Yayaphi Intlonipho Ngabanye Abantu?
ISIZATHU SOKUBALULEKA KOKUHLONIPHA ABANYE
Ukuhlonipha abanye kunceda ingxabano ingahambeli phambili.
-
IBhayibhile ithi: “Impendulo ezolileyo, iphelisa umsindo, kodwa ilizwi elirhabaxa liyawunyusa.” (IMizekeliso 15:1) Kukugalela iparafini emlilweni ukuthetha nokwenza izinto ngokungena mbeko, ibe amaxesha amaninzi imiphumo iba mibi kakhulu.
-
UYesu wathi: “Kuba umlomo uthetha izinto ezigcwele entliziyweni.” (Mateyu 12:34) Ukuthetha ngokungenambeko kunokuveza ingxaki enkulu esinayo, le nto inokubonakala kwindlela esivakalelwa ngayo ngabantu bolunye uhlanga, ilizwe, okanye abantu abakhule ngendlela engafaniyo neyethu.
Kuphando olusanda kwenziwa kutsha nje kwabantu abangaphezu kwe-32 000 kumazwe ayi-28 awohlukeneyo, abangaphezulu kwehafu kubo bathe zange bakubona ngaphambili ukungahloniphani kwabantu ngolu hlobo.
INTO ONOKUYENZA
Yiba ngumntu onembeko kuye wonke umntu othetha naye kungakhathaliseki nokuba awuvumelani nento abayithethayo. Khangela izinto eninokuvumelana ngazo. Loo nto iza kukunceda ukuphephe ukusoloko ugxeka nokubagweba abanye.
Baphathe abanye ngendlela wena ofuna ukuphathwa ngayo. Ukuba uyabacingela ibe ubaphatha ngokulinganayo abanye nabo baza kwenza ngokufanayo kuwe.
Xolela. Zama ukumcingela umntu ukuba ebengazimiselanga ukukucaphukisa ngokuthi ungawafaki entliziyweni amazwi akhe nezenzo zakhe ezikhubekisayo.
INTO EYENZIWA NGAMANGQINA KAYEHOVA
Kwiindawo ahlala naphangela kuzo amaNgqina kaYehova akhuthaza ukuba abantu bahloniphane.
Sifundisa abantu iBhayibhile simahla kodwa asinyanzelisi iinkolelo zethu okanye indlela esizenza ngayo izinto. Kunoko sizama ukwenza into ethethwa yiBhayibhile ngokuwuthetha umyalezo wethu “ngomoya ophantsi nangembeko.”—1 Petros 3:15; 2 Timoti 2:24.
Asibacaluli abantu ibe kwiintlanganiso zethu samkela zonke iintlobo zabantu abafuna ukwazi oko kufundiswa yiBhayibhile. Sizama ukuba nomonde “sibonise imbeko kumntu wonke” nangona sisenokungavumelani nezigqibo abazithathayo.—1 Petros 2:17.
Sihlonipha igunya lorhulumente esiphila phantsi kwakhe. (Roma 13:1) Siyawuthobela umthetho ibe siyayibhatala nerhafu. Nangona singathath’icala kwizinto zepolitiko siyalihlonipha ilungelo labanye lokuzenzela izigqibo kwimibandela yezopolitiko.