Yayaphi Intlonipho Entsatsheni?
ISIZATHU SOKUBALULEKA KWENTLONIPHO ENTSATSHENI
Kubakho uxolo xa bonke abantu entsatsheni behloniphana.
-
Incwadi ethi The Seven Principles for Making Marriage Work ithi xa abantu abatshatileyo behloniphana, babonisa ukuba bayathandana “hayi ngeendlela ezinkulu nje qha kodwa nangeendlela ezincinci suku ngalunye.”
-
Uphando lubonisa ukuba abantwana ababahloniphayo abanye abantu baye bazithembe, bonwabele ubuhlobo obubhetele nabazali babo, ibe abafane babe neengxaki eziphazamisa ingqondo neemvakalelo.
INTO ONOKUYENZA
Yibani necebo njengentsapho. Okokuqala, njengabazali qinisekani ukuba wonke umntu entsatsheni uyayazi ukuba kuthetha ukuthini “ukuhlonipha.” Okwesibini, bhalani izinto enifuna mntu ngamnye entsatsheni azenze nenifuna aziphephe. Okwesithathu, ncokolani ngecebo enize nalo njengentsapho ukwenzela wonke umntu entsatsheni ayazi ukuba kufuneka enze ntoni ukuze abonise intlonipho.
Yiba ngumzekelo. Ngaba uyabagxeka abanye entsatsheni ngenxa yeempazamo zabo, okanye ubagezele ngenxa yezinto abazithethayo, awubahoyi okanye uyabaphazamisa xa bethetha nawe? Khumbula ukuba umele ube ngowokuqala ukubonisa intlonipho kwabanye.
Icebiso: Mhloniphe umntu otshate naye nabantwana bakho enoba ucinga ukuba ibafanele intlonipho okanye akunjalo.
Bonisa intlonipho noba awuvumelani nomntu othetha naye. Xa uchaza indlela ovakalelwa ngayo kuphephe ukusebenzisa amagama anjengathi “unayo loo nto” okanye “usoloko usitsho.” Ukuthetha izinto ezinjalo kunokumenza azive ebuhlungu kakhulu lo mntu uthetha naye kuze kwenze ukungaboni ngasonye nje okuncinci kube yingxoxo eshushu.
INTO EYENZIWA NGAMANGQINA KAYEHOVA
AmaNgqina kaYehova akhuthaza iintsapho ukuba ziphathane ngentlonipho. Amanqaku afumaneka kwiwebhsayithi yethu, iincwadi, iincwadana, neevidiyo esizipapashayo ziyathetha ngendlela yokubonisa intlonipho entsatsheni ibe azithengiswa.
ABANTU ABATSHATILEYO: Amanqaku akumxholo othi Ukunceda Intsapho anokunceda abayeni nabafazi ukuba . . .
-
bamamele kakuhle
-
bayeke ukuqumbelana
-
bayeke ukuxambulisana
(Khangela “Ukunceda Intsapho” ku-jw.org/xh)
ABAZALI: Amanqaku akumxholo othi Ukunceda Intsapho anokunceda abazali bafundise abantwana babo ukuba . . .
-
bathobele
-
bancedise kwimisebenzi yasekhaya
-
bakwazi ukuthi “ndicela” nokuthi “enkosi”
(Khangela “Ukukhulisa abantwana”, “Ukukhulisa abantwana abafikisayo” ku-jw.org/xh)
Jonga neSihlomelo esinomxholo othi “Abazali Bayabuza,” kwincwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Impendulo Eziluncedo, Umqulu 1. (Khangela ku-jw.org/xh “Imibuzo Ebuzwa Ngabazali”)
ABANTU ABASEBATSHA: Indawo ethi Abantu Abasebatsha ku-jw.org/xh inamanqaku, iividiyo, amaphepha okuzoba anokunceda abantu abasebatsha ukuze . . .
-
bavane nabazali babo kunye nabantwana abazalwa nabo
-
babe nembeko xa bethetha nabazali ngemithetho yasekhaya
-
bakwazi ukuthenjwa ngabazali babo
(Khangela “Abasebatsha” ku-jw.org/xh)
Akubikho mali uyibhatalayo xa usebenzisa iwebhsayithi ethi-jw.org/xh. Akukho mrhumo uwubhatalayo, ibe akunyanzelekanga ube lilungu ukuze ukwazi ukuyisebenzisa ibe ayikho nenkcazelo yobuqu ekufuneka uyifake.