Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intshayelelo

Intshayelelo

Izinto Eziyi-12 Ezonwabisa Usapho

Sisoloko sisiva ukuba kumoshakele ndawoni kwezinye iintsapho. Kodwa yintoni enceda ezinye ukuba ziqhube kakuhle?

  • EMerika, phakathi kuka-1990 no-2015, liye laphindeka kabini inani labantu abaye baqhawula umtshato abaneminyaka engaphezu kwe-50 laza laphindeka kathathu kubantu abaneminyaka engaphezu kwe-65.

  • Abazali baxakiwe: Ezinye iingcali zithi abantwana kufuneka usoloko ubancoma ngoxa abanye besithi kufuneka wenze loo nto iza kubanceda.

  • Abantu abasebatsha bayakhula bade babe badala bengayazi ukuba baza kwenza njani ukuze baphumelele.

Sekunjalo, inyaniso kukuba . . .

  • Kungamnandi emtshatweni baze abo batshatileyo bahlale bemanyene.

  • Abazali bangakwazi ukubaqeqesha ngothando abantwana babo.

  • Ulutsha lungafumana ubuchule obuza kulunceda naxa lukhulile.

Njani? Lo Vukani! uza kuthetha ngezinto eziyi-12 ezonwabisa usapho.