Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kutheni Bengenabantwana?

Kutheni Bengenabantwana?

Kutheni Bengenabantwana?

UDELE noFola, * isibini esitshatileyo, babehlala yaye besebenza kwiofisi yesebe yeWatch Tower Society eNigeria. Kungekudala emva kokuba beqalise ukukhonza apho, unina kaFola weza kutyelela. Wayesuka kude eze kuxubusha nabo ngombandela owawumxhalabisa kakhulu, owawumenza angalali ebusuku amaxesha amaninzi.

“Nindenzela izinto ezintle kakhulu,” watsho kubo. “Nindithumelela izipho, yaye niyandityelela. Ezo ndlela zokubonakalisa uthando ndiyazixabisa. Kodwa ziyandikhathaza kuba ndisoloko ndicinga ukuba ngubani oya kunenzela ezo zinto nina xa sele nilingana nam? Yiminyaka emibini ngoku nitshatile, yaye aninabantwana. Anicingi ukuba nimele niyishiye iBheteli ngoku nize niye kuqalisa intsapho?”

UMama wayeqiqa ngolu hlobo: UDele noFola bachithe ixesha elaneleyo eBheteli. Ngoku lixesha lokuba bacinge ngekamva labo. Ngokuqinisekileyo abanye abantu bangawenza umsebenzi wabo. Akuyomfuneko ukuba uDele noFola bayeke inkonzo yexesha elizeleyo, kodwa banokuqalisa olunye uhlobo lwenkonzo, olo luya kubavumela ukuba babe nabantwana baze banandiphe ukuba ngabazali.

Inkxalabo KaMama

Inkxalabo kaMama yayiqondakala. Umnqweno wokuba nabantwana ngundoqo yaye ukho kuzo zonke izizwe maxa onke. Ukuba nabantwana kubangela uvuyo nethemba elingummangaliso. IBhayibhile ithi: “Isiqhamo sesisu singumvuzo.” Ewe, ukuzala abantwana sisipho esixabisekileyo esivela kuMdali wethu onothando.—INdumiso 127:3.

Kwiindawo ezininzi, izibini ezitshatileyo zifumana ingcinezelo enkulu yokuba zibe nabantwana. Ngokomzekelo, eNigeria, apho ngokuqhelekileyo umfazi azala abantwana abathandathu, kuyinto eqhelekileyo emitshatweni ukuva abo basinqwenelela okuhle isibini esisandul’ ukutshata besithi kuso: “Kwiinyanga ezisithoba ukususela ngoku, silindele ukuva kukhala usana endlwini yenu.” Umyeni nomtshakazi basenokufumana ibhedi yosana njengesipho somtshato. Oomamazala bayiqwalasela ngenyameko ikhalenda. Ukuba umtshakazi akakhulelwanga kwisithuba esingangonyaka, bayaphanda ukuze babone ukuba kukho ngxaki na abanokuncedisa ukuyisombulula.

Koomama abaninzi isizathu sokuba izibini zitshate kukuze zizale abantwana ukuze umnombo wentsapho uqhubeke usanda. Unina kaFola wathi kuye: “Wawutshatela ntoni ke ukuba akuzukuba nabantwana? Nawe wazalwa; ngoko ufanele uzale abakho abantwana.”

Ngaphandle koko, ikho eminye imibandela esengqiqweni emele iqwalaselwe. Kumazwe amaninzi aseAfrika, ambalwa amalungiselelo karhulumente okunyamekela abantu abalupheleyo. Ngokwesithethe, ngabantwana abanyamekela abazali babo abalupheleyo, kanye njengokuba abo bazali babebanyamekela ngoxa babeselula. Ngoko unina kaFola wayeqiqa ngelokuba ngaphandle kokuba abantwana bakhe babe nabantwana, babeya kuba sengozini yokuba xa sele bekhulile babe ngamalolo, bangafunwa yaye babe ngamahlwempu, kungabikho mntu wakubangcwaba xa besifa.

Phantse kulo lonke elaseAfrika, ukungabi nabantwana kugqalwa njengesiqalekiso. Kwezinye iindawo, kulindeleke ukuba amabhinqa azibonakalise ukuba ayakwazi ukuba nabantwana kwanangaphambi kokuba atshate. Amabhinqa amaninzi angakhawuliyo aye afune buphuthuphuthu amayeza nonyango ukuze anyange imeko akuyo yokuba ngamadlolo.

