Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Into Abangayaziyo Oososayensi

Into Abangayaziyo Oososayensi

Oososayensi babonakala befunde ngayo yonke indalo eyaziwayo. Sekunjalo, isemininzi imibuzo ebalulekileyo abangakwaziyo ukuyiphendula.

Ngaba oososayensi bayayazi ukuba indalo nobomi zaqala njani? Impendulo nguhayi. Abanye bathi oososayensi abafunde ngayo yonke indalo banako ukucacisa ukuba indalo yaqala njani. UMarcelo Gleiser, onguprofesa weenkwenkwezi eDartmouth College, nongaqinisekanga ukuba ukhona uThixo uthi: “Asikayicacisi ukuba indalo yaqala njani.”

Ngendlela efanayo, xa incwadi ethi Science News ithetha ngokuqala kobomi ithi: “Kunganzima nyhani ukuchaza indlela ubomi obaqala ngayo emhlabeni: Awasekho amatye amaninzi kunye nezinto ezaziphila kudala ebesinokubona kuzo into eyenzekayo xa kwakuqaliswa ukudalwa.” Ngenxa yaloo nto siyaqonda ukuba oososayensi abakawuphenduli umbuzo othi, Yabakho njani yonke indalo?

Kodwa inoba uyazibuza, ‘Ukuba umhlaba wadalwa, wadalwa ngubani?’ Mhlawumbi ukhe wazibuza nale mibuzo ilandelayo: ‘Ukuba ukhona uMdali onobulumko nonothando, kutheni evumela abantu abadalileyo behlelwe zizinto ezibuhlungu? Kutheni kukho iinkonzo ezahlukeneyo? Kutheni evumela abantu abamkhonzayo benze izinto ezimbi kangaka?’

Isayensi ayinakukwazi ukuphendula le mibuzo. Kodwa loo nto ayithethi kuthi awunakuzifumana iimpendulo ezanelisayo. Abantu abaninzi baye bazifumana iimpendulo ezanelisayo eBhayibhileni.

Ukuba uyafuna ukwazi ukuba kutheni abanye oososayensi abaye bafunda iBhayibhile bekholelwa ukuba ukhona uMdali, yiya ku-jw.org/xh. Khangela kwindawo ethi “iimbono ngemvelaphi yobomi.