Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Baxabisekile KuYehova Abo Bamthandayo

Baxabisekile KuYehova Abo Bamthandayo

Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa

Baxabisekile KuYehova Abo Bamthandayo

ILEBHANON ibisaziwa ngobuncwane bemvelo enabo ukususela kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile. (INdumiso 72:16; Isaya 60:13) Eyona nto yayixabiseke kakhulu yayiyimisedare yayo emikhulu, eyayifunelwa kakhulu ukwakha ngenxa yobuhle bayo, ivumba layo elimnandi nokukwazi kwayo ukuhlala ixesha elide. Kwinkulungwane yokuqala, kwavela enye into exabiseke ngakumbi eLebhanon. Incwadi yeVangeli ebhalwe nguMarko inikela ingxelo yokuba eTire naseSidon, kumhlaba weLebhanon yamandulo, “inkitha enkulu, yakuva ukuba zininzi kwezinto awayezenza [uYesu], yeza kuye.”—Marko 3:8.

Ngokufanayo namhlanje, iLebhanon iqhubeka ithwala isiqhamo esixabiseke kakhulu emehlweni kaYehova. La mava alandelayo abonisa oku.

• INgqina eliselula eligama linguWissam lacelwa esikolweni ukuba linikele intetho eklasini eyayiza kuthabatha imizuzu engama-30. UWissam wagqiba kwelokuba eli yayiza kuba lithuba elihle lokunikela ubungqina. Ngoko wasebenzisa incwadi ethi Life—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation? waza walungiselela intetho kumxholo othetha ngendalo. Noko ke, umfundisi-ntsapho kaWissam, akubona umbandela awusebenzisayo, wathi ekubeni lo ingumxholo obaluleke kakhulu uWissam angayandisa intetho yakhe ukusa kuma-45 emizuzu.

Njengoko uWissam wayeqalisa intetho yakhe, umfundisi-ntsapho wakhe wamphazamisa waza wathumela ukuba kubizwe inqununu. Kungekudala yafika inqununu, waza uWissam waqala ekuqaleni. Njengoko yayiphulaphule imibuzo eyabuzwa nguWissam kwintshayelelo yentetho yakhe, inqununu yaba nemincili yaza yathi bonke abafundi bafanele bafumane umbhalo wale ntetho okhutshelweyo.

Emva kwethutyana omnye umfundisi-ntsapho owayedlula, waphawula ukuba abantu babezele yimincili kwelo gumbi lokufundela waza wabuza ukuba kwenzeka ntoni. Wathi akuxelelwa wabuza uWissam ukuba uzama ukunikela ubungqina ngendalo na okanye ngendaleko. “Ngendalo,” yatsho impendulo. Akuva ukuba uWissam ngomnye wamaNgqina kaYehova, umfundisi-ntsapho wabhekisa eklasini wathi: “Niya kubona kule ntetho yakhe ukuba inzululwazi ingqinelana nendalo, kungekhona indaleko.”

Kwathi kanti lo mfundisi-ntsapho wayenombhalo wencwadi ethi Creation yaye ubefundisa ngayo eyunivesithi! Ngaphambi kokuba ahambe, wacela ukuza nabakhe abafundi ngemini elandelayo ukuze uWissam athethe nabo. Oko kwazisa obunye ubungqina obuhle kuYehova.

• UNina oneminyaka engama-22 ubudala wayenxanelwe amanzi enyaniso. Ngenye imini umza wakhe wamnika iBhayibhile waza wamsa kwiCawa yasePentekoste. UNina wakuvuyela ukufunda iBhayibhile yaye njengoko efunda wafumanisa ukuba amaKristu afanele ashumayele, ngoko waqalisa ukuthetha nabo wayebaqhelile. Wonk’ ubani awayethetha naye wayembuza esithi: “Ngaba ungomnye wamaNgqina kaYehova?” Oko kwammangalisa.

Kwiminyaka emithandathu kamva, kwafika amaNgqina kaYehova ekhayeni likaNina aza amxelela ngoBukumkani bukaThixo. Ekuqaleni, wazama ukuzihlab’ amadlala iimfundiso zawo. Noko ke, wafumanisa ukuba zonke iimpendulo zawo zazisengqiqweni yaye zazisekelwe eBhayibhileni.

Ekugqibeleni oko kwafundwa nguNina—igama likaThixo, uYehova; iintsikelelo zoBukumkani; njalo njalo—kwamenza weyiseka kwelokuba uyifumene inyaniso. Wahlulela ubomi bakhe kuThixo waza wabhaptizwa. Kwiminyaka esixhenxe edluleyo, uNina ubekhonza njengomvangeli wexesha elizeleyo. Ngokwenene, uYehova uyabasikelela abo bamthanda ngokwenene.—1 Korinte 2:9.