Ngenxa yesi simo sengqondo, izibini ezitshatileyo eziyeka ngabom ukuba nabantwana kucingwa ukuba ziyazibandeza. Ngokufuthi zigqalwa njengabantu abahlukileyo, abangenangqiqo iphangaleleyo nabokusizelwa.

Uvuyo Nembopheleleko

Abantu bakaYehova bayaqonda ukuba nangona kuluvuyo ukukhulisa abantwana, kukwahambisana neembopheleleko. Kweyoku-1 kuTimoti 5:8 iBhayibhile ithi: “Ngokuqinisekileyo ukuba nabani na akabalungiseleli abo bangabakhe, ngokukodwa amalungu endlu yakhe, ngokuqinisekileyo ulukhanyele ukholo yaye mbi ngaphezu kongakholwayo.”

Abazali bamele banyamekele iintsapho zabo ngokwenyama nangokomoya, yaye oku kufuna ixesha nomgudu othe chatha. Abathi ngenxa yokuba inguThixo obanika abantwana, bayekele kuThixo ukuba abanyamekele. Bayaqonda ukuba ukukhulisa abantwana ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile yimbopheleleko yexesha elizeleyo uThixo ayinike abazali; ayimele inikwe abanye.—Duteronomi 6:6, 7.

Umsebenzi wokukhulisa abantwana unzima ngakumbi kule ‘mihla yokugqibela’ ‘yamaxesha ekunzima ukujamelana nawo.’ (2 Timoti 3:1-5) Ngaphandle kwemeko yezoqoqosho eya idodobala ngakumbi, ukwanda kwebutho labantu abangenabuthixo kufak’ isandla kucelomngeni lokukhulisa abantwana namhlanje. Sekunjalo, ehlabathini jikelele izibini ezininzi ezingamaKristu ziye zajamelana nolu celomngeni yaye ziyaphumelela ekukhuliseni abantwana aboyik’ uThixo “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efese 6:4) UYehova uyabathanda yaye uyabasikelela aba bazali ngokusebenza kwabo nzima.

Isizathu Sokuba Abanye Bahlale Bengenabantwana

Kwelinye icala, izibini ezininzi ezingamaKristu azinabantwana. Ezinye azifumani bantwana ukanti azithabathi abantwana babanye abantu ukuze zibakhulise. Ezinye izibini ezingakwazi ukuvelisa abantwana zenza isigqibo sokungabi nabo. Ezo zibini azikhethi ukungabi nabantwana ngenxa yokuba ziphepha imbopheleleko okanye zisoyika ucelomngeni lokuba ngumzali. Kunoko, ziye zazimisela ukunikela ingqalelo epheleleyo kwiinkalo ezahlukahlukeneyo zobulungiseleli bexesha elizeleyo ebezingenakukwazi ukwenjenjalo ukuba bezikhulisa abantwana. Zimbi zikhonza njengabavangeli basemazweni. Ezinye zikhonza uYehova kumsebenzi wokuhambahamba okanye eBheteli.

Njengawo onke amaKristu, ziyaqonda ukuba kukho umsebenzi ongxamisekileyo omele wenziwe. UYesu wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” Lo msebenzi wenziwa namhlanje. Ngumsebenzi obalulekileyo, ekubeni “ukuphela” kuya kuthetha ukutshatyalaliswa kwabo bangakhange bazithobele iindaba ezilungileyo.—Mateyu 24:14; 2 Tesalonika 1:7, 8.

Ixesha lethu lifana nexesha uNowa nentsapho yakhe abakha ngalo umkhombe omkhulu owabasindisayo ngoMkhukula omkhulu. (Genesis 6:13-16; Mateyu 24:37) Nangona oonyana bakaNowa abathathu babetshatile bonke, akukho namnye kubo owaba nabantwana de kwasemva koNogumbe. Kusenokwenzeka ukuba esinye isizathu kukuba ezi zibini zazifuna ukunikela ingqalelo epheleleyo namandla azo kumsebenzi owawusenziwa ngelo xesha. Esinye isizathu kusenokwenzeka ukuba zaba mathidala ukuzisa abantwana kwihlabathi elonakeleyo nelinogonyamelo apho ‘ububi bomntu babandile nazo zonke iingcamango zentliziyo yakhe zityekele ebubini ngalo lonke ixesha.’—Genesis 6:5.

