Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intshayelelo

Intshayelelo

Izinto Ezintandathu Ekufuneka Umntwana Azifunde

Ufuna umntwana wakho abe ngumntu onjani xa emdala?

  • Okwaziyo Ukuzibamba

  • Othobekileyo

  • Ongatyhafiyo

  • Onokuthenjwa

  • Oyaziyo Indlela Amele Aphile Ngayo

  • Onyanisekileyo

Umntwana akazalwa enazo ezi zinto. Kufuneka umfundise.

Le magazini ithetha ngezinto ezintandathu ekufuneka uzifundise abantwana bakho. Ezi zinto ziza kubanceda xa bebadala.