ITeknoloji Ingayingxaki Njani Ebantwaneni Bakho?
Kunzima kubantu abadala ukufunda okanye ukusebenzisa izixhobo ze-elektroniki, kodwa bona abantu abatsha bakhule ngazo ngoko kulula ukuba bafunde ngazo okanye bazisebenzise.
Kwangaxeshanye, abanye abantu baye baqaphele ukuba abantu abasebatsha abachitha ixesha elininzi kwi-intanethi . . .
-
kuye kubenzima ukuba baziyeke ezi zixhobo ze-elektroniki.
-
baye bathethe izinto ezibavisa kabuhlungu abanye okanye zithethwe kubo ezo zinto.
-
baye babone iphonografi, nokuba ibingeyonjongo yabo loo nto.
INTO OMELE UYAZI
UKUXHOMEKEKA KWIZIXHOBO ZE-ELEKTRONIKI
Ezinye izinto ezenziwayo kwi-intanethi—ngokomzekelo, ukudlala iigame—kuba nzima ukuziyeka. Yenziwe ngabom le nto. Incwadi ethi Reclaiming Conversation ithi: “Iiapp ezikwi fowuni zethu zenziwe ngendlela yokuba sihlale sizicofa ifowuni zethu.” Abantu abathengisayo benza imali xa sijonga iiapp ezibonisa izinto abazithengisayo. Qho xa sizijonga benza imali engakumbi.
CINGA NGALE NTO: Ngaba abantwana bakho baxhomekeke kakhulu kwizixhobo zabo ze-elektroniki? Ungabanceda njani baphucule indlela abalisebenzisa ngayo ixesha labo?—EFESE 5:15, 16.
UKUTHETHA KAKUBI KWI-INTANETHI
Xa besebenzisa i-intanethi, abanye abantu ababacingeli ukuba bavakalelwa njani abanye—loo nto inokubenza babaphathe kakubi abanye.
Abanye abantu baye benze le nto kuba befuna ukuduma okanye ukuzithandisa kwabanye. Okanye xa umntu efumanisa ukuba khange abekho kwinto ethile ibikhona—ngokomzekelo ukuba khange amenywe kwipati—loo nto inokumenza azive ngathi uphethwe kakubi.
CINGA NGALE NTO: Ngaba abantwana bakho bathetha kakubi nabanye kwi-intanethi? (Efese 4:31) Baye benze ntoni xa bengafakwanga kuloo nto yenziwayo?
IPHONOGRAFI
Kulula ukubona izinto ezingamanyala kwi-intanethi. Ezinye izixhobo ze-elektroniki ziyabavumela abazali ukuba bazilawule izinto abantwana babo abazibukelayo, kodwa ngamanye amaxesha nezi zixhobo azisebenzi kakuhle baze abantwana bazibone izinto ezimbi.
Ukuthumela imiyalezo engamanyala kunokuba kukophula umthetho. Inokubabambisa into yokusebenzisa abantwana kwiphonografi, kuxhomekeka kwimithetho yasekuhlaleni.
CINGA NGALE NTO: Ungabanceda njani abantwana bakho bakuphephe ukujonga okanye ukuthumela imifanekiso engamanyala kwi-intanethi?—EFESE 5:3, 4.
INTO ONOKUYENZA
BAQEQESHE ABANTWANA BAKHO
Nangona kulula ngabantwana ukuba basebenzise iteknoloji, kodwa basaludinga uncedo. Incwadi ethi Indistractable ithi ukunika umntwana ifowuni okanye esinye isixhobo se-elektroniki abe engekakwazi ukusisebenzisa kakuhle, “kufana nokumyeka angene emanzini abe engekakwazi ukuqubha.”
UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Yiqeqeshe inkwenkwe ngendlela emele ihambe ngayo; naxa sele indala soze isuke kuyo.”—IMIZEKELISO 22:6, UMBHALO OSEMAZANTSI.
Khetha izinto obawela ukuzenza kwezi zisezantsi okanye uzibhalele ezakho.
-
Mandithethe nomntwana wam ngendlela amakathethe okanye aphathe ngayo abanye xa encokola kwi-intanethi
-
Mandincede umntwana wam angaziva engabalwanga ezintweni
-
Mandenze konke endinako ukuze umntwana wam angabukeli izinto ezingafanelekanga kwi-intanethi
-
Ukuba umntwana wam unefowuni mandimane ndimjonga ukuba uyisebenzisa njani
-
Mandikhethe ukuba umntwana wam uza kusisebenzisa ixesha elingakanani isixhobo sakhe se-elektroniki suku ngalunye
-
Mandingazivumeli izixhobo ze-elektroniki kwigumbi lomntwana wam lokulala ebusuku
-
Mandingayivumeli into yokuba kusetyenziswe izixhobo ze-elektroniki xa kusityiwa njengentsapho