Nangona oku kungathethi kuthi kuphosakele ukuba nabantwana namhlanje, izibini ezininzi ezingamaKristu ziyakuphepha ukuba nabantwana ukuze zibandakanyeke ngokupheleleyo kumsebenzi ongxamisekileyo uYehova awunike abantu bakhe ukuba bawenze. Ezinye izibini ziye zalinda ithutyana ngaphambi kokuba zibe nabantwana; ezinye ziye zagqiba kwelokuba zihlale zingenabo abantwana yaye zicinga ngokuba nabantwana kwihlabathi elitsha likaYehova lobulungisa. Ngaba oku kukungabi nangqiqo iphangaleleyo? Ngaba kukho nto ithile iziphosayo ebomini? Ngaba zifanele zisizelwe?

Ubomi Obunqabisekileyo Nobonwabisayo

UDele noFola, abakhankanywe ekuqaleni, ngoku sele beneminyaka engaphezu kweshumi betshatile, yaye basazimisele ukuqhubeka bengenabo abantwana. UDele uthi: “Izalamane zethu zisasipheka zisophula ngokuba sibe nabantwana. Eyona nto ziyixhalabeleyo likamva lethu elinqabisekileyo. Sisoloko sivakalisa uxabiso ngolwazelelelo abanalo, kodwa ngobuchule siye sizichazele ukuba sikuthanda kakhulu oku sikwenzayo. Ngokubhekisele kunqabiseko, siyazixelela ukuba sikholose ngoYehova, oyikhathaleleyo intlalo-ntle yabo bonke abo bahlala bethembekile yaye benyanisekile kuye. Kwakhona siyazichazela ukuba ukuba nabantwana akusosiqinisekiso sokuba baya kubanyamekela abazali babo xa bekhulile. Abanye abantu ababakhathalele abazali babo, abanye abakwazi kubanceda, ukanti abanye bafa ngaphambi kwabazali babo. Kwelinye icala, ikamva lethu liyinto eqinisekileyo kuYehova.”

UDele nabanye abafana naye bakholose ngokuqinileyo ngedinga likaYehova kubakhonzi bakhe abathembekileyo elithi: “Andiyi kuze ndikushiye, ndingayi kuze ndikutyeshele.” (Hebhere 13:5) Bakwakholelwa ukuba “isandla sikaYehova asisifutshane ukuba singasindisi, nendlebe yakhe ayinzima ukuba ingeva.”—Isaya 59:1.

Esinye isizathu sokukholosa ngaye kukuphawula indlela uYehova abomeleza ngayo abakhonzi bakhe abathembekileyo. UKumkani uDavide wabhala esithi: “Ndakha ndangumfana, kungokunje ndimdala, kodwa andikaboni nabani na olilungisa eshiywe ngokupheleleyo.” Khawucinge ngoko. Ngaba ukho umkhonzi kaYehova othembekileyo omaziyo oye ‘washiywa ngokupheleleyo’?—INdumiso 37:25.

Kunokuzisola xa bekhangela emva, abo baye bachithela ubomi babo ekukhonzeni uYehova namanye amaKristu bayaneliseka xa becinga ngako. UMzalwan’ uIro Umah ubekwinkonzo yexesha elizeleyo kangangeminyaka engama-45 ngoku yaye ukhonza njengomveleli ohambahambayo eNigeria. Uthi: “Nangona mna nenkosikazi yam singenabantwana, sihlala sikhumbula ukuba uYehova ubesoloko esinyamekela ngokomoya nangokwenyama. Akukho nto sikhe sayiswela. Akayi kusishiya xa sele saluphele. Le minyaka besisenkonzweni ngayo iye yayeyona minyaka sonwabe ngayo ebomini bethu. Sinombulelo kukuba sikwazi ukukhonza abazalwana bethu, yaye abazalwana bethu bayayixabisa inkonzo yethu ibe bayasinceda.”

