuzane.
-
Oososayensi baye bafunda indlela indalo ewagcina ecoceke ngayo amanzi. Izinto ezimdaka ezisemanzini ahambayo ziyaqhekeka zibe ngamasuntswana atyiwa zizinambhuzane ezingenakubonwa ngamehlo.
-
Iimbhaza ezihlala emanzini ziyakwazi ukususa iikhemikhali ezisenokuba yingozi emanzini ngeentsuku nje ezimbalwa ibe zikwenza oku ukogqitha indlela yabantu yokucoca amanzi.
-
Umhlaba wethu usebenzisa umjikelo wamanzi ukuze amanzi ahlale ekhona. Lo mjikelo, kwakunye nezinye iinkqubo zendalo, zenza ukuba amanzi angaphumi kwiatmosphere yethu nokuze angapheli.
Iinzame Ezenziwe Ngabantu
Iingcali zisoloko zisixelela ukuba sisoloko siwonga amanzi. Ukuze lehle izinga lokungcoliswa kwamanzi, zicebisa ukuba silungise iimoto zethu xa zivuza ioyile nokuba singagungxuli amayeza amadala okanye sigalele ityhefu kwidrain.
Iinjineli ziye zeza neendlela ezintsha zokususa ityuwa kumanzi aselwandle. Isizathu sokuyenza le nto kukuba bafuna ukongeza amanzi anokuseleka.
Kusafuneka bezame amanye amacebo kuba mninzi lo msebenzi. Ukususa ityuwa kumanzi aselwandle ayisosisombululo silula kuba sibiza imali eninzi futhi siyasebenzisa. Ingxelo Yezizwe Ezimanyeneyo yango-2021, eyayithetha ngokonga amanzi aselwayo yathi: “Umsebenzi wokwenza amanzi aselwayo emhlabeni wonke umele uphinda-phindwe kabini.”
Izizathu Zokuba Nethemba—Ithini IBhayibhile?
“UThixo. . . utsala amathontsi amanzi anyuke, aze abe yinkungu nemvula; inetha iphuma emafini, yehlele ebantwini.”—Yobhi 36:26-28.
UThixo wenze umhlaba waneendlela zokugcina amanzi.—INtshumayeli 1:7.
Ekubeni umdali enze ukuba umhlaba wakwazi ukucoca amanzi, akukho sengqiqweni na ukukholelwa ukuba uyafuna futhi unamandla okuphelisa iingxaki ezenziwe ngabantu emanzini? Jonga inqaku elithi “Isithembiso SikaThixo Sokuba Ukungcoliswa Komhlaba Kuza Kuphela,” elikwiphepha 15.