Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iseli yeyisti intsokothe kakhulu. Inenucleus eneDNA elungelelaniswe kakuhle kunye noomatshini abancinci abathutha baze balungise iimolekyuli ezinceda iseli ukuba iphile.

Into Esinokuyifunda Kwizinto Eziphilayo

Into Esinokuyifunda Kwizinto Eziphilayo

Izinto eziphilayo phakathi kwethu ziyakhula, ziyahambahamba zize zibe ninzi. Zenza umhlaba ube mhle ngokukhethekileyo. Zininzi namhlanje izinto ezaziwa ngabantu ngezinto eziphilayo kunangaphambili. Izinto eziphilayo zisixelela ntoni ngendlela ubomi obaqala ngayo? Khawucinge ngezi zinto zilandelayo.

Indlela ekunzima ngayo ukuqonda izinto eziphilayo, ibonisa ukuba zadalwa. Izinto eziphilayo zenziwe zizinto ezincinci ezibizwa ngokuba ziiseli. Iseli nganye yenza imisebenzi emininzi nekunzima ukuyiqonda, ukuze into ephilayo ikwazi ukuqhubeka iphila ize ivelise nezinye. Le nto iye yenzeke nakwizinto eziphilayo esizaziyo. Ngokomzekelo, iseli nganye yeyisti yokubhaka yinto encinci ephilayo. Kubonakala kulula ukuqonda iseli yeyisti kuneyomntu. Kodwa kunzima ukuyiqonda. Iseli nganye yeyisti ineDNA esesiphakathini eyixelelayo into ekufuneka iyenze. Le seli inendlela ekwahlula ngayo ukutya ekudingayo ukuze iphile. Xa ingenakutya, iye icothe, ingasebenzi, ibe ngathi iyalala. Yiloo nto iyisti ikwazi ukugcinwa ingasebenzi ixesha elide, kodwa xa isetyenziselwa ukubhaka isonka isebenze.

Ukuze bakwazi ukuqonda indlela ezisebenza ngayo iiseli zomntu, oososayensi baye bafunda ngeeseli zeyisti kangangeminyaka emininzi. Kodwa iseninzi into abangayiqondiyo. URoss King onguprofesa eChalmers University of Technology eSweden uthi, “Bambalwa abantu abafunde ngeeseli abanokuphanda baze baqonde indlela esebenza ngayo iyisti.”

Xa ucinga ngendlela ekunzima ngayo ukuqonda into ebonakala ilula njengeyisti, ngaba loo nto ayikwenzi ucinge ukuba ukhona umntu oyidalileyo? Ngaba ucinga ukuba iseli yeyisti yazivelela?

Izinto eziphilayo zivela kuphela kwezinye izinto eziphilayo. IDNA yenziwe ziimolekyuli ezibizwa ngokuba ziinucleotides. Umntu ngamnye uneziyi-3,2 bhiliyoni. Ezi molekyuli ziye zenze ikhowudi exelela iseli indlela yokwenza iienzymes neeproteni.

Oososayensi bathi ukuba iinucleotides zinokudibana kayibhiliyoni ngexesha, zinokukwazi ukwenza iDNA kube kanye. Into enje ibonakala ingenakwenzeka.

Oososayensi zange bakhe bakwazi ukwenza into ephilayo beyithatha kwinto engaphiliyo.

Ubomi bomntu bohlukile. Thina bantu sineempawu ezisenza sibonwabele kakhulu ubomi—yaye ayikho enye into ephilayo ekwaziyo ukwenza loo nto. Ayikho enye into ephilayo enobuchule obunjengokuzoba, ekwaziyo ukwenza ukuba kuphilwe kamnandi, ize ichaze nendlela evakalelwa ngayo njengokuba abantu besenza. Siyazixabisa izinto ezahlukeneyo esikwaziyo ukuzonwabela njengokubona, ukuva incasa, amavumba, ingxolo, nokubona imibala. Siye sicebe izinto esifuna ukuzenza kwikamva size sifune nokwazi injongo yobomi.

Ucinga ntoni? Ngaba ezi mpawu zisuke zazivelela kuthi kuba sizidinga ukuze siphile size sizale? Okanye zibonisa ukuba ubomi sisipho esivela kuMdali onothando?