Nangona izibini ezininzi zingakhange zivelise bantwana bokwenyama, ziye zavelisa abantwana abahlukileyo: Abafundi abangamaKristu abanqula uYehova. Umpostile uYohane wayemalunga ne-100 leminyaka ubudala xa wabhala esithi: “Andinaluvuyo lungaphezu kolu lokuba ndive ukuba abantwana bam bahamba enyanisweni.” (3 Yohane 4) Ukuthembeka ‘kwabantwana’ bakaYohane—abo wabafundisa ‘inyaniso’—kwamzisela uvuyo olungathethekiyo.

Olo vuyo lusekho nanamhlanje. UBernice waseNigeria, ngoku uneminyaka eli-19 etshatile yaye uzikhethele ukungabi nabantwana. Kwiminyaka eli-14 edluleyo, ubekhonza njengovulindlela. Njengoko esondela kwixesha angasenakukwazi ngalo ukuba nabantwana, akazisoli ngokunikela ngobomi bakhe ekwenzeni abafundi. Uthi: “Ndiyavuya kukubona abantwana bam bokomoya bekhula. Kwanokuba bendinabo abantwana, ndiyathandabuza ukuba bebeya kusondela kum ngaphezu kwabo ndiye ndabanceda bafunda inyaniso. Bandijonga njengonina obazalayo, baxubusha nam ngezinto ezibavuyisayo neengxaki zabo yaye bacela amacebiso kum. Bandibhalela iileta, yaye siyatyelelana.

“Bambi bakugqala njengesiqalekiso ukungabi nabantwana. Bathi uya kubandezeleka xa usaluphala. Kodwa mna andikuboni ngaloo ndlela oko. Ndiyazi ukuba logama nje ndikhonza uYehova ngomphefumlo uphela, uya kundivuza aze andinyamekele. Akayi kundilahla ndakwaluphala.”

Ukuthandwa Nokuxatyiswa NguThixo

Abo baye bazala baza bakhulisa abantwana ‘abahamba enyanisweni’ kuninzi abanombulelo ngako. Akumangalisi ukuba iBhayibhile ithi: “Uyise welungisa ngaphandle kwamathandabuzo uya kuvuya; nalowo uzala isilumko uya kuba nemihlali ngaso. Uyihlo nonyoko baya kuba nemihlali, yaye lowo ukuzeleyo uya kuvuya”!—IMizekeliso 23:24, 25.

Loo maKristu angakhange abe namava amyoli okuzisa abantwana kweli hlabathi aye asikelelwa ngezinye iindlela. Uninzi lwezo zibini luye lwadlala indima ebalulekileyo ekuhambiseleni phambili izilangazelelo zoBukumkani ngomkhamo omkhulu. Ukutyhubela iminyaka, luye lwafumana amava, ubulumko nobuchule obuye balwenza lwakwazi ukwenza umnikelo oxabisekileyo kumsebenzi woBukumkani. Uninzi luhamba phambili kulo msebenzi.

Nangona luye lwahlala lungenabantwana ngenxa yezilangazelelo zoBukumkani, uYehova uye walusikelela ngentsapho yokomoya enothando ekuxabisa ngokunzulu ukuzincama kwalo. Kunjengokuba uYesu watshoyo: “Akukho bani ushiye [ngokoqobo, “oncame”] indlu okanye abantakwabo okanye oodade wabo okanye unina okanye uyise okanye abantwana okanye amasimi ngenxa yam nangenxa yeendaba ezilungileyo ongayi kufumana ngokuphindwe kalikhulu ngoku kwesi sihlandlo sexesha, izindlu nabantakwabo noodade wabo noonina nabantwana namasimi . . . nakwinkqubo yezinto ezayo ubomi obungunaphakade.”—Marko 10:29, 30.

Hayi indlela abaxabiseke ngayo kuYehova bonke abo bathembekileyo! Bonke abo banyanisekileyo, abo banabantwana nabo bangenabo, baqinisekiswa oku ngumpostile uPawulos: “UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe, ngokuthi nilungiselele abangcwele yaye nisaqhubeka nibalungiselela.”—Hebhere 6:10.

[Umbhalo osemazantsi]

^ isiqe. 2 Amagama aguquliwe.

[Imifanekiso ekwiphepha 23]

Izibini ezingenabantwana ziye zasikelelwa ngentsapho yokomoya enothando