Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yayaphi Intlonipho Ngesiqu Sakho?

Yayaphi Intlonipho Ngesiqu Sakho?

ISIZATHU SOKUBALULEKA KOKUZIHLONIPHA

Abantu abazihloniphayo bayakwazi ukumelana neengxaki zobomi bezithembile. Abakhawulezi banikezele.

  • Uphando lubonisa ukuba abantu abangazicingeli kakuhle baye babe nengxaki yokuba nexhala kakhulu, idepression, nokungatyi kakuhle. Ibe baye basebenzise kakubi utywala neziyobisi.

  • Abantu abazihloniphayo bayakuphepha ukuzithelekisa nabanye, ibe loo nto yenza kube lula ukuba bavane nabanye abantu baze bakhe ubuhlobo obuqinileyo kunye nabo. Kwelinye icala, abantu abangazihloniphiyo bayakuthanda ukugxeka, ibe loo nto inokubuphelisa ubuhlobo babo nabanye.

  • Naxa beneengxaki, abantu abazihloniphayo abanikezeli, abazivumeli iingxaki ukuba zibatyhafise ekubeni bafikelele into abazimisele ukuyenza. Ngokungafaniyo, abo bangazihloniphiyo bayakuthanda ukwenza iingxaki ezincinci zibonakale zinkulu. Loo nto inokubenza bakhawuleze banikezele.

INTO ONOKUYENZA

Khetha abahlobo abaza kukukhuthaza. Hlala nabantu abanentlonipho, abantu abakukhathaleleyo, nabaza kukunceda ube ngumntu obhetele.

“Umhlobo wokwenene uthanda ngamaxesha onke, Ibe ungumzalwana onokuthembela kuye ngamaxesha anzima.”​—IMizekeliso 17:17.

Nceda abanye. Xa unobubele kwaye ubenzela izinto ezintle abanye kuquka nabo bangenakukwazi ukukwenzela nto, uza konwaba nyani ngenxa yokuba usipha. Uza konwaba nokuba abanye bayazibona okanye abaziboni izinto ezintle ozenzayo.

“Kuvuyisa kakhulu ukupha kunokuphiwa.” ​—IZenzo 20:35.

Nceda abantwana bakho bafunde ukuzihlonipha. Enye indlela yokukwenza oku kukubavumela bazilungisele iingxaki zabo ngokwamandla abo. Loo nto ingabanceda abantwana bakwazi ukumelana nobunzima ibe bakwazi ukulungisa iingxaki zabo. Esi sisifundo esiza kubanceda naxa bebadala babe ngabantu abazihloniphayo.

“Yiqeqeshe inkwenkwe ngendlela emele ihambe ngayo; naxa sele indala soze isuke kuyo.” ​—IMizekeliso 22:6.

INTO EYENZIWA NGAMANGQINA KAYEHOVA

Iintlanganiso kwakunye nezifundo zeBhayibhile eziqhutywa ngamaNgqina kaYehova zinceda abantu bafunde ukuzihlonipha baze baphucule ubomi babo.

IINTLANGANISO ZETHU ZEVEKI

Kwiintlanganiso zethu zeveki sonwabela ukumamela iintetho ezisekelwe eBhayibhileni, amaxesha amaninzi ziquka amacebiso anokusinceda sibe nentlonipho. Wonke umntu wamkelekile ibe akungenwa ngamali. Ngokomzekelo, kwiintlanganiso zethu uza kufunda . . .

  • ukuba kutheni ubalulekile kuThixo

  • indlela onokufumana ngayo ubomi obunenjongo

  • indlela yokwakha ubuhlobo obuqinileyo nobuza kuhlala bukho

Uza kudibana nabahlobo bokwenene ‘abakhathaleleneyo.’​—1 Korinte 12:​25, 26.

Ukuze ufunde okungakumbi ngeentlanganiso zethu khangela ku-jw.org/xh ividiyo emfutshane ethi Yintoni Eyenzekayo EHolweni YoBukumkani?

IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE ESIZIQHUBAYO

Siqhuba izifundo zeBhayibhile zasimahla sisebenzisa incwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! Le ncwadi inezibhalo, icaciswe kakuhle, inemibuzo efikelela intliziyo, ineevidiyo ezichukumisayo, nemifanekiso emihle. Izifundo zeBhayibhile esiziqhubayo zinceda abantu bazihloniphe ibe baphucule nobomi babo.

Ukuze ubone indlela ekunokukunceda ngayo ukufunda iBhayibhile kunye namaNgqina kaYehova khangela ku-jw.org/xh ividiyo emfutshane ethi Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile?