Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yayaphi Intlonipho Ngobomi?

Yayaphi Intlonipho Ngobomi?

ISIZATHU SOKUBALULEKA KOKUHLONIPHA UBOMI

Xa sisenza izinto ezimosha impilo yethu neyabanye abantu le nto ibonisa ukuba asibuxabisi ubomi bethu nobabanye abantu.

  • Ukutshaya kwenza umhlaza ibe kwenza kube nzima ukuba umzimba ulwe nawo. Abantu abaninzi basweleka ngenxa yomhlaza wemiphunga kuba babetshaya okanye babehlala nabantu abatshayayo.

  • Nyaka ngamnye ukudutyulwa kwabantu abaninzi kwenza uninzi lwabantu luzive luxhelekile emphefumlweni. Uphando lweStanford University lubonisa ukuba: “Nangona abanye baye basinda [xa kukho uhlaselo ezikolweni] loo nto ibashiya beneengxaki eziphazamisa ingqondo neemvakalelo zabo nasemva kweminyaka emininzi yenzekile.”

  • Abantu abaqhuba bephantsi kwempembelelo yotywala neziyobisi benza iindlela zingakhuseleki kuquka nezo zisetyenziswa ngabo bahamba ngenyawo. Xa abantu bengabukhathalelanga ibe bengabuhloniphi ubomi, amaxesha amaninzi abantu basekuhlaleni baye babe ngamaxhoba engozi.

INTO ONOKUYENZA

Khusela impilo yakho. Ithuba lisekhona lokuba uyeke ukwenza izinto ezinjengokutshaya, ukutshaya ngoomatshini nokusela kakhulu okanye ukusebenzisa iziyobisi . Ezi zinto ziyingozi kubomi bakho ibe zikwabonisa ukuba awubuhloniphi ubomi babanye abantu kuquka namalungu entsapho yakho.

“Masicoce imizimba yethu neengqondo zethu.” ​—2 Korinte 7:1.

Hlala ucinga ngendlela onokuzikhusela ngayo. Ukuze uphephe iingozi, gcina ikhaya lakho likumgangatho orayithi. Qhuba kakhuhle, uze ugcine imoto yakho ikumgangatho orayithi. Ungavumeli abanye bakunyanzele ukuba wenze into enokubangela ingozi enkulu ze kubekho umntu ofayo.

“Xa usakha indlu umele ulunyuse udonga eluphahleni, ukuze intsapho yakho ingabi netyala legazi ngenxa yomntu owileyo kuyo.”​—Duteronomi 22:8. a

Baphathe ngobubele abanye. Ukuhlonipha ubomi kuquka indlela esibajonga ngayo abantu bolunye uhlalanga, ilizwe nabantu abakhule ngendlela eyahlukileyo kweyethu. Ukubacalula nokubacaphukela abantu zingunobangela omkhulu wobundlobongela emhlabeni wonke kwakunye neemfazwe.

“Susani yonke inkohlakalo, umsindo, ukucaphuka, ukungxolisana, ukuthetha amazwi ahlabayo, nayo nantoni na eyenzakalisayo. Kodwa yibani nobubele omnye komnye.”​—Efese 4:​31, 32.

INTO EYENZIWA NGAMANGQINA KAYEHOVA

AmaNgqina kaYehova akhuthaza ukuba abantu bahlale besempilweni . Izifundo zeBhayibhile esinazo zinceda abantu bayeke ukusebenzisa kakubi utywala, iziyobisi, ibe bayeke nokwenza izinto ezibeka ubomi babo engozini.

Kwimisebenzi yethu yolwakhiwo siyaqiniseka ukuba imithetho neendlela zokhuseleko siyazilandela. Amavolontiya ancedisa ekwakheni iindawo esikhonzela kuzo nezinye izakhiwo aqeqeshiwe ukuze akwazi ukuphepha ingozi. Ezi zakhiwo zenzelwe ukuba umsebenzi wokufundisa abantu iBhayibhile uhambele phambili ibe zihlolwa qho ukuze kubonwe ukuba ziyahambisana na nemithetho yokhuseleko yasekuhlaleni.

Sinceda abantu abehlelwe yintlekele. Ngo-2022 siye sanceda kwiintlekele ezimalunga ne-200 ezazibeka ubomi babantu esichengeni emhlabeni wonke saza sasebenzisa imali emalunga ne-224 miliyoni randi zeminikelo yokuzithandela ukuze sincede abo bachaphazelekileyo.

Xa iEbola yaqalisa ukugqugqisa abantu baseNtshona Africa ngo-2014 naseDemocratic Republic of Congo ngo-2018, saye sancedisa ngokufundisa abantu into abanokuyenza ukuze singasasazeki esisifo sibulalayo. Sathumela abameli besebe ukuze bathethe nabantu ngomxholo othi “Ukuthobela Kusindisa Ubomi.” Saya salungiselela ukuba kubekho izinto zokuhlamba izandla emnyango kwiindawo zethu zokukhonzela ibe sabacacisela kakuhle ngokubaluleka kokuhlamba izandla nangezinye izinto abanokuzenza ukuze ungasasazeki lo bhubhane.

ESierra Leone, kwenziwa isaziso ereyidweni esasincoma umsebenzi owenziwe ngamaNgqina kaYehova ngokunceda abantu basekuhlaleni abangamaNgqina nabo bangengomaNgqina ngeendlela zokuphepha intsholongwana yeEbola.

Indawo ekwakuhlanjelwa kuyo izandla ngo-2014 xa kwakukho isifo se-Ebola eLiberia

a Uphahla lwezindlu zakuMbindi Mpuma wakudala lwalusicaba ibe lwalusetyenziselwa izinto zemihla ngemihla, ngoko esi sicelo sobulumko sasisenza ukuba abantu bahlale becinga ngokhuseleko lwentsapho zabo nolwabanye abantu.