Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Unokuzikhethela Njani?

Unokuzikhethela Njani?

“Yonke into ephilayo inako ukuzivelela.”​—UStephen Hawking noLeonard Mlodinow, oososayensi, 2010.

“UThixo wadala amazulu nomhlaba.”—IBhayibhile, kwiGenesis 1:1.

Ngaba yonke into ephilayo ezulwini nasemhlabeni yazivelela okanye yadalwa nguThixo? Izinto ezathethwa ngaba sosayensi babini abasekuqaleni kweli nqaku kunye nezo ezifumaneka eBhayibhileni kwiGenesis 1:1 zichaza iimpendulo ezahlukeneyo. Kukho abantu abavumelanayo neempendulo abazifumana koososayensi kubekho nabantu abavumelanayo neempendulo eziseBhayibhileni. Kodwa, abanye abantu abaninzi abaqinisekanga. Kwezona ncwadi zithengiswayo nakwii-TV abantu bayaphikisana ngale nto.

Kusenokwenzeka ukuba ootishala bakho esikolweni batsho beqinisekile ukuba akakho uMdali ibe yonke into ephilayo ezulwini nasemhlabeni yavele yabakho. Kodwa ngaba bakunika ubungqina bokuba akakho uMdali? Kwelinye icala, kusenokwenzeka ukuba weva iinkokeli zeenkonzo zishumayela zisithi ukhona uMdali. Kodwa ngaba bakunika ubungqina bale nto bayithethayo? Okanye basuke bathi umele ube “nokholo” lokuba ukhona uThixo?

Ngokuqinisekileyo wakhe wacinga ngale nto yaye mhlawumbi uvakalelwa kukuba akakho umntu onokuqiniseka ukuba ukhona nyhani uMdali. Mhlawumbi uyazibuza: Ngaba kubalulekile ukuyazi impendulo?

Lo Vukani! uzakuqala uchaze obunye ubungqina obubangele abantu bakholelwa ukuba ukhona uMdali. Emva koko, iza kuthetha ngesizathu sokuba kubalulekile ukuyazi impendulo yokuba ubomi buvela phi.